xho65-0822e intluzo yendoda ecingayo vgrdownload.branham.org/pdf/xho/xho65-0822e a thinking...

46
Intluzo Yendoda Ecingayo ` Enkosi, Mzalwana Mann!^?^“Zonke izinto zinokwenzeka, kholwa kuphela.” Masithandaze. Owu Thixo, ngenene yiloo nto engumnqweno wentliziyo yethu ngokuhlwanje, kukukholwa nje kuphela. Njengokuba sihlanganisene apha ngokuhlwanje kulo mnquba, ilanga litshona eNtshona, siyathandaza, Thixo othandekayo, ukuba Usenze siqonde ukuba kukufutshane na ukuba ilanga litshone kwixesha; liyaphela. Imini seyisangene. Kwaye siyakhumbula ngaxesha lithile xa imini yayisangene, abahambi ababini baKucenga ukuba ungene uhlale nabo. Waze Wena ngoko waZazisa kubo ngokucacisa iLizwi laKho nokubenza babone ukuba uKristu wayemelwe kukuva ubunzima, kuzo zonke ezo zinto kuqala. 2 Ngoko siyathandaza, Thixo, njengokuba imini seyiphela, ukuba Ungene ezindlwini zethu nakubomi bethu, usicacisele iLizwi, Nkosi, ukuze sithi ngobabalo kangako silibambe ngokobutyebi obuvela kuWe, njengesipho ezintliziyweni zethu ngaphakathi. Sanga asingeLitsibi; sanga singahlala njalo siLihlonipha ngeentliziyo zethu zonke. 3 SiyaKubulela ngoko Usenzele kona ngaba bas-esibhedlele ngale ntsasa, noko Ukwenzele inkwenkwe encinane kaMzalwana Capps ebilele, isondele ekufeni, kwaye ngoku yiyole iphakathi kwesi sihlwele ngokuhlwanje. Indlela esiKubulela ngayo, Bawo, ngazo zonke ezi zinto! 4 Siphe, Nkosi, ukuba sibe nokwazi indlela esimelwe kukuKunika ngayo udumo. Sithi nje^Kungaphaya kokuqonda kwethu ukwazi ukuba singaKunika njani na udumo. Kodwa, Nkosi, yamkela iintliziyo zethu njengemiqondiso yokubulela, yokuba siyaKuthanda. Kwaye xa si_sifuna ukwenza okulungileyo, sibonise emasikwenze. Sikucela eGameni likaYesu. Amen. Ningahlala phantsi. 5 Bhotani ngokuhlwanje kule nkonzo ixineneyo ngokuhlwanje naphaya ngaphandle elizweni kwiminxeba. Bathi banxibelelene kwakhona ngokuhlwanje. Ndiyathemba ukuba inkosikazi yam iphulaphule. Andikhange ndiyitsalele umnxeba, ngoko ndizakuyitsalela umnxeba emva kwale nkonzo. 6 Kwaye sinesaziso apha sokuba ngale ntsasa umntakobo Mzalwana Jackson^okanye uyise ekwimo embi, ukuba kwenzeke ukuba ngcono okukhulu, usenokuza ngomso.

Upload: others

Post on 10-Jul-2020

2 views

Category:

Documents


0 download

TRANSCRIPT

Page 1: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

INTLUZO YENDODA ECINGAYO 1

Intluzo Yendoda Ecingayo

` Enkosi, Mzalwana Mann!^?^“Zonke izintozinokwenzeka, kholwa kuphela.” Masithandaze.

Owu Thixo, ngenene yiloo nto engumnqweno wentliziyoyethu ngokuhlwanje, kukukholwa nje kuphela. Njengokubasihlanganisene apha ngokuhlwanje kulo mnquba, ilangalitshona eNtshona, siyathandaza, Thixo othandekayo, ukubaUsenze siqonde ukuba kukufutshane na ukuba ilanga litshonekwixesha; liyaphela. Imini seyisangene. Kwaye siyakhumbulangaxesha lithile xa imini yayisangene, abahambi ababinibaKucenga ukuba ungene uhlale nabo. Waze Wena ngokowaZazisa kubo ngokucacisa iLizwi laKho nokubenza baboneukuba uKristu wayemelwe kukuva ubunzima, kuzo zonke ezozinto kuqala.

2 Ngoko siyathandaza, Thixo, njengokuba imini seyiphela,ukuba Ungene ezindlwini zethu nakubomi bethu, usicaciseleiLizwi, Nkosi, ukuze sithi ngobabalo kangako silibambengokobutyebi obuvela kuWe, njengesipho ezintliziyweni zethungaphakathi. Sanga asingeLitsibi; sanga singahlala njalosiLihlonipha ngeentliziyo zethu zonke.

3 SiyaKubulela ngoko Usenzele kona ngaba bas-esibhedlelengale ntsasa, noko Ukwenzele inkwenkwe encinanekaMzalwana Capps ebilele, isondele ekufeni, kwaye ngokuyiyole iphakathi kwesi sihlwele ngokuhlwanje. IndlelaesiKubulela ngayo, Bawo, ngazo zonke ezi zinto!

4 Siphe, Nkosi, ukuba sibe nokwazi indlela esimelwekukuKunika ngayo udumo. Sithi nje^Kungaphayakokuqonda kwethu ukwazi ukuba singaKunika njani naudumo. Kodwa, Nkosi, yamkela iintliziyo zethunjengemiqondiso yokubulela, yokuba siyaKuthanda. Kwaye xasi_sifuna ukwenza okulungileyo, sibonise emasikwenze.Sikucela eGameni likaYesu. Amen.

Ningahlala phantsi.

5 Bhotani ngokuhlwanje kule nkonzo ixineneyongokuhlwanje naphaya ngaphandle elizweni kwiminxeba.Bathi banxibelelene kwakhona ngokuhlwanje.

Ndiyathemba ukuba inkosikazi yam iphulaphule.Andikhange ndiyitsalele umnxeba, ngoko ndizakuyitsalelaumnxeba emva kwale nkonzo.

6 Kwaye sinesaziso apha sokuba ngale ntsasa umntakoboMzalwana Jackson^okanye uyise ekwimo embi, ukubakwenzeke ukuba ngcono okukhulu, usenokuza ngomso.

Page 2: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

2 ILIZWI ELITHETHIWEYO

7 Inkwenkwe encinane kaMzalwana Capps, abendibizeleyona ngobunye ubusuku, andazi nokuba uMzalwana Cappsulapha kwesi sihlwele na okanye hayi, kodwa, nenkwenkweencinane yakhe ibigula kakhulu.

Kwaze kwenzeka nje ukuba uJoseph nam sibe siphayaezantsi kwi_kwindawo yokudubula, ndilungisa umpuomncinane wam wamashumi amabini anesibini. Bendinixelelengawo kule veki iphelileyo. Kwaye ngokuqinisekileyo uyakubangumdubuli wenene. Ngoko ebefuna ukuqiniseka aze axeleleuGarry noLarry into ayenzileyo. Waze wandixelela,ekubuyeni^ Ndathi, “Umelwe kukuba umise u_uxeleleuMzalwana uGene Norman malunga naloo nto.”

Wathi, “Masime sixelele uBilly kuqala,” umntakwabo.

Emva kokuba embonisile ukudubula okukuko athewakwenza, wathi, “Ngoku ume kude nonyawo lwam.” ’Yabona?

8 Kwaye sithe nje ukuba sifike apho, kuba, walila umnxeba,noBilly wangena ezekucela^Ndathi, “Isenokuba ngumnxebawomntu ogulayo ngoku.” Kwaye besisandula ukungena, yabeinguMzalwana uCapps. Kwaye loo nkwenkwe incinaneibinendumbo yenwebu yesisu, isisithunzi esincinane njekakhulu sethuba lokuba ingaphila. Yaye iNkosi iyiphilisile.Kwaye ngobunye ubusuku yathi iziva inohlobo oluthilelweentlungu, uNkosk. Woods wandixelela. Kwaye sasimnkangobungxamo, ndaze nje^Ndathi, “Nkosk. Woods,seliphelile ixesha ngoku, yintsimbi yeshumi, ndiyathandabuzaukuba bangandivumela ukuba ndingene phaya esibhedlele.”Ndathi, “Ndiyagoduka ndizakuvala nje ucango.” Ndazendenyuka ndathandaza. Kwaye bathi loo nkwenkwe incinaneilapha kwesi sihlwele ngokuhlwanje. Ngoko sinombulelokakhulu ngaloo nto. Kwaye sinovuyo.

9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana uLeoMercia noDade Mercia baphulaphule, asikeva malunga notatawenu. Sithembe ukuva kwakamsinya, ukuba unjani na. Kodwandiphantse ndiqiniseke ukuba uyakuphila, ngoko sikubekengethemba oko kuThixo onamandla Onke, ukuba uThixouyakumkhathalela lowo uthandekayo, indoda engcweleendala, nomakhwekhwethe womlungiseleli weVangeli.

10 Ngoku, owu, zininzi kakhulu izinto ezimelwe kukwenziwa,kwixesha elingaka ukuba lifutshane lokuzenza, ngoko sifakazonke iinzame zethu ngoku koko sinokukwenzela iNkosi yethu.

11 Ndihle kwangethuba noko. Kwaye be_bendingazivandiphile ngokungaphaya kakhulu. Bendidiniwe, ndidinwe njengenene, ndaze ndangqengqa ngale njikalanga. Andikhange^Andikadli nesidlo sasemini. Ngoko ndi_ndiye ndangena,ndangqengqa nje phantsi yonke injikalanga. Bendiziva

Page 3: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

INTLUZO YENDODA ECINGAYO 3

ndingaphilanga, ngoko ndangqengqa apho. Ndaze ngoko ndayaekuthandazeni, ndaziva ndingcono. Ndaphakama, ndanxibaimpahla yam, ndeza enkonzweni.

12 Ngoko si_sithembele eNkosini uYesu ngoku ukubaUyakuyisikelela imizamo yethu sisonke ngokuhlwanje,njengokuba kwisizwe siphela sizama ukunxibelelanisa lenxenye yoMzimba kaKristu, endithe ndanikwa ilungelolokondla izimvu zaKhe. Kwaye ndithanda ukwenza kuphelaokona kungcono ndikwaziyo, ekukhupheni uKudlaokulungileyo endikwaziyo kwezimvu.

Kwaye ndilindele ngexhala loo yure apho sinokuthi sonkesihlangane kwindawo enye sishumayele ngezo ZibethoziSixhenxe, neeNgqayi eziSixhenxe, namaXilongo, njalo njalo.Zonke zenzeka ngokudibeneyo. Naso isizathu sokuba kubekuyakusithabatha malunga neveki oko, iintsuku ezilishumiokanye ngaphezulu, ukukugqiba kwinkonzo enye, ukubasinokuba nako. Ndicinga ukuba oko kwanele ngenene.

13 Ngoku, abaninzi benu bahamba indlela ende. Ndikhangelephaya, ndaze ndaqaphela nje, emzuzwini odlulileyo, igengeevela eTuscon. UNkosk. Sothmann, ndibona uMzalwana Fredefike ngokukhuselekileyo. Ndimbone phaya phakathikwesihlwele kusasanje. Kwaye lowa ndiyacinga ukubanguMzalwana Don Ruddell lowa uhleli ngakuye phaya emva,ngokuhlwanje. Siyavuya ukubona uMzalwana uDon ekhona.Kwaye uJunior, ingaba ukho uJunior apha, okanyeusebandleni lakhe? Ndiyaqikelela ukuba banxibelelene nathingeminxeba ebandleni lakhe ngokuhlwanje.

Ngoko nonke bazalwana, sivuya kakhulu ukuba nibe laphakunye nathi ngokuhlwanje, kwaye sithembele eNkosini ukubangamhla uthile thina, xa umhla wobomi uphelile nokukhanyakwethu okuncinane kobomi obunokufa kuqala ukuba luzizikucima, asisayi koyika bubi, kuba ezantsi ukuphumela e_e^

14 Ndinengxelo nje eza kuni, phezulu e_phezulu e^e-Arizona, phezulu ePrescott. UMzalwana uCoggins ukhutshiweesibhedlele. Ngoko sinombulelo kakhulu ngenxa yaloo nto.Kulungile. Ilungile loo nto. Ngoko siyivuyela ngokukhulu loonto. Dade uMercier, utata wakho uchacha ngokulungileyongoku. Ndive nje, emva kokuba sithandazile, ukubauzakuphila. Ngoko basenokuba baphulaphule; ndiyathembaukuba benze njalo; kwaye ndicinga ukuba kunjalo. Ngokosiyivuyela kakhulu, ukuba umzalwana wethu a_abe uphililengoku, waye eyakuphila. Ngoko sibulela iNkosi ngenxa yazozonke ezi zinto.

15 Bendinesicelo phezolo; umzalwana othandekayo apha,ndiyaqikelela ukuba unokuba akakho kunye nathi namhlanje.Umzalwana ovela ezantsi eKentucky, unditsalele umnxeba

Page 4: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

4 ILIZWI ELITHETHIWEYO

malunga nentombi yakhe. Usapho oluthandekayo, kwaye loo_loo ntombazana izakuqhaqhwa, ngumama oselula onomhlazaemqolo. Ngoko sithandaza ukuba uThixo amkhulule lo mfaziuselula. Ndiyakholwa ukuba Uyakwenza njalo, ukubasiyakuthi nje^

Ibandla, sonke sihlangene, sinxibelelane sithandazele ababantu, sisonke. Nantso into esimelwe kukuyenza, njengembumba. Njengokuba^

16 Njengokuba imihla isiya isondela ngokusondela,nokucuthana kwendlela, si_sifuna ukusondelelana sonke.Bethu, simelwe nje kukuba banye, mzimba mnye. Simelwekukuba sishukume kunye, silibala omnye ngezono zomnyeneeyantlukwano zethu, sisondelelene nje kakhulu nakakhulunakakhulu, njengokuba siyibona loo Mini isondela.Sihlanganisana ndaweninye, sonke sintliziyo nye. Kwayeukuba umzalwana, udade uthe waphuma endleleni, nakanjanina, makungabikho nto niyenzayo ngaphandlekokumthandazela loo mntu, ukuze ngothando, nihlalenibonelelana. Musani_musani ukuvuma kubekho nomnyewenu omkayo. Hlalani nikunye. Kwaye, ukuba ninako,yongezani abanye kuni, rhoqo, lonke ixesha.

17 Mzalwana Neville, ndisifumene isicelo sakho aphangokubhekiselele kuMzalwana uWright, uMzalwana uGeorgeWright ohleli apha. Siyavuya ukuba uMzalwana uWrightnoDade Wright babelapha^Edith omncinane, mna^Ngenye imini xa ndifika, sifuna ukuba nenkonzoyesikhumbuzo encinane apha.

Andikhange ndibuyele emva ku-Edith naxa ebethe wemka.Kodwa, Dade Wright, uyalikhumbula iphupha awaba nalokwiminyaka embalwa edlulileyo. Ndaze ndanixelela ngoko,ndathi, “Kukuthi, u-Edith omncinane akayi kuhlala nathiixesha elide ngoku,” ngokuba iNkosi sele imxelele ukubauyahamba, ngela phupha aliphuphileyo. Ndaze ndayifumanaingcaciso yalo, yayikukuba, wayezakuhamba ayokuhlangananoThixo. Malunga neminyaka emibini emva koko,wayakuhlangana noThixo. Ngoku ulindele utata nomamawakhe ukuba bawele loo mda wahlulayo, phakathikokubhubhayo nokungenakufa.

18 UThixo anisikelele. Ndifuna ukuzama ukunibonakwangoku, ukuba nje ndinganako. Ngoko uThixo abe nawenoShelby, naye wonke umntu. Bendicinga ukuba ndiboneuShelby kusasanje; bendingaqinisekanga.

Awunakubona kakuhle xa ulapha phezulu; isilingiisezantsi ngolu hlobo, kwaye ikhupha u_ukukhanya okunjeya.Ungazibona izithuba, kodwa awunako ukubabona abantukakuhle.

Page 5: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

INTLUZO YENDODA ECINGAYO 5

19 Ngoku masiye ngqo eMyalezweni. Lo nguMyalezo endifunaukuwufunda kwiNumeri 19:9 nakuma-Efese 5:26. Kwaye ukubanina bantu nizigcinayo izinto ezibhaliweyo zetekisi, njalonjalo, kuba, nisenokuzibhala phantsi.20 Ke ngoku nikhumbule, ukuba oku kuyashicilelwa^Andazi. Andiboni mntu. Ewe, ndiyababona, ndiyambonauMzalwana Terry ngapha kwi_kwigumbi lokushicilela. Kwayeukuba oku kuyashicilelwa; kuya nakubaphina abefundisinakwiyiphi na indawo, nangaliphi na ixesha, okuakubhekiselelwanga ekubeni ndingazihloniphi iimfundisozenu, oku akubhekiselelwanga nakwizimvu zenu. Lo Myalezo,nayo yonke eminye iMiyalezo endithetha ngayo, ibhekiswakwibandla lam. Ayiyoyebandla lenu ngaphandle kokubabafuna ukuWamkela. Kodwa Ubhekiswa kwaba bantubalapha.21 Abantu bayawathenga la makhasethi. Abantu kwihlabathijikelele bayawathenga bawadlale. Ngamaxesha amaninzibayabhala. Kwaye ndihlala ndibabhekisa kubo, ukubabangamalungu webandla elithile, “Bonana nomlungiseleliwakho.”22 Ngoku, mlungiseleli, ndifuna ukuba uyazi loo nto, ukuba,oku kuphela kuya kwibandla lam endithetha kulo ezi zinto.Kwaye ndinelungelo lokuyenza loo nto, ngokuba ndibekwenguMoya oyiNgcwele ukuba ndaluse ezi zimvu. Kwaye yehakum ukuba andibaxeleli oko ndicinga ukuba kuyiNyaniso,nendlela endicinga ukuba Kuza ngayo. KodwaasiKokwehlabathi okanye amanye la amabandla. Yenzaninantoni na uThixo athi yenzeni. Andinakuniphendulela,ningenakundiphendulela nani. Kodwa simelwe kukuphendulangabanye phambi koThixo, ngolungiselelo lwethu. Ngoko ke,ukuba ndimelwe kukuphendula ngolungiselelo lwam,ndimelwe kukuLishumayela ngendlela endibona Liyiyo,ngendlela eLityhilwe ngayo kum. Ngoko loo nto mayazekengoku.23 Ngoku kwiNumeri 19:9, sifuna ukufunda lo mxholo, okanyeesi Sibhalo, gxebe.

Indoda ehlambulukileyo yoliwola uthuthulwethokazi, ilubeke ngaphandle kweminqubaendaweni emhlophe, lugcinelwe ibandla^(khangelangoku) ibandla loonyana bakaSirayeli lubelolwamanzi okuhlamba ukungcola: lidini lesono eli.

24 Qaphela, asilolomntu wonke, “lolwebandla lwabantwanabakaSirayeli; amanzi okuhlambulula ukungcola.”Ngoku kuma-Efese, isahluko se-5, siqale kumqolo wama-22.

Nina bafazi, walulameleni awenu amadoda,ngokokululamela iNkosi.

Page 6: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

6 ILIZWI ELITHETHIWEYO

Ngokuba indoda le iyintloko yomfazi, njengokubanaye uKristu eyintloko yebandla eli; waye yenangokwakhe engumsindisi wawo umzimba.

Ke kwanjengokuba ibandla eli limlulamela uKristu,mabathi ngokunjalo nabafazi bawalulamele awaboamadoda ezintweni zonke.

Nina madoda, bathandeni abafazi benu, njengokubanaye uKristu walithandayo ibandla, wazinikelangenxa yalo;Ngoku nantsi into endifuna ukuyithetha ngoku.

Ukuze alingcwalise elihlambulule ngokuhlambakwamanzi ngelizwi,

25 Ngoku, lo mxholo mncinane ngokuhlwanje, ukubandinokuwubiza ngokuba yitekisi. Ndiyathemba ukubakubantu abalapha, kananjalo kwabaphandle kunxibelelwanolwemfonomfono, abasayi kungakuhloniphi oku bacinge ukubakwenzelwe indlela yokuhlambela. Nangona, ukuthatha itekisienjengale, kungavakala kukokuhlambelayo. Ingongomaendiyisebenzisa ngokuhlwanje ithi: Intluzo YeNdoda Ecingayo.Loo nto ivakala iyenobundlobongela kuloo ngongoma, ukubaumlungiseleli ochasene nokutshaya kangaka, angathathaitekisi enjalo, Intluzo YeNdoda Ecingayo. Imelwe kukwenzeka,kuba, ngenye intsasa xa ndandiye kuzingela oonomatseabahlala emithini.26 Ukuba nina bantu nilapha ngaphandle e_ngaphandlekunomathotholo, emoyeni, okanye kumaza emfono-mfono,ningabona imbonakalo esebusweni beli bandla ngokubendivakalisa le tekisi, ngenihlekile ngenxa yaloo nto. IntluzoYeNdoda Ecingayo.27 Ke, konke oku kwenzeke phaya phezulu apho iNgelosizeNkosi zavela khona kum ngenye intsasa, baze abo nomatsekwathethwa bakhona. Nonke niyayikhumbula xa yathiyenzeka loo nto. Kwaye, kananjalo, kanye encotsheni yenduliapho ndandimi khona, kwakulapho^kanye nje phambikokushunyayelwa kweZigaba eziSixhenxe zeBandla, ndisiyakuzingela ngenye intsasa phambi kokuba kuthi qheke ukusa.Kwakumi^Ndandicinga ukuba ilanga laliphuma, malunganentsimbi yesine ekuseni. Ngokungaqhelekanga; ndabonaokwa kuKhanya, ndaze ndaguquka, nako kumi ezo Ziphathozesibane ziSixhenxe zeGolide zimi apho phezulu phezukwencopho yenduli, zinokufana nomnyama wezulu kuphumakunyuka ngemibhobho kuphumela ngaphandle.28 Ngesiquphe emva koko, iNkosi uYesu yavela kuthi. Kwazekwathi kanye ngoko ndeva iZwi elathi, “UYehovaweTestamente eNdala unguYesu weNtsha.” Kwaye yayinguYelowo, emva komzuzwana, watyhilwa emva kwezo Ziphatho

Page 7: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

INTLUZO YENDODA ECINGAYO 7

zesibane ziSixhenxe zeGolide. Ngoko ndaqaphela loo nto.Bangaphi abayikhumbulayo loo ngongoma? Ndayibhalangemva kwi_kwibhokisi ye_yeembumbulu endandinayoepokothweni yam. “UYehova weTestamente eNdala unguYesuweNtsha.” UThixo oseZulwini uyazi ukuba loo ntoyayiyinyaniso.29 Ndathi ndakuwela kuloo ndawo apho Wavela khona kumkancinane emva koko, malunga nonomatse abahlala emithini.30 Ngoko ndathi ndakutsalela umnxeba umhlobo wamolungileyo, uJack Moore, kwinyanga ezimbalwa emva koko,ukuba ndibuze; ndathi ndakuqalisa ukushumayela iZigabaeziSixhenxe zeBandla, kwiZityhilelo 1. Kwaye Yena wayemile,emhlophe wonke; iinwele zaKhe zazifana noboya.Wayenokuthini Yena, enamashumi amathathu anesithathueminyaka ubudala, abemhlophe wonke? Kwaye uMzalwanaMoore, elilunge kunene, elichubekileyo, inene loMkristu,nesifundiswa, esona singcono ndisaziyo; waze wathi,“Mzalwana uBranham, yayinguYesu lowo ekwimo yaKheyobuqaqawuli. Naso isizathu sokuba Akhangeleke enjalongoku.” Kodwa oko akuzange kuvakale kube nentsingiselokum. Ndaze ndahlala ndithandaza kwade ngenye imini^31 Phambi kokuba ndiqalise ngeZigaba eziSixhenxezeBandla, ndandingakwazi kusilungelelanisa kakuhle esasahluko so-1 ingathini iNdoda, enamashumi amathathuanesithathu eminyaka ubudala, iphinde yemiswa kumzimbaomnye abathi ivusiwe abapostile baMqonda ekuwo, bamaziukuba yayinguYe; kwaye Angathini ukuba abe mdala kakhulu,mhlawumbi malunga namashumi asibhozo okanye amashumialithoba eminyaka ubudala, enoboya obukhulu obumhlopheebusweni baKhe, nendevu zaKhe zimhlophe ngokwekhephu?32 Ndandifunde ngaphaya eNcwadini ye^kaDaniyeli, aphoweza ku “Nyange leMihla, Owayeneenwele ezimhlophenjengoboya.” Ndaze ndambona loo Nyange leMihla.Wayengulo Nyange leMihla, isekwanguye izolo, namhlanje,nangonaphakade. ’Yabona, yayingumzekeliso lowo, ngoko.Kutheni ukuba ibe buboya obumhlophe? Kwaye ngoko mna^UMoya oyiNgcwele wakhangeleka ethetha nam malunganomfanekiso endawubona ngaxesha lithile, wejaji yamandulo.Ndaze ndaya kwezembali; ndabuyela kwimbali yeBhayibhilenakwinto yonke, ukuze ndifumanise. Kwaye abagwebibakudala, njengombingeleli omkhulu kwaSirayeli,kwakufanele ukuba abe nobo bumhlophe, ezo nwele zingwevuzifana noboya neendevu, ngokuba ubumhlophe phezu kwakhebabubonakalalisa ukuba wayeligunya elongameleyo leejajikwaSirayeli.

Kwaye nanamhlanje, nokuhla kumakhulu ambalwaeminyaka edlulileyo, mhlawumbi kumakhulu amabini

Page 8: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

8 ILIZWI ELITHETHIWEYO

eminyaka eyadlulayo, okanye mhlawumbi kungangabinjalo,kube kudana kunoko. Zonke iijaji zamaNgesi, akunamsebenzinokuba zaziselula kangakanani na okanye zindalakangakanani na, xa zazingena zisiya kwenza isigwebo,zazithwala iwigi emhlophe; ukubonisa ukuba akukho gunyalilelinye, kobo bukumkani, ngaphezu kwelizwi lazo. Ilizwi lazolisisiqiniseko sobukumkani. Oko bakuthethayo, kupheleleapho.33 Ke ngoku, ngoko, ndayibona loo nto. YayinguYe lowo emiapho, nakubeni eyiNdoda eselula, kodwa iwigi emhlopheiphezu kwakhe. Wayelelizeleyo, iGunya eliyintloko.WayeliLizwi. Kwaye Unayo, uthwele isigqubutheloesimhlophe.34 Ngoko, ethubeni emva koko sakuba sigqibile, ne_intshumayelo, ndaze ndaphuma ndaya entshona, naxaiiNgelosi zeNkosi zavelayo phaya ngaphandle ngenxayaMatywina aSixhenxe, zaze zenyukela emoyeni(esinomfanekiso wayo loo nto apha, nakwisizwe sonkejikelele), yayinguYe lowo emi apho, esagqutyuthelwe ngegunyaeliyintloko. UyiNtloko yeBandla. UyiNtloko yoMzimba.Akukho nto ifana naYe, naphi na. “Wazenza zonke izintongokwaKhe. Wazenzela Yena zonke izinto, kwaye ngaphandlekwaKhe akukho nto yenziwayo.” “Unalo lonke igunyaeMazulwini nasemhlabeni,” kwaye yonke into yeyaKhe.“Kwaye kuYe kuhleli inzaliseko yeNtloko-buthixongokomzimba.” “Kwaye uLizwi wayenguThixo, wenziwainyama phakathi kwethu.” Kwaye yayinguYe Lowo Watyhilaimfihlelo iphela yecebo lonke losindiso, abathi bonkeabaprofeti namadoda azizilumko athetha ngalo. Nguyekuphela Owayegqutyuthelwe ngegunya eliyintloko.35 Ngoku, ndime, phezulu phaya endulini ngenye intsasa,kwakhangeleka ngathi bekukho oonomatse abebenqumlaapho. Ndaze ndaqalisa ukuhlala phantsi. Ndabe ndilaphookomzuzwana, xa, loo matyholo athi ashukuma ngakum, wazeumfo omkhulu onento enemibhobho emibini yompu wakudalawento esiza ehamba ephumela ematyholweni apho, waphantsewandothusa zacima izibane kum. Ndawelela ngaphaya,ndagontsha phantsi; ndandisoyika ukushukuma, ndisoyikaukuba angandidubula. Abe amatyholo eshukuma, ngokondahlala nje ndazola.36 Unomatse osemthini waqala ukunyuka eqabela induli,waze wadubula ngayo yomibini loo mibhobho. Ngoko kewamphosa, waze loo nomatse wehla ngaphaya kwenduli.Ndacinga, “Ngoku ndiza kumka apha, yonke laa ngxoloiyaphinda-phinda. Umpu wakhe awunanto ilayishiweyoyakudubula.”

Ndaqalisa ukuhla induli, waze lo mfo wadubula kanyephambi kwam. Loo nto yandijikela ngapha. Ndaze ndaqalisa

Page 9: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

INTLUZO YENDODA ECINGAYO 9

ukuya ngaphaya, ukuhla ngenye indlela, wadubula ke umpuomfutshane wamashumi amabini anesibini, zabe iimbumbuluzindiza phezu kwam. Ndathi, “Uthi, ndikwindawoeyoyikekayo.”37 Ngoko ndajika ndahamba ndehla ngomlambo. Ndazendacinga, “Ndiza kuhla apha ndizimele ade agqibe, ukuzendibe nokuphuma.” Kwathi endleleni yokuhla ke, kwenzekandatsaleleka^Ndatsaleleka ekujongeni ngakwicalalangasekunene lam. Ndaze, ekwenzeni kwam njalo, nakokulele ipakethe yesigarete engenanto apho umntu othilewayeyilahla khona phantsi, koko kubaleka kwe^xaoonomatse basemithini babephinyela ematyholweni.38 Ndaze ndayichola le pakethe ithile iyeyomdiza, ndazendajonga^andizange ndiyichole; uxolo. Ndayijonga.Andizange ndiyichole, kuba andilithandi ivumba lezo zinto,indawo yokuqala. Ndajonga phantsi apho, kwaye yi_yinkampani ethile yecuba endiqikelela ukuba mandingalibiziigama layo, kodwa niyakwazi. Yayisithi apho, “Intluzoyendoda ecingayo nencasa yendoda etshayayo.”

Ndakhangela kuloo nto, ndaza ndacinga, “Intluzo yendodaecingayo?” Ndacinga, “Ukuba indoda iyacinga kwa ukucinga,ayinakutshaya kwa ukutshaya. Ingathini ke ukuba ‘yintluzoyendoda ecingayo’? Indoda ecingayo ayinakutshaya konke.”Kulungile.39 Ngoku, ndacinga, “Iyinto eqhatha kanjani ke loo nto!”Ngoku, eza nkampani zecuba zimelwe ukuba ngamaMelika.Kwaye owu, ukuba singaphila ngokwenkqubo yethu,besinokusebenzela ukuncedana, ukuba siyavelana omnyenomnye. Kwaye bobunjani ubuhanahanisi! Isizathu sokubandibe andilibizanga igama lalo nkampani, ndimelwekukuthetha izinto ezimbi ngabo. Yaye yenjani indlela anokubangumhanahanisi ngayo nabani na, ukuze enze imali?40 Indoda ecingayo ayisayi kutshaya konke. Kodwa indlelauluntu lwaseMelika oluyiwela ngayo loo nto; bacinga ukubayinto ebalulekileyo!41 Ngoku khangela, awunakho, awunakho^Ungabuzanabani na, iinzululwazi, oyaku^ofuna ukuzibuza.Awunakuze utshaye ngaphandle kokufumana incindi eyitela.Ukuba kukho intwanana encinane yomsi ophumayo, yitelaleyo. Kwaye ukuba awufumani msi, ke, awufumani tela konkekonke, yaye akukho nto uyifumanayo. Utsala nje kukhuniolomileyo. Kodwa okoko nje ufumana umsi othile, ufunxaumhlaza, intshongo.42 Ukuba wawunokuba kunye nam kulo nyaka uphelileyo,okanye kongaphambi kwalowo, ndicinga ukuba yayinguwo,kuMboniso weHlabathi, apho uYul Brynner nabo bonkeabanye ababelapho besenza imiboniso, kwaye

Page 10: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

10 ILIZWI ELITHETHIWEYO

wawunokubabona bethabatha imidiza, bawufake kwintoethile, bawunqamlezise kwiqhekeza lelitye elikhanyayo. Aze logqirha akuthabatha isiziba, asisongele apho asuse intshongokuwo, ayifake kumva webuzi elimhlophe, alivalele ehokweni.Kuze kuthi njalo ngeentsuku ezisixhenxe bayikhuphe. Yabeimpuku izele kangako ngumhlaza kangangokubaingabinakuhamba, isuka kwintshongo ephuma kumdizaomnye.

43 Waze ke wathi, “Uyazi, batsho ukuthi awunaku-yifumanangaphaya kwentluzo.” Wathi, “Awunakuba nakuyihluza^Nayiphi na intluzo enokukhupha intshongo, iyawukhuphaumsi,” wathi, “ngokuba umelwe kukuba nomsi^ube netelaukuze kwenzeke umsi, kwaye yitela eyenza umhlaza.”

44 Waze ke wahamba, wayitsala yaphumela emanzini, wazewathi, “Ngamanye amaxesha ucinga ukuba ungayihluzaishiyekele.” Wathi, “Lonke ixesha, ekuthi, akunamsebenzinokuba uyitsale yaphumela phi na.” Wathi, “Bathi,‘Andiwubizeli ungene ngaphakathi,’ bawufaka nje emlonyeniwabo baze bawuvuthele uphume.” Waze wathatha loo ntowayisongela, waza wayibeka phantsi kwento ethile apho, wazewabonisa ukuba yayisengumhlaza. Wenza ntoni? Uyawuginyauhle emqaleni wakho. ’Yabona? Kwaye akukhathalisekinokuba wenze ntoni na, isekukufa. ’Yabona?

45 Kwaye ke ukucinga ukuba inkampani ingaqhatha umntungokweneleyo, okanye izame ukuqhatha abantu bakowayokanye. Kunjengexhalanga liphila ngaphandle kwawakokwalo,uhlobo lwalo kanye. Ukwenza imali, kuthengiswa ukufakwi_kwilizwe, nakubafana. Baza baphume phaya ngaphandlekwithafa ledabi babafele, baze bajike babathengisele intoenjengaleyo, phantsi kwemilo yobuxoki, “Intluzo yendodaecingayo, kodwa incasa yendoda etshayayo.” Umelwe kukubautshaye ukuze ufumane loo ncasa. ’Yabona? “Incasa yendodaetshayayo”?

46 Indlela abayiwela ngayo abantu, nangoko! Bayalifumana.Ngoku, yinto nje yokunilukuhla ngakumbi. ’Yabona,ngumtyholi. Ababukhathalelanga ubomi benu. Abanavelwanonani. Banithengisela loo nto ukuze banibukele nje nisifa,okoko nje befumana imali.

47 Njengezepolitiko nemfazwe. Andikholelwa kwimfazwe.Andikholelwa ekubeni simelwe kukuba sibe saba namfazwekonke.

Ndikholelwa kuBukumkani obukhulu obuziswa nguThixo,impucuko enkulu eyakuhliswa phantsi kolawulo lwaKhe Buquolukhulu; akusayi kuze kubekho enye imfazwe. Isizwe asisayikuphakamiselana zikrweqe nesinye isizwe. Zonke ziyakubaluxolo, uxolo olunguNaphakade.

Page 11: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

INTLUZO YENDODA ECINGAYO 11

48 Ngoko olu hlobo lwempucuko luzisa imfazwe. Okukhonasiya siphucuka, phantsi kolu, kokukhona siya siba nemfazwengakumbi. Omnye azame ukuba ngophucukileyo kunomnye,kwaye okukhona siya siphucuka oko kwenza imfazwengakumbi. ’Yabona?49 Kwaye khangela ukuba yintoni na, phantsi kwalempucuko, ukuze umntu abe nokukhupha into enjengaleyo.Kwaye into eyenzayo kuphela, ikuqhatha nje ukuze ikwenzeuthenge eminye imidiza. Kuba ukuba indoda itshayaimidiza^Kwaye ndiyakholwa ukuba yinto yedemoni, kwayekukho idemoni yentshongo endodeni nakuye, okanye emfazini.Ukuba umdiza omnye uyakwanelisa loo demoni yentshongoide ikuyeke iyeke ukukungcungcuthekisa, ngomdiza omnye.Uze ke uthathe intluzo, wenze nje ukuba isinye kwisithathusaloo msi siphume apho ngoko, okanye isinye kwisithathusaloo ntshongo siphume apho, ngoko iyakuba yimidizaemithathu eyakuthabatha indawo yaleyo, kwaye uyakutshayaibe mithathu kwenye.50 ’Yabona, kuphela li_liqhinga, bubuqhinga, iqhingalokuzama ukuthengisa imidiza. Bangathengisa ibe mininzingolo hlobo kunokuba benokwenza ngokuyeka nje umntuatshaye icuba elithe ngqo kwinqawa yakhe okanye kumdizawakhe. Ngoku, ’yabona, yinto yomtyholi.51 Ndathi ndimi apho ndijongile, ndicinga ukuba yintoelukuhla kanjani na leyo, kwafika umbuzo kum. Ndazendathobela ngasemva, ndakhangela kuloo pakethe kwakhona,ndaze nda^kwakhangeleka nje ngathi kukho into ethileeyathi kum, “Kodwa iqhalo eli lilungile, ‘intluzo yendodaecingayo, incasa yendoda etshayayo.’” Kwafika kum ukubaokwakuqhatha, kananjalo, kwimo yasenyameni apho ecubeni,kukwinto ethile engqamana namabandla anamhlanje, ’yabona,ubuqhinga.52 Kufikelele ekubeni ihlabathi liphela libe bubuqhingaobukhulu bento eyinyaniso ngenene nento elungileyo. ’Yabona,kwa kwezombuso, kwizinto zasekuhlaleni, esikolweni, kuyoyonke into, ibe bubuqhinga.53 Umfo oselula wandixelela ukuba ngenye iminiwayesezantsi kwinkampi yomkhosi, laze ijoni eliselulalatshayiswa yinqwelo enkulu yasemkhosini; imiphunga yalo,isisu salo, okanye nantoni na ekwakuyiyo, yagqabhuka. Bazebenyuka baya esibhedlele; babenesithathu okanye isinesoogqirha esasimi apho emgceni, wabe wonke umntu emeemgceni. Abe amajoni amabini okanye amathathu ebambeumhlobo wawo emphakamisile, kwabe kunzima nje kuyeukuba abe nokuphefumla^Lonke ixesha ephefumla, olwabambo lwaluhlaba kanye kwimiphunga yakhe, loo ntoimenzele ukuba ophele ngaphakathi. Bamyeka ke loo mfo

Page 12: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

12 ILIZWI ELITHETHIWEYO

mncinane wema apho kuloo mgca, emva kakhulu kuloo mgca,babayeka, abanye babo bafo kwakungekho nto banayo kokoiyindlebe ebuhlngu okanye into enjalo, bahamba ngaphambili.54 Kwathi malunga nexesha ayakufika ngalo apho, umphathi-mkhosi othile wangena enomntwana omncinaneowayenerhashalala, inkwenkwana yakhe okanye intombazanaeyayinerhashalala esandleni sayo. Baze bawumisa loo mgca,ukuze bangenise umntwana womphathi-mkhosi, wabe laamfana egqabhukile, esifa. Nantso ke.55 Owu, ukuba loo mphathi-mkhosi wayenovelwano olululongomntakwabo ophaya phandle emgceni, ngewathi, “Lomntwana angake alinde. Nyusani laa ndoda ize aphangokukhawuleza, yenzeleni into!”56 Kodwa wonke umntu ufuna ukubonakalisa igunya lakhe.Ngoku, abanjalongo bonke; hayi, abanjalongo bonke. Kodwabaninzi kakhulu abanjalo. Baninzi kakhulu kubo abalolohlobo. Kodwa laa ndoda, inye into eyayicinga ngayo,yayiyinkwenkwe eyeyayo eyayinerhashalala esandleni sayo,ingacingi ngalaa mfana ulusizana umi phaya etyumke phantsikwenqwelo yomkhosi, kwaloo nqwelo mhlawumbi kwaloomfana wayenokusindisa ubomi bakhe ngenye imini kwithafaledabi. ’Yabona, abemi ukuze bacinge; bazicingela bonakuphela.

“Intluzo yendoda ecingayo.”57 Ndakhangela kuyo, ndacinga, “Yinto ethile efanane_neemvaba zanamhlanje, amabandla esinawo.” Ngalinyekuwo linentluzo yalo; banohlobo lwabo lwentluzo eyeyabo.Bavumela nje ukuba kungene oko bakufunayo, ukuze kubekoko bangakufuniyo ukuba kungene; oko bakuhluzela ukubakungene bakuhluzele ukuba kuphume, ngohlobo lwabolwentluzo. Bavumela nje okungaka kwehlabathi ukubakungene ukuze kwanelise abangakholwayo abangaphakathiapho. Bayakubangenisa akunamsebenzi nokuba bayintoni na,ukuba banemali. Bayakubangenisa kungenamsebenzi nokubabayintoni na, ukuba bangabadumileyo.

Kodwa kukho into enye malunga noko, awungeke ungenekwiBandla likaThixo ngolo hlobo; hayi ihlelo ngoku, ihlelongoku, ndithetha elenene, iBandla likaThixo elililo.58 Kanye njengeenkampani zecuba zanamhlanje, abantuabangena kula mabandla okanye amahlelo sele exeliwe,banencasa, kwaye loo ncasa zezodidi zehlabathi. Kwaye hlelongalinye linentluzo eyeyalo, kwaye bahluzela ngaphandle onkeaMakristu enyaniso ayakuthi, “amen” xa eshumayela; azeangenise bonke abanqothule iinwele, oo-Izebhele abaziqabeubuso abalapha elizweni, okoko nje bengabadumileyo.“Usibani-bani uhamba kweyethu^inkwenkwezi yemibonisobhanya-bhanya, umntu obalulekileyo.” Nalo uhlobo lwentluzo

Page 13: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

INTLUZO YENDODA ECINGAYO 13

abalusebenzisayo. “Ihlelo lethu. Usibani-bani, umongameli,okanye u_okanye umphathi-mkhosi, okanye umntu othileongowehlelo lethu.” ’Yabona ukuba hlobo luni na lwentluzoabalusebenzisayo? Yiloo ntluzo, kakade, yeyehlabathi, abantubehlabathi.

59 Abantu, bayazi ukuba bafuna ntoni na. Ngoko ukubabamelwe kukuyifumana loo nto bayifunayo, ngokokuyakufuneka ukuba babenohlobo oluthile lwentluzo, ukuzeokungako kwehlabathi kukungene kuphumele, ukuzekwanelise incasa yabo esehlabathini. “Intluzo yendodaecingayo, incasa yendoda etshayayo.” Intluzo yehlabathilezenkolo, nencasa yabantu behlabathi.

60 Bafuna ukuba ngabenkolo. Bacinga ukuba bamelwe ukubababengabasenkolweni, ngokuba banomphefumlo.

61 Ekuqaleni kwethu ukuza kweli lizwe, nafumana amaNdiyaenqula amalanga nezinto enjalo, ngokuba (kutheni?) ungumntuophilayo. Siya emva kumahlathi ase-Afrika, sifumane abantuabangabelo lizwe benqula into ethile. Kuba? Bangabantuabaphilayo, kwaye bayafuna, banyanzelekile ukuba banqule.

62 Ngoko umntu, akunamsebenzi nokuba uwe kangakananina, uhlala esazi ukuba kukho into ethile kwindawo ethile.Koko unencasa ethile yehlabathi, ngangokubaakanakuyithabatha intluzo echanekileyo. Umelwe kukuba abenentluzo eyeyenziwe nguye. Mntu ngamnye enohlobo lwakhelwentluzo.

63 Nkampani nganye yomdiza iqhayisa ngeyayo, intoabanokuyenza, “Intluzo yenene! Le yeyona ntluzo ingcono!Konke kuphuma phambili!” Nazo zonke izinto ezinjalo. Bathi,“incasa iyaphuma,” okanye into eyenye, “ngokuphumaphambili.” Owu, yiba nenceba. “Ngokuphuma phambili”?Yintoni ephaya kwisiphelo esisemva sayo, ngoko?Ngokuqinisekileyo asiyondoda icingayo okanye umfaziocingayo. Kodwa nantso into abayithethayo, baqhathanjeabantu ngokulula.

64 Ngoku sifumanisa ukuba, ngomhla wethu, ukuba abantubanencasa. Kwaye yintoni eyenza ukuba umntu atshayeumdiza? Kukuze anelise incasa. Yintoni eyenza ukuba umfaziatshayele yona umdiza? Kukwanelisa incasa.

65 Kwaye ukuba ibandla lithe laqonda, iqela labenkolo,lona^ukuze lifake abantu apho, bamelwe ukubababenohlobo oluthile lwentluzo ukuze banike abantu incasaabafuna yona. Ngoko ukuba abayi kufumana kwancasabayifunayo, abawufuni umdiza. Kwaye ukubaabanakuyifumana incasa abayifunayo enkolweni,abayithabathi inkolo. Ngoku, ngokucace kangangokubakunokuba njalo.

Page 14: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

14 ILIZWI ELITHETHIWEYO

66 Abafazi benxibe iibhulukhwe ezimfutshane, benqothuleiinwele, beziqabe ubuso, benxibe ngokuvelisa umzimba,bafuna loo nto. Bayayithanda loo nto.67 Njengokuba bendithetha ngale ntsasa kwi^ngentsasayeCawa ephelileyo, ngela vili lisembindini wevili, okanye laandawo incinane ingumphefumlo ongaphakathi ngaphakathikomoya. Indlela ekuthi ngayo umoya ongaphandle, phakathikomphefumlo nomzimba, ube ngokupheleleyo ungathanjiswangoMoya oyiNgcwele. Ingaba niyiqondile nonke loo nto?[Ibandla lithi, “Amen.”_Mhl.]68 Ngoku ukulandela loo nto malunga nenkqubekekoyoMyalezo, uThixo Weli Hlabathi, Abathanjiswa NgemihlaYokugqibela. Oko kungaphandle, esa sangqa sisembindini^Isangqa sokuqala si_sizizimvo zobuntu. Isangqa sesibinizizimvo zomoya; ukuthanda, ukuzithandela, umnqweno, njalonjalo. Kodwa umphakathi ngumphefumlo; loo mphefumlowawumiselwe ngenxa engaphambili.

Ngoko, bangawuthambisa loo moya ukuba wenze loomzimba ungaphandle uthobele umoya. “Kodwa umphefumloowonayo, loo mphefumlo uyakufa” umphefumlo owalayo,ngokungakholwa, iLizwi likaThixo, eliyinxalenye yawo, loomphefumlo uyakuthi ngoNaphakade^sele wenze njalo,uyakuhlala usenza njalo.69 Ndiyakholwa ekufeni okunguNaphakade, kanye njengokubandikholwa kwiZulu elinguNaphakade, kodwa hayi isihogoesinguNaphakade. Akukho nto injengesihogo esinguNaphakade.Akukho kufa kunguNaphakade kubantu aba^Abaninzi babo,ngabenkolo, ehlabathini namhlanje, bahlala befile.70 “Umfazi ophila eziyolweni,” neenwele zakheezinqothuliweyo nobuso bakhe obuqatyiweyo, “ufile ngokuadla ubomi.” IBhayibhile yatsho. ’Yabona? ’Yabona,usenokuba ngowenkolo, kodwa akazange asindiswe.Unemihlali yangaphandle. Usenokucula ekwayaleni okanyeusenokuxhentsa ekuMoya, usenokuthetha ngeelwimi, abe nazozonke izibonakalaliso zoMoya. Kodwa ngaphandle kokuba loomphefumlo ungaphakathi ube uyintombi kaThixo, ’yabona,kuphelile ngaye, kungenamsebenzi nokuba wenza ntoni na.71 USirayeli konke ngaphandle wayengowomoya, ezaliswewonke kukulunga kukaThixo, nendlela ababemhlonela ngayouThixo, njalo njalo, kodwa loo nto ayizange isebenze.Umphakathi wabo wawungenakuliqonda iLizwi ngokwaLo.72 Kodwa xa uzelwe ngoMoya kaThixo, ngoko une^ungunyana kaThixo, kwaye wawuhleli ungunyana kaThixo,kwaye uyakuhlala ungunyana kaThixo. Akukho ndlelayakuyahlula loo nto, ngokuba yi^unoBomiobunguNaphakade. Kwaye uNaphakade akazange abenakuqala; engasayi kuze abe aphele.

Page 15: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

INTLUZO YENDODA ECINGAYO 15

73 Owu, ngenxa yobabalo lukaThixo, ukuze Abe nokusiphaukuqonda kweemfihlelo ezinkulu olo hlobo! NjengokubauPawulosi wathethayo apha, kwindawo esemazantsi ukuhlakuma-Efese, ethetha ngomyeni nenkosikazi, waze wathi, “Leyimfihlelo,” indlela abathi ngayo abafazi bamelwe kukuhloniphaabayeni babo. Nakwindawo yesibini, ndiyakholwa ukubakunjalo, kwiBhayibhile iphela, apho intlonelo kwathethwangayo kubo. Yathi, “Abafazi, kubonwa intlonelo yakhe kumyeni,ehlonipha umyeni wakhe.” Ngoko umyeni umelwe kukuphilaubomi obulolo hlobo phambi kwenkosikazi yakhe ngokokudeinkosikazi yakhe imhlonele ngokonyana kaThixo. Kwaye ukubaakaphili olo hlobo lobomi, ke, ngoko, kakade, ayisayikumhlonela, ngokuba iyazi ukuba ungubani na. Kodwa xaindoda iyindoda enentlonelo, ihloniphekile icocekile,kwinkosikazi yayo naphambi kosapho lwayo, isicaka senenesikaThixo, ngoko abafazi, abantwana, nako konke, bamelwekukusihlonipha eso sicaka sikaThixo, ngentlonelo.

74 Qaphela ngoku. Abafazi, bafuna ukuba neenweleezinqothuliweyo. Bafuna ukunxiba iibhulukhwe ezimfutshane,baziqabe, isiqabo sobuso. Ezi mpahlana zangaphantsi zincinanenezinto ezinjalo ba_bazinxibayo ngale mihla, bafuna ukwenzaloo nto; kwaye nangoko bafuna ukuya enkonzweni. Uyayibonaloo ntambiso iphezu komoya, hayi phezu komphefumlo. ’Yabona?

75 Bathi, bafuna ukuba nguMkristu ukuze bazenze nezi zintokananjalo, aze umlungiseleli athi kulungile. Ngoko ukuba uthikulungile, “Ungaba lilo ilungu; igama lakho lingabhalwaencwadini yebandla lam apha; kulungile,” ngoko umnikaintluzo yakhe yobuhlelo ukuze ilungele incasa yehlabathi yalomfazi. Uyalithanda ihlabathi; uyayithanda incasa yalo. Ngokoyena unentluzo yakhe, kodwa yena ukude le ekubeni ngumfaziocingayo. Kodwa nantso ke. Nako apho ndiyifumene khona lengongoma.

76 Hayi, akanguye u_umfazi ocingayo. Ukuba ebecinga,ebeyakwazi ukuba ibandla aliyi kumgweba ngoMhlawokugqibela. Ibandla limgweba ngoku ngobulungu bakhe,ukuthembeka kwakhe kuloo maqela angawawo nasekuhlaleni.Bayamgweba ngoku ngaloo nto. Kodwa uThixo uzakumgwebangoMhla wokugqibela. Ngoko akanguye ocingayo.

77 Kanye njengendoda etshayayo; iwuthanda umdiza wayokangangokude amajelo ayo okucinga abe enziwe abuthathakayintshongo. Kwaye iminqweno yomfazi yenze buthathakaamajelo akhe okucinga wade wenza ezi zinto zingcolileyoemehlweni eNkosi, kuba ufuna ukuzenza; zanelisa incasayasehlabathini yaloo mfazi. Ngoko uthabatha intluzoyehlabathi yenkonzo; ukuphumela kanye ngaphaya kwayo,ngokucolekileyo, kungekho nto yakumkhathaza. Okokubonisa^

Page 16: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

16 ILIZWI ELITHETHIWEYO

78 Ngoku siyabona ukuba oko kuyiNyaniso. Azeumlungiseleli athi, “Oko kulungile. Asibagwebi abafazingokwenza loo nto. Kulungile.” Kukho isono esingakongaphakathi kuyo; esithe saphumela kwintluzo yakhe. Okokubonisa ukuba baphumele kwintluzo yemfundoyezakwalizwi. Kwaye banencasa yemfundo yezakwalizwi;kwaye banencasa yemfundo yezakwalizwi. Kodwangokuqinisekileyo ayikhange iphumele kwiNtluzo kaThixo.Hayi, mhlekazi.

79 Ngoku, ukuba kukho intluzo yemfundo yezakwalizwiyomntu ocingayo wemfundo yezakwalizwi, kuze kubekhointluzo yebandla yomntu ocingayo webandla, intluzo yomdizayomntu ocingayo wo-mdiza, kumelwe kubekho intluzo eyinenendaweni ithile yomntu wenene ocingayo. Kwaye uThixo unayoiNtluzo, yaye yona liLizwi laKhe. Lingumahluli, ngokubalingamanzi okwahlula wesono. Ngoku, nantso indoda ecingayookanye incasa yendoda engcwele.

80 Kwaye ukuba indoda ithe yaphumela kolu didi lwentluzoyehlabathi, i_inencasa eyeyehlabathi. Kanye njengenkampaniyecuba, ibanamalungu amaninzi kwibandla layongokuwatyhala aphumele kule ntluzo. Ukuba athi, “Ngabafaziabaninzi abahamba inkonzo kunamadoda.” Isenokuba njaloloo nto. Ngoku, isenokuba yinyaniso kananjalo loo nto, xa yenaenokuya aze enze nantoni na afuna ukuyenza. Injalo loo nto.Uyakwenza, uyakujoyinana nayo nantoni na, kodwa uphumelekula ntluzo yebandla. Ukuba ebephumele kwiNtluzo kaThixo,ebeyakuphuma engowahlukileyo kuyo. ’Yabona?Ebengenakuphumela kwiNtluzo kaThixo aze aphumeleeneenwele ezinqothuliweyo. Akanakubanako ukuyenza nje loonto.

81 Ngoku oku kuzakuba_kubakrakra kancinane mhlawumbikumntu othile. Kodwa xa ebeqalisile ukuphumela kwiNtluzokaThixo, kwaye iyatsho phaya kubo ukuba bangazichebiiinwele zabo, ngoko (yintoni?) ungohlala kwelinye icala.Ukuba Ibitshilo ukuba kusisono kumfazi ukwenza okunjalo,kwaye ungongahloniphekanga ukuba wenza okunjalo.

“Ukuba uyafuna,” utsho, “ke, umelwe kukuzicheba iinwelezakhe.”

Ithe, ngoko, “Makazichebe zonke ngoko.” Yaze yathi,“Siyazi ukuba kulihlazo kumfazi ukuba ichetywe intlokoyakhe.” Yathi, “Ngoko mayigqutyuthelwe intloko yakhe.”Kwaye iinwele zakhe zisisigqubuthelo sakhe; hayi umnqwazi,nenekazi. Ziinwele zakhe isigqubuthelo, iBhayibhle yatsho.Kunjalo. Oko kubonisa ukuba ungumahlulwa weNkosi.Iinwele ezinde, emfazini, zithetha ukuba nguMahlulwaweNkosi. Ngoku, sifumanisa ukuba oko kuyinyaniso.

Page 17: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

INTLUZO YENDODA ECINGAYO 17

82 Kodwa sifumanisa ukuba indoda ecingayo, ebizwa ngolohlobo kwihlabathi ingatshaya ize nangoko iyifumane incasayayo, ibimelwe kukuba nengqondo eyaneleyo yokwazi ukubaifumana itela kwelo cuba. Kodwa kuphela, into eliyenzayo,kukumthengisela elinye, limenza athenge eminye imidiza.

83 Kwaye intluzo yebandla ifumana amalungu nezintoezinjalo xa ithe yawavumela ukuba aphumele ngaphandlekwayo nantoni na abe nangoko engawenkonzo, bafumanaamalungu awongezelelekileyo. Bekunokuthini ukubabesinokuya emabandleni ngokuhlwanje sihluze wonke umntuaphume ngaphandle kwabo bangaMakristu azelwe ngeLizwiwenene. Ngezininzi iintshumayelo ezize ezinyuke ngodongangokuhlwanje, yinyaniso leyo, kuba ziphume ngaphayakwiNtluzo.

84 Kwaye ukuba bendinomnqweno omnye entliziyweni yam,kwaye ndiyathemba ukuba wonke umntu ondiphulaphuleyoukwanaloo nto, “Thixo, ndikhuphe ngaphaya kweNtluzoyaKho.” Njengokuba uDavide wathi, “Ndilinge, undivavanye,ubone ukuba kukho bubi buthile na kum, ubukhuphe, Nkosi.”’Yabona? Ndifuna iNtluzo kaThixo. Andikhathali nokubaihlabathi lenza ntoni na, nokuba inkonzo inantoni na; ndifunaukuba yindoda ecingayo, ukucinga ukuba nguBani naendiyakuma ngakuye kolunye lwezi ntsuku, ngoMgwebo.

85 Qaphela, inkampani yecuba oko ikwenzela ukuthengisaimidiza engaphezulu; ibandla oko likwenzela ukufumanaamalungu angamanye. Umfazi oneenwele ezimfutshane, enxibeiibhulukhwe ezimfutshane, angabambeka kwiNtluzo kaThixo.Akanakuphumela ngaphaya kuYo, eneenwele ezimfutshane,ngokuba iBhayibhile ithe akamelwe kukuyenza loo nto.Uyayihlaza intloko yakhe xa esenza oko. Simelwe kukuyazi loonto. Kodwa uphumela nje ngaphaya kwibandlangokulungileyo, bebonke. Ndiyema ngamanye amaxesha^

86 Kungekho ngokungahloniphi nabani na; andize ndithethendibhekise mntwini malunga naye nawuphi na umntu, kodwakusisono kwibandla. Niyandingqinela ngaloo nto. Andikhangendithi, “UNkoszn. Zibani-bani unje-nanje, okanye uMnu.Zibani-bani, okanye uMfu. Zibani-bani unje-nanje.” Hayi,mhlekazi. Ndithi isono sisono. Ukuba sikusapho lwam, si kum,kukuye nabani na okukuye, kusesisono. Hayi ngenxa yokubaisesosiqu, andithethi ngokuchasene neziqu ezithile. Ndithethangokuchasene nesono. Andikhathali nokuba ndim okanyenabani na enguye, xa uqalisa ukuphumela kwiNtluzo kaThixo,nasiphi na isono siyakukumisa kanye kuloo ndawo.

87 Qaphela. Kodwa umfazi ufuna ukuba neenweleezimfutshane anxibe iibhulukhwe ezimfutshane, okanye afakeisiqabo nantoni na eyenye, aye kuphumela kanye ngaphaya

Page 18: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

18 ILIZWI ELITHETHIWEYO

kwintluzo yakwaMoya ngokulula kangako, akukho ntomalunga noko, aye kungena kanye ekufeni. Kuba, yenau^Yena uthi, “Kulungile, akukho ngozi kuloo nto.”

“Ukuba uthanda ihlabathi okanye izinto zehlabathi,kungokuba uthando lukaThixo alubakho nokubakho kuwe.”88 Kuyehla kuye kuphumela emoyeni, angatsala kuhle kuyekungena kumphefumlo wakhe, izinto ezingezozikaThixonezichasene neLizwi likaThixo, ukuba yileyo incasaesemphefumlweni. Inokuphumela kuloo ncasa; Ukubona,ukungcamla^Inokuphumela ekucingeni, ngokucingaizizathu, “Akukho ngozi kuloo nto. Ndinencasa. Ndinakoukuvakalelwa. Ndiyavakalelwa ukuba oku kulungile.”Angaphuma aye kuma ezantsi kuleyo, kuyekungena kanyeemphefumlweni wakhe, ukuba umphefumlo ungowolohlobo.Oko kubonisa ukuba akabizeli ngeNtluzo kaThixo.

Kodwa ukuba uneenwele ezinqothuliweyo, eqaba isiqabosobuso, enezimfutshane, iibhulukhwe, ekhangelekaokwendoda, nazo zonke ezi bhulukhwe zabafazi nokubayintoni na abazibiza ngokuba ziyiyo; ethetha izinto ezilolohlobo, esenza ezo zinto, ephilela ihlabathi, uyakuma;Akanakuphumela apho. Hayi, mhlekazi. Oko kuyakummisaekuqalekeni.89 Qaphela, indoda ekhangela kwimilebe yakhe ebomvuemihle nobuso obuqatyiweyo, nezimfutshane ne_nezinxibozangaphantsi, nokuba yintoni na ayinxibileyo; indoda ecingayongenene ayisayi kumjonga. Ngoko, indoda elilungu lebandlaiyakumjonga, imbuke. Kodwa andikhathali nokubaukhangeleka kanjani na emehlweni, indoda ecingayo iyakujikaintloko yayo. Kuba? Iphumele ngaphaya kwiNtluzo kaThixo,kwaye iyazi ukuba ukukhangela kuye kukukrexezaentliziyweni yayo. Ayicingi ukuba mhle.

Ithi, “Ingaba asiyonto intle ke!”Hayi kuyo akanjalo. Ungokhangeleka engcolile, u-

Izebhele oludwayinge, kwindoda ecingayo. Unyana kaThixoumjonga enosizi kwa yinto yokuba engowosapho angowalo.Injalo loo nto. “Angathini ukuba ngudade wethu lo enzengolo hlobo?”90 ’Yabona, uphumele ngaphaya kwintluzo ethile, wazawaphumela kwenye. Ayisayi kucinga ukuba mhle, konke, oboayibobuhle kwindoda yenene kaThixo.91 Khumbula, ngaxesha lithile phambi kweGazi likaYesuKristu ukubalibe yi-Ntluzo, njengokuba sizakufika kuyoemizuzwini embalwa, “Oonyana bakaThixo bakhangelaiintombi zabantu, ukuba zazintle, baze bazithathela abafazi.”UThixo akazange ayixolele loo nto. Kwaye kwakhona yenzeka,ekumatsheni kukaSirayeli, waze uThixo akabaxolela, kwayengamnye kubo watshabalala.

Page 19: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

INTLUZO YENDODA ECINGAYO 19

INtluzo yendoda ecingayo!Ndaphuma ndeza apha enkonzweni; kwakukho uRicky

omncinane emi phaya emva kwenkonzo ngobunye ubusuku,wathi, malunga nesithathu okanye nesine seminyakaeyadlulayo, wathi, “Isizathu sokuba uthethe loo nto,kungokuba ulixhego.” Wathi, “Mna ndicinga ukubabakhangeleka bebahle.”

Ndathi, “Ndingayiqonda loo nto.” Ngokujonga njeukukhangeleka kwakhe, ungabona indlela awayekhangelekangayo. Ndathi, “Mandikuxelele into. Umdala kangakanani?”

“Malunga namashumi amathathu eminyaka ubudala.”92 Ndathi, “Xa ndandineshumi elinesihlanu leminyaka ukubamtsha kunawe, ndandisacinga ngale nto inye.” Kunjalo.Kwaye isekukungcola!93 INtluzo yendoda ecingayo! Ngoku qaphela, ukuba itheyaphumela, ingqondo yayo yahluzeka ngeLizwi likaThixo,iNtluzo kaThixo, ayisayi kumkhangela. Ayisayi kucinga ukubamhle; iyakucinga ukuba ungu-Izebhele. Iyakucinga, ngaphayakwalo milebe ibomvu kukho amabamba etyhefu ayakuyihlaba.Kwaye iBhayibhile ithe, “Amasango akhe asa kwalabafileyo;kwaye indoda ingena kuye njengenkabi yenkomo isiyaekuxhelweni kwayo.” Nantso iNtluzo yendoda ecingayo.94 Unqwenela ntoni? Xa umfazi esihla ngesitrato enxibe ngolohlobo, uze wena ndoda ujike intloko yakho, ubheke ujongengolo hlobo, awusebenzisi iNtluzo yendoda ecingayo.Ngokuba, xa usenza loo nto, uyakrexeza, kuba iNtluzo ithe,“Umntu okhangela umfazi ukuze amkhanuke usele ekrexezenaye kade.” Jika intloko yakho, ndoda ecingayo. Mka kuye.Akamhlanga. Uyinyoka; injalo loo nto, uzibhija njengayo,wenza njengayo, uhlaba njengayo. Mka kuye.95 Owu, ewe, iLizwi likaThixo liyiNtluzo yendoda ecingayo.Nabani na uyayazi loo nto. Yiloo nto umphefumlo wakhoohluzwa ngayo, iLizwi likaThixo. Kwaye Lenza, ukuba xauphumele kwekaThixo^Xa indoda ecingayo iphumelakwiNtluzo kaThixo, oko kuyinika incasa yendoda engcwele.Injalo loo nto. Xa uphumele kwiNtluzo kaThixo, ngoko incasayakho yincasa yendoda engcwele. Yenza incasa yendodaelilungisa. Oko kuthetha ngokuqinisekileyo kulungile.96 Ngoku sifumanisa indlela ekwakusenziwa ngayo okongomzekelo, kwaSirayeli, kusenzelwa ibandla likaSirayelikuphela. Naso isizathu, sokuthetha oku ngoku, ukubaabalungiseleli abavumelani kuyo nantoni na ethethiweyo; leyeyebandla lam ethe iNkosi yandinika lona uku_ukubandishumayele kulo.97 Qaphela kwi-Eksodus 19, ndifuna ukuba uyifundewakufika ekhaya, xa unethuba elithe chatha. Qaphela, xa

Page 20: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

20 ILIZWI ELITHETHIWEYO

uSirayeli wathi wenza isono, okokuqala babethabatha ithokazielibomvu elalingazange libe nadyokhwe entanyeni yalo. Okokuthetha ukuba alizange libotshwe nayo nantoni na.

98 Kwaye lalimele ukuba libe bomvu. Umbala obomvu ngu_ngumbala womnqophiso. Uyazi, inzululwazi iyazi ukuba xauthatha okubomvu ukhangele ngaphaya kobubomvu,kokubomvu, kumhlophe. Khangela ngaphaya kokubomvu,okubomuu kumhlophe. Ukhangela ngaphaya kweGazielibomvu leNkosi uYesu, zize izono zethu ezibomvu zibemhlophe ngokwekhephu; okubomvu kukhangelwengokubomvu.

Kwaye ithokazi lalibulawa ngexa langokuhlwa, libandlaliphela likaSirayeli.

Kwaye kwakubekwa imigca emihlanu yegazi lalo phezukomnyango apho ibandla liphela kwakufuneka lingene khona;umzekeliso weZigaba eziSixhenxe zeBandla, ngeGazi.

99 Ukuze umzimba walo uthatyathwe utshiswe. Wawutshiswanempuphu, nesikhumba, namathumbu, nobulongwe. Yonkeinto yayitshiswa, kunye.

Kwaye kwakufuneka linyulwe yindoda ecocekileyo, lizelibekwe kwindawo ecocekileyo ngaphandle kwebandla. Ngokoke, ukuba uSirayeli wayenokuwubona nje umzekeliso lowo!ILizwi likaThixo alimelwe kukuphathwa ngezandlaezingcolileyo zokungakholwa. Kumele ukuba ibe yindodaecocekileyo. Kwaye ukuba icocekile, yayimelwe kukuphumelakwiNtluzo kaThixo.

Kwaye indoda ecocekileyo, izandla ezicocekileyo, kwayelalifanele kukugcinwa kwindawo ecocekileyo; hayi kwindawoapho oo-Izebhele, nooRicky, nayo yonke into ithabathainxaxheba khona; ize ithabathe umthendeleko nezinto ezinjalo,xa bejikeleza esithubeni namakhosikazi, nabayeni, nazo zonkeiintlobo zokungcola; besiya kwiipati zemidaniso, benenweleezinqothuliweyo, neebhulukhwe ezimfutshane, nayo yonke enyeinto, bezibiza ngokuba bangaMakristu. Limelwe kukugcinwakwindawo ecocekileyo, liphathwe ngezandla ezicocekileyo.

100 Kwaze ngoko xa uSirayeli wonayo, waze waqonda ukubawenze okuphosakeleyo, ngoko babetshizwa ngothuthu lwelithokazi, phezu kwabo. Lawo ke yayingamanzi okwahlula, okukuhlanjululwa ngenxa yesono.

101 Qaphela. Yiyo le! Naxa uSirayeli, phambi kokuba abenokungena ebudlelaneni bokunqula, babefanele kukuthikuqala badlule kumanzi okwahlula. “Ukungcwaliswangokholo; uze ngokuva, ukuva iLizwi.”

Baze ke bangene ebandleni phantsi kwaloo migcaisixhenxe, igazi, ukubonisa ukuba kukho into ethile efileyo

Page 21: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

INTLUZO YENDODA ECINGAYO 21

yaze yahamba phambi kwabo, ngenxa yezono zabo.Babesahlulwa ngokuva iLizwi, amanzi okwahlula, bazebangene ebudlelaneni.

102 Kuphela kwendawo awathi uThixo wahlangana nomntukuyo kwakungaphaya kolo lungiselelo. Wayengenakuhlangananaye nakweyiphi na enye indawo. Wayemelwe kukungenangaphaya kolo lungiselelo. UThixo wahlangana noSirayelikuphela kwindawo enye.

Kwaye uThixo uhlangana nawe kuphela namhlanjekwindawo enye, kwaye apho kukuYesu Kristu; ke YenauliLizwi, amanzi okwahlula. Kwaye iGazi laKhe laphalazelwazonke iZigaba eziSixhenxe zeBandla. Ke ngoko, ngoMoyaoyiNgcwele, singena kobo budlelane, bona bunikezelwekwiBandla kuphela. Owu, mkhulu kanganani Yena!

103 Kananjalo, ngoku, sifuna ukukhangela kuma-Efese 5:26,ithe, “Kukuhlanjwa ngamanzi ngeLizwi,” amanzi okwahlula.Enza ntoni Wona ke? Ngoko, iNtluzo kaThixo liLizwi. Amanziokwahlula, “ukuhlanjwa ngamanzi, ukwahlula, ngeLizwi,”iNtluzo kaThixo.

104 Ngoko, awunako ukungena kuKristu ngentluzo yebandla.Awunako ukuza ngentluzo yehlelo okanye intluzo yomgaqo.Inye kuphela iNtluzo, onokungena ngayo kulaa ndawoingcwele, leyo kungokuphumela “ngokuhlanjwa ngamanzingeLizwi.” ILizwi likaThixo liyiNtluzo yendoda ecingayo.

105 Ibandla liyakukugweba apha ngokuba ulilunguelilungileyo na, okanye hayi. Liyakukunika umngcwaboolungileyo, nokuphakanyiselwa esithubeni kweflegi ekufenikwakho, lithumele iinkatha zeentyatyambo ezinkululi_likwenzele yonke into. Kodwa xa kufika ekubeniumphefumlo wakho ujongane noThixo, umelwe kukubanoBomi obunguNaphakade. Kwaye ukuba uBomiobunguNaphakade, yinxalenye yeLizwi. Kwaye njengokubaelam ilizwi lingenakuphika^

Isandla esesam asinako ukukhanyela isandla sam. Ilisoelilelam alinako ukukhanyela isandla sam, okanye unyawolwam, okanye uzwane lwam, okanye naliphi na ilungu lam.Azinakuba nakulikhanyela.

Kwaye kungekho ndoda iyinxalenye yeLizwi likaThixo,okanye umfazi, onokukhanyela indawo enye yeLizwilikaThixo. Ngoko, bafazi, xa nicinga ukuba ninokuphungulaiinwele nize ningene kuBukho bukaThixo, niphosisile.Niyayibona? Niyiphosile; aninako ukuphumela kwiNtluzokaThixo apho nihlanjwe khona ngamanzi weLizwi. Ngokoniyangena ebudlelaneni. Nicinga ukuba ninako, kodwaaninako nide nibe nize naphumela kwiLizwi, ukuze lonkeichaphaza elincinane, lonke iLizwi elincinane likaThixo.

Page 22: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

22 ILIZWI ELITHETHIWEYO

“Umntu akayi kuphila ngasonka sodwa, koko ngalo lonkeiLizwi.” Kumele ukuba kuphunyelwe koko kuhluza,kuphunyulwe ngaphaya. Leyo ke yincasa yendoda elilungisa,kuba yiloo nto ekhangela yona, ikhangela into eyakuyicoca.106 ILizwi, iLizwi likaThixo liyiNtluzo yendoda ecingayo,kwaye lenza incasa yendoda elilungisa. Siyazi ukuba yinyanisoleyo; lihluza sonke isono sokungakholwa siphume. Akusekhokungakholwa xa uphumele kwiNtluzo, ngokuba leyo yincasayekholwa lenyaniso.107 Ikholwa lenyaniso lifuna ukulunga, nokuba kutheni na.Alifuni kuthi nje, “Ke, ndingowodidi lwasekuhlaleni.Ndingowebandla, eyona nkonzo inkulu edolophini.”Andikhathali nokuba yindlu yomfundisi esekujikeleni na,ukuba libhodlo lengca, kwindawo ethile, indoda ecingayo iyaziukuba imelwe kukuhlangana noThixo. Kwaye ngaphandlekokuba lithini na ibandla, okanye nabani na ongomnye uthinina, imelwe kukuza ngemimiselo kaThixo. Kwaye imimiselokaThixo liLizwi likaThixo.

“Kulungile,” bathi, “‘LiLizwi likaThixo.’”Ngokuqinisekileyo, bonke bayakholwa ukuba IliLizwi

likaThixo, kodwa niyahluza ngaYo? Ningathini ukuyekaabafazi abaphungula iinwele baphumela Apho? Niyakuyenzanjani loo nto? Niyakuthini ukuvumela indoda iphumele aphoengayikubambelela kule Mfundiso? ’Yabona?

Asiyoncasa yendoda ecingayo. Hayi. Indoda ecingayoiyakucinga, indoda ecingayo iyakucinga kabini ngaphambikokuba itsibele kwinto elolo hlobo.108 Qaphela, ukuba iLizwi alinakuZikhanyela. Ngokoliyanelisa, kungenjalo lingumnqweno. Lingumnqwenowantoni? Yintoni eyenze ukuba uLinqwele, kwindawoyokuqala? Kungokuba emazantsi emphefumlweni wakhokwakukho imbewu eyamiselwa ngenxa engaphambilieyayibuBomi obunguNaphakade, eyahlala ilele apho, yahlalaingaphakathi apho. “Bonke aNdinike uBawo bayakuza kuM.Akukho namnye uyakulahleka kubo.”109 Incasa yendoda ecingayo, xa indoda ecingayo isiva iLizwilikaThixo, “Ezam izimvu ziyaliva iLizwi laM, owasemziniazinakumlandela,” kuba ezantsi ngaphakathi apho kukhouBomi, baye uBomi buhlangana noBomi.

Isono sihlangana nesono, kwaye isono sinobuhanahanisikangangokuba side sicinge ukuba sisindisiwe ngeli thubasingasindiswanga sikobo bunzulu kanye bobuhanahanisi.110 Amalungu ebandla afuna intluzo yehlelo ukuze abenokufumana iminqweno eyeyawo aze abe esabizwa ngokubangabantu “abakholiweyo”. Ubeva besithi, “Owu,ungokholwayo kakhulu.”

Page 23: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

INTLUZO YENDODA ECINGAYO 23

111 E-Afrika, kwakulapho ngaphandle ngenye imini, kwayebabethetha ngawo la, abanye babantwana babethetha ngalamaculo e-Rock ’n Roll u-Elvis Presley nabanye bawaculayo,uPat Boone nabangabanye, uRicky Nelson nabo bonke abanyeabo. Ndathi, “Baliqela leendlavini.”

Intombazana encinane ethile yathi, “Kuba, ungokholwayokakhulu.”112 Ndathi, “Wayenjalo noYuda.” Ndathi, “UYuda wafumanakuphela amashumi amathathu esilivere; u-Elvis Presleyufumene iqela leezigidi zeedola.” ’Yabona? “Bobabinibathengise ngobuzibulo babo.” ’Yabona? Ndathi, “Ba-^lelona tyala libi isizwe esinalo.” Nangoko, baqhatha njengentluzo yomdiza, la mahlelo avumela loo malungu ukubaangene. Abafanelanga nokuba babe^Kumele ukuba kukhoumthetho wokuba bangabi nakucula amaculo enkolo. Okokuchasene^kumele ukuba kube kuchasene nomthetho ukubabenze loo nto.

Kodwa iyonke loo nto ithe yaba yimfumba enkuluephakamileyo yobuhanahanisi, kwaye nako apho sihleli khonanamhlanje. INtluzo yenyaniso yomphefumlo, ithi, “Ukubauthanda ihlabathi okanye izinto zehlabathi, uthandolukaThixo alukho nokubakho kuwe.”113 ’Yabona, awunako_awunako ukuthi i-Rock ’n Rolliyeyehlabathi^okanye yekaThixo na. IRock ’n Rollyeyehlabathi. Nawuphi na kuloo midaniso nehluziweyo^izinto ezimbi ezingcolileyo, gxebe, zizezehlabathi. Iyonke loonto yeyehlabathi.

Awunakutsho ukuthi la mfazi uphungule iinwelengowakwaThixo. IBhayibhile ithi akanguye, ngoko okokukungcola kwehlabathi. Kwaye ukuba uthanda ichaphazaelinye lehlabathi, uthando lukaThixo alukho nokubakho kuwe.’Yabona?114 Yintoni leyo? Ke, yintoni elitsalayo? Yinto ethile ezantsingaphakathi etsalayo. Umphefumlo utsala oko ukufunayongengaphandle, kuhle kuphumele kumoya, kungeneemphefumlweni. Kwaye ukuba umphefumlo uthandaihlabathi, ufile. Andikhathali nokuba uthanjiswe njani na,ngphandle apha, nokuba ulilungisa kangakanani na aphangaphandle; ezantsi apha ufile. “Kuba lowo uthanda ihlabathiokanye izinto zehlabathi, uthando lukaThixo alukhonokubakho kuye,” akunamsebenzi nokuba ungowenkolokangakanani na.115 INtluzo yenyaniso, ngolo hlobo, i_ibeka zonke ezo zintongaphandle ize ingangenisi nto koko ibe bubunyanisobukaThixo, iLizwi, bungene kumphefumlo oyinene wenyaniso.116 Bafana no-Esawu, ngaphandle balungile. U-Esawuwayengowenkolo ngaphandle. Kwathi kwakufika kunqulo,

Page 24: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

24 ILIZWI ELITHETHIWEYO

kwakhangeleka ngathi ungowenkolo ngaphezu kokubawayenjalo uYakobi. Wakhangeleka eyindoda engconokunokuba wayenjalo uYakobi, kodwa ingaphakathi lakhe,yiloo nto awayeyiyo. Ngaphandle wayengokholwayo, kodwaukucinga kwakhe kwakungahluzwanga. Wayengazange acingengendlela eyiyo ngobuzibulo. Wa_wayengazange acinge ukubauThixo, ubuzibulo babuthetha kangangokuba uThixo wathibuyathetha. Nguye lowo, wathi, “Ndilambile, kwenza wuphiumahluko ngobuzibulo obudala, ungabuthatha ukubauyabufuna.” Owu, bethu! ’Yabona?

“Ndiyaya enkonzweni; ndilunge kanye njengokuba naweulungile. Ihlelo lam lifana nje^Kuba, lilelinye lawonamahlelo makhulu ehlabathini. Umama wayengowalo. Utatawayengowalo. Konke oku, okuya, nokunye. Umlungiseleli wamufundile; unokuthile-thile.” Oko kumenza abe kude kangakayakuThixo. Oko asiyontluzo yendoda ecingayo.

Ukuba ibiyiyo, wayenokuthini uPetros ukuba abe yiloo ntowayeyiyo, xa wayengakwazi ukusayina nkqu igama lakhe?Kodwa wathabatha iNtluzo yendoda ecingayo. Qaphela. Owu,bethu!117 U-Esawu wacinga ukuba obo buzibulo babungathethi loonto uThixo wathi buyayithetha. Yayiyiloo nto umahlukophakathi koBomi nokufa. Ke ngoko, njengo-EvananjengoYuda, ukuba bathengisa ngobuzibulo babokhon’ukuze banelise incasa yolwazi lwempucuko. Yiloo ntokanye awathi u-Eva wathengisa ubuzibulo bakhe ngayo.Wabuthengisa ngenxa yencasa encinane yenzululwazi, incasaencinane yolwazi lwehlabathi, ibandla elingconwana, udidiolungconwana lwabantu, namhlanje kungabizwa ngolo hlobo.’Yabona?

Kwaye uYuda wathengisa ngobuzibulo bakhe ngenxayamashumi amathathu esilivere, nokwenza iidollar ezimbalwaezithe chatha. “Ibandla lam lingandihlawula ngcono ngapha,kwaye ndiyakushumayela ngapha.” ’Yabona? “Ngoko, ukubandibe ngumshumayeli, kulungile^”118 Bathi, “Mzalwana Branham, siyakholwa ukuba uMyalezouyiNyaniso, kodwa asinakuWamnkela. Ukuba senze njalo,kuba, singawushumayela phi?” Hee! Ihlabathi, mzalwana, liloingingqi yokushumayela. Ngokuqinisekileyo. “Ke, akukhonamnye kubazalwana onokundixhasa.” A_andikhangelangaukuba kubekho nomnye kubazalwana oyakundixhasa.Ndikhangele kuYesu Kristu ukuba andixhase, ngokuba WemangakuLo. NguYe OwaLithethayo.119 Ukuze xa ubuzibulo obuyinyaniso, iGazi, lithe lahluzangeLizwi; ukuze sonke isono, nehlabathi, nenkonzo,namahlelo, nokuzikhetha uzenze umbutho, ushiywengaphandle. Imfundo, impucuko, ibandla, imvaba, inkqubo,

Page 25: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

INTLUZO YENDODA ECINGAYO 25

isono sazo zonke iintlobo sishiywe ngaphandle xa indodaecingayo ithabatha iNtluzo yendoda ecingayo,ngokuthelekelela kukaThixo.120 Akukho nto ishiyekileyo kuyo xa indoda itsala ku_kuphume ubomi bayo kwiNtluzo kaThixo; qaphela, apha ubomibakho babonakaliswe sisono, ngokuba wa_wazalelwaesonweni, wabunjelwa ebugwenxeni, weza ehlabathini uxoka.”

Ndizakuthetha into, njengokuba uMzalwana uMCulloghwayedla ngokutsho. Ndiphulaphuleni.121 Xa ufika kweli hlabathi, wazalelwa esonweni. Awuzangeube nalo nethuba lokulwa. Wa“zalelwa esonweni, wabunjelwaebugwenxeni, weza ehlabathini uthetha ubuxoki,” ngomoyawakho buqu, umnqweno wesono, umthandi wesono ngokubawawuzalelwe esonweni. Wawungenathuba ke.

Kodwa ezantsi ngaphakathi kuwe, kwindawo ethile, nakokufika, kwakukho into ngaphakathi apho eyaqala ukutsala.Ukuba wawusazi, yayiyinto eyakuxelela ukuba kwakukhouThixo kwindawo ethile; waze wafunda iLizwi laKhe. Ngokowathabatha ibandla, wathabatha imbono zabo xawawuxelelwa okungcono, ngoko awuzange usebenzise iNtluzoyendoda ecingayo. Kodwa xa usebenzisa iNtluzo kaThixo,eyiNtluzo yendoda ecingayo, ngokuba, “Zonke ezinye iintluzoziyakudlula, kodwa eyaM ayisayi kudlula.” Kwaye xauthabatha iNtluzo kaThixo uze utsale ubomi bakho,iminqweno yakho; ukuba utsala iminqweno yakho iphumelekwiNtluzo kaThixo, iNtluzo yendoda ecingayo, akukho ntoishiyekileyo koko nguMoya oyiNgcwele.122 Ngoku, ukuba ufuna ubungqina bukaMoya oyiNgcwele,bubo obo. Xa loo mphefumlo wakho uyakungqamana neLizwilikaThixo, kuyo yonke indlela, oko kubonisa ukuba ubomibakho ubutsale baphumela kwiNtluzo yendoda ecingayo,iNtluzo kaThixo.123 Qaphela, ingaba yiNtluzo kaThixo leyo? Wathi,“Sahlanjwa ngamanzi ngeLizwi.”

Kwaye xa uThixo wanika u-Adama no-Eva iNtluzo,emyezweni wase-Eden, Wathi, “Musani ukutsala nanto yokuingene apho.” Kodwa uSathana wagqobhoza umngxuma kuYo,wathi, “Owu, yintwana encinane, ayisayi kwenzakalisa.”Lichaphaza nje elinye, eliphumelayo, yiloo nto eyathabathaukungenisa ukufa kuhlanga loluntu.124 Yiloo nto kuphela ekuthabatha yona, incasa nje enyeyentshongo, ngoko kuphelile ngabo.125 Akukho nto ishiyekileyo koko nguMoya oyiNgcwele.126 Ukuze ngoko oko kubonise ukuba kuwe kwakukhoimbewu eyamiselwa ngenxa engaphambili ezantsi ngaphakathikuwe, yileyo ikwenza ulambele uThixo. “Bonke aNdinike bona

Page 26: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

26 ILIZWI ELITHETHIWEYO

uBawo, aNdinike bona ukuze ndibahlangule; bafa kunye naMeKalvari; bavuka kunye naM eluvukweni; bonke aNdinikebona, bayakuza kuM. Bayakubekwa ngeendawo eMzimbeni,apho unyawo, ingalo, impumlo, umlomo, nokuba yintoni na;bayakubekwa Apho. Kwaye bayakuza kuM ekucingenikwabo.” Owu, bethu!127 Nako oko kuhluza kuyinene kwaso sonke isono sehlabathi,nothando lwehlabathi lufile, kube lo mphefumlo utsalakuphela into enye. Yiyo le, musa^Khumbula! Musaukuyilibala. Nonke nina nilapho ngaphandle kwiimfonomfono,oku kufakeni ezantsi ezingqondweni zenu. Xa indoda ecingayoiqala ukucinga ukuba nguBani na oyakuma phambi kwakhe,nokuba liyintoni na iLizwi likaThixo; xa iqala ukucinga,ngoko iyakutsala kuphumele kuloo Nto, akukho nto iyenyeinokuyifumana koko nguMoya oyiNgcwele.

Yintoni na? Yintsobi, imbewu yeLizwi esuka ekuqalekeni,owawuyiyo kuThixo ekuqalekeni, imi apha itsala imbewuyoBomi. IMbewu ingaphakathi entliziyweni yakho, ngomiselolwakangaphambili. Haleluya! Imbewu sele ingaphakathi apho,ngolwazi lwangaphambili lukaThixo, imiselwe ngenxaengaphambili. Kwaye xa itsala, ayinakutsala kuphumelekwenye into ngaphandle kweLizwi.

Kwaye ngoko yincasa yendoda ecingayo, indoda elilungisa,indoda engcwele eyibonayo iBhayibhile, ukuba uYesu Kristuisekwanguye izolo nangonaphakade. Yintoni engenangaphakathi kuloo ndawo apho emazantsi? Elaa Lizwi,lisentliziyweni. “Ndilifihle entliziyweni yam iLizwi laKho,ukuze ndingoni kuWe.”

Liyintoni, xa litsala kuphumele kwiLizwi? Inye kuphelainto eyakudlula iphumele kwiLizwi; nguMoya oyiNgcwelelowo. Yiloo nto kuphela enokuphumela phaya kwiLizwi,inguMoya oyiNgcwele. Kwaye iNtluzo yendoda ecingayoikhupha incasa yendoda engcwele.128 Ngoko, ingcamle kwizinto zaseZulwini; ineLizwi likaThixoentliziyweni yayo. IyaLibona libonakalaliswe phambi kwayo,kwaye umphefumlo wayo uphela ugutyungelwe kuLo, kwayeihlabathi nazo zonke izinto ezimjikelezileyo zifile.129 INtluzo yeNdoda ecingayo, yonqulo; kwaye ndicingangokuhluza unqulo ngoku. Xa iNtluzo yendoda ecingayoikhupha incasa yendoda engcwele, ’yabona, Iyanelisa incasayayo. Iyabona ukuba uYesu Kristu ikwanguye izolo,namhlanje, nangonaphakade. Yiyo leyo. IMbona ephambikwethu kanye, esenza kwa ezo zinto Wazenzayo; iyayanelisaincasa yendoda engcwele, ukucinga kwayo.130 Iyazi ukuba idlule ekufeni yangena eBomini. Kwayeiyathanda, kwaye_kwaye_kwaye ithanda ukuba ihlabathi^ukuba ingqinwe, kwaye ifuna ukuba iLizwi lingqinwe

Page 27: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

INTLUZO YENDODA ECINGAYO 27

lingqinelwe. Kwisigaba ngasinye iliLindele, kuba iyindodaengcwele kwaye inomnqweno wokubona uThixo. Abanyebafuna nje ukujoyina icawe. Le ndoda ifuna ukubona uThixo.Ayifuni kumbona kwiqela lemigaqo. Ayifuni kumbona kwi-organ ezintle ezinemibhobho, okanye iholo, neminqamlezoemikhulu, nezifundiswa ezigudisiweyo ezinekholaezigqwethiweyo. AyiMboni kwimfundo yezakwalizwinakwizifundiswa zezakwalizwi. IMbona ekungqinelwenikweLizwi laKhe.

NdiMbona kwimililo yalo yokulinda.Amehlo am abone ubuqaqawuli bokuza

kweNko-su;Ixovula kwesidala apho idiliya yengqumbo

igcinwe khona;Ikhulule umbane othe ngqo ngeKrelelayo

eloyikekayo litshawuza;INyaniso yayo iqhubela phambili. (Iyakuhlala

isenza njalo, kude kube sekupheleni. Ewemhlekazi.)

131 ’Yabona ukuba ndithetha ukuthini na? INtluzo, indoda^Okanye, iNtluzo yendoda ecingayo; indoda efuna ukumakuBukho bukaThixo. Yayiyintoni iNtluzo kaThixo? LiLizwilaKhe. “Mhla nithe nadla kuwo, ngaloo mini niyakufa.”Akukhathaliseki ukuba kwenzeka ntoni na apha phandle;musa ukudlula kwela Lizwi. “Uhlanjwe ngamanzi weLizwi,”iNtluzo yendoda ecingayo. Hayi ihlelo, hayi umgaqo, hayiibandla, hayi iholo; kodwa iNtluzo yendoda ecingayo, kubauyakugwetywa ngeLizwi. Indoda ecingayo iyakuyicinga loonto. Indoda esisidenge, okanye incasa yehlabathi,iyakuthabatha nje nantoni na, eme endaweni yoko. Uyakuthiniuyakuthabatha into emeleyo ngeli thuba ikhoyo Eyinene?132 Cinga, cinga nje ngaloo nto okomzuzu. Umfazi ethethangeelwimi, eneenwele eziphungulweyo nesiqabi semilebe, lizeibandla libe lisabambelele kuloo nto, ukuba loo ntoibubungqina bukaMoya oyiNgcwele.133 Okanye umshumayeli ovela kwiziko lemfundo okanyeisikolo esithile seBhayibhile, esebenzisa ubhaptizo lobutriniti,okanye esenzelelela ngeLizwi, kumgaqo okanye ihlelo. IngabayiNtluzo yendoda ecingayo leyo? Hayi ngendlela endiyibonangayo, mzalwana. Yindoda esisidenge etsala ngaloo nto. Injaloloo nto. Ungayicinga loo nto? Endaweni yokusebenzisa iLizwilikaThixo njengeNtluzo yomphefumlo wayo; ivumela loomgaqo mdala nehlelo ukuba lifumbe apho ngaphakathi phezukwayo ngolo hlobo, endaweni yokuthabatha iLizwi likaThixonjengeNtluzo. Ukuze ke ibe ingcoliseke yonke, ize ibavumeleukuba bangene bayihlohle iimfundiso zabantu, ukwenzaizinto, “ngokusondele ekulahlekiseni nabaNyuliweyo,”nokutshikilelwa kweLizwi.

Page 28: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

28 ILIZWI ELITHETHIWEYO

Xa, ibinokutsalela kumphefumlo wayo, ukuba kukhonantoni na apho enokutsala ngayo. Kodwa ukuba ndikuloombewu yamiselwa ngenxa engaphambili^musa ukukuphosaoku. Ukuba loo mbewu yamiselwa ngenxa engaphambiliayikho apho ngaphakathi, ayisayi kuze itsale kuphumele Apho,ngokuba iyakutsala ngokomnqweno wayo.

134 Ukuba indoda etshayayo ifuna incasa yokutshaya, kwayeukuba ibifumene intonga^Ndithi, “Ncanca umnwe wakho,”ize ime apho incanca umnwe wayo. [UMzalwana Branhamuncanca umnwe wakhe, ukubonisa_Mhl.]

135 Kuba, iyakuthi, “Yimpambano leyo.” Ngoba? Incasa yayoyeyentshongo. Ngoko, ayisiyondoda icingayo. ’Yabona? Kodwauthi wena, “Ke, mna andenzi njalo, andiyikungcamla nantonina. Ndifuna ukungcamla^Ndifuna ukungcamla icuba.Akukho nto ndiyingcamlayo.”

136 Ndinike isiqhoboshi sokwaneka impahla ukuze ndincancesona. ’Yabona? Ngokuqinisekileyo, makancance loo nto. Uthi,“Akukho nto ndiyingcamlayo.” Uyincancela ntoni ke, ngoko?Unomnqweno wokungcamla intshongo.

Ke xa incanca umgaqo webandla, nibe nangoko ninabafazineenwele eziphunguliweyo, ubuso obuqatyiweyo, ninxibengokuvelisa umzimba; nibe nina madoda nijonga kuwo, nazozonke ezinye ezi izinto, niqhubele phambili ngendlela enenzangayo. Yintoni leyo? Yintoni elapho? Ihlabathi liselaphongaphakathi, kwaye linencasa ethile. Litsalela kwincasa ethile.

137 “Ndiya kweli bandla; abayithiyi gama konke loo nto.Abananto bayithethayo ngale nto, akukho nto bayithethayongaloo nto. Akukho nanye kwezi zinto eveliswayo.Umshumayeli wethu unengqondo ephangaleleyo kunaloo nto.Asizithethi izinto ezinjalo.” Yintoni na? Ninencasa yehlabathienincancela yona. [UMzalwana uBranham unkqonkqozaepulpitini kambalwa_Mhl.] Kunjalo!

138 Kodwa umfazi ocingayo akasayi kuyithabatha into elolohlobo. Uyazi ukuba umelwe kukuba ngcwele. Kwaye inyekuphela into onokutsala ngayo iLizwi likaThixo. NguMoya,aMandla aphilisayo okwenza iLizwi ngokwaLo,elingaphakathi kuwe, ukuba liphile libonakalalise uYesuKristu kwisigaba ophila kuso. Haleluya! Mzalwana, ukubaleyo asiyoNyaniso, andazi ukuba yintoni na iNyaniso.Ndilahlekwe yingqondo yam ukuba oko akuyiyo iNyaniso.

139 LiLizwi ngokwalo lisentliziyweni yakho, limiselwe ngenxaengaphambili apho, elitsalayo. Kwaye litshicela ngaphandleihlabathi; alilifuni. Kodwa xa lithe laphumela ngaphaeLizwini, liyaqala ukutsala. Kwaye xa litsala ngeLizwi,alinakuba yenye into koko nguMoya oyiNgcwele wokuphilisaelo Lizwi.

Page 29: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

INTLUZO YENDODA ECINGAYO 29

140 Ngoko iNtluzo, yendoda ekhonzayo ecingayo liLizwi,kwaye liyayanelisa laa ncasa ingcwele isentliziyweni yayo;iNtluzo yendoda ecingayo, incasa yendoda engcwele. Owu,bethu, singene entweni!141 Endaweni yokusebenzisa iNtluzo kaThixo yomphefumlowayo, ivumela uSathana ukuba ayiqhathe ngehlelo elithileokanye umgaqo, kanye ngokuchanekileyo njengeenkampanizecuba ukuba ziqhatha nina bantu nitshaya imidiza. Nifumananje amalungu ongezelelekileyo, kube kuphelele apho.

Owu, mandivale kwimizuzu embalwa, ndithethe oku.142 Lawodike eyimfama! Sinokuba zimfama kangakanani!Lawodike eyimfama, ikhokela imfama zesi sigaba, phantsikokuzimilisa ngokungathi bubuxoki, phantsi kwemigaqoyobuxoki, phantsi kwemfundiso engeyonyani, phantsikobuhlelo obububuxoki, phantsi kwencwadi zemigaqozobuxoki. Owu, Lawodike eyimfama, ikhokela imfama,ninonke nibheka emhadini!143 Tshintsha intluzo yakho ngokuhlwanje, mshumayeli. Musaukutsala laa ntshongo yobuhlelo ingene kwinkqubo yakho,yeemfundiso nemigaqo, awathi uYesu “oyakuthi ongeze igamalibe linye kuLo, okanye asuse iGama libe linye kuLo.” Xauxelela ibandla lakho ukuba kulungile ukuba abafazi benzeloo nto, naloo madoda ukuba enze loo nto, nazo zonke ezizinto, oku nokuya; okoko nje behleli benyanisekile kokunokuya, baze bagcine le migaqo nezinto ezinjalo, awunantloningesiqu sakho?

“MFarisi oyimfama,” watsho uYesu.144 Kwaye uYesu wakhwaza, “BaFarisi abazimfama,” uMoyaoyiNgcwele kwintliziyo yam ngokwayo ngokuhlwanjeuyakhwaza, “Lawodike eyimfama! Kufuthi kangakananiuThixo ethanda ukuninika imvuselelo! Kodwa ngoku ixeshalenu lifikile; sekusemva kwexesha kakhulu ngoku. Nathiniukuze nihleke nihlekise ngabantu awathi uThixo wabathumelakuni! Kodwa ngoku ixesha lenu lifikile. Owu, ZizweZimanyeneyo, Zizwe Zimanyeneyo, indlela abethanda ngayouThixo ukunifukamela njengo_njengokuba isikhukukazisisenza kumantshontsho aso, naza anavuma.” Ngoku eli Zwiliyakunxweme ukuya kunxweme, ukusuka emantla ukuyaemazantsi, nokusuka empuma ukuya entshona. Indlelaabethanda ngayo uThixo ukunifukamela, kodwa anavuma!Ngoku ixesha lenu lifikile.145 Izizwe ziyaphuka. Ihlabathi lahlukana phakathi. Ishumielinesihlanu lamakhulu eemayile esixa salo, isithathu-okanyeamashumi amane eemayile ububanzi, ayakuzika, ikhulu^okanye mhlawumbi amashumi amane eemayile ukuhla ukuyakungena kulaa ndawo inkulu ichachambileyo phayangaphesheya, ngolunye lwezi ntsuku, kwaye amaza

Page 30: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

30 ILIZWI ELITHETHIWEYO

ayakunyuka ayokufika kwisixeko seKentucky. Kwayekwakwenzeka oko, kuyakulishukumisa ihlabathi kakhulukangangokuba yonke into ephezu kwalo iyakushukuma iwephantsi.146 Owu, ndifihle kwiLiwa lamaphakade! Thixo, ndenze ndibelapho, ndenze ndibelapho. Phefumlela phezu kwam, Nkosi.Moya kaThixo ophilileyo, ndiphefumlele. MandithabatheiNtluzo kaThixo ndiphile phantsi kwaloo Nto, Nkosi.Mandiphefumle umoya omtsha kaMoya oyiNgcwele ungenekwimiphunga yam, ungene emphefumlweni wam sukungalunye, ukuze ndingoni kuWe, owu Nkosi. Ndiphefumlele,Moya oyiNgcwele, ndiphefumlele! Na^147 Mandityale iLizwi likaThixo entliziyweni yam, ndizendizimisele apho ukuba ndingajikeli ngakwisandla sokuneneokanye sokhohlo, ndimke kuLo, ngoko ndiyakuphilangokunyaniseka kuLo yonke imihla yobomi bam. Kwaye, OwuBawo Thixo, thumela kuhle uMoya oyiNgcwele woBomi phezukwam, ukuze uphilise loo Mazwi kum, ukuze ndibenokubonakalisa uYesu Kristu phambi kwabo baphambi kwam,bekhangele ukuba kwenzeke oko. Ngumthandazo wam lowo.148 Owu, bethu! Qaphela indlela abenza ngayo namhlanjekuloo mabandla. Befunxa abantu baphumele kwezo ntluzozobuhlelo, bangene umbutho wezenkolo. Kuba? Kuba? Kubaoko kubanika umnqweno wentliziyo yabo, umbutho.Banencasa yombutho. Bayakuyenza loo nto.149 Lonke ixesha uThixo ethumela imvuselelo, kwaye, bona,benza ntoni? Benza umbutho. Ingaba kunjalo? Ngokobanolwabo uhlobo lwentluzo, ngokuba banencasa enkulu. Kengoku uThixo uzakubanika umnqweno wencasa yabo.Uzakubanika^babamfimfithela kanye kwibhungaleezenkolo, baze ke bafumane incasa yabo yombutho ngoko.Bayifumene iyeza.150 Owu, bandla laseLawodike, musani ukulahlekiswa kwesisigaba, ngokuqhatha kwabo. Owu, nkonzo yoMoya, wena uthewayakungena eLawodike, wena uyinxalenye yeLawodike,ibandla elifileyo; ngobuWisile, ubuBhaptizi, nobuRhabe, imonje eyeyesithethe. Kodwa nina bakwaMoya ebeninokuthi njaloethubeni nithi “amen”; ninokutsala umculo omninzi phayaphezulu eqongeni, nibe ninabafazi abaphungule iinwelebexhentsa kuyo yonke indawo, nibe nangoko nikholelwakwimpiliso eNgcwele; kufuthi kangakanani na uThixo efunaukunithabatha, kodwa nithabathe enye intluzo, intluzoyobuhlelo. Kufuthi kangakanani na uThixo efunaukunithabatha!151 Yayiyinto elukuhla kanjani leyo! UMateyu 24:24, uYesuwatsho ukuba i^Iyakulahlekisa nabaNyuliweyo ngokwaboukuba bekunokwenzeka.” Nisondele kangakanani ke, kanye

Page 31: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

INTLUZO YENDODA ECINGAYO 31

njengo-Eva, nishiyelela enye okanye ezimbini izinto ezincinaneeningenakuzamkela, ngokuba nizenze umbutho kwayeaninakuYamkela. Bobo kuphela ubunzima obukhoyo.Nisenokuthi niyithabathe yonke ke loo nto, “Kubaukukhubeka kokuncinane, uba netyala ngako konke.” Owu!152 Nkonzo yoMoya Nkonzo yoMoya, dlulisani ukucingakwenu kwiNtluzo kaThixo, hayi amaphupha wenu obuhlelo,kwaye niyakuphuma ninencasa yendoda engcwele, ubhaptizolwenyaniso loMoya oyiNgcwele.153 Ungayicinga into yokuba indoda iyeke inkosikazi yayoichebe iinwele zayo, inxibe iibhulukhwe ezimfutshane, okanyeinxibe iibhulukhwe zabafazi ezinde, ize ithi iphumelekwiNtluzo yendoda ecingayo? Ungayicinga into yokuba indodaibe yenza into enjengaleyo?154 Ungayicinga into yokuba umshumayeli omi epulpitini,ngokuba ebhatalwa ngokulungileyo libandla elimbambazelaemqolo, limbize, “Gqirha, Mzalwana, Mfundisi,” lizelimkhuphele kuzo zonke iindidi zeepati apho bahlambaimizimba bexubene, nayo yonke enye into, emanxwemeniolwandle; ungacinga ukuba yindoda ebanga ukuba iphumelangaphaya kwiNtluzo yendoda ecingayo?155 Kwaye abanye babo bafazi baseplatfomini, beneelokhwezabo zisentla kwamadolo abo, baze bazisike zibabambezibonise konke ukumila, konke ukushukuma abakwenzayo,zibe neempahla zabo zangaphantsi zibonakala ngaphayakweelokhwe zabo; into embi kanye njengokunxibaiibhulukhwe ezimfutshane, impahla yangaphantsi, okanyenantoni na eyenye. Nina bakwaMoya, zimfama, bashumayelibaseLawodike, ukuba uyakuninyamezela ithuba elingakananina uThixo, andazi. Kuba^UThixo makabe nenceba ku_kumehlo enu amfamekileyo. Unayo intambiso yamehlongokuhlwanje, ukuze anivule amehlo, ukuze nibe nokubona.156 Njengokuba benditshilo kusasanje, sikwisigaba sokubona,indawo eyintloko. Akusekho malungu wambi angentlakwalawo, onokuwashukumisa ngaphandle, ukwazi. Wena,ngokuvela kwimpumlo yakho, ungajoja; ngokuvela kwimilebeyakho, ungathetha; ngezandla zakho, ungachukumisaufikelele; neenyawo zakho, njalo njalo; kodwa awunakudlulelangaphaya kwamehlo akho.157 UMalaki 4 ufikile; ukubona! “Kwaye kuyakubakhoukuKhanya ngexa langokuhlwa.” Owu, hamba ekuKhanyeni!

Siyakuhamba ekuKhanyeni,UkuKhanya okuhle,Okuvela apho umbethe wenceba ukhanya

khona;UKhanya jikelele kuthi emini nasebusuku,UYesu, iLizwi, ukuKhanya kwehlabathi.

Page 32: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

32 ILIZWI ELITHETHIWEYO

158 Ewe, mhlekazi. Dlula uphume kuyo, owu, mzalwana,kwaye uyakuphuma unencasa yendoda engcwele, ngoMoyaoyiNgcwele.159 Owu, mfazi, dlula nje ekucingeni kwakho kwangokukokunxiba. Dlula ekucingeni kwangoku, phambi kokubauphumele phandle esitratweni phambi kwamadoda; ninabafazi baselula, nina maxhegokazi, phambi kokuba niphumephandle estratweni ninempahla zenu ezinibamba kangako,zithe phuhlu ngasemva nangaphambili. Andingomgxeki.Ndingumzalwana wenu. Ndimi phakathi kwabaphilileyonabafileyo, kwaye ndiyayiqonda into endiyithethayo. Phambikokuba uphume phandle, uze ube usazi ukuba umzimbawakho ukwimo engcwele, okanye ukwelingcwele iwonga atheuThixo wakunika lona; phambi kokuba ungene estratweni,unxibe ngolo hlobo, dlulisa ingqondo yakho iphumelekwiNtluzo yomfazi ocingayo. Kwaye mayikhumbule, ukuba,“Wonke umntu okukhangelayo ukuze akukhanuke,sowukrexeze naye.” Uyikhumbule loo nto, dade.160 Kwaye, mzalwana, phambi kokuba ujike intloko yakhoukhangele kuye, koko kukrwaqula kwesibini, dlulisa ingqondoyakho iphumele kwiNtluzo yendoda ecingayo. Uyakuphumaunencasa yendoda engcwele, ’yabona, yokwenza okulungileyo.161 Qaphela, ukuba udlulise ingqondo yakho yaphumelakwiNtluzo yomfazi ocingayo, uyakuphuma unokunxibakomfazi ongcwele. Injalo loo nto. Uyakuphuma, mzalwana,unokujonga kwendoda engcwele. Ngoku, leyo yinto enye.

Yonke into oyenzayo, yidlulise iphumele kwiNtluzoyeLizwi likaThixo, ubone ukuba ilungile na okanyeayilunganga.162 Uyakuphumela unokunxiba komfazi ongcwele, onenweleezinde, unxibe ngokundilisekileyo; unomoya othobekileyo,ozolileyo; ungabi umile uxokozela, usilwa usenza yonke into.“Uzolile, unomoya othobekileyo, obobona butyebi bukhulubuvela kuThixo.” IBhayibhile yatsho.

Ngoku ndifuna ukunibuza into, apho ngaphandleemazweni. Sizakuvala kwimizuzu embalwa.163 Ngoku masithi sonke, ngokuhlwanje, sihlole iminqwenoyethu, ke ngoko uyakuba nokubona ukuba luhlobo luni nalwentluzo obutsala ngayo. Masihlole, mntu ngamnye kuthi,apha nangaphandle kwisizwe siphela. Hlola iminqweno yakho,eyonanto ufuna yona ngenene ebomini. Hlola ukuba ulwelantoni na. Hlola ukuba uzokufuna ntoni na apha. Hlola ukubauyela ntoni na enkonzweni. Yintoni ekwenza^Kulungileukuya enkonzweni, kodwa musa ukuya nje enkonzwenikuphela; loo nto ayiyi kukusindisa. ’Yabona? Hlola nje imizuzuembalwa, uthi, “Ingaba injongo yam^Luhlobo luni_luhloboluni lwentluzo enditsala ngayo, kakade?”

Page 33: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

INTLUZO YENDODA ECINGAYO 33

Ke ukuba awuyi kumelana neLizwi likaThixo,nomphefumlo wakho ungakwenzi oko, ngoko kukho intoengundonakele; kuba oku kubonisa ukuba yintoni na incasayakho, ukuba ubomi^luhlobo luni na lobomiobungaphakathi kuwe. Ukuba bobungcwele, obunengqiqo,obuhloniphekileyo, buyakuphuma bulolo hlobo. Ukubaabunjalo, umelwe kukuba unenye incasa engaphakathi kuweotsala kuyo. Ichanekile kanye loo nto.

Kwaye ukuba incasa iseLizwini likaThixo nakwintandokaThixo, ngoko uyazi ukuba yintoni na engaphakathi kuwe,yintoni na etsala incasa. Oko kubonisa ukuba uyinxalenye yelaLizwi. Ela Lizwi lingaphakathi kuwe, litsala okuvelakwiLizwi.164 Yintoni eliyitsalayo? Litsala ngokuphuma kwiLizwi,ngokuba uyinxalenye yomzimba kaKristu weli lixa. Kwayeukuba ela Lizwi lingaphakathi kuwe, Liyakutsala kuphelangokuphuma kwiLizwi, uMoya ophilisa ela Lizwilingaphakathi kuwe. ILizwi nje lilodwa alisayi kuphila. Nasoisizathu, “Bonke aNdinike bona uBawo bayakuza kuM; kwayeukuba Ndithe ndaphakanyiswa, Ndiyakubatsala beze kuMbonke abantu,” ’yabona. ’Yabona, “UBawo,” inxalenyeyoMzimba kaKristu esehlabathini, emiselwe ngenxaengaphambili, yafakwa ngaphakathi entliziyweni.165 Nawuphi na umntu onguMkristu wenene, ozelwengokutsha namhlanje, uyazi, ukusukela ekubeniwayengumntwana omncinane, okanye intombazana encinane,nokuba yiyiphi na, ukuba kwakukho into ngaphakathi kuweeyayilambele uThixo. Kwaye wazama ukujoyina iicawe nayoyonke enye into; ayabi nakusebenza. Yayiyintoni na?YayilelaLizwi. Wawuzingela iNtluzo. Yaze ngenye iminiYedlula phambi kwakho; wambona uYesu Kristu isekwanguyeizolo, namhlanje, nangonaphakade. Loo nto yakwanelisaukungcamla. ’Yabona?

Kuba, ubomi babungaphakathi kuwe, butsala. ’Yabona,ubomi obungaphakathi kuwe buyatsala. Bu_buxela ukubauyintoni na umnqweno onawo apha. Uyatsala. Awunakutsalangokuphumela koku, noku, nokuya. Umelwe kukufumana laaNtluzo iyelungileyo, kuba ungumntu ocingayo. ’Yabona?166 Ukuba ungumntu ocingayo, wamiselwa ngenxaengaphambili, okanye wahluzwa ngaphambili^ukusukelaekusekweni kwehlabathi.167 Kwaye ukuba umfundisi wehlelo uyayiva lento,ndiyathemba ukuba uyakuthabatha iNtluzo yendoda ecingayo,ukuba ungumfundisi wehlelo. Ngoko uyakulahlela phantsi okokuxinana kwehlelo kuyakuthi ngokuqinisekileyo kutshabalale,kuba lilizwi lomntu; aze amnkele iLizwi elihluziweyolikaThixo elingasayi kuze lisilele kungenjalo lidlule, kwaye

Page 34: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

34 ILIZWI ELITHETHIWEYO

liyakukuLingana ukungcamla kwendoda engcwele. Kwaye,njengoYakobi, uyakunikezela lonke ihlabathi nokulambelalonke ihlelo okanye udumo, olukhoyo ehlabathini, aphounokuba ngubhishophu, umfundisi omkhulu, nokubaungangumfundisi wesizwe omkhulu, okanye umalusi webandlaelikhulu. Uyakunikezela yonke into ekhoyo. Hayi njengo-Esawu, ukuze ube yinxalenye yehlabathi; koko njengoYakobi,uyakunikela ngento yonke onayo ukuze ufumane ubuzibulo,iNtluzo yendoda ecingayo; kuba Iyakukunika incasa yendodaengcwele. Kwaye Iyakukwanelisa. Kwaye iyakuba kukwanela,ize ikungcwalise ngencasa enguNaphakade yokulungaokungcwele kukaThixo.168 Khumbula, uSathana wagqobhoza umngxuma wokuqalakwingqondo-kaEva, okanye ekucingeni kwakhe, ukuze enzeukuba incasa yobulumko bakhe nolwazi iphumelengaphakathi.169 Ngoku cinga oko. Ndiyavala. USathana wagqobhozaumngxuma wokuqala waphumela, kuba yonke intoawayeyitsala umfazi yayiliLizwi. YayinguMoya usiza ngeLizwilikaThixo, kuba wathi, “Okoko nje nisaphefumla ngale Ntluzo,anisayi kufa; kodwa ukuba nikhe naphefumla ngaleingaphandle apha, niyakufa.” ’Yabona?170 Ke uSathana wathi, “Kodwa awazi nto apha. Kodwangcamla incasa encinane yoku kulapha, ke ngoko uyakwazi;uyakuba njengoThixo. ’Yabona, Uyakwazi okulungileyonokungalunganga; anikwazi nina. Kwaye ukuba nje uthewathabatha ukungcamla okuncinane koku.” Waze kewamvumela ukuba agqobhoze umngxuma kuko, umngxumanje omnye omncinane.171 Ngoku niyabona ukuba kutheni na ndisithi^Usithi,“Kutheni ungafundisi abafazi nje, nabanjalo, indlelayokwamkela izipho nezinto ezilolo hlobo?”172 Ndathi, “Ungabafundisa njani na izibalo ezisebenzisaoonobumba xa bengafuni kufunda no-ABC babo?”

Umngxuma omncinane kuphela nguwo owenza loo nto.Wathabatha ubulumko behlabathi, kwaye, wathi akwenzanjalo, bangenisa ukufa kusapho luphela, efuna ukungcamlakubulumko.173 Ngoku khangela kuloo ntluzo, kwaye ngokuqinisekileyoyiyo eyabonakalisa incasa yakhe. Incasa yakheyayiyeyehlabathi; yiloo nto anayo. Yiloo nto ekuyiyonamhlanje. Bathanda ihlabathi nezinto zehlabathi, benokumilakokuhlonela uthixo, kodwa bewakhanyela aMandla ako.’Yabona, uSathana uyakubavumela bathethe ngeelwimi;uyakubavumela bakhwaze; uyakubenza bafumane iinkonzozempiliso eNgcwele; uyakubavumela benze zonke ezi ntlobozezinto.

Page 35: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

INTLUZO YENDODA ECINGAYO 35

174 Yena uthi, “Baninzi abayakuza kuM ngaloo mini, kwaye,‘Nkosi, andizange ndikhuphe iidemoni, andizange ndenzeimisebenzi emininzi, ndenze oku?’” Uyakuthi, “Andizangandikwazi nokukwazi, msebenzi wobugqwetha.” Xa iLizwilabekwa kanye phambi kwakho waze wabe usamfimfitha laantluzo indala yehlabathi, ’yabona, oko kubonisa incasaeyayingaphakathi entliziyweni.

175 Amahobe akanako ukudla inyama ebolileyo.Akanayikudla. Akanayo inyongo. Unomyayi angadla imbewunjengehobe aze ayokudla kwinyama ebolileyo njengonomyayi,’yabona, ngokuba ungumhanahanisi. Kodwa ihobealakhiwanga njengayo nanye intaka eyenye, kwaye kungenxayesosizathu ukuba uThixo abe wazimisa njengeHobe lisihlaliphuma eZulwini. ’Yabona? Alinako_alinako ukumelananokunuka kwenyama ebolileyo. Aliloxhalanga; isizathu,kukuba alinanyongo konke. Alinakuba nakuyicola.Ingalibulala, ukuba lithe layidla.

Kwaye ihobe akuye kufuneke ukuba lihlambe umzimba.Umzimba wehobe ukhupha i-oli esuka ngaphathi, yiyo eligcinalicocekile. Bubomi obungaphakathi kwihobe; buvelisa kulo i-oli egcina iintsiba zicocekile. Unjalo ke noMkristu; kukhouBomi ngaphakathi kubo obubagcina becocekile. Buhluziwe.

176 Owu, qaphela! Noku khangela kuye^kwintluzo, kwayengokuqinisekileyo ungayibona incasa yayo, yalo nto bayenzayonamhlanje.

177 Khangela kwelibandla lalemihla. Khangela kwintluzoyabo. Ungabona ukuba yintoni na abayithandayo. Uboneukuba yintoni na abanayo. Uthando, bathanda ntoni? UNkszn.Lawodike oyintloko kumgwebo kaThixo. Injalo loo nto.Uthando, uthando lwebandla namhlanje lolweLawodike,umbutho omkhulu, ukulungiselela okukhulu, into enkulu,abantu abanxibe kakuhle, abaphucuke kakhulu, bezelebubulumko, bezaliswe ngumtyholi, phantsi kobuqhingaobungebandla likaKristu. Linye kuphela igama engelilapho,“umchasi-Kristu.” Kuba yonke into awayifundisayo uKristu,bachasene ngeliphandle nayo iyonke; kunjalo, kokwanele njeukuba babe nokuzibiza ngoloo hlobo.

178 Ngoku ukuba ningabantu abacingayo kusihlwanje, aphanangaphandle kwilizwe oya kulo uMyalezo, umnqweno wenuuyakuba yincasa yeBhayibhile, hayi incasa yehlelo, kubaniyakugwetywa kwangaloo Bhayibhile, iLizwi endinicelaukuba nibuhluze buphume kulo ubomi benu. Kwaye ukwalaiGama libe linye kuLo, ubange ukuba umphefumlo wakhoudlule kwelo Gama linye, awusayi kwamkelwa. “Kuba umntuakayi kuphila, aphefumle, ngasonka sodwa, koko ngamazwionke aphuma emlonyeni kaThixo.”

Page 36: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

36 ILIZWI ELITHETHIWEYO

179 Kwaye uyakungeniswa kuwe, umiselwe ngenxaengaphambili. Kwaye xa iNkosi iphefumlela kuwe, uMoyawaYo uyakuliphilisa ela Lizwi libe yinene, kwaye uyakubonaukuba uYesu Kristu isekwanguye izolo, namhlanje,nangonaphakade. Owu, bethu!180 Shiya amahlelo emvaba ehlabathi, ipakethe yezenkolo.Yiyeke ilale apho njengala pakethe yomdiza isematyholweni.Yiyeke ibole ivuthuluke. Yi_yintluzo ephosakeleyo. Uzeuthabathe iLizwi, lona linguKristu, ophayo, nobubutyebi,oyigcinayo incasa yoBomi obunguNaphakade, kuye wonkeoyakubuthabatha, uBomi obunguNaphakade.181 ILizwi, ukuba umiselwe ngenxa engaphambili, uyaLibona.Akukho ndlel yakuLifihla kuwe. Ukhangela apho uthi, “Kuba,Licace nje kangako phambi kobuso bam! NdingakhangelakuLo; lilo elo. Ndikhangele kuLo kanye. NdiyaLibona. LiLoeli, liLizwi; Lizwi ngalinye, iLizwi neLizwi, liphila.” Ngokonantso incasa yoBomi obunguNaphakade oyifunayo.

Kwaye xa uphefumla uphume loo Nto, yintoni enokuphumakuloo Nto, iNtluzo kaThixo? Akukho nto ingenguwo uMoya;akukho hlabathi, konke; akukho kungakholwa, konke. YiNtluzokaThixo leyo. Kwaye xa uphefuumla ngokuphumela kuYo,akukho nto inokuphumela kuYo ingenguwo uMoya oyiNgcwele.182 Ngoku unabo ubungqina bukaMoya oyiNgcwele, ’yabona,incasa yendoda engcwele okanye umfazi. Bafuna ukuphila.BanoBomi obunguNaphakade. Kwaye ngenxa yokuba eli Lizwiliphilisiwe kubo, bayaphila; iNtluzo yendoda ecingayo,nencasa yendoda engcwele.183 Musa ukuthabatha ihlabathi, njengezankampani zemidiza,phantsi kokuqhatha, kodwa thabatha iNtluzo yenene yendodaecingayo. Wuhluze umphefumlo owuphefumlayo, ukudlaokudlayo, yonke into oyiyo; phefumla ngokuphumela kwiLizwilikaThixo, kwaye uyakuba nencasa yendoda engcwele, kuba,Liyakuvelisa loo nto, kuba nguYe izolo, namhlanje,nangonaphakade.184 Kwaye ndiyazi, nokuba siyiyo na okanye nokuba asiyiyona^Ndiyakholwa ukuba siyiyo. Kodwa, ukuba asiyiyo,kukho umntu othile ehlabathini namhlanje, oyinxalenyeyoMzimba kaKristu; kwaye Uyakuphila kuphela ngeLizwilikaThixo, lonke iLizwi eliphuma emlonyeni kaThixo lesisigaba sexesha siphila kuso ngoku.185 Kwaye andiboni apho ihlelo^Loo Mazwi acace kangakoeBhayibhileni athi kuyakwenzeka, nezinto eziyakubakho,kwaye naku siphila kanye kuwo ngoku. Andiboni aphokunokuba yenye into ngaphandle kwale.186 Bandla, ndiyaqonda ukuba ndimelwe kukuma nanieMgwebeni ngenye imini. Makube le kum ukuba ndikhendinixelele nantoni na ephosakeleyo, ndisenzela udumo.

Page 37: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

INTLUZO YENDODA ECINGAYO 37

Andiyifuni loo nto. Ukuba ndandinawo umnqweno wam,ngendaba nako, umnqweno wam nje wobuntu,bendiyakuthabatha umpu wam ndiye kungena ematyholwenindizakhele ibhodlo, ndithiyele, ubomi bam bonke.Ndiyaluphala, ndidiniwe, ndiphelile kukudinwa. Ndaphukileempilweni, kodwa andinakunikezela. Kukho into ethileengaphakathi kum, egrayayo. Yeha kum ukuba andiyixeliiNyaniso neNyaniso iyonke. Yeha kum ukuba andimi udeumphefumlo wokugqibela womzimba wam ube undishiyile.Ndimelwe kukuma, ngaphandle kwayo nantoni na ethethwanangubani na. Ndinoxanduva phambi koThixo.187 Kwaye ndiyakholwa ngenene ukuba ezi zintosizishumayelayo ziyiNyaniso. Hayi ngenxa yokuba indimozishumayelayo. Hayi, mzalwana wam. Hayi, mhlekazi.UThixo uyayazi intliziyo yam. Indlela ebendinokuthandangayo ukuhlala phaya phantsi ebandleni ndiphulaphuleumthanjiswa eshumayela. Bekunokuba lula njani kum,ngokuqinisekileyo kuba ndiyakuba noBomi obunguNaphakadengendlela efanayo nendoda esepulpitini. Ndiyinxalenye yaBonjengokuba nayo iyiyo. Bendiyakuya kwiZulu elinye, ndibekwanaloo malungelo manye. Bekuyakuba lula njani kumukuhlala apho phantsi ndize ndingafumani oku kuntlitheka,ukubethwa, nokuqhubela phambili. Bekuyakubanjani ukubalula, kungaphandle kokuba nobusuku bonke bokungalali,iyure nesiqingatha seyure, okanye iiyure ezimbini;uzamazamana ubusuku bonke nezinto ezivelayo. Bekuyakubalula njani kum ukwenza oko, ndithabathe umpu wamngentsasa elandelayo, igwegwe lam lokuloba, ndiye kulobaokanye ndizingele! Bekuyakuba lula kangakanani! Kodwa,mzalwana, kube liqashiso lam. Wanga uThixo angandincedaukuba ndingayitshikileli indawo eyeyam yokusebenza, kokondime ndithembeke ndinyaniseke, ndivelise kuni iNtluzoyendoda ecingayo eyakuninika incasa yendoda engcwele.188 INtluzo yendoda ecingayo ngamanzi, angawamanziwokwahlula. Kukusulungekiswa esonweni, aliLizwi likaThixo.Kwaye indoda ecingayo, indoda eyaziyo ukuba imelwekukuma phambi koThixo, iyazi ukuba iyakuphendulangeLizwi ngalinye leBhayibhile, Liyakuyanelisa loo ncasaisentliziyweni yakho. Wanga uThixo angasinceda ukubasiyamnkele, sisathoba iintloko zethu.189 Thixo Othandekayo, enye iyure okanye ezimbini zidlule.Iwotshi ihambile yajikeleza ngoku. UMyalezo ngoku ungenakwimbali, kwaye Ushicilelwe eNcwadini. Sonke simelwekukuphendula ngoku ngenxa yale nto, yonke intshukumoesayenzayo, lonke ilizwi esalithethayo, yonke ingcinga etheyedlula engqondweni yethu, okushicilelweyo kusadlala.Kuyakudlala kuqhubele phambili bude ubomi budlule, sizengoko siphendule ngoMhla woMgwebo.

Page 38: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

38 ILIZWI ELITHETHIWEYO

190 Owu Thixo, uMdali omkhulu wamazulu nehlabathi, lowosikholwa kuYe, ndithandazela aba bantu ngalo mhla.Ndiyazithandazela kunye nabo, ukuba Nkosi Yesu, ukubaUbambe iNtluzo yaKho. Kwaye ukuba ndithetha nantoni naeyehlambelayo, Nkosi, mna^entliziyweni yam andiyazi.Ndiyathandaza ukuba ukuba iyinto ephosakeleyo kumukuthabatha iLizwi laKho ndize ndisebenzise intoenjengaleya, Undixolele ngaloo nto.191 Kodwa, Nkosi, ndicinge ukuba xa Ubuthetha kum phayaematyholweni, Uyalazi ixesha kusasa, kwenzeke nje ukubandingabinakukhupha oko engqondweni yam. Ndikwamkele njengokuvela kuWe. Ngoko, Bawo, Thixo, sele ndikuthethile.Ndiyathandaza, Thixo, ukuba Ukwenze kube ngaloo ndlelabendicinga ukuba kuyakuba ngayo, ukuze indoda ecingayo,indoda ukuba inayo nantoni na enokuyicinga konke, iyakuthiyazi ukuba imelwe kukuma Phambi koThixo, kwaye ayisayikungenisa kumphefumlo wayo nantoni na engcolisayo okanyeechasene neLizwi likaThixo.192 Kwaye, Bawo, siyayiqonda loo nto, njengokubandithelekise oku nale mibutho yanamhlanje; ingekuko ukuzendahluke, Nkosi. Uyakundigweba, ngamhla uthile, ngokuvelaentliziyweni yam. Ndiyathandaza, Thixo, ukuba Ubone ukubaibingekokuze ndahluke, kodwa ibikukunyaniseka, ukuzamaukuba ngonyanisekileyo, ndiqonda ukuba ndiphetheokuthengwe ngeGazi laKho, ukusuka kunxweme ukuyakunxweme, nangoku, esandleni sam. Kwaye abaninzi babobakholiwe Ludaba.193 Kwaye, Thixo weZulu, kwanga akungebikho namnye kuboulahlekayo. Ndiyababanga, mntu ngamnye, ndibambe phambikwabo iNtluzo yokukhupha esonweni, amanzi okwahlula,iGazi likaYesu Kristu, iLizwi lenziwe inyama. Siphe, Nkosi.Kwaye wanga uMoya oyiNgcwele angagaleleka ngaso sonkeisithembiso, emiphefumlweni yethu. Kwaye sangangaphilanjengabameli boMtshakazi kaYesu Kristu, ngexesha lamehlo,lokubona ekuKhanyeni kwangokuhlwa, kuba sikuzisa kuWeoku eGameni likaYesu Kristu. Amen.194 NiyaMthanda? [Ibandla, “Amen.”] Niyakholwa liLo?[“Amen.”_Mhl.] Mna, ukuba ndithethe nantoni naephosakeleyo, ngokuthi, “intluzo yendoda ecingayo,”andisenakuphinda ndiyithethe. Andinamfundo. Ndimelwe njekukuthetha oko kufikayo kum. Kwaye ndithe ndakubona laanto ilele phaya, ndacinga,”Ngonjani umgca wobuhanahanisi!”

Kwaye iNto ethile ithe, “Kanye njengebandla.”195 Intluzo yendoda ecingayo! Owu, bethu! Kukhookungaphezu koko malunga naloo nto. Indoda ecingayoayinakuyisebenzisa loo nto konke. ’Yabona? Ngokuqinisekileyoakunjalo. Kwaye inqwenela incasa yendoda etshayayo, injalo

Page 39: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

INTLUZO YENDODA ECINGAYO 39

loo nto, ngokuba imelwe kukufumana loo nto ukuze yaneliseincasa yayo. Kodwa indoda ecingayo ngenene eyaziyo ukubaumphefumlo wayo uzakuya eMgwebeni, iyakuyihluza incasayayo ngeLizwi likaThixo. “Kuba bonke aNdinike bona uBawobayakuza kuM.” Kwaye uyakuphila ngalo lonke iLizwieliphuma emlonyeni kaThixo, elingaManzi okwahlula, athi^asahlula sisuke esonweni. Kuba, xa siphumela kwiLizwi,siyasibona ukuba sisono ukungaLikholwa, ngoko sisuka njesiLikholwe siqhubele phambili. Oko kukwahlula esonweni.NiyaMthanda? [Ibandla lithi, “Amen.”_Mhl.]

NdiyaMthanda, ndiya^

Masiziphakamisele kuYe ngoku izandla zethu.

Ngokuba Wandithanda kuqalaWathenga usindiso lwamEKalvari emthini.

196 Wathini Yena? “Abantu bayakwazi ngale nto ukubaningabadisipile baM, xa nithanda, nithandana omnyenomnye.” Ngoku masibambe isandla somnye umntu ngelithuba siliculayo kwakhona, sithi, “Ndiyakuthanda, nawe,mzalwana.”

NdiyaMthanda, ndi^ (Oku kukukwazisa loonto^)

^Wandithanda kuqalaWathenga usindiso lwamEKalvari emthini.

197 Ngoku, niyayithanda iNtluzo yendoda ecingayo? [Ibandlalithi, “Amen.”_Mhl.] Xa uphumela estratweni ukuya kugilanangengalo nehlabathi ngomso, mzalwana, dade, unayo iNtluzoyendoda ecingayo? Xa loo ndoda ikubiza ngomqengqelekiongcwele, uyayisebenzisa na iNtluzo yendoda ecingayo? Xa loomntu uthile ethetha into ethile engcolileyo ngokubhekiselelekuwe, unayo iNtluzo yendoda ecingayo? ’Yabona, yenzaokulungileyo ngenxa yokubi. Thandazela abo bakhohlakeleyokuwe, nabo bakutshutshisayo, ngoko uyakuba uphefumlangokuphumela kwiNtluzo yendoda ecingayo.198 Kuba ukuba uthanda abo balungileyo bakuthandayo,njengokuba besibambana izandla, njengabathandekayoabathandwa yiNkosi, intle loo nto, kodwa ungabathandanabangathandekiyo? Nantso iNtluzo yendoda ecingayo. NankouMoya kaKristu okuwe, ukuthanda abo bangakuthandiyo,ngoko unawo umvuzo kaThixo. Kodwa, ngoku, ukuba okoukwenza ngokomsebenzi, awukabinayo nangoko eyendodaecingayo^Ulapha nje kwisigaba sesibini. Kodwa ukubakuvela entliziyweni yakho umthanda ngenene, ngokouphefumla ngokuphumela kwiNtluzo yendoda ecingayo.Kwaye loo Nto iyayanelisa incasa yendoda engcwele, ukuba

Page 40: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

40 ILIZWI ELITHETHIWEYO

wazi, ngokusuka entliziyweni yakho uxolele wonke umntu,yonke into, ungenamsebenzi nokuba kwenzeke ntoni na.Akamangalisi Yena?

^ndithanda kuqalaWathenga usindiso lwamEKalvari emthini.Siyakuhamba ekuKhanyeni,KukuKhanya okuhle,Kuvela apho amathontsi ombethe wenceba

akhanya khona;Ebengezela esijikelezile emini nasebusuku,UYesu, ukuKhanya kwehlabathi.Siyakuhamba koku kuKhanya, Kokunjani

ukuba kuhle ukuKhanya;Kwaye kubakho apho (kuhluzwe) amathontsi

ombethe akhazimla khona;Owu, ukuKhanya kusijikelezile emini

nasebusuku,UYesu, ukuKhanya kwehlabathi.Yizani, nonke bangcwele bokuKhanya, nibize,UYesu, ukuKhanya kwehlabathi;Ngoko intsimbi zeZulu ziyakukhala,UYesu, ukuKhanya kwehlabathi.Owu, siyakuhamba ekuKhanyeni, Kokunjani

ukuba kuhle ukuKhanya;Kuvela apho amathontsi ombethe wenceba

akhazimla khona;Owu, ukuKhanya kusijikelezile emini

nasebusuku,UYesu, ukuKhanya kwehlabathi.

Niyalithanda? [Ibandla lithi, “Amen.”_Mhl.]Owu, siyakuhamba koku kuKhanya,

Kokunjani ukuba kuhle ukuKhanya;Kwaye kuvela apho amathontsi ombethe

wenceba akhanya khona;UkuKhanya kusijikelezile emini nasebusuku,KunguYesu, ukuKhanya kwehlabathi.

Ndiyalithanda nje elo culo!Lukhangela kuWe ukholo lwam,Mvana yeKalvari,Owu Msindisi oNgcwele;Ngoku ndive ndisathandaza,Susa sonke isono sam^(Ndihluze, Nkosi,

ndiphumele kwiLizwi.)Owu mandithi ukususela namhlanjeNdibe ngowaKho ngokupheleleyo!

Page 41: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

INTLUZO YENDODA ECINGAYO 41

Cinga nje ngaloo nto, ukuhluzwa uphumele kwiLizwi,“Ngokupheleleyo ndibe ngowaKho.”

Ndisacand’udada,Ubuhlungu bundijikelezile ndonke,Yiba nguMkhokeli wam Wena;Yenza ubumnyama bube yimini,Yosula uloyiko lwentlungu,Ungandivumeli kananjalo ndilahlekeUkumka kuWe.

[UMzalwana uyaqalisa ukungqumshela u-LukhangelaKuwe Ukholo Lwam_Mhl.]

^kwintliziyo yam ephelelwayo,Phembelela umdla wam;Owu yenza ubumnyama bube yimini,Wosule iinyembezi zosizi,Owu ukususela namhlanjeNdibe ngowaKho ngokupheleleyo!

199 Thixo Othandekayo, siyathanda ukuKuculela, kubakulapho sibonakalisa khona indlela esiziva ngayo, umdlawethu, ibandla lilonke, njengokuba Wena usiphefumlelangeLizwi loBomi. Sinombulelo kakhulu, Nkosi. Nangelo culo,samnkele, Awungekhe, Nkosi? Kuba umnqweno wethu,ingowokuhluzwa ngeLizwi likaThixo, sihambe usuku ngalunyeekuKhanyeni, ukuKhanya kweVangeli.

Uze uzalise indlela yethu suku ngalunyengothando

Njengokuba sihamba neHobe leZulu;Masihambe lonke ithuba, sineculo noncumo,Zalisa indlela yethu suku ngalunye ngothando

200 Siphe oko, Nkosi. Sisikelele sisonke ngoku. Sisikelelesisonke ngoku. Maluthi ubabalo lwaKho nenceba ibe nathi.Philisa abagulayo nabaxhwalekileyo kulo lonke eli lizwe.201 SiyaKubulela ngenxa kaMzalwana Coggins ngokuhlwanje,ngokuba Umenze wasishiya isibhedlele, ukuze agodukeephilile. SiyaKubulela ngazo zonke ezi zinto Uzenzileyo,nangokomelela kwethu kuba siziva sinyuselwe phezulungoku.202 SiyaKubulela ngoMyalezo omncinane oshunqulelweyongokuhlwanje, Nkosi. A_andiwenzanga ngendlela eyiyo,kodwa ndiyathandaza, Nkosi, ukuba uwenze ulungeemehlweni abantu, ukuze babe nokubona bazi ukubaubusenzelwa ntoni na. Fumana uzuko ngenxa yawo, Nkosi,kwaye sanga singanako oku kuqonda, ukuba akukho ntoiyenye, ukuba simelwe kukuphila ngeSonka seLizwi likaThixo,sihluziwe sivela kuThixo senzelwe kuphela abantwana baKhebodwa. Libandla elahluliweyo. Ayisiso esakhe namnye

Page 42: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

42 ILIZWI ELITHETHIWEYO

ongomnye. Sesabo kuphela, abanyuliweyo baKho, njengokubaamanzi ethokazi elibomvu okwahlula ayengawebandlalikaSirayeli kuphela. Ngoko, Bawo, siyazi ukuba iSonkaseseZimvu zodwa.

“Akulunganga ukuthabatha iSonka sabantwana usiphoseezinjeni,” watsho uYesu.

Kwaye umfazi, ephendula, wathi, “Ewe, Nkosi, yinyanisoleyo, kodwa ndikulungele nokuthabatha imvuthuluka.”

Kwaye siziva sinjalo ngokuhlwanje, Nkosi. Sifuna konkeoko Unokusinika kona, Bawo, kuba silambele sinxanelweokuthe chatha kwaKho.203 Siphe ukuba ukulamba kwethu kuzaliswe neminqwenoyethu yaziswe, kuba, Bawo, sifuna ukuba nomnqwenowendoda elilungisa. Kwaye iNdoda elilungisa yayinguYesuKristu, nomnqweno waKhe ikukwenza intando kaBawo,eyayiliLizwi. Siphe oko, Bawo. Sikucela eGameni laKhe.Amen.

Masiphakame ngoku ngeli thuba sicula iculo lethulokuphuma, elithi, Thabatha Igama LikaYesu Uhambe Nalo.204 Ngaphandle kwezinye iindawo ngoku, apho lo Myalezoufikelele khona kusihlwanje, wanga uThixo anganani ngokusisahlukana emthandazweni. Wanga umntu ngamnye kuni,apho ngaphandle, ndiyathemba ukuba nikonwabele ukuwuvanjengokuba ndenze njalo ngoKuwuzisa kuni. Kwayendiyathemba ukuba uThixo uyakuWubeka ngaphakathiezintliziyweni zenu aze aninike ingcaciso eyiyo yaWo.205 Kwaye nina bantu balapha esihlweleni ninezitshefu zileleapha, ndibeke izandla phezu kwazo. Ndiyathandaza ukubauThixo aphilise umntu ngamnye kuni, akusayi kubakho bantubagulayo phakathi kwenu, niyabona indlela uThixo wethuaphendula ngayo umthandazo.206 Xa sithe sahlanganisana, “Abantu ababizwa ngeGama laMbayakuhlanganisana bathandaze, ngoko NdiyakuvandiseZulwini.” Wathembisa ukuyenza loo nto.207 Ngoko, asahlukananga. Singumntu nje omnye; sisonkesimnye, kuKristu Yesu. Kwaye mntu ngamnye uthandazelaomnye; nize nindithandazele njengokuba nam ndinithandazela.NoThixo anisikelele side sinibone kwakhona.208 Kwaye ndiyathemba ukuba niyakuthi rhoqo^ninanihlala apha kufutshane, niyakuza apha emnqubeni nizenityelele apha kumlungiseleli wethu othandekayo, uMzalwanauNeville. Uyakuqhuba kakuhle nani, uMzalwana uMann nababantu balungileyo banabo apha emnqubeni.209 Ukuba ukufutshane kuMzalwana uJunior Jackson okanyeomnye wabo bonke abalapha elizweni, eNew York

Page 43: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

INTLUZO YENDODA ECINGAYO 43

nakwindawo ezahlukeneyo apho baneenkonzo khona,ukujikeleza e-Arizona naseCalifornia, tyelela kwezo nkonzoukuba ulapho ngaphandle. Siyathandaza ukuba ubuyele aphokwakhona ufumane umlungiseleli oyakukunceda ukuba wazimalunga neNkosi uYesu.

210 UThixo anisikelele ngoku ngeli thuba sicula u-ThabathaIgama LikaYesu Uhambe Nalo.

^igama likaYesu uhambe nalo,Mntwana wentsizi nentlupheko,Liyakukunika uvuyo nentuthuzelo,

[UMzalwana uBranham uthetha nomntu othileeqongeni_Mhl.]

^uhamba.

IGama elithandekayo (IGama elithandekayo),Owu limnandi!

(Owu Limnandi!)Ithemba lomhlaba novuyo lweZulu;IGama elithandekayo, Owu limnandi!Ithemba lomhlaba novuyo lweZulu.

211 Xa ndikhangela apha esihlweleni ngokuhlwanje, ndibonauMzalwana Estle Beeler phaya emva, uMzalwana Palmer,nabaninzi, uMzalwana J. T. nabaninzi kakhulu babalungiselelibemi jikelele apha, andinakuwabiza onke amagama abo.Ndinqwenela ukuba ndibe bendinokuba nani, ngabanye, aphaphezulu, nize nonke nibe nokundulula ibandla okanye nibenento eniyenzayo. Niyaqonda, akunjalo? Ndiyazi ukubaninentliziyo yoBukristu nisazi ukuba simelwe ukuba si^indlela esi_indlela esiyiyo; sisonke singuMntu omnye,kuKristu Yesu.

212 Ngoku masikhumbule lo mqolo ulandelayo njengokubasiwucula, xa uMzalwana Martin lo ezakusindululangomthandazo. Kwaye ndifuna ukuthi^Lo Mzalwana u-EarlMartin usuka, ndiyakholwa, usuka e-Arkansas okanye_okanyeeMissouri. [UMzalwana u-Earl Martin uthi, “E-Missouri.”_Mhl.] EMissouri, kanye kumda we-Arkansas,eMissouri kuloo mda. Banebandla phaya ezantsi.

213 Kwaye ndiqaphele omnye lo umzalwana usuka aphoemazantsi, andilikhumbuli igama lakhe, uBrewer. Ebelaphangale ntsasa. Ndiyakholwa ukuba uselapha nangokuhlwanje.Ewe, ndimbona emi apha kweli cala, uMzalwana uBrewer.Ndithembise ukudlula ndenze unikezelo lweenkonzo zabo,amaxesha amaninzi. Ndiyakufika apho ngenye imini.Ngoncedo lweNkosi, ndinganakho.

Ngoku, ngeli thuba sicula lo mqolo ulandelayo ngoku.

Page 44: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

44 ILIZWI ELITHETHIWEYO

EGameni likaYesu ndiyathoba,Ndisiwa natya ezinyaweni zaKhe,Uukumkani wookumkani oseZulwini

uyakuMthwesa,Xa uhambo lwethu luphelile.

Masilicule ngoku.

EGameni likaYesu ndiyathoba,Ndiwa natya ezinyaweni zaKhe,Kumkani wookumkani oseZulwini

uyakuMthwesa,Xa uhambo lwethu luphelile.

IGama elinoyolo (IGama elinoyolo), Owulimnandi!

Ithemba lomhlaba novuyo lweZulu;IGama elinoyolo, Owu limnandi!Ithemba lomhlaba novuyo lweZulu.

Owu, thabatha iGama likaYesu uhambe nalo,Njengekhaka kuso sonke isabatha;

(phulaphula ngoku)Owu, xa izilingo zikurhangqile, (kufuneka

wenze ntoni?)Phefumla nje elo Gama lingcwele

emthandazweni.

IGama elinoyolo, Owu limnandi!Ithemba lomhlaba novuyo lweZulu;IGama elinoyolo, Owu limnandi!Ithemba lomhlaba novuyo lweZulu.

Masithobe iintloko zethu.

Owu iGama elinoyolo, Owu limnandi!Ithemba lomhlaba novuyo lweZulu;IGama elinoyolo (sibhaptizelwe kuLo;

sithandaza ngaLo),Owu limnandi kangakananiIthemba lomhlaba novuyo lweZulu.

Mzalwana uMartin. [UMzalwana uMartinuyathandaza_Mhl.] `

Page 45: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

Intluzo Yendoda Ecingayo, Umq. 9 Inani 1(A Thinking Man’s Filter, Vol. 5 No. 6R)

Lo Myalezo kaMzalwana uWilliam Marrion Branham owawushunyayelweekuqaleni ngesiNgesi ngeCawe ngorhatya umhla wama 22 kuAgasti, ngowe-1965, kuMnquba kaBranham, eJeffersonville, e-Indiana, eMelika,wathatyathwa kwisishicileli-mazwi washicilelwa ungafinyezwangangesiNgesi. Le nguqulelo yesiXhosa ipapashwe ngowe-2000 ngabe:

VOICE OF GOD RECORDINGSP.O. Box 950, Jeffersonville, Indiana 47131 U.S.A.

Page 46: XHO65-0822E Intluzo Yendoda Ecingayo VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0822E A Thinking Mans... · 2018-05-24 · Kwaye sinovuyo. 9 Ngoku sibambelele; asikeva. Ukuba uMzalwana

Ilungelo lombhali elilelakhe lokushicilela

Onke amalungelo agciniwe. Le ncwadi ingaprintwa kwiprinta yasendlini ukwenzela ukuba isentyenziswe okanye kunikezwe ngayo, ngaphandle kwentlawulo, njengesixhobo sokukhawulezisa iVangelli kaYesu Kristu. Le ncwadi ayinakuthengiswa, yenziwe kwakhona ngesixa esikhulu, ifakwe kwi website, igcinwe kwindawo apho inokukhutshwa khona, itolikelwe kwezinye iilwimi, okanye isetyenziselwe ukurhwebesha imali ngaphandle kwemvume echaziweyo ngombalo ephuma eVoice Of God Recordings®.

Ngeechukacha ezithe vetshe okanye malunga nezinye izinto eziphathekayo, nceda qhagamshela:

VOICE OF GOD RECORDINGSP.O. BOX 950, JEFFERSONVILLE, INDIANA 47131 U.S.A.

www.branham.org