isigaba esiphakathi iishedyuli zomsebenzi · njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo...
TRANSCRIPT
ISig
aba
esiP
haka
thi
IiShe
dyul
i zoM
sebe
nzi
IBakala
5EzoBugcisa
neNkcubeko
AMAGQABANTSHINTSHI Ukumisela umgaqonkqubo kuba namagingxi-gingxi. Yinkqubo yokuqonda nokucacisa ukuba lo mgaqonkqubo uthini kanye kanye kunye neyokubonisana nabantu, nkqubo leyo ethatha ixesha elide. Siye sifunde kule nkqubo ze simana siyitshintsha ngokwezimvo esizifumanayo ukwenzela ukuba le nkqubo ilungele iimeko ngeemeko ezahlukileyo. Into esiyifundileyo kule minyaka ilishumi nangaphezulu idlulileyo kukuba kufuneka sibonisane, simamele ze sifumane isisombululo kwimingeni esijongene nayo. Iishedyuli zomsebenzi zisisiphumo saloo mgaqonkqubo kunye nalo nkqubo ethe yasifundisa izinto ngezinto. Isifundo seLitheresi neseziBalo kwakunye nezinye izifundo zeSigaba seSiseko kunye nesiPhakathi zizifundo ezibalulekileyo esigxininise kuzo siliSebe lezeMfundo leNtshona Koloni. Sifuna ukuqinisa izikolo zamabanga aphantsi ze sidale amathuba esiseko esomeleleyo ukuze siphucule amathuba abafundi okuphumelela kumakhondo abafuna ukuwalandela. Sikholelwa ukuba esi siseko singaziphucula iziphumo zelitheresi nezesifundo sezibalo, nezinga lokupasa ngokubanzi. UMzantsi Afrika lilizwe elisakhulayo yaye sivile ukuba, kule minyaka yeenkqubo ezichaphazela ihlabathi lonke, amazwe asaxakeke nenkqubo yokuzilinganisa namazwe aphuhlileyo kufuneka evelise izakhono ezifunekayo. Ngoko ko ilizwe elifana neli lethu lingakwazi ukukhuphisana nala mazwe makhulu yaye lingazinza. Into ebalulekilyo kukuba sibe nabafundi abakwaziyo ukufunda, ukubhala kwakunye nabakonwabelayo ukufunda okanye ukuhamba isikolo. Ixabiso lezentlalo lesikolo linokuphuculwa ukuba ngaba iinzame zezikolo zinokukhuliswa. Iishedyuli zomsebenzi ziza kuthathwa njengenxalenye yezixhobo zePhulo, iFoundations for Learning. Zithathwa njengesixhobo sokuxhasa nokunika intsingiselo kweli phulo. Nanjengokuba kukho uluvo lokuba amaphulo zizinto nje ezimana ziphinda-phindwa, iishedyuli zomsebenzi ziza kuba sisixhobo senkxaso eza kunika intsingiselo ekwakhiweni kweziseko zelitheresi kunye nesifundo sezibalo. Lilinge lokubonelela ngezikhokelo kootitshala ngendlela yokufundisa kusuku ngalunye lwesikolo. Iishedyuli zomsebenzi ziza kuthunyelwa ezikolweni ukuze izikolo zinike izimvo okanye iingxelo zazo malunga nazo. Kananjalo ziza kuvavanywa kwizikolo ezithile ezikhethiweyo. La maxwebhu aza kukhutshwa njengesikhokelo ngoJanuwari 2009 yaye kucelwa ukuba izikolo zingenise izimvo zazo ngazo ngoJulayi 2009. Ezi shedyuli zomsebenzi ziza kuvavanywa ezikolweni kwangoJulayi 2009. Zonke izimvo ezingenisiweyo ziya kunceda ekubeni ziphinde zisetyenzwe okanye ziphuhliswe ngakumbi ezi shedyuli zomsebenzi. ISebe lezeMfundo leNtshona Koloni liziko elisafundayo yaye lizama ngawo onke amaxesha ukuba liyiqonde imeko elingqongileyo. Le nkqubo yokufunda iyaqhubeka ngenxa yento yokuba izinto zisoloko zitshintsha ngokukhawuleza. Xa ke sikuthathela ingqalelo oku, masazi ukuba isimemo sokufumana izimvo kunye nesovavanyo lilinge elibonisa into yokuba siliziko elifundayo ngokuthi siphuhlise amaxwebhu asekelwe kwizimvo zootititshala kwakunye nezabantu abakwamanye amacandelo ahlukileyo kwiphondo lethu. Siyazi ukuba ukusebenza ngendlela efanayo akusebenzi okanye akubi naziqhamo zihle. Siyazi kananjalo ukuba kufuneka simamele, sithethe ze sifumane izisombululo kwimingeni yethu. Uvavanyo lwezi shedyuli ezikolweni kunye nesimemo sokuba nisinike izimvo zenu kuza kusenza ukuba sibonisane, simamele ze sifumane izisombululo njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu.
Gqr. S. Naicker, Umlawuli oyiNtloko: Icandelo loPhuhliso lweKharityhulamu
ISHEDYULI YOMSEBENZI – UBUGCISA NENKCUBEKO
ISIGABA ESIPHAKATHI
IBAKALA LE-4 ukuya kwele-6 INTSHAYELELO INkalo yesiFundo sezobuGcisa neNkcubeko ibandakanya imisebenzi yobugcisa neyenkcubeko kuMzantsi Afrika jikelele. Amacandelo ezobuGcisa neNkcubeko ayinxalenye edibeneyo yobomi, equka iimeko zomoya, eziphathekayo, zengqiqo nezemvakalelo kwiinzame zoluntu ekuhlaleni. Inkalo yobuGcisa neNkcubeko ibandakanya amacandelo ezifundo amane - umdaniso, idrama, umculo nobugcisa obubonwayo. Eyona njongo iphambili yale nkalo yesifundo kukubonelela ngemfundo jikelele kumsebenzi wobuGcisa neNkcubeko kubo bonke abafundi.
ULWAZI OLUJOLISWE KUTITSHALA NGENDLELA YOKUSEBENZISA LE SHEDYULI YOMSEBENZI
Ezi shedyuli zomsebenzi zibhalwe ngenjongo yokunika ingxam kwiziphumo zesifundo nakwimigangatho yovavanyo. Njengotitshala osebenzisa ezi shedyuli zomsebenzi, kufanelekile ukuba ukulungele ukufundisa le nkalo yesifundo ucacise ngakumbi nangokuzithemba. Iishedyuli zomsebenzi zijoliswe koku: ukuqinisekisa ukuba ootitshala baziqonda ngokufanayo iziphumo zesifundo kunye
nemigangatho yovavanyo; ukuqinisekisa ukuba ootitshala bayasisebenzisa isikhokelo ekugxilwe kuso solwazi
olumiselwe kuxwebhu lweNgxelo yeKharityhulamu yeSizwe kunye nokuphumelela ukusebenza ngesantya esilinganayo kweli phondo.
Umxholo weeshedyuli zomsebenzi ucwangciswe ngenyameko ukuthintela uphindaphindo kunye nokuvumela iqondo elongeziweyo lemisebenzi entsonkothileyo kwesi sigaba siphela. Izikhokelo zootitshala, ezicacisa umxholo nezinika iingcebiso ngeendlela zokufundisa, zisetyenziswa ngaxeshanye neeshedyuli zomsebenzi. Xa kucwangciswa imisebenzi yonyaka omiyo, iinombolo zamaphepha ezikwiincwadi ezifundwayo zingabonakaliswa kuluhlu olungasekunene kwishedyuli yomsebenzi. Kananjalo qaphela ukuba iishedyuli zomsebenzi zilungiselelwe iiveki ezingama-40 kunye nokuba umxholo wazo usasazwe ngocoselelo kwisithuba seeveki ezili-10 kwikota nganye. Ootitshala mabajonge uXwebhu loMgaqo-nkqubo weNgxelo yeKharityhulamu yeSizwe njengesikhokelo kwiziphumo zesifundo, imigangatho yovavanyo kunye nesikhokelo solwazi ekugxilwe kuso. Sinethemba lokuba olu xwebhu luya kuba luncedo. IMIBULELO Sidlulisa umbulelo ongazenzisiyo kootitshala nakumagosa anika iingcebiso ngekharityhulamu athe aqulunqa ishedyuli yomsebenzi elungiselela iSigaba esiPhakathi. ICandelo loLawulo: kwiKharityhulamu : GET
- 1 -
ISHEDYULI YOMSEBENZI WOBUGCISA NENKCUBEKO
IBAKALA 5
IKOTA 1
Izinto eziphambili ezisetyenziswayo: Umzimba, ilizwi, ulwimi, izinto zendalo kunye nezinye izinto ezifumanekayo
IVEKI ISIPHUMO
SESIFUNDO IMIGANGATHO YOKUVAVANYA KUNYE NOMXHOLO OFUNDISWAYO
TG
LO 1, 4
UMCULO 5.2.3.2, 5.1.3.2
Chaza ukubaluleka kweenowuthsi ze-crotchets, ze-minims kunye neze-quaver
Sebenzisa intshukumo yomzimba ukubonisa ukubaluleka kweenowuthsi: i-crotchet (ikota-nowuthi), i-minum (ihafu-nowuthi) kunye ne-quaver (i-eyiti-nowuthi) kwakunye ne-time signature.
UMDANISO 5.1.1.1
Yiba nenkqubo yokufudumeza umzimba ukulungiselela intsebenziswano kunye nolawulo
UMDLALO (DRAMA) 5.1.2.1
Yenzisa umthambo wokuyekelela ukuphefumla ukulungiselela ukuzifudumeza nokuzipholisa.
1
UBUGCISA OBUBONWAYO (VISUAL ART) 5.1.4.1
Bonisa imizobo yemilo yendalo kunye neyejometri umz. yezinto eziphilayo = ezendalo, yezinto ezingaphiliyo /ezenziwe ngumntu = yejometri
Iveki
1
2
LO 1, 3
UMCULO 5.1.3.2 Sebenzisa intshukumo yomzimba:
Yila iculo elifutshane elinesingqisho esine-crotchets, kunye nee-crotches rests.
Yila iculo elifutshane elinesingqisho esine-quavers kunye nee- quaver rest.
Yenzani intshukumo yomzimba ngokwamaqela nize niyenze ngokuhambelana nomculo orekhodishiweyo.
Iveki
2
- 2 -
UMDANISO 5.1.1.1, 5.1.1.2
Chaza uthelekiso kulandelelwano lomculo Bonisa indlela yokutshintsha ukusuka kwenye imilo
yentshukumo ukuya kwenye ugqalise kwi; o isithuba (phezulu/ezantsi, sikhulu/sincinci/ phambili/
ecaleni/emva/kufuphi/kude/sibhityile/sibanzi); o ixesha (khawuleza/cotha, kaninzi/manqapha-nqapha); o amandla (kakhulu/kancinci,thambileyo/ngentlokomo).
Yila ulandelelwano lomdaniso oluquka indawo, ixesha kunye namandla entshukumo
UMDLALO 5.1.2.2
Ncedisa ukwenza umdlalo kunye nemithambo ehambelana nesandi kunye nemvakalo.
UBUGCISA OBUBONWAYO (VISUAL ART) 5.1.4.1
Yazisa ubuchule bokubona kunye nokukopa iimilo ezizotyiweyo
Bonisa indlela yokukhuphela ephepheni into oyivileyo.
UMCULO 5.1.3.2 Sebenzisa intshukumo yomzimba:
Qamba ingoma emfutshane enesingqisho esine-minim kunye neminim rests.
Yenzani intshukumo yomzimba ngokwamaqela nize niyenze nakuwuphi na umculo
UMDANISO 5.1.1.1, 5.1.1.2
Fumanisa uze uchaze ngomdaniso waseMzantsi Afrika Cacisa umahluko kwiindlela ekudaniswa ngazo uthathela
ingqalelo indawo, ixesha kunye namandla entshukumo.
UMDLALO 5.1.2.2
Veza imifanekiso ebonakalayo kunye nemibala
3
LO 1,3
UBUGCISA OBUBONWAYO (VISUAL ART) 5.1.4.1
Chaza imilo zezinto eziphilayo kunye nezinemilo yejometri Jonga kwaye uzobe iimilo zezinto eziphilayo kunye nezejometri
Iveki
3
- 3 -
UMCULO 5.1.3.2 Sebenzisa intshukumo yomzimba:
ukuqamba ingoma emfutshane ene-quavers kunye ne-quaver rest.
ukwenza intshukumo yomzimba ngokwamaqela nakuwuphi na umculo orekhodishiweyo.
UMDANISO 5.1.1.1, 5.1.1.2
Yenza umdaniso wolandelelwano: kwindawo, kwixesha nangamandla entshukumo
UMDLALO 5.1.2.2
Ncedisa ukwenza umdlalo kunye nemithambo ebonisa ukubamba kunye nemvakalo.
4
LO 1, 3
UBUGCISA OBUBONWAYO (VISUAL ART) 5.1.4.1
Xoxa uze uyile iphatheni ngokuphindaphinda ukhetha imilo enye yento ephilayo kunye nemilo enye yejometri.
Yenza iphatheni ngokuphindaphinda usebenzisa imilo enye yento ephilayo nemilo enye yejometri.
Iveki
4
UMCULO 5.1.3.1
Cacisa ‘izingqisho kunye ‘nezingqisho ezininzi’ Yenza izingqisho kunye nezingqisho ezininzi usebenzisa
intshukumo. UMDANISO 5.1.1.1, 5.1.1.3
Qhuba ngokuyila ulandelelwano lomdaniso olugqalise; o kwintshukumo yelungu ngalinye lomzimba kunye o nolungelelaniso kwanolawulo ngokwentshukumo
yamalungu omzimba awahlukeneyo.
UMDLALO 5.1.2.3
Ncedisa ukwenziwa kwemidlalo kunye nomsebenzi ojongene nezandi kunye nemvakalo ngokungcamla
5
LO 1,3
UBUGCISA OBUBONWAYO (VISUAL ART) 5.1.4.1
Cwangcisa uze uyile umphandle wepotifoliyo, usebenzisa iipatheni ezikhethiweyo.
Iveki
5
- 4 -
UMCULO 5.1.3.1
Yila izingqisho kunye nezingqisho ezininzi usebenzisa intshukumo yomzimba.
UMDANISO 5.1.1.3
Qhuba usenza ulandelelwano lomdaniso uze uquke neengqiqo zejometri ezimbalwa ezinjengokunxusana, ulingano-macala, umgama, umthamo kunye nobunzima, iingxande, iimbombo-ntlanu, unxantandathu, iimbombo-sibhozo.
UMDLALO 5.1.2.3
Ncedisa ukwenza umdlalo kunye nemisebenzi efuna ukuba kuthethwe yaye kumanyelwe.
6
LO 1, 3
UBUGCISA OBUBONWAYO (VISUAL ART) 5.1.4.
Qhuba ngokuyila umphandle wepotifoliyo ngokugqalisa koonobumba nakubungakanani bamagama nisebenzisa iimagazini ezindala.
Iveki
6
UMCULO 5.1.3.1 5.1.3.2
Yila izingqisho nezingqisho ezininzi usebenzisa izixhobo zendalo.
UMDANISO 5.1.1.1, 5.1.1.4.
Ziqhelaniseni ukudanisa ngokwamaqela.
UMDLALO 5.1.2.3
Sebenzisa iinkcukacha zamalungu oluvo (isandi, imvakalo, intetho, ukumamela, ukuva ngesandla) udibanise kunye nokubonisa imvakalelo, kumdlalo ongasebenzisi mazwi.
7
LO 1, 3
UBUGCISA OBUBONWAYO (VISUAL ART) 5.1.4.1
Qhubani ngokuyila ipotifoliyo nigqalise kwiziphumo
Iveki
7
- 5 -
UMCULO 5.1.3.1
Uvavanyo lwezingqisho nezingqisho ezininzi nisebenzisa intshukumo yomzimba, ukubetha emzimbeni kunye nezixhobo zendalo
UMDANISO 5.1.1.1 , 5.1.1.4.
Yenzani umdaniso ngokwamaqela
Phononongani nixoxe okwenzekayo. UMDLALO 5.1.2.3
Sebenzisa ezi zinto, ubungakanani, imilo kunye nobunzima zidityaniswe kunye neenkcukacha zamalungu oluvo (imvakalo, isandi, umlomo, ilungu lokuva njl. njl) ukwenza umdlalo wokulinganisa ongasebenzisi mazwi.
8
LO 1, 3
UBUGCISA OBUBONWAYO (VISUAL ART) 5.1.4.1
Xhomani iipotifoliyo nize nenze uvavanyo.
Iveki
8
UMCULO 5.1.3.1
Nika ingxelo yophononongo lwezinto ngezinto zesingqisho nezezingqisho ezininzi.
Uvavanyo
UMDANISO 5.1.1.4, 5.2.1.1
Chaza ngolandelelwano lomdaniso uze wenze izindululo. Uvavanyo
UMDLALO 5.2.2.1
Phonononga usetyenziso lwazo zonke izinto ezisetyenziswe kumdlalo ongasebenzisi mazwi.
9
LO 2
UBUGCISA OBUBONWAYO (VISUAL ART) 5.1.4.2
Bonisani ngeepotifoliyo
Ukuvavanyana kwabafundi besebenzisa uluhlu lokuhlola
Iveki
9
- 6 -
UMCULO 5. 2 3.
Bhala malunga nengxelo kwidayari yakho. UMDANISO 5.1.1.4, 5.2.1.1
Bhala malunga nengxelo kwidayari yakho.
UMDLALO 5.2.2.1
Nika ingxelo yohlalutyo lomdlalo ongasebenzisi mazwi. Bhala malunga nale ngxelo kwidayari yakho.
10
LO 2
UBUGCISA OBUBONWAYO (VISUAL ART) 5.1.4.1
Nika ingxelo ngalo mdlalo
Iveki 10
- 7 -
ISHEDYULI YOMSEBENZI WOBUGCISA NENKCUBEKO
IBAKALA 5
IKOTA 2
Izinto eziphambili ezisetyenziswayo: Sebenzisa umzimba, ilizwi, ulwimi, izinto ezisetyenziswayo zendalo kunye nezinye izinto ezifumanekayo
IVEKI ISIPHUMO
SESIFUNDO IMIGANGATHO YOKUVAVANYA KUNYE NOMXHOLO OFUNDISWAYO
TG
UMCULO 5.2.3.1. Oonobumba bamagama eenowuthsi
Fundisa uze uchaze ukuba i-staff =yimiqolo emi-5, nezikhewu ezi-4
Fundisa nge-treble cleff
UMDANISO 5.1.1.1, 5.2.1.1
Xoxani ngomdaniso ebeniwubukele okanye ebeniwubone kumabonakude.
Cacisa ngamasolotya oyilo lwawo, injongo kunye nodidi lomdaniso
UMDLALO 5.1.2.1
Zifudumezeni, nizipholise nize nenze nomdlalo: o Yekelelani nikhulule izihlunu o Zikisani nigqalise o Tsalani umphefumlo nize nivule iimbambo nize
niwukhuphe umphefumlo
11
LO 2 - 4
UBUGCISA OBUBONWAYO (VISUAL ART) 5.2.4.1
Cacisa isigama esitsha : o Umzobo o Umfanekiso opeyintiweyo o Ubuchule bokwakha
Yahlula phakathi kwezi ntlobo zobugcisa zingentla ngokubonisa imizekelo
Iveki 11
12
LO 1 – 4
UMCULO 5.2.3.1
Hlaziya isifundo se- staff kunye ne-treble cleff Fundisa ngamagama oonobumba okt. Izikhewu = F, A, C,
E, Imiqolo = E, G, B, D, F
Iveki 12
- 8 -
UMDANISO 5.1.1.1, 5.2.1.2
Makulandelwe indlela yokuzifudumeza ekhokelwa ngutitshala
Fundisa ze nixoxe ngendlela ezahlukeneyo zemidaniso eMzantsi Afrika nisebenzisa imathiriyeli ebonwayo (umz. iincwadi, imifanekiso/iifoto, ividiyo/iiDVD)
UMDLALO 5.1.2.1 Zifudumezeni ukulungiselela umdlalo
Umthambo woyekelelo lwezihlunu Umthambo wokuphefumla Umthambo wentlokomo
5.2.2.1 Umdlalo wezeNkcubeko nezeNtlalo
Cacisa ingqiqo yomdlalo wenkcubeko o Qwalaselani umboniso womdlalo. o Chazani malunga nokufaneleka kwesihloko,
abalinganiswa, indawo, okwenziwayo, imo yemvakalelo kunye nexesha
o Chazani ngeeyantlukwano zamajelo eendaba o Chazani ngezihlo ezipahambili zalo mdlalo o Cacisa ukuba kutheni kuye kwasetyenziswa ubuchule
obuthile bomdlalo, umz. ithoni, ukunyuka kwelizwi, ukukhupha ilizwi, nokubiza amagama.
UBUGCISA OBUBONWAYO (VISUAL ART) 5.2.4.1 Umahluko phakathi komzobo,.umzobo opeyintiweyo kunye nobugcisa bokwakha
Cacisa isigama : o ukukrola o Ukuyila o Umsebenzi wobugcisa o Ubugcisa bokuzoba
Yahlula phakathi kwezi ntlobo zingentla zobugcisa ngokubonisa imizekelo
13
LO 1 – 4
UMCULO 5.2.3.1
Hlaziya i-staff, i-treble cleff kunye namagama oonobumba Thathela ingqalelo amagama oonobumba kwimiqolo
nakwizikhewu kwi-staff.
Iveki 13
- 9 -
UMDANISO 5.2.1.2
Fundisa ngomdaniso weli xesha Khetha umdaniso othile waseMzantsi Afrika Yenzani uphando ngokwamaqela
o Imvelaphi (Imbali) o Umculo o Izinxibo o Usetyenziso lwezixhobo o Owangaphakathi kwesakhiwo/ owangaphandle
kwesakhiwo o Umdaniso wakwantu / owale mihla o Injongo zomdaniso
UMDLALO 5.1.2.1 Yenzani imidlalo yomdlalo :
Yekelelani nikhulule izihlunu Zikisani nigqalise Gqalisani kwiindlela zokuphefumla ezifanelekileyo umz.
ukungenisa umphefumlo ngeempumlo, ukuvula iimbambo, kunye nokukhupha umphefumlo ngokuvula umlomo
5.2.2.1 Umboniso wezeNkcubeko nowezeNtlalo
Phanda iinkalo zomdlalo umz. owomtshato, owomngcwabo njl. njl,
UBUGCISA OBUBONWAYO (VISUAL ART) 5.2.4.1 Yahlula phakathi kweentlobo ezahlukeneyo zobugcisa
Qinisela iiyantlukwano phakathi kwazo zonke iintlobo zobugcisa uze ufake imifanekiso engqinelana neentlobo zobugcisa.
UMCULO 5.2.3.1
Yazisa ngokuphakama kwelizwi umz. phantsi / phezulu Thathela ingqalelo umahluko ekuphakameni kwelizwi
o Ukunyuka = ukubheka phezulu (ngokwenqwanqwa) o Ukuhla = ukubheka ezantsi
14
LO 1 – 4
UMDANISO 5.2.1.2
Yazisa umdaniso wala maxesha: “ezomngqungqo” Qhubani ngophando lomdaniso eMzantsi Afrika.
Iveki 14
- 10 -
UMDLALO 5.2.2.1 Umdlalo wezeNkcubeko nowezeNtlalo
Phanda ngeenkalo zomdlalo wezentlalo, umz. Ubukulo lwabantu bamazwe angaphandle, iHIV/ AIDS njl. njl.
UBUGCISA OBUBONWAYO (VISUAL ART) 5.2.4.2 Izimvo malunga nomfanekiso kunye nemisebenzi yobugcisa
Phonononga uze uchaze eyona nkcubeko iphambili (inkcubeko eyahlukeneyo / indibanisela yeenkcubeko), umz. intengiso yeCOKE, umfanekiso weRobben Island, ibrowutsha yamaso yeHIV.
Bhala umhlathi omfutshane ubhekisa kumzekelo
UMCULO 5.2.3.2
Thathela ingqalelo ukuphakama kwelizwi = ukunyuka / ukuhla
Thathela ingqalelo amagama oonobumba kwinowuthi ye-crotchet kunye neye-minum kwiinowuthsi
Thathela ingqalelo ukubaluleka kwenowuthi kunye nokuphakama kwelizwi
UMDANISO 5.2.1.2
Fundisa ngomdaniso wala maxesha:i-‘ballroom’ Qhubani ngophando lomdaniso eMzantsi Afrika
UMDLALO 5.3.2. UKuzikisa, ukuqonda ngokoluvo kunye nokuqonda ngokwemo yendawo
Cacisa ukuqonda ngokoluvo kumdlalo, umz. Ukusebenzisa ukulinganisa ukwenza ibali apho incasa, ivumba kunye nemvakalo yento ziboniswa kungakhange kusetyenziswe mazwi.
Cacisa ukuqonda indawo okuyo xa usenza umdlalo, umz. yenza intshukumo ukusebenzisa indawo okuyo kungasetyenziswa mazwi.
Gxininisa ukubaluleka kokugqalisela xa usenza umdlalo, ukwenza bukhali amalungu oluvo xa uchaza, umz. ukubalisa ibali ungasebenzisi lizwi (magama)
15
LO 1 - 4
UBUGCISA OBUBONWAYO (VISUAL ART) 5.2.4.2 Izimvo malunga nemifanekiso kunye nemisebenzi yobugcisa
Fundisa ngenjongo malunga nemifanekiso /neefoto / nemisebenzi yobugcisa
Iveki 15
- 11 -
UMCULO 5.2.3.2
Thathela ingqalelo uze ucule iinowuthsi (Sebenzisa indlela yokucula u- G = soh ; E = mi A = lah)
UMDANISO 5.2.1.2
Fundisa ngomdaniso wala maxesha: i- ‘hip-hop’ Ukuchaza ngomlomo / umboniso wophando lwamaqela
UMDLALO 5.3.2.1 Yenza umdlalo
Yenza umsebenzi womdlalo ukumisela ugqaliselo kunye nosetyenziso lwamalungu oluvo umz.khetha isihloko somdlalo “ipikiniki” – bonisa ngaphandle kwamazwi, indawo, imozulu, Okuphi ukutya, injani incasa yako, kunuka njani, imvakalo yako kwaye kuthandwe kangakanani na.
16
LO 1 - 4
UBUGCISA OBUBONWAYO 5.2.4.2
Thathela ingqalelo uze uchaze injongo kunye nokuqulathiweyo, uze ufakele inkangeleko, uthelekiso kunye nentsingiselo yomfanekiso / yefoto / yomsebenzi wobugcisa.
Iveki 16
UMCULO 5.2.3.2
Thathela ingqalelo uze ucule iinowuthsi kunye nokuphakama kwelizwi kwiinowuthsi
(Sebenzisa indlela yokucula u- G = soh ; E = mi A = lah) Fakelela ekuculeni , u-C ophakathi= doh Fundisa ngemigca ye-leger = Imigca engezantsi kunye
nengentla kwenowuthi Thathela ingqalelo i-crotchet kunye ne-minim kuloo ngoma
ikhethiweyo
17
LO 1 - 4
UMDANISO 5.2.1.2
Fundisa ngomdaniso wesintu onjenge ‘gum boot’ okanye i-‘sokkie’ njl. njl.
Qhubani inkcazo ngomlomo / umdlalo wophando lwamaqela
Iveki 17
- 12 -
UMDLALO 5.3.2.1 Yenza umdlalo
Khetha umxholo usebenzisa amaphephandaba okanye ividiyo njengesikhuthazi ekwenzeni umdlalo.
UBUGCISA OBUBONWAYO 5.3.4.1. Umsebenzi weProjekthi
Khetha iprojekthi (umz. ipowusta, ikholaji (collage), imiqondiso) kumbandela wezentlalo (umz. iHIV/AIDS) okanye umbandela wobume obusingqongileyo (umz. UKONGA AMANZI)
Cwangcisa iprojekthi: Cacisa indlela yokucwangcisa iprojekthi
UMCULO 5.2.3.2
Thathela ingqalelo uze ucule iinowuthsi (sebenzisa indlela yokucula G = soh ; E = mi ; A = lah ; u-C ophakathi = doh)
Thathela ingqalelo imigca ye-leger Thathela ingqalelo i-crotchet kunye ne-minim kweli culo
18
LO 1 - 4
UMDANISO 5.2.1.2, 5.2.1.1
Gqibezela ingcaciso yomlomo / umsebenzi wophando lwamaqela
Xoxa uze unike ingxelo ngemisebenzi eyenziweyo
Iveki 18
UMDLALO 5.3.2.1 Yenza umdlalo
Yenza umdlalo womxholo okhethiweyo weveki ye- 17. Gxininisa iqondo lokuzithemba.
UBUGCISA OBUBONWAYO 5.3.4.1 UMsebenzi weProjekthi
Yenza iprojekthi esekelwe kumbandela wezentlalo (umz. iHIV/AIDS) okanye umbandela wobume obusingqongileyo (umz. UKONGA AMANZI)
- 13 -
UMCULO 5.2.3.1 Uvavanyo
Thathela ingqalelo amagama oonobumba kunye namaxabiso eenowuthsi njengovavanyo olusesikweni (uvavanyo)
Nika ingxelo
UMDANISO 5.2.1.2, 5.2.1.1
Qhuba ngokuxoxa unika ingxelo ngemidlalo UMDLALO
5.3.2.1 Yenza umdlalo Yenzani umdlalo nigqalise ekuqondeni nisebenzisa
amalungu oluvo nasekuqondeni indawo
Vavanya umsebenzi weqela
19
LO 1 - 4
UBUGCISA OBUBONWAYO 5.3.4.1
Chaza ngokucokisekileyo ngeprojekthi
Iveki 19
UMCULO 5.2 3 4
Chaza ingxelo kwidayari yakho
UMDANISO 5.2.1.1
Chaza umsebenzi weqela (uphando) kwidayari UMDLALO 5.3.2.1 Yenzani umdlalo
Chaza ngomdlalo kwidayari yakho Uvavanyo
20
LO 1 - 4
UBUGCISA OBUBONWAYO 5.3.4.1 Umsebenzi weProjekthi
Chaza ngeprojekthi
Iveki 20
- 14 -
ISHEDYULI YOMSEBENZI WOBUGCISA NENKCUBEKO
IBAKALA 5
IKOTA 3
Izinto eziphambili ezisetyenziswayo: Sebenzisa umzimba, ilizwi, ulwimi, izinto ezisetyenziswayo zendalo kunye nezinye izinto ezifumanekayo
IVEKI ISIPHUMO
SESIFUNDO IMIGANGATHO YOKUVAVANYA KUNYE NOMXHOLO OFUNDISWAYO
TG
LO 1- 4
UMCULO 5.1.2.1, 5.1.3.4
Fudumezani amazwi o Yekelelani nikhulule izihlunu o Zikisani nigqalise o Tsalani umphefumlo nivule iimbambo nize niwukhuphe
umphefumlo Culani isicatshulwa kwingoma Culani nokuba yiyiphi na ingoma ngexesha eliyi- ¾ okanye
eliyi-3/8 UMDANISO NOMDLALO 5.1.1.1, 5.1.2.1
Lungiselelani umzimba ngokuwufudumeza njengesiqhelo Nilungiselela ulungelelwaniso nolawulo lomzimba Fudumezani umzimba nelizwi ngokwesiqhelo Yenzani intshukumo yezihlunu zomzimba Yenzani umthambo wokuphefumla ukuzipholisa
21
UBUGCISA OBUBONWAYO 5.4.4.1
Bonisa uze ucacise: o Umbala – okumgangatho osezantsi, okumgangatho
wesibini, okumgangatho wesithathu kunye nemibala ephakathi
Phonononga iphatheni (eyendalo kunye neyejometri) kwizinto ezisekhaya (umz. kwikhethini, kwimpahla, kwifenitshala, kwiithayile)
Iveki 21
22
LO 1- 4
UMCULO 5.1.2.1, 5.1.3.4
Fudumezani ilizwi o Yekelelani nikhulule izihlunu o Zikisani nigqalise o Tsalani umphefumlo nivule iimbambo nize niwukhuphe
umphefumlo Culani isicatshulwa kwingoma
Culani nokuba yiyiphi na ingoma ngexesha eliyi-3/4okanye eliyi-3/8
Iveki 22
- 15 -
UMDANISO KUNYE NOMDLALO 5.1.1.1, 5.1.2.1, 5.3.1.1
Yenzani umsebenzi oqhelekileyo wokufudumeza umzimba ngexesha eliyi-¾
Yenzani intshukumo yezihlunu zomzimba: o Ukolula nokujiwula iingalo o Ukugoba nokolula amadolo kunye nokuxhuma nokuhla
ngobunono Yenzani umthambo wokuphefumla ukuzipholisa Yenzani umdlalo onjenge”Zipili” (Linganisa omnye umntu
ugqalise kucoselelo, kwingcombolo usebenzisa iimbonakalo zobuso, zomzimba kunye nezemvakalelo)
UBUGCISA OBUBONWAYO 5.4.4.1
Phonononga : Iimpawu – umz. iimpawu ezisetyenziswa kwihlabathi (iimpawu zezendlela, impawu zokuba akutshaywa, iimpawu zezindlu zangasese) Imiqondiso – umz. HIV/AIDS. uxolo, iflegi yeSizwe, imiqondiso yezenkolo
LO 1- 4
UMCULO 5.1.2.1, 5.2.3.3, 5.1.3.4, 5.1.3.4
Fudumezani ilizwi o Yekelelani nikhulule izihlunu o Zikisani nigqalise o Ukuginya umphefumlo nokuvula iimbambo kunye
nokukhupha umphefumlo Culani ingoma ngexesha eliyi- ¾ neliyi-3/8 Phulaphulani iintlobo ngentlobo zomculo weekwayara,
umz.iikwayara zabantwana, ezabantu abadala kunye nezegospeli
Phononongani niphulaphhule amazwi awahlukeneyo Yazisa uze uchaze ubume besandi –ithoni yemvakalo-zwi
23
UMDANISO KUNYE NOMDLALO 5.1.1., 1 5.1.2.1, 5.3.1.1.
Abafundi mabazifudumeze bekhokelwa ngutitshala Yenzani umsebenzi oqhelekileyo wokufudumeza umzimba
ngexesha eliyi -¾ Yenzani intshukumo yezihlunu zomzimba:
o Tsiba-tsibani Yenzani umthambo wokuphefumla ukuzipholisa Yenzani umthambo wokuphefumla ukuzipholisa
Yenzani umdlalo womdlalo (umz. “ukulinganisa”, ukulandela ”inkokeli”)
Iveki 23
- 16 -
UBUGCISA OBUBONWAYO 5.4.4.1
Bonisa ucacise ukusetyenziswa kwemibala, iphatheni, isiyilo, iimpawu kunye nemiqondiso kwiinkcubeko ezahlukeneyo (umz. kwisiNdebele, kwinkolo yama-Islam, nakwinkolo yamaJuda)
UMCULO 5.1.2.1, 5.1.3.4, 5.2.3.3
Fudumezani ilizwi Culani ingoma ngexesha eliyi- ¾ okanye eli-3/8 Chaza nge-treble cleff kunye ne-staff Fundisa ngokungena kwelizwi le-soprano kunye nele-alto Phulaphula umculo wezi zinto zikhankanywe ngasentla
UMDANISO 5.2.1.1
Fundisa uhlobo lomdaniso wexesha i- ¾ umz. i-waltz Chaza injongo zolu hlobo lomdaniso Chaza usetyenziso lwezinto ezinjengokuphefumla,
ukuzolula, ulungelelwaniso, ulawulo ukubhalansa kunye nokuqinisa
UMDLALO 5.3.1.1
Yenzani umdlalo womdlalo (umz. ‘isipili’ “ukukopa”, ”nilandele inkokeli”)
24
LO 1- 4
UBUGCISA OBUBONWAYO 5.4.4.1
Bonisa uze ucacise ukusetyenziswa kwemibala, iphatheni, isiyilo, iimpawu kunye nemiqondiso kubume obuningqongileyo (umz.imiqondiso, amagama abonisa uhlobo, ezendlela, iimpawu, izakhiwo)
Iveki 24
25
LO 1- 4
UMCULO 5.1.2.1, 5.1.3.4, 5.2.3.3
Fudumezani ilizwi Culani isicatshulwa kwingoma Culani ingoma ngexesha eliyi-¾ okanye eliyi-3/8 Thathela ingqalelo uze wahlule iindawo zelizwi le-soprano
kunye nele-alto Faka iindawo zelizwi letinara kunye nebhesi Mamela iindawo zala mazwi akhankanywe ngasentla
Iveki 25
- 17 -
UMDANISO 5.1.1.1, 5.1.1.4
Zifudumezeni njengesiqhelo Fundani izitephu ze-waltz ninika ingqwalasela
kwingcombolo. UBUGCISA OBUBONWAYO 5.4.4.1, 5.3.4.1 Umsebenzi weProjekthi
Cacisa ukhetho lweempawu nemiqondiso usebenzisa inkcubeko yekhaya kunye / okanye ubume bokusingqongileyo
Cwangcisa isiyilo sekholaji kwiphepha le- A3 usebenzisa iimpawu kunye / okanye imiqondiso
UMCULO 5.1.2.1, 5.1.3.4, 5.2.3.3
Fudumezani ilizwi o Culani isicatshulwa kwingoma
Culani ingoma ngexesha eliyi-¾ okanye eliyi-3/8 Thathela ingqalelo uze wahlule iindawo zelizwi le-soprano
kunye nele -alto Faka iindawo zelizwi letinara kunye nebhesi Mamela iindawo zala mazwi akhankanywe ngasentla
UMDANISO 5.1.1., 1 5.1.1.4
Fudumezani ilizwi oluqhelekileyo Ziqhelaniseni nezitephu ze- waltz ninika ingqwalasela
kwingcombolo.
26
LO 1- 4
UBUGCISA OBUBONWAYO 5.4.4.1, 5.3.4.1 Umsebenzi weProjekthi
Cacisa ukhetho lweempawu kunye/okanye lwemiqondiso kwikhaya, kwinkcubeko yakho kunye / okanye kwimo ekungqongileyo
Cwangcisa isiyilo sekholaji kwiphepha le-A3 usebenzisa iimpawu kunye / okanye imiqondiso
Iveki 26
27
LO 1- 4
UMCULO 5.1.2.1, 5.1.3.4
Fudumezani ilizwi o Zikisani nize nigqalise Chazani ngokucula ngazwinye
Fundisa ukucula indawo ethile –ngokujikeleza kumaqela
Iveki 27
- 18 -
UMDANISO 5.1.1.1, 5.1.1.4
Zifudumezeni njengesiqhelo Ziqhelaniseni nezitephu ze- waltz ninika ingqwalasela kwingcombolo.
UBUGCISA OBUBONWAYO 5.4.4.1, 5.3.4.1 Umsebenzi weProjekthi
Ukwenza ikholaji nisebenzisa iintlobo zobuchule ezahlukeneyo, iiphatheni, isiyilo esibonisa iinkcubeko ezahlukeneyo.
28
LO 1- 4
UMCULO 5.1.2.1, 5.1.3.4, 5.2.3.3 Uhlalutyo-vavanyo
Chazani ngomjikelo wokucula kumaqela Chaza ngenkqubo yokucula kwiqela kwijenali yakho
Iveki 28
UMDANISO 5.1.1.4
Vavanya umdaniso
UBUGCISA OBUBONWAYO 5.4.4.1, 5.3.4.1
Xhoma ikholaji uze uchaze inkqubo elandelweyo ngokwezinto eziqulathiweyo, injongo, uhlobo, uthelekiso kunye nentsingiselo.
UMDANISO 5.2.1.1
Chaza ngemidaniso eniyenzileyo
29
LO 1- 4
UBUGCISA OBUBONWAYO 5.1.4.2, 5.2.4.2
Hlalutya isiphumo okt. ikholaji uze unike ingxelo.
Iveki 29
30
LO 1- 4
UMDANISO 5.2.1.1
Chaza ngemidaniso eniyenzileyo
Iveki 30
- 19 -
UBUGCISA OBUBONWAYO 5.1.4.2, 5.2.4.2 Uhlalutyo lwekholaji
Xhoma ikholaji uze uchaze ngenkqubo malunga noko ikuqulathileyo, injongo, uhlobo, uthelekiso kunye nentsingiselo.
- 20 -
ISHEDYULI YOMSEBENZI WOBUGCISA NENKCUBEKO
IBAKALA 5
IKOTA 4
Izinto eziphambili ezisetyenziswayo: Sebenzisa umzimba, ilizwi, ulwimi, izinto ezisetyenziswayo zendalo kunye nezinye izinto ezifumanekayo
IVEKI ISIPHUMO
SESIFUNDO IMIGANGATHO YOKUVAVANYA KUNYE NOMXHOLO OFUNDISWAYO
TG
UMCULO 5.1.2.1, 5.1.3.4, 5.4.3.1
Fudumezani ilizwi Yekelelani izihlunu
o Zikisani nize nigqalise (focus) o Tsalani umphefumlo nize nivule iimbambo nikhuphe
umphefumlo o Yenzani izandi (umz. mah, moh, neeh, noh) kwisikali
seenowuthsi ezintlanu (do, re, mi, so, la, so, mi, re, do) ninyuka ngokwe-semitones (halftones)
Culani ingoma ngokucothayo (3/4) Khethani umxholo (ezentlalo kunye / okanye ezobume
obusingqongileyo) Fundisanani nize nicule iingoma zoluntu neenkcubeko
ezahlukeneyo
UMDANISO KUNYE NOMDLALO 5.1.1.1, 5.1.2.1
Yenzani umsebenzi oqhelekileyo wokufudumeza umzimba kunye nelizwi
Yenzani intshukumo yezihlunu zomzimba: Yenzani umthambo wokuphefumla ukuzipholisa
31
LO 1- 4
UBUGCISA OBUBONWAYO 5.2.4.1
Yahlulani phakathi kweentlobo ezahlukeneyo zobugcisa
o Ukuzoba
o Umzobo opeyintiweyo
o Ubugcisa bokwakha
o Ukukrola, o Uyilo, o Umsebenzi wobugcisa,
Ukuzoba
Iveki 31
- 21 -
32
LO 1- 4
UMCULO 5.1.2.1, 5.1.3.4, 5.4.3.1
Fudumezani ilizwi o Yenzani izandi (umz. mah, moh, neeh, noh) kwisikali
seenowuthsi ezintlanu (do, re, mi, so, la, so, mi, re, do) ninyuka ngokwe-semitones / halftones
Culani iingoma ngokwesiqhelo (3/8) nge-triplet Khethani umxholo (ezentlalo kunye / okanye ezobume
obusingqongileyo) Fundisanani nize nicule iingoma zoluntu neenkcubeko
ezahlukeneyo
Iveki 32
UMDANISO KUNYE NOMDLALO 5.1.1.1, 5.3.1.1, 5.1.2.1, 5.3.2.2, 5.2.4.1
Yenzani umsebenzi oqhelekileyo wokufudumeza umzimba kunye nelizwi
Yenzani intshukumo yezihlunu zomzimba: o Ukolula nokujiwula iingalo o Ukugoba nokolula amadolo kunye nokuxhuma nokuhla
ngobunono Yenzani umthambo wokuphefumla ukuzipholisa Yenzani umdlalo / umdaniso (umz. “umbuzo kunye
nempendulo”)
UBUGCISA OBUBONWAYO 5.1.4.1, 5.2.4.2
Yila umsebenzi wobugcisa onemilinganiso emibini okanye emithathu usebenzisa iimilo zejometri
Yahlula iphepha le-A4 libe yimilinganiselo emine elinganayo
UMCULO 5.1.2.1, 5.4.3.1
Fudumezani amazwi o Yekelelani nikhulule izihlunu
Culani iingoma zoluntu kunye neenkcubeko zeentlobo ezahlukeneyo ukuchaza uluvo oluthile
33
LO 1- 4
UMDANISO KUNYE NOMDLALO 5.1.1.1, 5.3.1.1, 5.1.2.1, 5.3.2.2
Yenzani umsebenzi oqhelekileyo wokufudumeza umzimba kunye nelizwi
Yenzani intshukumo yezihlunu zomzimba: o Ukolula nokujiwula iingalo o Ukugoba nokolula amadolo kunye nokuxhuma nokuhla
ngobunono Yenzani umthambo wokuphefumla ukuzipholisa Yenzani umdlalo / umdaniso (umz. “umbuzo kunye
nempendulo”)
Iveki 33
- 22 -
UBUGCISA OBUBONWAYO 5.2.4.2
Yila ikholaji usebenzisa iphepha elibhaliweyo (umz. amaphepha-ndaba, iimagazini). Sebenzisa iphepha eliyi-A4
UMCULO 5.4.3.2
Khethani umbandela otshisayo ngoku kwezentlalo / okanye kubume obusingqongileyo (umz. Abantu abaphethe abanye kakubi (bullies), uxinzelelelo lwabalingane, ukutshiniza, ungcoliseko, inkunkuma)
Phonononga umbongo ohlekisayo onemiqolo emine kwisihloko esikhethiweyo
UMDANISO KUNYE NOMDLALO 5.2.1.1
Xoxani ngomdaniso oqhubekayo okanye umdaniso owubona kumabonakude
Xoxani ngezinto ezikhoyo kwisiyilo somdaniso, injongo kunye nendlela owenziwa ngayo umdaniso
Chazani ngomdlalo obonisa umdaniso
34
LO 1- 4
UBUGCISA OBUBONWAYO 5.2.4.2
Bukelani nize nizobe ikholaji kwibhloko eyayamileyo nisebenzisa ipensile
Iveki 34
UMCULO 5.4.3.2
Yenzani umbongo ohlekisayo onemiqolo emine (onemvano-siphelo) kwisihloko esikhethiweyo
UBUGCISA OBUBONWAYO 5.2.4.2
Kopani umzobo wepensile okwibhloko elandelayo, nisebenzisa umbala (iikrayoni zepensile, iitshokwe ezinemibala, iipeyinti zombala wamanzi)
UMCULO 5.4.3.2
Yenzani umbongo ohlekisayo onemiqolo emine (onemvano-siphelo) kwisihloko esikhethiweyo
35
LO 1- 4
UBUGCISA OBUBONWAYO 5.2.4.2
Kopani umzobo wepensile okwibhloko elandelayo, nisebenzisa umbala (iikrayoni zepensile, iitshokwe ezinemibala, iipeyinti zombala wamanzi)
Iveki 35
- 23 -
UMCULO 5.4.3.2
Yenzani umbongo ohlekisayo onemiqolo emine (onemvano-siphelo) kwisihloko esikhethiweyo
UBUGCISA OBUBONWAYO 5.2.4.2
Kopani umzobo wepensile okwibhloko elandelayo, usebenzisa umbala (iikrayoni zepensile, iitshokwe ezinombala, iipeyinti zombala wamanzi)
UMCULO 5.4.3.2
Chazani ngombongo ohlekisayo onemiqolo emine (onemvano-siphelo) kwisihloko esikhethiweyo
Yongeza ingoma eqanjwe nguwe okanye utshintshe ingoma eqhelekileyo
37
LO 1- 4
UBUGCISA OBUBONWAYO 5.2.4.2
Kopani umzobo onombala okwibhloko yokugqibela, nisebenzisa ubuchule bokuzoba ngamachokoza
Iveki 37
UMCULO 5.4.3.2
Ncedisa imvano-siphelo ngentshukumo, ngezixhobo kunye nezixhaso.
38
LO 1- 4
UBUGCISA OBUBONWAYO 5.2.4.2
Kopa umzobo onombala, okwibhloko yokugqibela, usebenzisa ubuchule bokuzoba ngamachokoza
Iveki 38
UMCULO 5.1.3.1
Sebenzani ngokwamaqela nichaze kwijenali ngendlela enisebenze ngayo.
39
LO 1-3
UBUGCISA OBUBONWAYO Uvavanyo 5.1.4.2, 5.2.4.2
Xhomani imizobo nize nichaze kwijenali indlela enisebenze ngayo.
Iveki 39
- 24 -
40
LO 4
UMCULO 5.1.3.1
Sebenzisani ii-crotchet rests, ii-minims, ii-minim rests, iii-quavers kunye nee-quaver rest.
Sebenzani ngokwamaqela nize nichaze kwijenali indlela enisebenze ngayo.
Iveki 40
UX
WEB
HU
LO
KURE
KHO
DA
LW
ESIF
UN
DO
SO
BUG
CISA
NEN
KCU
BEKO
UNYA
KAIN
KALO
YESIF
UNDO
IBAK
ALA 4
, 5, 6
IKLA
SIUT
ITSHA
LA
UBUG
CISA N
ENKC
UBEK
O:LO
1
Ukwe
nza,
ukuc
acisa
nokw
enza
inkc
azo-
ntet
hoLO
2
Ukuz
ikisa
ukuc
inga
LO 3
Uk
utha
tha i
nxax
heba
noku
sebe
nzisa
naLO
4
Ukut
heth
a nok
unxib
eleke
na
IIKHO
WUD
I ZOK
UREK
HODA
:4
Uphm
elele
emag
qabin
i / ng
okug
qwes
ileyo
(70 –
100%
)3
Uphu
mele
le ng
okwa
nelis
ayo (
50 –
69%
)2
Uphu
mele
le ez
inye (
35 –
49%
)1
Akap
hum
elelan
ga (0
– 34
%)
UMSE
BENZ
I 1UM
SEBE
NZI 2
UMSE
BENZ
I 3UM
SEBE
NZI 4
IKHO
WUD
I YO
NYAK
A W
OKUG
QIBE
LA
a = ak
akho
x = ak
ange
niswa
nga
l = an
genis
we em
va kw
exes
ha
Iikho
men
ti
100
100
100
100
K
Iziph
umo z
okuF
unda
Imiga
ngat
ho lo
Vava
nyo
Uhlob
o loV
avan
yoUm
hla n
oVav
anyo
IGam
a1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24