isigaba esiphakathi iishedyuli...
Post on 27-Feb-2018
269 Views
Preview:
TRANSCRIPT
ISig
aba
esiP
haka
thi
IiShe
dyul
i zoM
sebe
nzi
IBakala
4IiSayensi zoQoqosho
nezoLawulo(Economic and
Management Sciences)
AMAGQABANTSHINTSHI Ukumisela umgaqonkqubo kuba namagingxi-gingxi. Yinkqubo yokuqonda nokucacisa ukuba lo mgaqonkqubo uthini kanye kanye kunye neyokubonisana nabantu, nkqubo leyo ethatha ixesha elide. Siye sifunde kule nkqubo ze simana siyitshintsha ngokwezimvo esizifumanayo ukwenzela ukuba le nkqubo ilungele iimeko ngeemeko ezahlukileyo. Into esiyifundileyo kule minyaka ilishumi nangaphezulu idlulileyo kukuba kufuneka sibonisane, simamele ze sifumane isisombululo kwimingeni esijongene nayo. Iishedyuli zomsebenzi zisisiphumo saloo mgaqonkqubo kunye nalo nkqubo ethe yasifundisa izinto ngezinto. Isifundo seLitheresi neseziBalo kwakunye nezinye izifundo zeSigaba seSiseko kunye nesiPhakathi zizifundo ezibalulekileyo esigxininise kuzo siliSebe lezeMfundo leNtshona Koloni. Sifuna ukuqinisa izikolo zamabanga aphantsi ze sidale amathuba esiseko esomeleleyo ukuze siphucule amathuba abafundi okuphumelela kumakhondo abafuna ukuwalandela. Sikholelwa ukuba esi siseko singaziphucula iziphumo zelitheresi nezesifundo sezibalo, nezinga lokupasa ngokubanzi. UMzantsi Afrika lilizwe elisakhulayo yaye sivile ukuba, kule minyaka yeenkqubo ezichaphazela ihlabathi lonke, amazwe asaxakeke nenkqubo yokuzilinganisa namazwe aphuhlileyo kufuneka evelise izakhono ezifunekayo. Ngoko ko ilizwe elifana neli lethu lingakwazi ukukhuphisana nala mazwe makhulu yaye lingazinza. Into ebalulekilyo kukuba sibe nabafundi abakwaziyo ukufunda, ukubhala kwakunye nabakonwabelayo ukufunda okanye ukuhamba isikolo. Ixabiso lezentlalo lesikolo linokuphuculwa ukuba ngaba iinzame zezikolo zinokukhuliswa. Iishedyuli zomsebenzi ziza kuthathwa njengenxalenye yezixhobo zePhulo, iFoundations for Learning. Zithathwa njengesixhobo sokuxhasa nokunika intsingiselo kweli phulo. Nanjengokuba kukho uluvo lokuba amaphulo zizinto nje ezimana ziphinda-phindwa, iishedyuli zomsebenzi ziza kuba sisixhobo senkxaso eza kunika intsingiselo ekwakhiweni kweziseko zelitheresi kunye nesifundo sezibalo. Lilinge lokubonelela ngezikhokelo kootitshala ngendlela yokufundisa kusuku ngalunye lwesikolo. Iishedyuli zomsebenzi ziza kuthunyelwa ezikolweni ukuze izikolo zinike izimvo okanye iingxelo zazo malunga nazo. Kananjalo ziza kuvavanywa kwizikolo ezithile ezikhethiweyo. La maxwebhu aza kukhutshwa njengesikhokelo ngoJanuwari 2009 yaye kucelwa ukuba izikolo zingenise izimvo zazo ngazo ngoJulayi 2009. Ezi shedyuli zomsebenzi ziza kuvavanywa ezikolweni kwangoJulayi 2009. Zonke izimvo ezingenisiweyo ziya kunceda ekubeni ziphinde zisetyenzwe okanye ziphuhliswe ngakumbi ezi shedyuli zomsebenzi. ISebe lezeMfundo leNtshona Koloni liziko elisafundayo yaye lizama ngawo onke amaxesha ukuba liyiqonde imeko elingqongileyo. Le nkqubo yokufunda iyaqhubeka ngenxa yento yokuba izinto zisoloko zitshintsha ngokukhawuleza. Xa ke sikuthathela ingqalelo oku, masazi ukuba isimemo sokufumana izimvo kunye nesovavanyo lilinge elibonisa into yokuba siliziko elifundayo ngokuthi siphuhlise amaxwebhu asekelwe kwizimvo zootititshala kwakunye nezabantu abakwamanye amacandelo ahlukileyo kwiphondo lethu. Siyazi ukuba ukusebenza ngendlela efanayo akusebenzi okanye akubi naziqhamo zihle. Siyazi kananjalo ukuba kufuneka simamele, sithethe ze sifumane izisombululo kwimingeni yethu. Uvavanyo lwezi shedyuli ezikolweni kunye nesimemo sokuba nisinike izimvo zenu kuza kusenza ukuba sibonisane, simamele ze sifumane izisombululo njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu.
Gqr. S. Naicker, Umlawuli oyiNtloko: Icandelo loPhuhliso lweKharityhulamu
IISHEDYULI ZEMISEBENZI ZESIFUNDO SOBUNZULULWAZI NGEZOQOQSHO NOLAWULO
AMABAKALA 4 – 6
INTSHAYELELO
Injongo yesifundo seNzululwazi yezoQoqosho noLawulo kukuxhobisa abafundi ngolwazi, izakhono, iinqobo nendlela ekubonwa ngayo izinto, zinto ezo ziya kuxhobisa abafundi ukuba bazilungiselele ukuba bathathe inxaxheba yaye bakwazi ukuphila kwisizwe esinoqoqosho olungelulanga. Esi sifundo sikwanenjongo yokukhuthaza imveliso, ubulungisa kwezentlalo kunye nokulondolozwa kokusingqongileyo. Kufuneka kusetyenziswa indlela ezahlukileyo zokufundisa nokufunda ukuvumela indlela ezahlukileyo zokufunda zabafundi kuthathelwa ingqalelo izinto ezenzeka mihla le kwezoshishino, nto ezo ziya kubahlupheza ngezinto ezifunwa emisebenzini. ULWAZI OLUJOLISWE KUTITSHALA NGENDLELA YOKUSEBENZISA LE SHEDYULI YOMSEBENZI
Ezi shedyuli zomsebenzi zibhalwe ngenjongo yokunika ingxam kwiziphumo zesifundo nakwimigangatho yovavanyo. Njengotitshala osebenzisa ezi shedyuli zomsebenzi, kufanelekile ukuba ukulungele ukufundisa le nkalo yesifundo ucacise ngakumbi nangokuzithemba. Iishedyuli zomsebenzi zijoliswe koku:
ukuqinisekisa ukuba ootitshala baziqonda ngokufanayo iziphumo zesifundo kunye nemigangatho yovavanyo;
ukuqinisekisa ukuba ootitshala bayasisebenzisa isikhokelo ekugxilwe kuso solwazi olumiselwe kuxwebhu lweNgxelo yeKharityhulamu yeSizwe kunye
nokuphumelela ukusebenza ngesantya esilinganayo kweli phondo. Umxholo weeshedyuli zomsebenzi ucwangciswe ngenyameko ukuthintela uphindaphindo kunye nokuvumela iqondo elongeziweyo lemisebenzi entsonkothileyo kwesi sigaba siphela. Izikhokelo zootitshala, ezicacisa umxholo nezinika iingcebiso ngeendlela zokufundisa, zisetyenziswa ngaxeshanye neeshedyuli zomsebenzi. Xa kucwangciswa imisebenzi yonyaka omiyo, iinombolo zamaphepha ezikwiincwadi ezifundwayo zingabonakaliswa kuluhlu olungasekunene kwishedyuli yomsebenzi. Kananjalo qaphela ukuba iishedyuli zomsebenzi zilungiselelwe iiveki ezingama-40 kunye nokuba umxholo wazo usasazwe ngocoselelo kwisithuba seeveki ezili-10 kwikota nganye. Ootitshala mabajonge uXwebhu loMgaqo-nkqubo weNgxelo yeKharityhulamu yeSizwe njengesikhokelo kwiziphumo zesifundo, imigangatho yovavanyo kunye nesikhokelo solwazi ekugxilwe kuso.
ULWABIWO LWEXESHA
Umgaqonkqubo weKharityhulamu yeSizwe wabe i-8% yexesha lokufundisa isifundo seNzululwazi yezoQoqosho noLawulo. Ithamtheybhile neephiriyodi kufuneka ziqulunqwe yaye zidizayinwe ngendlela eza kuvumela inkqubo eza kukwazi ukukhawulela iimfuno zabafundi nezeeNkqubo zokuFunda.
Kumabakala 4 – 6 iiyure zi-2, nemizuzu esi-7 ngeveki (ngeentsuku ezi-5) (Ixesha elirawundiweyo – iiyure ezi-2)
Iziphumo zokuFunda ze-EMS
Amanqaku ngokwesiphumo ngasinye
Ibakala 4 – 6
LO 1 20 % iiyure ezili-16
LO2 20% iiyure ezili-16
LO3 20% iiyure ezili-16
LO4 40% iiyure ezingama-32
Itotali 100% iiyure ezingama-80
IMIBULELO Sidlulisa umbulelo ongazenzisiyo kubaCwangcisi abaPhezulu beKharityhulamu, kubaCwangcisi beKharityhulamu kunye nooTitshala abaqulunqe le Shedyuli yoMsebenzi.
- 1 -
ISHEDYULI YOMSEBENZI WENZULULWAZI NGEZOQOQOSHO NOLAWULO (EMS)
IBAKALA 4
IKOTA 1
IVeki ISIPHUMO SESIFUNDO
IMIGANGATHO YOVAVANYO NOMXHOLO OFUNDISWAYO IsiKhokelo sikaTitshala
1
Intshayelelo ngeNzululwazi yezoQoqosho noLawulo
Tshayelela, kuxoxwe uze unike inkcazelo ngesifundo esiyiNzululwazi ngezoQoqosho noLawulo.
IVeki 1
2 3 4 5
IsiPhumo sesiFundo 1 Umjikelo woQoqosho
Umgangatho woVavanyo: 4.1.1 Iintsapho / Imizi: Abaxhasi / abaxumi nabaVelisi
Nika inkcazelo ngezi ngongoma: o Usapho o Umxhasi / umxumi o UmVelisi o Izinto eziyimfuneko zokuphila
Yichaze inxaxheba (yeentsapho) njengabaxhasi kwinkqubo yokwaneliswa kwezinto zokuphila eziyimfuneko.
Yichaze inxaxheba yeentsapho (ezingamalungu emizi) njengabantu abavelisayo kwinkqubo yokwaneliswa kwezinto zokuphila eziyimfuneko.
Uvavanyo olusesikweni o UVavanyo lomSebenzi 1: Umsebenzi 1
ITshati: AbaXhasi nabaVelisi
IVeki 2
IVeki 3 IVeki 4 IVeki 5
6 7
IsiPhumo sesiFundo 3 ULwazi lokuphatha, olokuxuma nolwezemali
Umgangatho woVavanyo: 4.3.3 Imithombo yengeniso eyeyakho noQingqo-mali
Nika inkcazelo ngezi ngongoma zintsha: umzekelo: Ingeniso, inkcitho, ukonga / ukulondoloza, noqingqo-mali
Zichaze iindlela namalinge okufunyanwa kwemali ziintsapho, umzekelo: (ngemivuzo yenyanga, ngemivuzo yokuphila naleyo imisiweyo, njalo-njalo)
Chaza indlela yokucwangcisela inkcitho nokulondoloza kwingeniso yakho (uqingqo-mali)
Zizobele uqingqo-mali olulolwakho (Yenza ingqikelelo engekho sikweni)
IVeki 6 IVeki 7
- 2 -
IVeki ISIPHUMO SESIFUNDO
IMIGANGATHO YOVAVANYO NOMXHOLO OFUNDISWAYO IsiKhokelo sikaTitshala
UVavanyo olusesikweni o UVavanyo lomSebenzi 1 UmSebenzi wesi-2
Bhala / Zoba uqingqo-mali
8
IsiPhumo sesiFundo 3 ULwazi lokuphatha, olokuxuma nolwezemali
Umgangatho woVavanyo: 4.3.4 Ulondolozo
Nika inkcazelo ngengongoma ye-akhawunti yokulondoloza (irekhodi yokonga) nenjongo yayo.
IVeki 8
9
Uhlaziyo
Uzinziso lomsebenzi
Imisebenzi yongenelelo
Ukugqitywa kwemisebenzi
IVeki 9
10
UVavanyo olusesikweni o UVavanyo lomSebenzi 1 UmSebenzi wesi-3: Uvavanyo
IVeki 10
- 3 -
ISHEDYULI YOMSEBENZI WENZULULWAZI NGEZOQOQOSHO NOLAWULO
IBAKALA 4
IKOTA 2
IVeki ISIPHUMO
SESIFUNDO IMIGANGATHO YOVAVANYO NOMXHOLO OFUNDISWAYO
IsiKhokelo sikaTitshala
11 12
IsiPhumo sesiFundo 1 Umjikelo woQoqosho
Umgangatho woVavanyo: 4.1.2 Ukusetyenziswa kobutyebi ngokweemfanelo nangendlela engafanelekanga
Nika inkcazelo ngezi ngongoma zilandelayo: o Ngokweemfanelo nangokungafanelekanga o Abahlali abasendaweni o Ubutyebi o Iinkonzo
Nika inkcazelo ngegalelo lokusetyenziswa ngokweemfanelo nangokungafanelekanga kweenkonzo kunye nobutyebi ngokubhekiselele kubahlali.
Umgangatho woVavanyo: 4.1.4 Irhafu
Nika inkcazelo yegama eliyirhafu ngolwimi oluqondakalayo.
IVeki 11 IVeki 12
13
IsiPhumo sesiFundo 2 Ukukhula nophuhliso oluzinzileyo
Umgangatho woVavanyo: 4.2.1 Umgangatho wokuphila
Nika inkcazelo ngezi ngongoma zilandelayo: o Imigangatho yokuphila o Uqoqosho oluphuhliswe ngokupheleleyo o Uqoqosho olujongene nendlela yokuphila
Chonga iiyantluko zemigangatho yokuphila kuqoqosho oluphuhliswe ngokupheleleyo noqoqosho olujongene nendlela yokuphila.
UVavanyo olusesikweni: Uvavanyo lomSebenzi wesi-2 UmSebenzi 1- ISehlo esingumZekelo: Imigangatho yokuphila
IVeki 13
- 4 -
14 15 16
IsiPhumo sesiFundo 2 Ukukhula nophuhliso oluzinzileyo
Umgangatho woVavanyo: 4.2.2 Igalelo lokubhaqwa kwezimbiwa eMzantsi-Afrika (kwiNtlalo nakwezoQoqosho)
Nika inkcazelo ngezi ngongoma zilandelayo: o Igalelo kwezoQoqosho nakwiNtlalo o Izimbiwa (isinyithi esimbiwa emigodini) o Ukudaleka kobuTyebi o Ukudalwa kwemisebenzi
Nika inkcazelo ngegalelo lokubhaqwa kwezimbiwa eMzantsi-Afrika ngokubhekiselele kule miba:
o Ukusebenza kude nekhaya o Ukusetyenziswa kwendyebo yelizwe o Iingozi kwicala lezempilo nakwezokhuseleko
UVavanyo olusesikweni o UmSebenzi woVavanyo wesi-2: Umsebenzi wesi-2: Imifanekiso eyenziwe
ngamaphetshana
IVeki 14 IVeki 15
IVeki 16
17 - 18
IsiPhumo sesiFundo 2 Ukukhula nophuhliso oluzinzileyo
Umgangatho woVavanyo: 4.2.3 Ukuliwa kobuhlwempu
Nika inkcazelo ngezi ngongoma njengezicwangciso-nkqubo zokuhlangabezana nobuhlwempu:
o Abahlali bommandla (eziDolophini nasemaPhandleni)
o Ubuhlwempu o Iiprowujekhthi zophuhliso o INkqubo yokuphinda kwaKhiwe ukuze
kuPhuhliswe (RDP) o Ukuhlaziywa kwemimandla esezidolophini
Iveki 17 - IVeki 18
19
Uhlaziyo
Uzinziso lomsebenzi
Imisebenzi yongenelelo
Ukugqitywa kwemisebenzi
IVeki 19
20
UVavanyo olusesikweni: UmSebenzi woVavanyo wesi-2
Umsebenzi wesi-3 - Uvavanyo
IVeki 20
- 5 -
ISHEDYULI YOMSEBENZI WENZULULWAZI / NGEZOQOQOSHO NOLAWULO
IBAKALA 4
IKOTA 3
IVEKI ISIPHUMO
SESIFUNDO IMIGANGATHO YOVAVANYO NOMXHOLO OFUNDISWAYO
IsiKhokelo sikaTitshala
21
IsiPhumo sesiFundo 1 Umjikelo woqoqosho
Umgangatho woVavanyo: 4.1.3
Ushishino olusesikweni nolungekho sikweni
Nika inkcazelo ngezi ngongoma:
‘Ushishino olusesikweni’
‘noshishino olungekho sikweni’
IVeki 21
22
IsiPhumo sesiFundo 1 Umjikelo woqoqosho
Umgangatho woVavanyo: 4.1.3
Inxaxheba ethathwa lushishino olusesikweni nolungekho sikweni
Yichaze indima edlalwa lushishino olusesikweni nolungekho sikweni kwiindawo zabahlali: umzekelo,
o Amathuba emisebenzi o Ukubonelela ngeenkonzo o Ukwaneliswa kwezidingo o Ukuncitshiswa kobuhlwempu
UVavanyo olusesikweni: UmSebenzi woVavanyo wesi-3 Umsebenzi 1: Yiba nodliwanondlebe nomnini weshishini elisesikweni, nomnye weshishini elingekho sikweni
IVeki 22
23
IsiPhumo sesiFundo 3 ULwazi lokuphatha, lokuxuma, lwezimali kunye nolwezakhono
Umgangatho woVavanyo: 4.3.2
Iindidi ezahlukileyo zamashini ommandla
Nika inkcazelo ukuze wahlule phakathi kweendidi ezahlukileyo zamashishini: oko kukuthi, amashishini eemveliso nawokunikezelwa kweenkonzo.
Ukurhweba o Makuxoxwe ngorhwebo njengohlobo
lweshishini, indima edlalwayo lurhwebo nenjongo yalo kwezoqoqosho (umzekelo: izirhoxo, iindawo apho kuthengiswa khona oonoxesha, intengiso eyenzelwa phandle yezinto ezingafunwayo ezifakwe kwizithuthi, iivenkile)
IVeki 23
- 6 -
24 25
IsiPhumo sesiFundo 3 ULwazi lokuphatha, lokuxuma, lwezimali kunye nolwezakhono
Umgangatho woVavanyo: 4.3.2
Iintlobo ezahlukileyo zamashishini ommandla
Ukwenziwa kweemveliso o Makuxoxwe ngokwenziwa kweemveliso
njengohlobo lweshishini, ngendima eliyidlalayo eli shishini nangenjongo yalo kwezoqoqosho (umzekelo: indawo yokwenzela izitena, ivenkile ethengisa izonka neemveliso zazo, ifektri)
UVavanyo olusesikweni o UmSebenzi woVavanyo wesi-3
UmSebenzi wesi-2: Makuphandwe ngeeNtlobo zamaShishini
IVeki 24 IVeki 25
26 27 28
IsiPhumo sesiFundo 3 ULwazi lokuphatha, lokuxuma, lwezimali kunye nolwezakhono
Umgangatho woVavanyo: 4.3.1 Ukuphathwa kweshishini
Khetha ingcamango yokushishina usenzela umhla wokuthengisa emarikeni uze unike izizathu zokuyikhetha kwakho le ngcamango.
Yenza intshayelelo ngalo mjikelo wezolawulo ulandelayo usenzela ukuyixhasa le ngcamango yeshishini:
o Cwangcisa o Gaya o Khokela o Beka imiqathango
Elowo makazixoxele ngezi ngongoma zingasentla alungiselele umhla wokuthengisa emarikeni.
IVeki 26 IVeki 27 IVeki 28
29
Uhlaziyo
Uzinziso lomsebenzi
Imisebenzi eyenzelwa ulamlo
Ukugqitywa kwemisebenzi
IVeki 29
30
UVavanyo olusesikweni: UmSebenzi woVavanyo wesi-3
UmSebenzi 3: Uvavanyo
IVeki 30
- 7 -
ISHEDYULI YOMSEBENZI WENZULULWAZI NGEZOQOQOSHO NOLAWULO
IBAKALA 4
IKOTA 4
IVeki ISIPHUMO
SESIFUNDO IMIGANGATHO YOVAVANYO NOMXHOLO OFUNDISWAYO
IsiKhokelo sikaTitshala
31
IsiPhumo sesiFundo 4 ULwazi lokurhweba nolwezakhono
Umgangatho woVavanyo: 4.4.1 Iimpawu zomRhwebi
Nika inkcazelo ngegama elithi ‘umrhwebi’
Zichonge iimpawu (amandla neetalente) zomrhwebi
UVavanyo olusesikweni: UmSebenzi woVavanyo wesi-4 Umsebenzi 1: Isehlo esingumZekelo
IVeki 31
32
IsiPhumo sesiFundo 4 ULwazi lokurhweba nolwezakhono
Umgangatho woVavanyo: 4.4.2 Ukurhweba ngeenjongo zokufumana inzuzo Yenza intshayelelo ngokwazisa ‘ngamaNqanaba ajongene nenkqubo yokuVelisa’ ngokunika inkcazelo ngezi ngongoma zilandelayo:
o Ubutyebi bemvelo o Abasebenzi bebonke o Imali yeshishini, izakhiwo zeshishini
nezinto zamaxabiso, umzekelo: oomatshini nezinye ii-asethi
o Umrhwebi
IVeki 32
33
IsiPhumo sesiFundo 4 ULwazi lokurhweba nolwezakhono
Umgangatho woVavanyo: 4.4.2 Ukurhweba ngeenjongo zokufumana inzuzo Imeko: Yeyamalungiselelo osuku lokuthengisa emarikeni:
Yichaze indlela umrhwebi aza kuwahlanganisa ngayo amanqanaba ajongene neemveliso ukuze afumane inzuzo ngolwaa suku lokuthengisa emarikeni.
IVeki 33
- 8 -
34
IsiPhumo sesiFundo 4 ULwazi lokurhweba nolwezakhono
Umgangatho woVavanyo: 4.4.4 UkuThenga nokuThengisa
Xa ulungiselela usuku lokuthengisa emarikeni, wucacise umahluko phakathi kwezi ndlela zorhwebo zilandelayo:
o Ukuthenga o Ukuthengisa o Ukuvelisa
Iveki 34
35
IsiPhumo sesiFundo 4 ULwazi lokurhweba nolwezakho-no
Umgangatho woVavanyo: 4.4.5 USuku loRhwebo
Makugayelwe umboniso weemveliso zorhwebo okanye usuku lokuthengisa emarikeni.
Makusetyenziswe ulwazi nezakhono zokuba ngumrhwebi.
o Makucwangciswe kulungiselelwe usuku lokuthengisa emarikeni.
Iveki 35
36
IsiPhumo sesiFundo 4 ULwazi lokurhweba nolwezakho-no
Umgangatho woVavanyo: 4.4.5 USuku lokuthengisa emarikeni
Makuxoxwe ngezicwangciso-nkqubo zokwazisa nokusetyenziswa kweenkcukacha.
Iveki 36
37
IsiPhumo sesiFundo 4 ULwazi lokurhweba nolwezakho-no
Umgangatho woVavanyo: 4.4.5 Umhla woRhwebo
Malusetyenziswe ulwazi lokuba ngumrhwebi kunye nolwezakhono ukuze kuvezwe indlela yokucwangcisa neyokwenza amalungiselelo.
UVavanyo olusesikweni: UmSebenzi woVavanyo wesi-4 UmSebenzi wesi-2: Ukulinganisa: USuku lwezorhwebo
IVeki 37
38
IsiPhumo sesiFundo 4 ULwazi lokurhweba nolwezakhono
Umgangatho woVavanyo: 4.4.5 Umhla woRhwebo
Makugxilwe kumava anika ihlombe nakulawo angenampumelelo ngomhla wezorhwebo.
Makucetyiswane ngeendlela zokuphucula urhwebo.
IVeki 38
- 9 -
39
Uhlaziyo
Uzinziso lomsebenzi
Imisebenzi yongenelelo
Ukugqitywa kwemisebenzi
IVeki 39
40
UVavanyo olusesikweni: UmSebenzi woVavanyo wesi-3 UmSebenzi 3: Uvavanyo
IVeki 40
INZU
LULW
AZI
YEZ
OQ
OQ
OSH
O N
OLA
WU
LO: I
BAK
ALA
4
IPH
EPH
A L
OKU
REKH
OD
A A
MA
NQ
AKU
ISIKO
LO:_
____
____
____
____
____
____
____
____
____
__
INQU
NUNU
:___
____
____
____
____
____
____
____
____
____
Ikot
a 1Ik
ota 2
Ikot
a 3Ik
ota 4
CASS -ITOTALI (Ikota 1 - 4)
AMANQAKU E-CASS AGUQULIWEYO
INQANABA (1 – 4)
UMSE
BENZ
I WOV
AVAN
YO N
OMB
12
34
UMSEBENZI 1
INXENYE YETOTALI
GUQULA AMANQAKU
INQANABA (1 – 4)
UMSEBENZI 2
INXENYE YETOTALI
GUQULA AMANQAKU
INQANABA (1 – 4)
UMSEBENZI 3
INXENYE YETOTALI
GUQULA AMANQAKU
INQANABA (1 – 4)
UMSEBENZI 4
INXENYE YETOTALI
GUQULA AMANQAKU
LO AS Ifani
neg
ama
Am
anqa
ku10
010
010
010
010
040
010
0
UTITS
HALA
: ……
……
……
……
……
……
……
……
……
……
……
……
……
. …
…/…
…/…
…
HOD:
……
……
……
……
……
……
……
……
……
……
……
……
……
……
… .
……
/……
/……
top related