xho65-0218 imbewu ayiyondlalifa ndawonye nekhasi vgrdownload.branham.org/pdf/xho/xho65-0218 the seed...

39
IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi ` Masime njalo okomzuzwana sithandaze. Masigobe iintloko zethu. 2 Thixo Othandekayo, sikuthabatha njengecham elikhulu, ngokuhlwanje, ukuba lapha kwesi siganeko ukuzisa uKristu ophilileyo kwiLizwe elifayo nesizukulwana esifayo. 3 Sithanda ukukucela, Nkosi, ukuba Uthambise aMazwi ethu nemizamo yethu, ukuze angabi nakubuyela kuWe elambatha, koko anganga zalisekisa oko ebejoliswe kuko. 4 Nceda yonke indoda, umfazi, inkwenkwe okanye intombazana elapha ngokuhlwanje, esweleyo. Kwaye, Bawo, siyazi ukuba siswele sisonke. Kwaye xa simnka, ngokuhlwanje, sanga singeva ezintliziyweni zethu zinjengabo babevela e- Emawusi, emva kokuba^babefumene ubungqina bokuvuka kukaKristu, besithi, “Bezingavuthi na ngaphakathi kwethu iintliziyo zethu ekuthetheni kwaKhe nathi endleleni?” Siphe oko, Nkosi. 5 Philisa abagulayo nababambekileyo. Kwanga akungebikho ubuthathaka phakathi kwethu emva kwenkonzo yangokuhlwanje. Kwaye ngaphezu kwento zonke, kwanga akungebikho namnye ongongakholwayo oshiyekileyo, Nkosi. Banga bonke bangakholwa basinge kuBomi obunguNaphakade, kuba leyo yinjongo yethu yokuhlanganisana kwethu apha. 6 Ezi ntsikelelo sizicelela ukuhlonitshwa koBukumkani bukaThixo, eGameni likaYesu Kristu, uNyana kaThixo. Amen. Ningahlala phantsi. 7 Kumnandi, ngokuhlwanje, ukubuya sibe lapha. Kwaye ndiyabona ukuba sinaba mbalwa abemileyo jikelele, kwaye ndiyacinga ukuba i_iminxeba ivuliwe ngoku, iya kwizixeko ezininzi ezahlukeneyo kuso sonke esi sizwe; eSan Francisco, eTuscon, emantla empuma. Kwaye thina, ngomnxeba, sithumela imibuliso kubo. Sikwiholo enkulu apha ngokuhlwanje. Kwaye umphakathi weholo uzele, nemigca ephakathi kwezitulo; najikelele ezindongeni, kumi abantu kuzele. Kwaye siyaqonda ukuba ngomso ngokuhlwa sizakuzama ukuvula apha phezulu kwelinye icala, ukuya ngakwiholo yokuthamba, size sifumane indawo ephakathi enkulu eholweni eyakuthabatha mhlawumbi amanye amawaka ambalwa abantu. Ngoko sineloo themba, ngokuhlwa ngomso. Ukuba ithe yazala ngokuhlwanje, kubusuku bokuqala, kuba,

Upload: others

Post on 19-Sep-2019

5 views

Category:

Documents


0 download

TRANSCRIPT

Page 1: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 1

IMbewu AyiyoNdlalifa

Ndawonye NeKhasi

` Masime njalo okomzuzwana sithandaze. Masigobeiintloko zethu.

2 Thixo Othandekayo, sikuthabatha njengecham elikhulu,ngokuhlwanje, ukuba lapha kwesi siganeko ukuzisa uKristuophilileyo kwiLizwe elifayo nesizukulwana esifayo.3 Sithanda ukukucela, Nkosi, ukuba Uthambise aMazwiethu nemizamo yethu, ukuze angabi nakubuyela kuWeelambatha, koko anganga zalisekisa oko ebejoliswe kuko.4 Nceda yonke indoda, umfazi, inkwenkwe okanyeintombazana elapha ngokuhlwanje, esweleyo. Kwaye, Bawo,siyazi ukuba siswele sisonke. Kwaye xa simnka, ngokuhlwanje,sanga singeva ezintliziyweni zethu zinjengabo babevela e-Emawusi, emva kokuba^babefumene ubungqina bokuvukakukaKristu, besithi, “Bezingavuthi na ngaphakathi kwethuiintliziyo zethu ekuthetheni kwaKhe nathi endleleni?” Sipheoko, Nkosi.5 Philisa abagulayo nababambekileyo. Kwanga akungebikhoubuthathaka phakathi kwethu emva kwenkonzoyangokuhlwanje. Kwaye ngaphezu kwento zonke, kwangaakungebikho namnye ongongakholwayo oshiyekileyo, Nkosi.Banga bonke bangakholwa basinge kuBomiobunguNaphakade, kuba leyo yinjongo yethuyokuhlanganisana kwethu apha.6 Ezi ntsikelelo sizicelela ukuhlonitshwa koBukumkanibukaThixo, eGameni likaYesu Kristu, uNyana kaThixo. Amen.

Ningahlala phantsi.7 Kumnandi, ngokuhlwanje, ukubuya sibe lapha. Kwayendiyabona ukuba sinaba mbalwa abemileyo jikelele, kwayendiyacinga ukuba i_iminxeba ivuliwe ngoku, iya kwizixekoezininzi ezahlukeneyo kuso sonke esi sizwe; eSan Francisco,eTuscon, emantla empuma. Kwaye thina, ngomnxeba,sithumela imibuliso kubo. Sikwiholo enkulu aphangokuhlwanje. Kwaye umphakathi weholo uzele, nemigcaephakathi kwezitulo; najikelele ezindongeni, kumi abantukuzele. Kwaye siyaqonda ukuba ngomso ngokuhlwasizakuzama ukuvula apha phezulu kwelinye icala, ukuyangakwiholo yokuthamba, size sifumane indawo ephakathienkulu eholweni eyakuthabatha mhlawumbi amanye amawakaambalwa abantu. Ngoko sineloo themba, ngokuhlwa ngomso.Ukuba ithe yazala ngokuhlwanje, kubusuku bokuqala, kuba,

Page 2: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

2 ILIZWI ELITHETHIWEYO

siyakholwa ukuba iyakuba nkulu kunoko ngokuhlwa ngomso.Kwaye ndiyabona ukuba bafake izitulo ezininzingokungaphezulu, nayo yonke into, kananjalo, ngokuhlwanje.8 Siphantsi kokulindela okukhulu; kuqala, uKuza kweNkosiuYesu; ngokulandelayo, usindiso lwe^lwemiphefumloelahlekileyo eyakuMamnkela ngokuhlwanje ize ilungele uKuzakwakhe xa Ayakuvela.9 Ndifuna ukubhekisa umbuliso otyumbayo ndamnkele onkela madoda alungileyo aseqongeni, endiqondayo ukubaamaninzi awo angabalungiseleli. Amakhulu ambalwa, okanyeangaphezulu, ahleli eqongeni, kwaye ngokuqinisekileyosinombulelo ngokuba abe lapha.10 Kuni nonke bantu, nokuba niphi na, kwindawoezahlukeneyo zesi sizwe^Kwaye ndiyaqonda ukuba abanyebalapha bevela ngaphesheya kolwandle. Phesheya kolwandle,ngoko sinovuyo ngobukho benu ukuza konwabela obubudlelane kunye nathi, esiphantsi kothakazelelo lokubauThixo uyakusipha bona kule nkonzo.11 Kukhangeleka ngathi, ukuba ukusukela ekubeni ndacingaukubuya nezi ntsuku zimbalwa zenkonzo, ukuba eyamintliziyo buqu ibihleli ixhalabe ngokungaqhelekangainokuziva okukhulu kokuba into ethile sele izakwenzeka.Andazi ukuba iyintoni na, kodwa ndiyathemba ukubasisityhilelo esikhulu esisuka kuThixo, esiyaku_esiyakusilungisa isenze sibe ngabemi abangcono boBukumkanibaKhe ngeli thuba sisahamba kwihlabathi elimnyama lesononokungakholwa.12 Lo mhlaba ngokuhlwanje, le ndawo kanye, iqulethe intoebalulekileyo kum. Ukusukela ndaziyo ukuba bakha eli hololikhulu lesikolo apha, bendihleli ndifuna ukuba nenkonzo kulendawo. Ndinombulelo kakhulu kwibhodi yesikolo nakwabobathe ngobubele basivumela ukuba silifumane.

Kwakukule ndawo, kanye malunga kwindawo ethile aphaapho simi khona esi sakhiwo ngokuhlwanje, apho kwathikwenzeka khona into ethile enkulu kumashumi amathathueminyaka eyadlulayo, kanye kwakulo mhlaba. Kwakungekhonto kwakuyiyo koko ikukushinyana kotyani bemitshayelolonke ixesha. Kwaye ndandihlala kwindlu encinane elapha njengaphesheya, malunga namakhulu amabini eeyadi.Ndandinexhala kakhulu ngaloo mihla malunga nosindisolukatata nomama wam. Abathi, bobabini babe abasekhongokuhlwanje. Kwaye ingakumbi, ngaloo mini,ndandihlupheka malunga notata. Ndiyakhumbula, ukubandandilele kwigumbi eliseverandini. Kwakushushu, ililixalasehlotyeni.13 Oku kubhaliwe, ndiyakholwa, kwincwadi encinane ebizwangokuba UYesu Kristu IsekwanguYe Izolo, Namhlanje,

Page 3: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3

NangoNaphakade, kanye nokuba kwakwincwadi encinaneebizwa ngokuba Andibanga Nguye Ongawuthobeliyo UmbonoWaseMazulwini.

14 Kwaye ndandingqengqe apho everandini, kwaze kwathingesiquphe ndothuswa, kwabe kukho umthwalo ofikaentliziyweni yam malunga notata. Njengokuba abantuabaninzi kuni apha kwesi sixeko bayamazi utata wam.Ndicinga ukuba wayeyindoda ebalulekileyo nakubeniwayengumoni. Kwaye, kodwa wayenomkhwa ombi, endathindazama ukulwa nayo loo nto kangangoko ndandinokubanako, ngalo lonke ixesha, lowo, kukusela. Kwaye ngobobusuku wayesela. Ndaze ndavuka ndinomthwalo omkhuluentliziyweni yam ngaye. Ndinxibe nje impahla yam yokulala,ndatsala ndafaka ibhulukhwe yam, ihempe yam yokulalaishiyeke ndiyinxibile; ndajikeleza phaya phandle phakathikobo tyani bomtshayelo bushinyeneyo, ukuya nje malungaapho kumi le nto ngoku, ndaze ndaguqa phantsi ukuzendithandazele utata.

15 Ndathi ngethuba ndandithandaza ndicela uThixo ukubaamsindise aze anga_angamyeki afe engumoni, kubandandimthanda; ndathi ngethuba ndandisemthandazweni,ndeva kufuneke ndikhangele phezulu ngasempuma ukusukaapha, kwaye kwafika umbono. Kumi nje malunga ngasentlakum, abaninzi benu bayawazi loo mbono, YayiyiNkosi uYesu.

16 Ngoku, andingomntu ukoyikayo ukubona izintoezingekhoyo nokubakho, njengokuba ndisazi. Kodwa imibonoiyinene. Kwakumi apho iNkosi uYesu, ityeli lokuqala ndakhendaMbona embonweni ololo hlobo. Wayemalunga nje, owu,ngokuphandle neenyawo ezilishumi entla kwentloko yam, emiphakathi emoyeni, unyawo olunye luthabatha nje inyathelo.Wayenxibe ingubo emhlophe, inomsonto womqukumbeloecaleni kuyo. Wayeneenwele ezibetha emagxeni kuYe.Wakhangeleka ngokungathi, yiNdoda emalunga nokoiBhayibhile yathi Wayekuko, malunga namashumi amathathu.Kodwa, emncinane, uMfo owakhiwe ngokunciphileyo,emncinane kakhulu, wakhangeleka ngokungathiAnganobunzima obungaphezu kwekhulu elinamashumiamathathu eeponti.

17 Ndajonga, ndaze ndacinga ukuba kukho into ethile, ukubandisenokuba ndiyaphazama. Ngoko nda_ndatyikitya amehloam nda_ndakhangela phezulu kwakhona. Kwaye emi ebuzangecala, kungathi bubuso baKhe buze ngecala.Unokukhangeleka kobuso baKhe, endahlala ndibubonaemibonweni, bukhangeleka ngokwentloko kaKristukumashumi amathathu kaHofmann. Naso isizathu sokubandibe ndinawo endlwini yam, kwizinto endizifundayo, naphi

Page 4: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

4 ILIZWI ELITHETHIWEYO

na apho ndinokuwuxhoma khona, ngokuba yiyo leyo indlelaawayekhangeleka ngayo, ngokusondele kakhulu kuloo ndlela.Kuphela, Wakhangeleka emncinci.18 Ndathi ndijonge kuYe apho phezulu, ndacinga,“Ngokuqinisekileyo andikhangelanga kwiNkosi yam imiphaya.” Kwaye ndandibu, ndingathi, ndimi kanje okanyemhlawumbi apho kukho khona oku, ngaphantsi apho ikhoyo lepulpiti ngoku. Kwindawo ethile, kwakukwesi sithuba kanye,ngaphakathi, kwisazinge sale ndawo ndimi kuyo, ngokungconoendinokulinganisa ngako, phakathi kwamashumi amaneokanye amahlanu eeyadi endawo ethile jikelele kule ngingqiilapha, kwesi sangqa.19 Ndaza ndajonga phezulu, kwaye Wayemi apho. Ndazendaluma umnwe wam, ukuze ndibone ukuba ndandingalelangana. Uyazi indlela oye^Kukhangeleka nje ngokungathiakunakuba njalo. Ndandisemtsha nje eNkosini, ngoko,kumalunga nenyanga ezintandathu ndishumayela. Ndalumaumnwe wam. Ndathabatha ingca yomtshayelo ndayinqothula.Kwaye abaninzi benu bantu bahlala kweli lizwe, niyazi ukubaluyintoni na olo khuni lokuvungula, into enjalo, oluyiyokutyani bomtshayelo. Ndaqala ukuhlafuna loo nto. Ndazendathi, “A_akunakuba kuyenzeka oku. Ndiyaphupha. Naliyaikhaya lam. Nankuya utata, umama, nabantwana phaya.Nantsiya indlu endala yezitena elichibi endandidla ngokumakuyo apha ezantsi, apho ndandidla ngokuzingela khonaamadada, malunga nje namakhulu amabini eeyadingaphesheya kwale ndawo. Naku ke ndimi apha entsimini;kunyanzelekile ukuba kube kuyenzeka.”20 Ndakhabalaza emhlabeni, ndangqisha ngeenyawo zamkancinane, ndaze ndashukumisa intloko, nda_ndahlikihlaizandla zam, ndakhangela phezulu kwakhona; ndajonga kude,ndajonga kwakhona, yabe inguYe lowo, emi apho. Waze umoyawaqala ukuphepheza, ndaze ndabona utyani bomtshayelobusimnka nomoya. Wathi wakuqala ukuphepheza, ingubozaKhe zaphepheza kunye nawo. Njengempahla ijingaecingweni, zaqala uku_ukuphepheza. Wayemi apho.Ndakhangela kuloo nto.21 Ndaze ndacinga, “Ukuba nje ndingakhe ndijonge ebuswenibuYe!” Kwaye Wayekhangele ngasempuma, kanye ngoluhlobo. Wayekhangele khona, ngokuthe nkqi. Ndazendashukuma, ukuba ndijikele, ukuze ndibe nokukhangelakufutshane ubuso baKhe. Nangoko ndandingekabi nakuMbonangokucace mpela. Izandla zaKhe wayezibeke ngaphambikwaKhe, gxebe, ezifihlile kuloo ndawo ndandimi kuyo.22 Ndahamba ndajikela kwakhona. Ndaze ndathintaisikhohlela, into elolo hlobo, ndathi, “hum,” ukubona ukubandandingenakutsala umdla waKhe na. Kodwa Akazangeashukume.

Page 5: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 5

23 Ndaze ndacinga, “Mhlawumbi ndiyakuMbiza.” Ndathindakuthi, “Yesu,” Wayijika intloko yaKhe. Ndaze ndathindakukhangela kuYe, Waphakamisa nje iingalo zaKhewazivula. Nako kuphela endikukhumbulayo. Kuba, malunganokusondela kokuthi qheke ukusa, ndandilele apho kanyeapha phandle kwindawo ethile apho le ndawo ikhoyo ngoku,entsimini; ihempe yam yokulala imanzi yonke, ziinyembezi,apho ndandilile khona. Ndaze ndaphelelwa kukwazi.

Ubuso baKhe babunezimo ekungekho mzobi unakho_unakho ukuzibhala okanye azizobe. Babengenakuyenza loonto. Wakhangeleka njengeNdoda ekunokuthi, ukubaungaYijonga, Yayifuna ukulila yinceba, nentloniphoenentlonelo; abe nangoko enegunya elaneleyo ngokokude, abeangathetha, libe lingaphethuka ihlabathi. Kwaye ezo zimozazingenakuze zibe nakubanjwa ngumzobi.24 Kwaye andizange ndazi kude kube namhlanje ukubakwakuthetha ntoni na oko. Kodwa naku ndilaphangokuhlwanje, emva kwamashumi amathathu emithathueminyaka, ndimi kule holo inkulu inikezelweyo ngokukumsebenzi kaThixo Onamandla onke. Kwaye mna,ndi_ndililungu nje, eneneni, u_umdala webandla lasekhayakwi_kwibandla laseBhaptizi elilapha, apho uRoy Daviswayengumlungiseleli khona ngelo xesha. Kwaye ndimi aphakhona ngoku le ndawo izele, kanye kwakuloo mihlaba,ndine^koko ndikucingayo, ngabathengwe ngeGazi likaYesuKristu ngokwaKhe, ezandleni zam, ukuze ndizise lo Myalezoweentsuku ezine weNkosi.25 Malunga nje neenyanga ezintandathu emva koko, ndabanobhaptizo lwam lokuqala apha ezantsi emlanjeni, aphoukuKhanya kwehla khona kanye apha kwiSitrato iSpring.Abaninzi benu bantu basenokufuna ukuhla baye kuwujonga,kwiSitrato iSpring namanzi, kanye elunxwemeni lomlambo.Kwaye kulapho apho iNgelosi yeNkosi yavela khona ekuhleni,okokuqala, kwaye ngentsimbi yesibini, ngenye injikalanga. LazeiZwi laphuma kuyo, lathi, “Njengokuba uYohane uMbhaptiziwayethunywe ukuza kwandulela ukuza kokuqala kukaKristu,uMyalezo wakho uyakwandulela uKuza kwesibini.”26 Kungamashumi amathathu eminyaka emva koko ngoku,kwaye naku ndisekho, ngokuhlwanje, ndibabaza loo Myalezo.Kwaye ehlabathini jikelele Uyile, ndaye ndiyavuya ukubandibe ndibuyele kwidolophu yakuthi, ngokuhlwanje, ukuzakumela le Nkosi uYesu Kristu ndisayithanda ngentliziyo yamyonke. Suku ngalunye Uya esiba mnandi kunokuba Ebenjalokusuku olungaphambili. Andizange nditshintshe nangeganyanaelisisisekelo esidukileyo elinye kwiMfundiso yam. Intoyokuqala endaqala ngayo, ndisakholwa kwaloo nto inyengokuhlwanje. Isekwanguye izolo, namhlanje,nangonaphakade. Ngoku ndinoMyalezo endinoxanduva ngawo.

Page 6: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

6 ILIZWI ELITHETHIWEYO

27 Xa uMyalezo waqalayo ukuphuma, yayinguwo, kakade,wonke umntu; wayethandazela abagulayo, imiqondisoemikhulu, izimanga, nemimangaliso. Kwaqala loo nto,ingakumbi kubantu benkonzo kaMoya, imvuselelo yehlabathilonke yeenkonzo zempiliso eyatshayela ihlabathi. Isithubaseshumi elinesihlanu leminyaka epheleleyo bekukhoiimvuselelo kuyo yonke induli ekhoyo, ndiyaqikelela, imililoyemvuselelo ivutha. Eneneni zizigidi ezamamkelayo uKristunjengoMsindisi wazo, ngaloo myalelo mnye. Loo ntoyaphembelela, ukusuka apho, ukuya ku-Oral Roberts, njalonjalo, nokuya phambili uye phambili, kwaye wajikeleza yonkeindawo.28 Emva koko, ibandla lakwaMoya lilele kwindawo yaloyokufa, njengokuba lalinjalo ngoko. Iinjongo zam nomnqweno,ngokuhlwanje, kukuvusa elo bandla, kwakhona, livuselweeKuzeni kweNkosi uYesu okusondeleyo. Ndimelwekukulikhamela. Ndimelwe kukukhalimela isono nangayiphi naindlela esiyiyo. Andithethi kuthi kwimvaba yakhe nabani na.NdinoMyalezo.29 Ngoku, kunzima ukungena ebandleni ukwenzela ukubaufumane inkxaso, kanye njengokuba kwakunjalo kwiNkosiyethu uYesu, kuba Nguye; asindim. Kodwa njengokubaWashumayelayo ekuqaleni, waphilisa abagulayo, wavusaabafileyo, wahlumbulula abaneqhenqa, wakhupha imimoyaengcolileyo, wonke umntu waMfuna. Kodwa kwafika ixeshaapho kwakukho khona uMyalezo ohlala ulandela umqondisowonke, ngokuba umqondiso unezwi.30 Kodwa xa Wehlayo ngenye imini, waza wathi, “MnanoBawo waM siBanye,” loo nto yayingaphezu kokuba babenokuyimela. Kwakunjalo, kananjalo, wathi Akuthi,“Ningathanga niyidle inyama yoNyana woMntu nilisele iGazilaKhe, aninaBomi kuni.”31 “Njani?” Ngokuba, oogqirha nabantu abacinga kakuhlengebathi, “Le ndoda iligongqongqo labantu, izama ukubainenze nidle inyama nisele iGazi layo.” Akazange ayicacise.Wayithetha nje.32 Kwaye ngokuhlwanje nisenokuziva ezi zinto, nakuyoyonke le nkonzo, zithethiwe nje. Sisenokungabi nakoukuzicacisa. Kodwa, khumbula, uYesu Kristu isekwanguyeizolo, namhlanje, nangonaphakade. Siyakholwa yiloo nto.33 Ngoku, asifuni kuba naxesha lakuthetha kakhulu, ngokubasinamaxesha athile okuqalisa apha namaxesha athileokuphuma. Kwaye sifuna ukuhlonipha ibhodi yesi sikolo etheyasibekela la maxesha, kwaye siyakwenza konke esinakoukuwagcina.34 Khumbula, naxesha nini na umoni efuna ukuza kuKristu,inye into omelwe kukuyenza kukuphakama, nokuba

Page 7: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 7

ndiyashumayela na, ndiyacula, nokuba yintoni na, unikeleubomi bakho kuKristu kanye ngoko, ume kuloo ndawo uhlelikuyo. Sizele loo nto, ukuza kukunceda.

35 Ndifuna ukuthetha noMzalwana uVayle, uMzalwanauRober-^Borders, nabanye abazalwana aba balapha.Ukuba^Ingaba abanakuba nakho na, ebandleni, ngalenjikalanga, okanye ngentsasa ethile, okanye ngaxesha lithile,ukwenza inkonzo yomyalelo kwabo bafuna ubhaptizo loMoyaoyiNgcwele. Ingaba ingalunga loo nto, bazalwana? MzalwanaNeville nani nonke ningafikelela apho, noMzalwana uCapps.Ukuba nabani na ufuna ukuyalelwa ngobhaptizo loMoyaoyiNgcwele, kutheni ningezi eMnqubeni nje^Kokuphiokunokuba ngcono, kukusasa okanye emva kwemini?

36 [Kukho umntu othi, “Kusasa.”] Kusasa, malunganentsimbi yeshumi? Malunga nentsimbi yeshumi kusasa.

37 Ukuba unombuzo ngeMfundiso, ukuba nombuzongoMyalezo, ukuba u_ukuba ufuna ukuba^awuzangeulungiselelwe, wena buqu, ufuna ukuthandazelwa, okanyenantoni ofuna ukuyazi kwizinto ezilolo hlobo, kutheniunganyebelezeli uhle nje uye apho ngentsimbi yeshumi kusasaubonane nala madoda. Kuyakubakho omnye okanyenangaphezulu wabo apho ukuze akuyalele, athandazeleabagulayo, aphendule imibuzo kanye njengendoda enye emeleloo nto. Fumana nje bona, kwaye bayakukuvuyelaukukunceda nangayiphi na indlela abanokuba nayo.

38 Ngoku, phambi nje kokuba sisondele eLizwini, sifunaukusondela kuMbhali weLizwi kwakhona. Usenokudlakakhulu; usenokusela kakhulu; usenokuhleka kakhulu;usenokuhamba kakhulu; kodwa awunakuze ube nakoukuthandaza kakhulu. “Ndinga amadoda angathandazaezindaweni zonke, ephakamise izandla ezingcweleengenantandabuzo okanye ngqumbo.”

Masithandaze.

39 Yesu Othandekayo, Mbhali weLizwi loBomi, kwaye WenauliLizwi, sisondela ngokuhloniphekileyo kuWe emvakokucacisa ngombono. Ukuze, Thixo, Undingqinele ukubayinyaniso leyo. Nkosi Yesu, ndiyathandaza ukuba Ubenokuthambisa amazwi ngokuhlwanje ekuveni kwayo yonkeindlebe ephantsi kwesandi esiNgcwele. Kwaye ukuba kukhobathile apha, okanye abaphulaphuleyo, kwisizwe sonke,ukuba abakakulungeli bezilungiselele ngeli lixa ukuhlangananesimemo seli lixa, uMyalezo ovela kuThixo, ukuze baguqukebabe ngaba sele belungele, uBukumkani bukaThixoobusondelayo. Siyathandaza ukuba kube njalo,ngokuhlwanje, kubo, ukuze babe nokuhlangana nesimemosale yure.

Page 8: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

8 ILIZWI ELITHETHIWEYO

40 Owu Thixo, ndinga ndingathandazela uncedo, ndisazingoxanduva noko lukuthethayo, noko ndimelwekukukuphendula ngaloo Mhla woMgwebo, ngako konkeendikuthetha apha nakwenye indawo. Ndincede ukubandinyaniseke mpela, Nkosi, ngako konke endikwenzayookanye endikuthethayo eLizwini laKho, ukuze libenokuthwala isiqhamo. Kuba, njengokuba wawunjalo umyalelowaKho, “Malingesuki eli Lizwi emlonyeni wakho; kokocamanga ngalo, imini nobusuku, ukuze ube nokugcina wenzekonke okubhalwe emthethweni. Ukuze ngoko ube nokuzenzazibe nempumelelo iindlela zakho, ke ngoko uyakubanempumelelo elungileyo. Andikuyalelanga na Mna. Yomelelaukhaliphe, kuba iNkosi uThixo wakho inawe naphi na aphosukuba usiya khona.” Nkosi Yesu, yenza kube njalo,ngokuhlwanje. Sithandaza eGameni likaYesu. Amen.

41 NgoLwesihlanu nangoMgqibelo, ukusuka ngeyeshumiukuya kweyeshumi elinesibini eMnqubeni kwese-8 neSitratoiPenn, kuyakubakho iimfundiso, iimpendulo kwiMfundiso,imithandazo yabagulayo, nezinye izinto. Yihla uye kanye aphoukuba unambuzo uthile, okanye nantoni na oyisweleyo.Kuyakuba kukho indoda apho e_eyakuphatha loo mcimbi.INkosi ikusikelele.

42 Ngoku, ukwenzela le nkonzo yokuvula ngokuhlwanje,andinanto ndinokuyenza koko kukuyivulela kuMyalezo wethu.Sizele loo nto apha, ibe ngoku yiloo nto endibuyele yona.

Ke kusasa ngeCawe, iNkosi ithandile, ndifunaukuhlangabezana nesimemo esikhulu salo mhla, malungaNomtshato Noqhawulo-Mtshato.

43 Ngoku, kumaGalati 4:27, ndinqwenela ukufunda la Mazwi,4:27 ukuya kweyama-31, ibandakanyiwe.

Kuba kubhaliwe kwathiwa, Yiba nemihlali, ludlololungazaliyo; gqabhuka umemelele, wenaungenanimba: ngokuba baninzi abantwana besishiywangaphezu kwabo nendoda.

Thina ke, bazalwana, ngokuka-Isake, singabantwanabedinga.

Kusuke kwanjengokuba wayesithi oko owazalwangokwenyama amtshutshise owazalwa ngokoMoya,kwabanjalo nakaloku.

Sithini na ke sona iSibhalo? Sithi likhuphelengaphandle ikhobokazana nonyana walo: kuba unyanawekhobokazana akasayi kuba ndlalifa kunye nonyanawokhululekileyo.

Ngoko, bazalwana, asingabantwana bekhobokazanathina, singabawokhululekileyo.

Page 9: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 9

44 INkosi yongeze iintsikelelo zaYo ekufundweni kweLizwilaYo. Ngoku, ndiyakholwa apha ukuba ndakuthatha umxholoonje, ongowodwa kakhulu, ongaqhelekanga. Kodwa ngamanyeamaxesha sifumana uThixo kwezo zinto zizezi zodwa, amaxaangaqhelekanga, iindlela ezingaqhelekanga, izintoezingaqhelekanga, ngokuba uThixo akaqhelekanga. Kwayeabo ngenene baMkhonzayo ngokusuka entliziyweni yabo,baMkhonza ngendlela engaqhelekanga, kwizinto okanyeiindlela zehlabathi. Umxholo ubizwa ngokuthi: IMbewuAyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi.

45 UPawulos apha eneneni uthetha ngembewu yoonyanabaka-Abraham ababini. UPawulos, ngovuyo, uzibekaendaweni yokuzalwa ngumfazi okhululekileyo.

46 Ngoku, siyazi ukuba u-Abraham wayenoonyana ababini,ngabafazi ababini abahlukeneyo. UThixo wamnika idingangoSara, ngokuphuma kuSara, gxebe, ukuba kuyakubakhouNyana oyakuzalwa, ukuze ngalo Nyana ihlabathi lisikelelwe.Zonke izizwe ziyakusikelelwa ngalo Nyana. Kwaye yintoekukholelwa lula, ingakumbi phakathi kwamaJuda kuyo,ukuba lo yayingu-Isake, kodwa kwakungenjalo. Lo Nyanawedinga ka-Abraham nguYesu, kwaye Yena ungoweMbewuyoBukumkani yedinga, lika-Abraham. Kodwa u-Abrahamenoonyana ababini^

47 Omnye, ngo_ngoHagare, owayesisicakazana senkosikaziyakhe; othandekayo, omhle, isicakazana somYiphutha awathiu-Abraham wasichola ezantsi eYiphutha esicholela yena,ukuze sibe sesakhe^sibe sisicaka kwinkosikazi yakhe.Kwaye uSara, ecinga ukuba uThixo akanakuba nakhoukuligcina ngokunyanisekileyo lonke idinga laKhe, waxelelau-Abraham ukuba athabathe uHagare, isicakazana sakhe, azeatshate yena, (ntoleyo, ukutshata abaninzi kwakuvumelekilengaloo mihla) ukuze azale umntwana; kwaye yayiyiloo ndlelauThixo awayecebe ngayo, ukuze abe nomntwana kuphelangoHagare. Kodwa sifumanisa ukuba oko kwakungenjalo.

48 Ngoku siyaqonda, kananjalo, ukuba uThixo ugqityeleliswakwizithathu. Ngoku, uThixo u “gqibelele” kwisithathu.“Ubabalo” sisihlanu. Isixhenxe “kukuphelela,”njengehlabathi.

UThixo ugqibelele kuYise, Nyana, Moya oyiNgcwele.Nantso ingqibelelo yeNzaliseko yobuthixo. Konke nguThixoomnye, esekuzibonakaliseni kathathu, kwezibonakalisoezithathu zesikhundla esinye, okanye izikhundla ezithathuzikwiNzaliseko yobuthixo enye.

49 Ngoku, kukho kananjalo isithathu kwingqibelelo,esisesezinyathelo zobabalo, kwiBandla; ugwetyelo, ungcwaliso,ubhaptizo loMoya oyiNgcwele. Oko kuqulethwe kuZalo

Page 10: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

10 ILIZWI ELITHETHIWEYO

Olutsha, kanye njengokuba uzalo lwasenyameni luzekelisweyiloo nto. Olukukuthi, umfazi xa ezala umntwana, intoyokuqala ephumayo ngamanzi, igazi, kulandele ubomi.

IBhayibhile yathi, kuYohane wokuQala 5:7, okanye 7:5,ndiyakholwa kulapho, yatsho ukuthi, “Bathathu abangqinayoeZulwini; nguYise, uLizwi,” owayenguNyana, “noMoyaoyiNgcwele; aba Bathathu banye. Ngoko bathathu abobangqinayo emhlabeni;” iLizwi, “amanzi, igazi, noMoya.Amanzi, igazi, noMoya; aba bathathu basingise ntweninye.”

50 Ngoku, uYise, Nyana, noMoya oyiNgcwele, Banye.Awunakuba naye uYise ngaphandle kokuba ube noNyana;awunakuba noNyana ngaphandle kokuba ube noMoyaoyiNgcwele. Kodwa ungagwetyelwa ngaphandle kokuba ubeungcwalisiwe; ungangcwaliswa ngaphandle kokuba ubeuzaliswe ngoMoya oyiNgcwele. Siye sakuqondakalisa okongokuqhubeka kwendalo.

51 Ngoku, kwaye abaninzi benu, mhlawumbi, ndisenokubandingowasemzini kuni. Kwaye a_andinamfundo;ngokuqinisekileyo senindiqonda. Kodwa ndifundisangemizekeliso, njengokuba okwasenyameni kuzekelisaokomoya.

52 Ngoku, sibona ukuba bathathu kwingqibelelo. UThixougqibelela kwizithathu, ngoku. Kwaye oko kwakukuthi,ingqibelelo yembewu ka-Abraham, kwakungu-Ishmayeli, ubu-Isake, uYesu. U-Ishmayeli ephuma kwikhobokazana, u-Isakeephuma kumfazi okhululekileyo, kwaye bobabini bezengokwazana kwendoda nomfazi; kodwa uKristu Yesu evelakwintombi engazani nandoda, kungekho kwazana kwandodanamfazi.

53 Apha, i “Mbewu,” inye, iMbewu enye, hayi iiMbewu, kokoiMbewu enye. Abanye aba babengeyombewu ka-Abraham,ngokuba i “Mbewu” ka-Abraham yayiyiMbewu yakhe yokholoawayethetha ngayo uThixo, hayi imbewu yakhengokwasenyameni. Ngokuba, emveni kokufa kukaSara, u-Abraham watshata omnye umfazi waze noonyana abasixhenxengaphandle kweentombi. Ngoko yayingenakuba ziimbewuzika-Abraham, yayiyi “Mbewu” ka-Abraham, inye. Kwayeleyo yayiMbewu yokholo ka-Abraham, ikhomba kwiMbewuyoBukumkani eyayizakuza ngokholo luka-Abraham; hayiubomi benyama buka-Abraham, koko ubomi bomoya buka-Abraham; owathabatha yonke into echasene neLizwi likaThixowayibiza ngokungathi yayingekho, waze wakholwa kuThixo;kungekho themba, wakholwa ngethemba. Nantso iMbewuyenene esithetha ngayo.54 Apha simisele ngomfanekiso. Owu! Imbewu yaqala,imbewu yedinga, yaqala ngentandabuzo encinane,

Page 11: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 11

intandabuzo yedinga lakuqala. ’Yabona indlela eyaqalaphantsi ngayo, kwintandabuzo kwidinga lakuqala. UThixowathembisa u-Abraham, ngoSara, ukuba uyakumfumana loomntwana. Kodwa ngoku khangela, imbewu yokuqala ka-Abraham ngekhobokazana yeza ngokuthandabuza kukaSaraukuba oku kunokwenzeka, ngokuba wayemdala edluleexesheni lokuzala.55 Ngoku nantso indlela eliqala ngayo ibandla. Nantso indlelaelahlala liqala ngayo. Uqala emazantsi. Awuqali emantla.Indoda ezama ukukhwela elelini, ize izame ukufika phezulukuqala, iyakuyaphula intamo yayo. Umelwe kukuqala uzewakhe unyuka ukuya apho.

Naku ke sifumana ukuqala kwedinga likaThixolibonakalaliswa, ngentandabuzo encinane, eyaphazamisainkqubo kaThixo.56 Leyo yindlela enye esathi saqala ngayo isono emyezweniwase-Eden. Yindlela ukufa ekwaqala ngayo ngesono, kwakuxailizwi elinye likaThixo lathi laqondwa ngendlela engeyiyookanye lathandatyuzwa. Awunako ukuthandabuza okanyeulibeke kwindawo engeyoyalo iLizwi elinye likaThixo, lowonguITSHO INKOSI, kuba Limelwe kukuba lonke iLizwi libenjalo.57 Ke apha uSara, kwalo lalisiya kuye idinga (uSaraengumfazi, ongumzekeliso webandla), wanikezangentandabuzo kwinkqubo yakuqala yeLizwi ledingalikaThixo, waze wathi, “Wena, Abraham, myeni wam,thabathela kuwe esi sicakazana sihle, uhlale naso, ubengumyeni kuso. Kwaye uThixo uyakukunika le mbewuyedinga ngaso, ndize ndimthabathe loo mntwana.” ’Yabona,ukutsiba nje igama elincinane elisisisekelo esidukileyokwaguqula inkqubo iyonke.

Ngoko ke, simelwe kukuthabatha lonke iLizwi likaThixonjengoITSHO INKOSI. Lonke iLizwi likaThixo liyinyaniso.58 Naku imbewu iqala ngoko ngedinga, ngokuthandabuzakancinane. U-Isake eyimbewu yomfazi okhululekileyo obekwengedinga, wavelisa, njengokuba uPawulos ezama ukucacisaapha kumaGalati, wavelisa okwasenyameni, imbewu yedinga.Uqhubela phambili athi apha a_abantwana bekhobokazanaabanakuba yindlalifa nabantwana bomfazi okhululekileyo,ngokuba bangabendidi ezahlukeneyo ezimbini.59 Kwaye, yinyaniso leyo, ongakholwayo akanakubayindlalifa ndawonye nokholwayo. Akukho ndlela yoko, konke.Nantso apho inkathazo ikhoyo namhlanje. Awunakwenzainkuku yemvaba yehlelo ikholwe kunye nokhozi.Awunakuyenza nje loo nto. Nantso apho inkathazo ingenakhona. Umelwe kukukholelwa lonke iLizwi likaThixo. Usukanje^Anizondlalifa ndawonye. Ungasokuze_ungasokuze

Page 12: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

12 ILIZWI ELITHETHIWEYO

ujoyine kulo; awunakuyenza loo nto. Umelwe kukuba ubelukhozi kungenjalo inkuku.60 Yayingenakuba yindlalifa kunye no-Ishmayeli, imbewuyekhobokazana, yo^ngenxa yentandabuzo. USarawathandabuza iLizwi likaThixo, ukuba uThixo wayenakoukuLigcina. Qaphela u-Abraham! Uyabona ukuba ndakhaphezu kwantoni ukwenzela intsasa yangeCawe. U-Abrahamakazange alithandabuze. USara walithandabuza; nguyeowenza oko. Yayingengo-Adam owathandabuzayo; yayingu-Eva owathandabuzayo. Ngoko ke, ngoko, sizakufumanisaokuthe chatha malunga noko njengokuba siya kukucholangentsasa yangeCawa.61 Kananjalo akanakuthi owomoya abe^owenyama abeyindlalifa ndawonye nowomoya. Kanye njengokubaabantwana baka-Ishmayeli bengenakuba ndlalifa ndawonye_nabantwana baka-Isake, kwaye kanye njengokuba owenyamaengenakuba yindlalifa ndawonye nowomoya.62 Ibandla lokwenyama; Ibandla lokomoya. Nalo ibandlalokwenyama ababezekelisa lona abo bafazi apha. Kwayekukho iBandla lokomoya, kananjalo. Ngoko, ibandlalokwenyama neBandla lokomoya akanakuba ziindlalifandawonye. Bakokubini okwahlukeneyo, ngamaxeshaahlukeneyo; ngababini abahlukeneyo, abantu abahlukeneyo;abaphantsi kokwahlukeneyo, iminqophiso eyahlukeneyo.63 Kungoko uXwilo lwahlukile, kwaye luyakuba lolweMbewuyoBukumkani ka-Abraham kuphela. Alunakubalolwasenyameni, olwembewu yebandla lwasengqondweni.Luyakunyanzeleka ukuba lube lolweMbewu yobukumkaniyeLizwi likaThixo, ngo-Abraham, iMbewu yobukumkani.Kungoko uXwilo lumelwe kukuba lufike kuqala.

Kuba, khumbula, “Thina bayakuba besidla ubomi sisekhoasisayi kubaphangela, asisayi kubaphangela abo balele ukufa.Kuba ixilongo likaThixo liyakukhala, abafele kuKristu bavukekuqala. Size thina badla ubomi bayakuba besekho sixwilelweemoyeni kunye nabo, ndawonye, sihlangabeze iNkosi emoyeni.”Qaphela, kwakhona kubhaliwe, “Abafileyo abaseleyoababuyanga badle bomi, isithuba sewaka leminyaka.”64 Ngoko ke, apho, bayakuba ziindlalifa ndawonye. Abasayikubakho kuXwilo ndawonye. Nalo ngokupheleleyo ibandlangokwasenyameni, neBandla ngokwasemoyeni; ibandlangokwasengqondweni, iBandla ngokwasemoyeni. Ngoko,’yabona, apha akukho^65 Akukho kuGwetywa kwabobukumkani, bomoya, iMbewuenyulwe ngenxa engaphambili ka-Abraham, kuba bamiselwengenxa engaphambili uBomi obunguNaphakade. BamnkeleiDini elamnkelekileyo nekubonelelwe ngalo nguThixo; kwayeelo Dini, lelinguKristu, iLizwi.

Page 13: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 13

“Ke ngoko ngoku akukho kugwetywa.” UYohaneoNgcwele 5:24, ukuba uyasifuna eso Sibhalo. “Ngoko kengoku akukho kugwetywa kwabo bakuKristu uYesu,”amaRoma 8:1, “abangahambiyo ngokwenyama, kokongokoMoya,” kumaRoma 5:24, “Lowo ulivayo iLizwi laM,”ilizwi apho lithetha, “uliqondayo,” naliphi na inxila nantonina eyenye, ingaLiva ihambe imnke. “Kodwa lowo uLivayoiLizwi laM, uliqondayo iLizwi laM, akholwe kuLowowaNdithumayo, unoBomi obungunaphakade, akeziekuGwetyweni; koko uphume ekufeni wangena eBomini.”Ewe, mhlekazi.

Lowo uthe le mfihlelo inkulu kaThixo yazisiweyo,wayiqonda, indlela awathi ngayo uThixo wabe wayekuKristuelixolelanisa naye ngokwaKhe ihlabathi, nendlela YenanoYise ababeBanye ngayo, nendlela ezathi ngayo iimfihleloezinkulu zokuzaliseka kukaThixo ethabatha eZizisa,ezibonakalisa kwisigaba sexesha soluntu, nakumsingawoluntu, nasekuhambeni noluntu; ukwenza iLizwi laKhelibonakale ngaloo mhla, ekuphumeni kwelanga empuma, uzakwenza kwaloo nto inye injengokuba ilanga litshonaentshona, ukuZibonakalisa kwiBandla loMtshakazi, iLizwilibonakalalisiwe. ’Yabona? Kuyakwenzeka, kananjalo. “Lowouliqondayo,” oko kukuthi, “kukwazi, oko kutyhiliweyo kuye,kwaKhe lowo waNdithumayo, unoBomi obungunaphakade,akasayi kuza eMgwebeni; udlule ekufeni wangena eBomini.”66 Imbewu yasenyameni yayisisiphatho nje seyasemoyeni,iMbewu. Njengesiqu, inquma, nekhasi. Sakhe sangena kuloonto ngaphambili, komnye uMyalezo, kodwa ndingathandaukuqoma kuyo kancinane, kuyo, okanye ndibuyele emva kuyokwakhona okomzuzu nje.

67 Ngoku apha kukho amanyathelo amathathu embewu,asibona umfanekiso oyinene, amanyathelo amathathuembewu yasenyameni emhlabeni. Njengokuba ityaliweimbewu ivelise isiqu, isithombo esincinanana siphuma kuyo;kulandele isiqu, umungu undanda phezu kwaloo nto; kuze kekulandele ikhasi; kuze kube kuyimbewu kwakhona.

68 Khangela kula manyathelo alo mzekeliso ugqibeleleyoulapha, nendlela osebenza ngayo ngokuchanekileyongomzekelo, kuba uThixo ungumenzi wendalo. Ngoko keindalo ayinakusilela njengokuba uThixo engenakusilela,ngokuba Yena yayinguYe Lowo wayibeka kwimeko yayoukuze_ukuze thina sikhangele kuyo sibone.

69 Qaphela uHagare, isiqu, esasisesokuqala ekuqalekenikweMbewu ikhula. Ngoku, yayingakhangeleki nangaluphi nauhlobo injengeMbewu. Yayisisiqu, ngokubawayelikhobokazana, engekho kwidinga konke; engenantoyakwenza neLizwi, esisithuthi nje seMbewu.

Page 14: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

14 ILIZWI ELITHETHIWEYO

70 Qaphela uSara, inquma elalinomungu, esasizwe samaJudasakhula sivela kuye. Sisuka, siphuma kuSara, seziza u-Isake,kwavela uYakobi; uYakobi wavelisa oomawokhulu; kwathingoomawokhulu kwavela isizwe.71 UMariya, ukholo lwentombi engazani nandoda, lwavelisaeyenene, iMbewu yeLizwi yomoya yenziwe inyama. ’Yabona?

Abafazi abathathu, abafazi abathathu eyathi le Mbewuyathwalwa ngabo. Omnye wabo eneneni wayengumkrexezi,ephantsi komtshato woninzi; owesibini wayengumfaziokhululekileyo; owesithathu wayengazange abe nakwazanakwendoda nomfazi ngokupheleleyo, kodwa ngokholowakholelwa iLizwi likaThixo, uHagare, uSara, bobabini uSaranoHagare, babengokwazana kwendoda nomfazi; kodwauMariya wayeyintombi engazananga nandoda,kwakungamandla eLizwi ledinga likaThixo. Injalo loo nto.72 Isithombo, uHagare (amakhosikazi amabini) alithandabuzaidinga, kodwa khangela ukuba oko kwavelisa ntoni na. XauHagare, umfazi wesibini ka-Abraham, owayengumfaziolishweshwe ngokupheleleyo, kodwa wazala indoda, kodwa(yayiluhlobo luni lwendoda?) IBhayibhile ithe wayeyindoda“engwanyalala.” Yayiphila ngesaphetha, kwaye akukho ndodayayinokuyoyisa. Yayingenakwenziwa ithambe,yengenakuguquka, yengenakuzalwa ngokutsha.Yayingenakwenziwa ithambe yayiyindoda engwalala, ngokubayayize ngokuchasene neLizwi likaThixo.

Kwaye nantoni na echaseneyo; nawuphi na umshumayeli,naliphi na ilungu nje, naliphi na ibandla, elichasene neLizwilikaThixo; liyakuvelisa into eyeyasendle, iqela labakrexezikazibeHollywood yasehlabathini, kwaye alinakuhlala neLizwielingakrexezwanga, ngokuba alibalwanga nokubalwakwidinga. Hayi.

73 USara, umfazi wenene wedinga, esisiqu, wazala inenelendoda. Ngokubuyisela, wavelisa idinga kwisizwe esakhonzauThixo. [Yindawo esisikhewu le ekhasethini_Mhl.]

Kodwa, uMariya, ngaphandle kokwazana kwendodanomfazi konke, kodwa wakholwa kwiLizwi ledinga; xawayeyintombi eseyintombi, engazananga nandoda. INgelosiyeNkosi yahlangana naye, yathi, “Vuya, Mariya, usikelelwewena phakathi kwabafazi, kuba uThixo unawe.”

74 Waze yena wathi, “Ziyakuthini na ukubakho ezi zinto?”Yathi^Watsho yena.

75 INgelosi yathi, “UMoya oyiNgcwele uyakukusibekela.”

76 Yayingazange yenziwe loo nto kuzo zonke izigaba zexesha,kodwa uMariya wakholwa kuThixo. Waze wathi, “Nankoumkhonzazana weNkosi.” Wakholwa liLizwi.

Page 15: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 15

Uyakuthini ukumfumana? Wayesazi ukuba laa Hagarewaba nosana ngenkanuko yokwazana kwendoda nomfazi, no-Abraham; waze uSara waba nosana ngenkanuko yokwazanakwendoda nomfazi, no-Abraham, abantwana bedinga;ikhobokazana nomfazi okhululekileyo. Kodwa apha ucelwaukuba akholwe. Elo yayiligalelo kukholo olwaluku-Abraham,owakholwa izinto ezingenakwenzeka, “Okoko nje uThixo etheinjalo, oko kuyenza ibe yinene.”

77 Wakholwa kuThixo, engazange abuze. Wathi, “Nankoumkhonzazana weNkosi. Akunamsebenzi nokubakungakanani na ukugxekwa endimelwe kukukuthwala kuvelaehlabathini, makwenzeke kum ngokweLizwi laKho.” Nakokuvela iMbewu eyinene.

78 USara wayengenakuyenza loo nto, ngokubakwakungokwazana kwendoda nomfazi. Injalo loo nto. Kwayewayengenakuba nako noSara, ngokuba kwakungokwazanakwendoda nomfazi.

Alinakuba nako nebandla, phantsi kwenkquboyezifundiswa! Kuthabatha ukholo olunyulu kwiLizwilikaThixo ukwenza idinga, ukuze kuzalwe abantwana.Okwenkqubo yemfundo akungeze kuvelise Bandla lizelwengokutsha. Akunakuyenza loo nto. Kuyakuvelisa into ethileebambeleyo. Kuyakuvelisa, into ethile elinganisa Lona, intoethile ezama ukuba njengaLo.

Kodwa elenene, iBandla elizelwe ngokutsha likaThixoliyakholwa kwiLizwi likaThixo phambi kwayo nantoni na,kungenamsebenzi nokuba iyintoni na, ngokubalelingangxengwanga. Kungedinga likaThixo ukuba ezi zintozize.

79 UMariya, oyinene, wathi, nge^-phandle kokwazanakwendoda nomfazi, wathi, “Makwenzeke kum ngokweLizwilaKho. Nanko umkhonzazana waKho!”

Waze wazala. Wazala ntoni? Hayi indoda engwanyalala;hayi isizwe. Koko wazala iLizwi, uThixo ngokwakheebonakalaliswe esenyameni; amen, iMbewu eyinyanisokaThixo eyabonakalalisa lonke idinga awathi walenza uThixoeBhayibhileni; ngaphandle kwaKhe, akukho mntu unokuphilangaphandle kwaKhe.

80 Yena wayeyimbewu eyinyaniso, wayengaphaya koku-^wayelikhasi elavelisa uKhozo. Ngoku, ezinye eziya zibiniiziphatho zoBomi, zaziyimbewu nje yokwenyama.UMariya^ Ngoku, khumbula, ndithe esinye esiyaisibini^Ngoku, uMariya, musa ukumenza uThixo,njengokuba abantu abathile bezama ukumenza.Wayengengothixo. Hayi, mhlekazi. Wayesisiphatho nje

Page 16: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

16 ILIZWI ELITHETHIWEYO

seMbewu, njengokuba abanye abo babenjalo; kodwa,njengokholo kwiLizwi, luvelisa okuthe chatha komfanekiselooyinene.

81 Njengokuba ukhozo lukhula, okanye ingqolowa iyaphuma.Isiqu; ngoko ize inyuke, umungu; ize ivele, ikhasi. Kodwa xaucinga, elo khoba, ukuba awuthanga ugade, luyakukhangelekangokuchanekileyo kanye njengengqolowa yenene. Kodwalakuba livuliwe, ingqolowa yenene ingaphakathi. Lisisiphathonje, kwakhona.

82 Ngoko, uyabona, uMariya, kungengakuhlanganakwandoda namfazi, kodwa ngokholo; into efana naLongokuchanekileyo. UMariya wayengeyiyo loo Mbewu.UMariya wayesisiphatho seMbewu.

NguYe owayeyinene, iMbewu yokholo ngokuba iLizwilikaThixo lungokokholo awathi Walinikela ku-Abraham.Kwaye lukholo kuphela olunokuvelisa oko uThixo atheUyakukwenza; ukholo kwiLizwi laKhe.

83 Qaphela indlela awayefana ngokusondele ngayo kwiNtoeyinene, uMariya wayenjalo, kodwa enjengekhoba. Ikhasiliqulatha imbewu ngaphakathi kulo liyikhusele, luzeluyinakekele ide ibe nokuzimela yodwa, ikhulile. Senzengokunjalo esi sigaba sexesha sesithathu sebandla(sobuPentekoste) sikhulile, sibambe olu Khozo kude kufikeixesha lokuba ikhasi livule. UMariya, engumama kaKristu,indawo nje yokufukamisela.

Yena wayengelogazi likaMariya; Wangelogazi lamJuda;Wayengelogazi leNtlanga. WayeliGazi likaThixo. UThixowalidala eli Gazi. Kwakungenakuba ngokwazana kwendodanomfazi. WayengengomJuda engeyoNtlanga.

84 Usana alililo nechaphaza legazi likanina. Igazi livelakuyise. Siyazi ukuba isibumbi-gazi sikwindoda.

Njengenkuku, ingalibeka iqanda, isikhukukazisingalibeka; kodwa ukuba asikhange sihlangane nentakaeyinkunzi, umqhagi, alisayi kuqanduselwa. Alichunyiswanga,nakubeni likhangeleka ngokuchanekileyo njengeqanda leneneelichunyisiweyo. Konke ukumila kwalo kukhangeleka kuyintoenye, kodwa alinabomi ngaphakathi kulo.

85 Nantso indlela ekuyiyo kubantu ababanga uKristu.Abaninzi babo bakhangeleka ngokwaMakristu, bazamaukwenza njengaMakristu; kodwa umelwe kukuba ubenoKristu kwingaphakathi lakho, oliLizwi libonakalalisiwe,kungenjalo akasayi kukhulela ekubeni nguMkristu weneneokholwa iBhayibhile. Kuyakuhlala njalo kuyinto ethileyobuhlelo. Alinakuphila, ngokuba akukho Bomi ngaphakathikulo, elinokuphila ngabo.

Page 17: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 17

Iqanda alinakuqandusela, libolela ehokweni, ukubaayikhange ihlangane ne_nentaka eyinkunzi.86 Kanye njengamalungu ebandla. Ungawateketisa uwabize,uwenze amadikoni nayo yonke enye into, kodwa ayakuthi^uba nendlwana ezele ngamaqanda abolileyo ngaphandlekokuba babe bahlangene noMlingane. Injalo loo nto.87 Isiphatho, ikhasi, luyinakekele. Injalo loo nto. Ngoko yona,yiyo, imbewu ngokwayo, emelwe kukushiya ikhasi, kungenjaloikhasi limelwe kukuyishiya imbewu, ukuze imbewu ibeselangeni, ukuze ibe nokuvuthwa. Konke kungomzekelo,siyabona.88 ’Yabona apha ngoku indlela elikufutshane ngayo, ibandlalale mihla yokugqibela, liya ekukhangelekeni kanyenjengeMbewu ngokwaYo. Khangela indlela elithe ngayo elihlelo lenkonzo kaMoya lithe lavela ngale mihla yokugqibela,kwaye siyakulicacisa kancinane emva koku, ’yabona, indlelaabasondela ngayo ekukhangelekeni kanye ngokuchanekileyonjengeMbewu.

Xa ikhasi liphuma kukhozo lwengqolowa^okanyeisithombo sengqolowa, emva kokuba umungu uwelengaphakathi apho kwisigaba sesibini, ukuze uvelise isigabasesithathu, esili_li_likhasi. Nendlela ekuthi ngayo lona^Ukuba awungomntu ujonga ngokucokisisa kakhulu,awunakuba nakho ukuqaphela koko ungathi olo lukhozolwenene lwengqolowa lungaphakathi apho. Xa olo khozoluncinane lokuqala luvela, lukhangeleka kanye ngokokhozo,kodwa hlala phantsi uluvule kwaye uyakufumanisa ukubaakukho khozo apho konke. Likhoba kuphela, isiphathosokhozo. Ngoku, ukhozo luvela kuloo nto. Kodwa khumbula,alusekho nto emva kwelo khoba.

Khumbula, kwakungasekho Mbewu iza ngomfaziithenjisiweyo, naphi na, emva koMariya. Kwaye ngokoakusekho mvaba zamahlelo zithenjisiweyo emvakwePentekoste. LuXwilo noMtshakazi oluzayo ukusuka apho,iMbewu, iLizwi libonakalalisiwe kwakhona.89 Qaphela, uyabona ukuba ikhangeleka isondelekangakanani na. UMateyu wathi, uMateyu oNgcwele 24:24watsho, ukuthi, “Le mimoya mibini ngemihla yokugqibela,”ibandla lomoya lwebandla lwabantu, noMtshakazi woMoyawomtshakazi wabantu, “bayakusondelelana kangangokubakuyakulahlekiseka nabaNyuliweyo ukuba bekunokwenzeka.”Isondele kangako ke.90 Khangela iphume kwisithombo sesiqu. Ngoku qaphela,sizakuzekelisa into ethile apha.

ULuther, kwisigaba sebandla, sokuzisa iMbewuyoMtshakazi, wayesekwakuMoya omnye. Kanye njengokhozo

Page 18: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

18 ILIZWI ELITHETHIWEYO

oluncinane lweMbewu, uLuther wema geqe, olo keyayilugwetyelo ngokholo. Wayengumzekelo kaHagare kanye,isiqu.

Qaphela, uWesley wayengumzekelo kaSara, amaFiladelfi,isigaba sexesha sothando esathi savelisa inquma. Sona isigabasexesha sikaWesley, kwakukho abaseki mabandla abaninzikunaso nasiphi na esinye isigaba esakhe sanaso, isigabaesikhulu sabaseki mabandla sexesha likaJohn Wesley.91 Kodwa esakwaMoya simele uMariya. UMariya, isigabasexesha sokugqibela saLo, ngoku, wayengeyiyo iMbewu.Nakubeni, uBomi beMbewu babungaphakathi kuye, kodwaYayingekakhuli. Ndiziva ndikholiwe kakhulu. Yayingekakhulingoko. Yayikho, kodwa Ingekakhuli.

Kunjalo ngesigaba sexesha sethu sakwaMoya esiphilakuso! Kumele ukuba kuvele i_iLizwi likaThixo elikuso,lingabi nabuhlelo, ngaphaya kwemilinganiselo yobuhlelo.92 ULuther waya kungena emquqwini neLizwi lakhelokuqala, “Ilungisa liyakuphila ngokholo.” UWesleywayenamagama amabini, “ungcwaliso,” umsebenzioqinisekileyo wesibini wobabalo. Inkonzo kaMoya yabanelizwi lesithathu, “ukubuyiselwa kwezipho.” Kodwa iMbewuiphela imelwe kukuvela! ’Yabona indlela abathi benza ngayoubuhlelo phezu kwelizwi elinye, kunye nelinye ilizwi, kunyenelinye iLizwi?

Kodwa kumele ukuba kubekho iNto ethileengenakwenziwa hlelo; kukuphelela kuBomi obungaphakathiapho, obumelwe kukuZivelisa kwakhona kuMtshakazi.Akusenakubakho zigaba zaxesha zizezinye zebandla emvakwezi. Sisekupheleni, bazalwana noodade. Silapha. Sifikile.Makubulelwe kuThixo! Amen. Ngoku, siyazibona ezi zintoziyinyaniso nje kanye njengokuba zinokuba njalo.93 Nangoko siyaqaphela, ngoko, ukuba yena elinquma,okanye^UWesley elinquma; inkonzo kaMoya ilikhasi,ntoleyo isisigaba sexesha elilandelayo sokuza koKhozo.Kodwa, mzalwana, dade, isiqu asilulo uKhozo, kananjalonenquma aliloKhozo, nekhasi lingelilo uKhozo; nakubeni,xesha ngalinye likhula, liya likhangeleka ngoko Khozo.94 Isiqu asikhangeleki ngoko khozo. Ngoko kuvela ntoni?Inquma, umdumba omncinane; likhangeleka ngokusondeleyokukhozo kunokuba yi_kunokuba isithombo sinjalo. Yintonievela ngokulandelayo? Likhasi; libamba ukhozo, linakekelaukhozo.95 Ngoku khangela apha emva kwidinga likaThixoawalenzela u-Abraham, le “Mbewu yakho,” ethethangokomoya. Nabani na kuthi uyayazi loo nto. WayethethangoKristu, hayi u-Isake; ngembewu yakhe yoKholo.

Page 19: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 19

96 Qaphela, eyokuqala yayingekhobokazana,yayingakhangeleki ngokwedinga. UThixo akamelangaukulijika iLizwi laKhe ngenxa yakhe nawuphi na umntu.UThixo wathi iyakufika ngaloo ndlela, kwaye yindlelaeyakufika ngayo. Kodwa, uSara, engomele ibandla, umzekelowebandla, lona (yena) wafumanisa apho, ukuba wathi,“Kulungile, ndiyakholwa ukuba oku kungummangaliswanakakhulu. Andinako nje ukukholelwa kuloo nto, ngoko hambauthabathe uHagare uze umenze inkosikazi.” ’Yabona, apho,eso siqu sasingakhangeleki ngokwedinga, konke.

Kodwa xa uSara wathi wavela, ngoku, loo ntoyakhangeleka iyelunge kakhulu. Ikhangeleka ngokupheleleyongokwedinga apho, kodwa nangoko yayingelodinga lililo.Ngokuba, uSirayeli, u-Isake, wasilela wayikhanyela iMbewueyiyo ekufikeni kwaYo. Haleluya! (Ningothuki; ningabaleki.Oko akusayi kunenzakalisa.) Wayikhanyela iMbewu,waYibethelela, waMxhoma emnqamlezweni!97 Kanye njengokuba uPawulos ethe apha, “Ayithangai_imbewu yo_yokhululekileyo^okanye ikhobokazanaliyitshutshise iMbewu yokhululekileyo?”

Kwaye yenza njalo imbewu yehlelo ukutshutshisa uKhozoolululo. Kwahlala kufikelela ekubeni njalo. Abasayi kubaziindlalifa ndawonye. Abanxulumenanga ndawonye.Bangamadinga amabini awahlukeneyo ngokupheleleyo,ngamaxesha amabini ahlukeneyo, ngabantu ababiniabahlukeneyo, ngokupheleleyo. Omnye nguMtshakazi, azeomnye abe libandla. Akukho kuthelekiseka, konke, kubo.

98 Kodwa nangoko abayiyo iMbewu ebekwe ngedinga ukubaiyakuza. Wayengeyiyo noSara, engeyiyo^Kwayewayengeyiyo noHagare, engeyiyo noSara,kungenjalo_kungenjalo noMariya, wayengeyoMbewu.

UMariya wayengeyiyo iMbewu. Wayesisiphatho seMbewu,kodwa wayekhathalele nje, wayizisa iphuma esizalweni sakhe.Kanye njengekhasi, wezisa ngokuphuma kwisizalo saloiMbewu yenene, kodwa ikhasi aliyiyo iMbewu. Lithi nje^Libusondela kwiMbewu. Liqulethe lajikeleza iMbewu.

Emva phaya esiqwini, ubomi babuthe saa kuso sonke isiqu.Kwaze kwathi kwakufika kumungu, bahlangana ezantsibusondela. Kodwa bathi bakufika kwikhasi, kulapho ezantsikanye ngokwembewu, buze bubumbeke phantsengokwembewu.

UYesu wasixelela ukuba kuyakwenzeka ntoni na ngomhlawokugqibela, “Liyakusondela kangangokuba lilahlekisenabaNyuliweyo ukuba bekunokwenzeka,” kodwa iMbewuivela kuloo nto. Kwaye ikhasi uBomi buyalishiya ikhasi. Kubeikhasi lisisiphatho, kwaye yiloo nto ngokuchanekileyo

Page 20: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

20 ILIZWI ELITHETHIWEYO

amahlelo ethu ebeyiyo, isiphatho; uLuther, uWesley,ezakwaMoya. Ke ngoku lixesha leMbewu ukuba ivele.Qaphela, qaphela, nje^99 Yena wayengeyoMbewu. UMariya wayengeyiyo. Likhasinje, inquma, nesiqu, esiphethe inxenye yeLizwi, ingeloLizwililonke! ULuther wayenogwetyelo; uWesley wayenongcwaliso;ezakwaMoya zazinokubuyiselwa kwezipho. Kodwa kwathi xaiLizwi lifika^

Ngoku, babenakho ukuyivelisa loo nto, kuba, ungcwalisoluyakumsindisa umntu. Niyakholwa yiloo nto?Ngokuqinisekileyo, lalisisiphatho seLizwi, into enye kunokubandikholwa ukuba isiqu siyinxalenye yengqolowa.Ngokuqinisekileyo, siyiyo, kodwa sisiphatho. Asibubo uBomi.

Ngoko kwafika ungcwaliso. Bangaphi abakholwayokungcwaliso? Niyakholwa yiBhayibhile, nimelwe kukwenzanjalo. Ngokuqinisekileyo. Ukanti asiyiyo leyo; ifana ngokuthechatha; ngamazwi amabini alandelayo.

Kodwa ngoko kwafika eyokoMoya, ukubuyiselwakwezipho. Ukuthetha ngeelwimi, bakubiza oko njengobonabungqina bukaMoya oyiNgcwele. Ukuthetha ngeelwimi, apho,bakubiza ngokuba bobona bungqina, obathi bavelisa (ntoni?)ikhasi, kodwa bathi bazenza ihlelo.

Kodwa wakufika ekuthini, “Mna noBawo waM siBanye,”nazo zonke ezinye ezi izinto, ngoko ikhasi labuya umva kuYo.Kodwa elenene, iBandla elinguMtshakazi liyakuvelisa iLizwilikaThixo lilonke, kwinzaliseko yaLo kwiMfihlelo, kubaisekwanguYe izolo, namhlanje, nangoNaphakade.

Qaphela, kwizizalo zikaMariya kwakukho iMbewu.100 Kodwa kwathi xa iMbewu yazalwayo, Yathi, “Ndizeleukwenza ukuthanda kwaLowo waNdithumayo. Mna noBawowaM siBanye. Ukuba andiyenzi imisebenzi yaKhe, musaniukukholwa ndiM.” Yayiyiyo leyo iMbewu. “Ngubani kunionokuNdigweba ngokungakholwa? Oko iBhayibhileyathembisa ukuba Ndiyakukwenza, Ndiyakwenza. UThixoukungqinisisile ngaM,” Watsho. “Ngubani onokuNdixelelangoku?” ’Yabona?

Kodwa, i_iMbewu ekuMariya, ikhasi, yayisondele ekubeniyiloo Nto, kodwa yayingeyiyo. Yayisesesizalweni.101 Qaphela, kwaye kwisigaba sexesha lakwaMoya. Kuphumakwisigaba sexesha sikaLuther, kuphuma kwisigaba sexeshasobuWisile, kuhleli kuyinto enye ukuphumela kwesi sigabasexesha sakwaMoya.

Ngoku qaphela. Kodwa ekuvulweni kwaMatywinwaaSixhenxe, iZityhilelo 10, iLizwi elizeleyo liyakuzalelwaekubonakalalisweni kwakhona, lingqinelwe ngoMoya kaThixo,

Page 21: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 21

ekuzalisekeni kwamandla njengokuba laLinjalo ngethubaWayelapha emhlabeni; libonakalaliswe ngendlela enye, lisenzakwa ezo zinto Lazenzayo xa Lalilapha emhlabeni. Amen.AmaHebhere 13:8, athe, “UYesu Kristu isekwanguye izolo,namhlanje, nangonaphakade.”

KuLuka oNgcwele 17:30, uYesu wathi, “Ngemihlayokugqibela, njengokuba kwakunjalo ngemihla yeSodom, xauNyana womntu ayakube eZityhila kwakhona, kuyakuba yintoenye.”102 Ihlabathi likwimo yeSodom. Kwaye ibandla liyokungenaeSodom, nalo, njengoLothe nenkosikazi yakhe.

Kwaye ndiyatsho ukuthi kukho iBandla elinyuliweyokwindawo ethile kweli hlabathi, elitsalela ngaphandle lizelime bucala kwezo zinto, kwaye ukubonakalalisa kukaThixokutsale umdla waLo. Sikwimihla yokugqibela.103 Ikhasi linikezele ngaMandla alo kwiMbewu. Iphumile;ibilikhasi elilungileyo, kodwa liphelelwe lixesha lalo. ’Yabona,nguMtshakazi-Lizwi woMyeni-Lizwi!104 Imbewu yenyama ka-Abraham, ka-Isake, noYakobi, no^Okanye imbewu yenyama, gxebe, ka-Ishmayeli, imbewuyemvelo ka-Isake, njalo njalo, kwafanela ukuba iye kungenaemhlabeni, ukuze i_ibe nokuvelisa enye le, ivelise uYesu.

Kwaye zenze njalo nezinye ezi, iimbewu zimelwekukoma^Ndithetha, amakhasi amelwe kukoma, nomunguwembewu umelwe kukoma, nayo yonke enye into iyafa, ukuzeiMbewu ibe nokuZivelisa. Nantso indlela ebekuyiyo kwisigabangasinye sexesha.105 Amahlelo ebeziziphatho zenxenye yaLo, inxenye eliLizwi,kuba ibifihliwe kubahlaziyi abalumkileyo, okanye i^itywinwe yafihlakala kubo, sade isigaba sexesha saMakhozisavela. IBhayibhile yatsho. Ewe, mhlekazi. Kuba, sithenjisweloo nto kuMalaki 4. Ngokuchanekileyo, sithenjisiwe.

“ULifihlile kumehlo ezilumko neengqondi.”106 Njengokuba sisandula ukuphuma kwiNcwadi yeZityhilelo,sifumanisa ukuba ngasinye, zozithathu ezo zithunywa zezo zilozavelayo; esinye salingana ukuba nguLuther kanye nje, esinyesahlala kwenye kanye nje ngokulungileyo, esiyinkomonezilwanyana ezahlukileyo zeBhayibhile; zaphumakugwetyelo, kungcwaliso, nokuya kungena kwezakwaMoya.Kodwa esesine yayilukhozi, injalo loo nto, ukuphumela kwesosigaba sexesha uThixo waLuvelisa. Ngoko imelwe kukuthiiphume kweso sigaba sexesha ukuze ibe yinene, ewe, mhlekazi,idinga lokhozi lizaliseka lika_likaMalaki 4.107 UYesu wayengengokaMariya, kodwa weza ngoMariya,njengoBomi buphuma kwikhasi.

Page 22: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

22 ILIZWI ELITHETHIWEYO

108 Ngoku, abaninzi benu bazalwana bamaKatolikabalungileyo apha, okanye boodade ngokuhlwanje, basenokubabacinga ukuba uMariya wayengu “nina kaThixo,” njengokubanisithi wayenguye. Wayengathini ukuba ngunina kaThixo, abeuThixo engenasiqalo nasiphelo? ’Yabona? Yayingubani uYisekaThixo, ngoko, ukuba yena wayengunina? ’Yabona?

Wayengumdali wakhe, kwaye yena umfaziwayengengomdali waKhe. Nguye owadalayo, ngokwaKhe,esizalweni sikaMariya, hayi indalo eyeyomfazi. YayinguYe,owadalayo, ngokwaKhe. Wayengengowakhe, kodwa umfaziwayengowaKhe. Injalo loo nto. IBhayibhile iyasifundisa,ukuba, “Zonke izinto zenziwa nguYe,” ’yabona, “kwayeakukho nto yenziwayo ingenziwanga nguYe.” Ngokokwakunokuthini ukuba Yena^Wayenokuthini ukuba abenonina, ngeli thuba WayenguThixo ngokwaKhe?

109 Ngoku sibona apha isityhilelo senyaniso somzekelowenyaniso. Bathathu abafazi abaziziphatho zembewungokwenyama, yade yakhulela kuYesu. Wayenokubakho njaniku-Ishamyeli, ngokuba wazalwa, ngenene, kwintoesinokuyicinga namhlanje, ngaphandle kweqhina lomtshato,ngokuba wayengunyana wekhobokazana. Ngoko waye efananaYe ngokuthe chatha, efana noYesu, oweza ngo-Isake; kodwanangoko yayingenguye, ngokuba wayezelwe ngokuhlanganakwendoda nomfazi phakathi koSara no-Abraham. Kodwangoko emva koko kweza uMariya, ngozalo lwentombieseyintombi, wavelisa uYesu Kristu. Injalo loo nto. UThixo,uLizwi, enziwe inyama.

110 Ngoku khangela. Kwakukho abafazi abathathu.Kwakukho abafazi abathathu abazekeliswe apha, amabandla.Abafazi bahlala njalo bezekelisa amabandla. Bathetha, izigabazexesha ezithathu zobuhlelo, iziphatho, zona zimelwe kukuthikananjalo zife zome, kanye njengokuba ikhasi nokunjalokusenza, ukunika ithuba iMbewu. IMbewu ayinakulunga,ayinakuvuthwa, gxebe, lide ikhasi, isiqu, namagqabi, zibezonke zomile. Injalo loo nto. Imfimfitha yonke intwanayoBomi, ekuzo, iphume; amen; yonke into ezaziyiyo, iyiyo,ngokudityanisiweyo.

111 Azinakwenza nto! Ngoku lixesha leMbewu, okanye ixeshaloMtshakazi. Amakhasi afile. Amakhasi omike. LixeshaleLizwi lentombi engazananga nandoda^[Yindawoesisikhewu le ekhasethini_Mhl.]^engachukunyiswanga.Yintombi engazananga nandoda, khumbula, lixesha leLizwilentombi engazananga nandoda. Ukuba ungaLibeka ezandlenizehlelo, ngokuqinisekileyo Alinakuba yintombi engazananganandoda; liyakuba libanjwe ngabantu, ngexesha ufika kuLo.Kodwa iBandla likaThixo alichukunyiswanga hlelo. Haleluya!LiLizwi likaThixo elizelwe ngentombi eseyintombi

Page 23: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 23

libonakalalisiwe, uYesu Kristu isekwanguye izolo, namhlanje,nangonaphakade. Haleluya! Kunjani, kunjani ukumangalisa!NdiyaLithanda. Ndiyakholwa liLo. Ndiyazi ukubaLiyiNyaniso. Alisayi kuchukunyiswa. Akusayi kubakhokuphatha kwabuhlelo ekuZalweni kwentombi eseyintombiyoMtshakazi. Hayi, mhlekazi! Yena_yena uyalelwe nguThixoukuba aphume kwinto enjalo. “Ningazichukumisi izinto zaboezingcolileyo, nibe ngamaxhalanga.”

112 Oko kundikhumbuza nje. Njengokuba bendiphumaePhoenix ngenye imini, ndisiza eTucson, ndivela enkonzweni,uMoya kaThixo watsalela umdla wam kwinto ethile;njengokuba inkosikazi kunye nam sasihamba, sincokola,abantwana ke babelele ngemva emotweni, kusihlwa. Watsalelaumdla wam kukhetsha, ndaze ndajonga ukhetsha kancinanendamfundisisa. Uluhlobo kanye lwebandla namhlanje.113 Ngoku, ukhetsha, njengokuba sisazi sonke, ulahlekelwekukuzazi kwendalo yakhe yakuqala. Injalo kanye loo nto.Ngaxesha lithile wayefana nokhozi, umntakwabo omkhulu;ukhetsha wayenjalo. Kodwa ngoku akabhabhiesibhakabhakeni kwakhona, ukuya kuzingela imanayasezulwini, kodwa uye wathamba. Akasabhabhi emazulwinikwakhona. Uxhuma-xhuma emhlabeni, ngokwexhalanga;ahlale phezu kwesibonda semfono-mfono; axhuma-xhume nje,ezingela imivundla efileyo. Ukhetsha wayengenzelwangakwenza loo nto. Hayi, wayenzelwe ukufana nokhozi.

Ngoku, oko kufana nje nebandla. Lenziwa lafana nokhozilimelwe kukuba seMazulwini. Kodwa endaweni yaloo nto,lisuke lathamba. Alibhabhi liye kungena kokungaziwayokwakhona, kwesiluhlaza. Hayi, mhlekazi. Lixhomekekekwiindlela zalo zangoku, zokubanga, zemfundo, zemfundoyezakwalizwi, kwihlelo elithile elenziwe ngumntu; likhangelaiqela lemivundla efileyo, evundileyo, into ethile elalinayo.Injalo loo nto. Lixhuma-xhuma lijikeleza esithubeni ngoku,uyabona, injalo loo nto, ukhetsha. ’Yabona, nantso into exelayo.

Ukhozi alukaguquki nakancinane. Luhlala lulukhozi.114 Akabhabhi angene nzulu emazulwini, ukhetsha akenzinjalo, kwakhona, ukuya kubamba imana esentsha aphophezulu, koko uxhomekeka kuloo nto anokuyifumana sele ifile.Ukhetsha akayazi indlela yokwenza; bathi umelwe kukubaehle eze emhlabeni. Kodwa khangela ukhetshe omdalanamhlanje. Yihla nje ngendlela, uyakubona iingcingo zemfono-mfono zizele ngookhetsha, ’yabona ukuba unokufumana intoethile_into ethile ebuleweyo, into ethile ebolileyo. Unakongokokude abe neempiko ezilingene ukubhabha. Yena^Intoyokuqala uyazi, uyakuba phezu komhlaba, ngokupheleleyo,abetheleleke ngokuba usuke wathamba. Akawasebenzisiamandla akhe, kwakhona, awamnika wona uThixo.

Page 24: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

24 ILIZWI ELITHETHIWEYO

115 Indawo eyiyo amele ukuba kuyo yayikukundandaemazulwini akhangele ezantsi esuka emazantsi, kodwa ngokuuyehla abe sezantsi angakwazi nokukhangela phezulu.Ingqondo yakhe uyibeke kwimivundla efileyo, ukufumanisaukuba angafumana ntoni na endleleni; iqaqa elithile, i-opossum [Isilwanyana saseMelika esiqutha umntwana wasokwisingxobo._Mguq.] okanye into ethile etshayiswe ngumntuothile. Akalokhozi, kodwa uyinto ethile efana nalo.

Kanye njengokuba ibandla lixhomekeke ngokudla kwalokwimfundo nezinto ezinjalo, ukudla okufileyo okwafakwiminyaka eyadlulayo, ngoLuther, noWesley, laze lahambelaPhambili, lakudla. Likhangele emva lijonge imfundiso ethileeyenziwe ngumntu; endaweni yokubhabha liye phezulueMazulwini lifumane iLizwi, apho, “Zonke izintozinokwenzeka kwabo bakholwayo.”116 Lithabathe imikhwa yezangxa. Ezo zinto zifileyozashiyelwa amaxhalanga, ihlabathi. Iimfundo nezinto ezinjalo,zazishiyelwe ihlabathi, hayi iBandla. Lenziwe ngokuzelinga^Alisekho gadalala ngoku. Alinakufikelela phezulukuMazulu agadalala, apho, “Zonke izinto zinokwenzeka kuboabakholwayo.”

Lihlala emva, lithi, “Ke, uGqirha uZibani-bani wathethaokuthile^Ihlelo lam alikholelwa kuLo ngaloo ndlela.” Owu,khetsha ndini ogqwethiweyo uyoyika ukuphumela phezukwamadinga kaThixo!

Uthi, “Ke, iintsuku zemimangaliso zidlule.”117 Uthambile. Uyoyika ukuthabatha iimpiko zakho ubhabheuwelele ngaphesheya. Kwaye uthe wangothambe kakhuluukuba ube nokuya kwinkonzo yomthandazo? Ingaba ufikelelekwindawo apho woyika khona ukuhlala imizuzu elishumiesiguqweni?118 Uxhuma-xhuma ujikeleza ngokwesangxa, usidla inyamaebolileyo efileyo emhlabeni! Ewe, mhlekazi. Uthambe kakhuluukuba angamelana namangaphesheya agadalala, kwakhona.Uxhuma-xhuma ngokwexhalanga, adle ukudlakwamaxhalanga. Nantsi into ekuyiyo. Injalo loo nto.Ngokokude, aqalise ukukhangeleka njengexhalanga.Akasengokhetsha kunokuba enokuba yiyo nantoni na. Ufanangokuthe chatha nexhalanga kunokhetsha. Ukhetsha umelwekukuba uyandisa; hayi ahlale phezu kwesibonda semfono-mfono akhangele umvundla ofileyo, aze adle axhume anyukeesihla ngendlela ngokwexhalanga. ’Yabona?119 Loo nto ibufana nendlela ibandla eliyiyo namhlanje.“Kunceda ntoni ukunyuka ndiye phaya Phezulu ndindandendijikeleze, xa ndinokufumana imivundla apha?” Kodwa ifile.Ibolile. Ingcolisekile. Ngaxesha lithile, yayilungile; yayinjalonemfundiso yobuLuthere, ubuWisile, nabakwaMoya. Kutheni

Page 25: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 25

usidla njengexhalanga nje? Kwakukho imana entsha eyayisiwabusuku ngabunye, iphuma emazulwini, kusenzelwa abantwanabakaSirayeli eluhambeni lwabo; nantoni na eyayishiyekileyayingcolisekile. Sasidla ngokuthi, apha elizweni,“inoonojubalala.” Baninzi abo nojubalala kumava ethunamhlanje, iinkolo zethu zixhomekeke kwinto eyathethwangumntu othile, into eyathethwa ngumntu othile, kwaye,“Idinga lelesinye isigaba sexesha.”120 Kukho indoda eyeza kum kungekudala kwixeshaelidlulileyo, umshumayeli womBhaptizi, phaya phezuluendlwini yam, wathi, “Uyazi,” wathi, “ndi_ndifunaukukulungisa nje kwinto ethile.”

Ndathi, “Yintoni?”Yathi, “Uzama ukufundisa iMfundiso yobupostile ngapha

kwesi sigaba sexesha.” Yathi, “Isigaba sexesha labapostilesaphela.”121 Ndathi, “Nini?” ’Yabona? “Ndizakukuxelela ukuba saqalanini na, ukuze wena undixelele ukuba saphela nini na.”Ndathi, “Uyakholwa liLizwi?”

Yathi, “Ndiyakholwa.”122 Ndathi, “Kulungile. Ngoku, ngoMhla wePentekoste,uyakholwa ukuba kulapho saqala khona isigaba sexeshasobupostile?”

Yathi, “Ndiyakholwa.”123 Ndathi, “Ngoko, isithethi, umPostile uPetros, wathetha lamazwi.”

Kwaye khumbula, uYesu wathi, “Nabani na oyakususaiGama libe linye kule Nto, okanye ongeze kuYo, isabelo sakhesiyakususwa eNcwadini yoBomi.” Ngumshumayeli lowookanye umntu othile onegama lakhe eNcwadini.

Ndathi “UPetros wathi, ‘Guqukani, nonke ngabanye,nibhaptizwe eGameni likaYesu Kristu ukuze nixolelwe izono,namnkele isipho soMoya oyiNgcwele. Kuba idinga likuni,nakubantwana benu, nakubo bonke abakude, esukuba iNkosiuThixo wethu iyakubabiza.’ Sapheza nini ke ngoko? Sasolokosikhona.”

Ligquba lookhetsha elijike lazizangxa, lixhuma-xhumalijikeleza phezu kwesidumbu esithile esifileyo, sesinye isigabasexesha esabaxhelelayo. Kunjalo. Asiyomana isentsha ivelaeMazulwini, kwakhona. AbaYifuni. Aba^Abanakubanankonzo yamthandazo. Hayi amakhozi, indawo yokuqala;bathambile, abagadalalanga; baxhuma-xhuma nje bejikeleza.124 Linjalo ihlelo lethu langoku, lixhomekeke emfundweni,kwimfundo yezakwalizwi eyenziwe ngumntu, ukuba icacisezonke ezi Zinto zimnke, kwaye bayayamnkela loo nto. Abasayi

Page 26: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

26 ILIZWI ELITHETHIWEYO

kulithabatha iLizwi elathi, “UYesu Kristu isekwanguye izolo,namhlanje, nangonaphakade.” Abayi kumthabatha uMalaki 4.Kwaye abasayi kuwathabatha onke amanye la amadingaasingisele kulo mhla achaza ukuba siyakuba njani na isigabasexesha sebandla. Indlela awathi ngayo umprofeti,“Kuyakubakho ukuKhanya ngexa langokuhlwa,”abakuthabathi Oku. Bafuna ukuxhuma bejikeleza kwintoeyaxhelwa ngumbutho othile wakwaMoya, kwikhululeminyaka eyadlulayo, besidla imana evundileyo. Injalo loonto. Ayilunganga.125 Qaphela, ibandla lilele ngqondo kangako, lizondlangenyama ebolileyo yehlabathi, izinto ezifileyo zehlabathi,kanye njengokuba sisenza isangxa. Ezombuso zebandla,abawuvumeli uMoya oyiNgcwele uthumele indoda ebandleni;banyanzelekile ukuba babe nezopolitiko babone ukuba ihlelolabo liyakumamnkela na okanye hayi. Injalo loo nto. Bafananehlabathi. Banxiba njengehlabathi. Bakhangelekanjengehlabathi. Benza njengehlabathi. Bazizangxa,njengehlabathi. Bayonqena, bathambile, bangabenzeleleli.Nantso kuphela into ekuyiyo. [UMzalwana uBranhamunkqonkqoza epulpitini kane_Mhl.]

Wakhe walubona ukhozi lusenzelelela? Hayi, mhlekazi.Akukho kwenzelelela kulo. Akenzi njalo noMkristu onguye.Akathambanga. Uyakuzingela ade aLifumane. Amen. Ewe,mhlekazi. Uyakufumana uKudla kwakhe. Ufuna iManaesentsha. Uyakuhla aye apho embe ade aYifumane.Uyakubhabha abheke phezulu naphezulu. Ukuba ayikhoemfuleni, uyakunyukela phezulwana. Okukhona usiyaphezulu, kokukhona usiya uba nokubona. Ngoko lixeshalokuba amakhozi anamhlanje aye ebhabhela phezulu, ambekumadinga kaThixo, angaphili ngokudla kwezangxaokwaxhelwa kwiminyaka eyadlulayo; phumani kuko.126 Ezopolitiko, ukuvotela nokuvotela ukhuphe, zithetha oku,okuya, okanye okunye, kwaye uMoya oyiNgcweleakasenamvume yakuhamba ebandleni ngokupheleleyo.Akusekho zinkonzo zamthandazo, akusekho kumhluphanganto uThixo ukuze azalisekise iLizwi laKhe! Akusekhokukholelwa kwelo Lizwi ukuba lisekwalilo izolo, namhlanje,nangonaphakade! Balenza nje lihle libe sisangxa, babe nehlelo,babhale igama labo encwadini, babe ngabonqenayo bathambe,bahlale phantsi phaya babimbilize uhlobo oluthile lwenyamaebolileyo efileyo. Kwaye, ngoko, bamelwe kukuba enenenibangukhetsha ofana nomntakwabo olukhozi, umprofetiowezisa iLizwi lenyaniso waLibonakalalisa.127 Bathembele kwinto evundileyo, yemfundo yezakwalizwieyenziwe ngabantu. Uyifumana phi? Kwiphepha lenkquboyesikolo seCawe elithile elenziwe ngumntu, umhlohli othilewamxhelela yona kudala kwiziko lemfundo elithile, wamxelela

Page 27: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 27

ukuba, “Iintsuku zemimangaliso zidlule. Akukho ntoinjengobhaptizo loMoya oyiNgcwele. Yonke le Nto yimfitshi-mfitshi.” Undixelela ukuba ukhozi lungadla loo nto?Alunakuyenza loo nto. Hayi, mhlekazi.

128 NoMkristu akangekhe adle inyama ezibolileyo ezivelakwiimfundiso ezindala zobuhlelo nezinto ezinjalo. BafunaiLizwi likaThixo, liselitsha, idinga lale yure. UThixowathembisa ngemivundla ngemihla kaLuther. Wathembisangezinye izinto ngemihla yabanye. Kodwa ngoku usithembisengoKudla okupheleleyo, uLudwe lwesixhenxe lokudlaokupheleleyo, kuba onke aMatywina aSixhenxe avuliwe,kwaye yonke into ilungele iLizwi likaThixo, kwabobanokwamnkela!^?^

129 Ookhetsha baxhuma-xhuma ngokwezangxa. Owu, bethu!Yicinge loo nto, yeyoyikeka kangakanani, kutheni_kuthenilelo lixa. Kanye njengokuba ukhetsha walahlekelwa kudalakukuzimilisa okukakhetsha, ngokunjalo ibandla kudalalalahlekelwa kukuzimilisa njenge (intaka) umninawa wokhoziabaprofeti bakaThixo.

Lalikhe lasisiphatho selizwi lenyaniso, ugwetyelo; lazalasisiphatho songcwaliso; ngoko laba sisiphatho sobhaptizoloMoya oyiNgcwele, ukubuyiselwa kwezipho. Kodwa ngoko xaEhambela phambili liyaqhuba ukubuyela emva, lizama ukudlainto ethile, imana yomhla ongomnye, ibolile. Ayilunganga.

Ukhozi lwenene lwalo mhla liyazi ukuba loo ntoyayilungile. Kodwa sinaloo nto, nokongeziweyo, ade uYesuKristu abonakalaliswe ekuzalisekeni kwamandla aKhe,njengokuba Wathembisa ukuba kuyakubanjalo ngomhlawokugqibela.

130 Ngoku lilikhasi elomileyo. Udlule; UMoya kaThixo udlulekulo, yinyaniso leyo. Kwaye alingekhe, alisayi kuba yindlalifandawonye nembewu-Lizwi engqinelweyo. Ngokuqinisekileyoalinakuba yiyo. Alisayi kubakho kuXwilo. Liyakuba lilungulebandla, lisenokuvuka kuvuko lwesibini, ligwetywe ngokolakuvayo.

Ukuba ulapha ngokuhlwanje, ulilungu nje lebandla,uyakuba yintoni umgwebo wakho, xa sisonke simi apho ukuzesingqine ukuba wayiva iNyaniso? ’Yabona?

Alisabhabhi lingene kwesiluhlaza, siye kutshokwesingaziwayo, kumandla angaphezu kwendalo, apho kukhoaMandla nemiphakamo, namadinga eLizwi elinguNaphakadelikaThixo lisenzeka, “zonke izinto kwabo bakholwayo.”Alisayi kuyikholwa loo Nto, latsho. Liwela kwaphezu kocingolwemfono-mfono, lithi, “Ihlelo lam lithi imivundla ilungile.”Nangona inempethu nje kuyo, kodwa, nangoko, “Ilungile,”’yabona. Lixhomekeke kuloo nto.

Page 28: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

28 ILIZWI ELITHETHIWEYO

131 Inkonzo kaMoya ifana nodade wayo wesangxa sobuhlelo,ihleli ngoku kweli khulu “icebo labangendawo,”ngokuqinisekileyo, liphulaphule okwalo kwehlabathi, iintlokozezopolitiko zilondla ngokudla kwezangxa kwemivundlaefileyo, kwento ethile eyadlulayo, kumashumi amahlanueminyaka eyadlulayo. Nantso imeko yebandla lakwaMoya.Owu, bethu!

132 Kanye njengokua uSara wazama ukuzisa idinga lamandlaangaphezu kwendalo ngo_ngoHagare okhonjwe ngomnwe,ngokunjalo ibandla, lizama ukuzisa imvuselelo. Abavangelibethu abakhulu kuwo wonke amazwe namhlanje, “Imvuselelongexesha lethu! Imvuselelo ngexesha lethu! Nonke ninamaWisile, maBhaptizi, akwaMoya, hlanganani nonke.”Singathini ukuba nemvuselelo yeMana esentsha phezukwesidala, esifileyo, isangxa^?^Singathini ukuba nayo,imvuselelo ngexesha lethu?

Imvuselelo iyakuba yencinane kangangokuba bangayaziukuba ikhe yenzeka.133 Abenkonzo kaMoya bathi, “Owu, kuzakubakho into enkulueyakwenzeka.”

Iyenzeka, kwaye abayazi. ’Yabona, nantso ke. ’Yabona?Ewe, mhlekazi. “Kuba apho sukuba sikhona iSidumbu,ayakuhlanganisana khona amakhozi, kanye ngokuqinisekenjengokuba linjalo ihlabathi. ’Yabona? Nantso intoEyayithethayo. Yintoni iSidumbu? LiLizwi. Yena uliLizwi,iSidumbu, uKristu! “UKristu engaphakathi kuwe,”isekwanguye izolo, namhlanje, nangonaphakade. Yinyanisoenjani Leyo!

134 USara, ezama ukwenza onke amadinga azaliseke, uyabona,ngenkulu^njengebandla namhlanje, “imvuselelo enkulungexesha lethu,” (ngantoni?) ngedinga eligqwethiweyo.Niyakuyenza njani loo nto, xa uThixo engazange asikelelembutho?

Akazange asebenzise mbutho. Xa umyalezo waphumayo,baze bawenza umbutho, wafa kanye kuloo ndawo. Ndimemanawuphi na umntu wezembali ukuba andibonise apho wakhewavuka khona kwakhona. Wafa kanye kuloo ndawo wahlalaapho kuloo ndawo. UThixo wahamba nje kanye waphumakweso siphatho, waya kungena kwesinye; kanye ngaphandlekobuLuthere, wangena kubuWisile; kanye ngaphandlekobuWisile, waya kungena kwezakwaMoya; ngoku Uhambilewaphuma kanye kwezakwaMoya, ukuya kungena eMbewini.135 Ngokuba, imelwe kukuba ibe yiMbewu. Awunakuyidlulanganto indalo. Akukho nto, nantoni na eyenye apho eyakwenzaukuba kwenzeke ingeyiyo iMbewu, ngoko iMbewuiyakuZivelisa. Isekwanguye izolo, namhlanje,

Page 29: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 29

nangonaphakade; kwa iNtsika yoMlilo enye, ibonakalisaimiqondiso eminye, aMandla amanye, uThixo okwamnye,imiqondiso ekwaminye, into enye, ingqinela iLizwineBhayibhile, ngokuchaneke kanye. Isekwanguye izolo,namhlanje, nangonaphakade. Uyakhokela, ngokuhlwanje.Thixo sincede siYibone size siYikholelwe! Ngokuqinisekileyo!136 ’Yabona, uSara ibandla, latyumba uHagare. Oko akuzangekusebenze. Ingaba kwasebenza? Hayi. Iqela lalo elikhonjwengeminwe alisayi kusebenza namhlanje, kananjalo. Oogqirha,neeP.h.D., nee L.L.D., azisebenzi. Zonke iziphatho ziyasilela.

ULuther wasilela, njengokuba wenzayo uHagare. Wenzantoni uHagare? UHagare wanikela unyana wakhe kwisifubasomnye umfazi (ingaba kunjalo?), ukuze akhulise umntwanawakhe. UHagare wenza loo nto; wanikela unyana wakhe,unyana wakhe ekuphela kwakhe, kwisifuba somnye umfazi(ingengonina wakhe), ukuba amkhulise. Ikwayiloo nto inyeawayenzayo uLuther ukunikela ngonyana wakhe, ugwetyelo,alunikele ngaphaya kwihlelo ukuba lidlale ngalo, injalo kanyeloo nto, ukuze limkhulise.137 UWesley wasilela kanye ngendlela enye awasilela ngayouSara, ukuthandabuza uZalo lwamandla angaphezu kwendaloukuba lulubhaptizo loMoya oyiNgcwele, njengokuba uSarawenzayo kulaa mthi wom-oki. Xa uWesley wangeniswakokwamandla angaphezu kwendalo, xa isigaba sexeshasenkonzo kaMoya sangenayo waza uWesley wangeniswaekuthetheni ngeelwimi nako konke Oku, bahleka bahlekisangaloo Nto. Nonke nina bandla likaKristu, nani, nibizwa njalo,nani maBhaptizi, namaPresbhithari, ninonke ngabanye,nenyusa impumlo yenu, kuLo, naze nemnka kuLo. Kunjalo.Nenza ntoni, Wesley? Nathengisa ngomntwana wenuembuthweni, waze wafa watshabalala. Injalo kanye loo nto.138 Kodwa, iLizwi, iLizwi lenyaniso laqhubela phambili.Alizange lime kuloo mbutho. Lahamba labheka phambilikwekaMoya, lathabathela okuthe chatha kulo. LalinguNyanaothe chatha ngokukhula, njengeMbewu eyawa yangenaesizalweni, kwaye, emva kwethutyana, Yaqala emqolo, yazeyaya ekubeni nemiphunga, yaze yanentloko neenyawo.

Kwaye, emva kwethutyana, Yafikelela kwindawo yokubaIzalwe. Injalo loo nto. Ngoko, nantso indlela iBandla elakhulangayo, ikwayindlela enye.139 UWesley wathandabuza kanye njengokuba uSara wenzayokulaa mthi. Wathi^Xa iNgelosi yeNkosi, indoda, inxibenjenge^Okanye, iNgelosi, uThixo, yayinguye, ngokwaKhe.U-Elohim, enxibe njengendoda, emi apho enothuli ezimpahlenizaKhe, waze watsho ukuthi wayenedinga awalikhuphayo;emva kokuba uSara wayenamashumi alithoba eminyaka, no-Abraham enekhulu.

Page 30: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

30 ILIZWI ELITHETHIWEYO

NoSara wahleka mpela, wathi, “Ingakho njani le nto, ngelithuba u-Abraham kunye sasinalo, ke, asizange ukusukelaekubeni sasingabantu abatsha, ubuhlobo bosapho, mhlawumbiamashumi amabini eminyaka.” Wayesondele ekhulwiniubudala. Wathi, “Mna, ndizonwabise nenkosi yam, mnandimdala, nayo indala, kananjalo? Kwaye umsinga wayowobomi ufile, nesizalo sam somile. Amabele am aphelile;imithambo yobisi iphelelwe. Ndinganalo njani?”

140 UThixo wathi, “Ndikuthembise lona. Luyeza, nakanjanina!”

141 Wenza njalo noWesley. “Singathini ukwamnkelaukuthetha ngeelwimi, nempiliso eNgcwele, nezinto ezinjalo.Asikokwethu ngalo mhla.”

142 UThixo wathi, “Ndithembisile, ‘Ngemihla yokugqibelandiyakuwuthulula uMoya waM phezu kwayo yonke inyama.’”Wathembisa ukwenza oko, waze Waqhubela phambiliwakwenza, nakanjani na. [Yindawo esisikhewu leekhasethini_Mhl.] Kwaye ibandla lobuWisile, nabo bonkeoodade balo abancinane bomungu, bamaBhaptizi, amaRhabe,nebandla likaKristu, amaNazarene, aboHambo lobuNgcwele,naBazalwana boManyano, nezizezinye, zafa kunye nalo.Kwaye iBandla laqhubela phambili.

Ngoku yenza ntoni eyakwaMoya? Iyazimanya, kanyenjengekhasi. Yenze kwa into enye. Yazimanya yazibumba,yazifaka kwikhasi. Injalo loo nto.

143 EyoMoya yayinjengoMariya. [Yindawo esisikhewu leekhasethini_Mhl.]^isidlo sepentekoste, khangela intoeyenziwa nguMariya. Yintoni ephosakeleyo eyenziwanguMariya? Kwisidlo sePentekoste, ngaxesha lithile,wayejongene neqela labahloniphekileyo, ababingeleli.Ngethuba, uNyana wakhe, wayengenakuMfumana naphi na.Waze wabuyela emva, uhambo lweentsuku ezintathu.

WayeMshiyile. Njengebandla langoku namhlanje, malunganesithathu esiphindwe kahlanu, okanye amashumi amabinianesihlanu, ibandla liyishiyelele, malunga namashumiamahlanu eminyaka eyadlulayo, okanye amashumi asixhenxeanesihlanu.

144 LiMshiye kwisidlo sepentekoste. UMariya wabuyela emvaphezulu noYosefu, iintsuku ezintathu, bekhangela Yena.Wayekhangela Yena; engenakuMfumana.

WaMfumana. Wafumana ntoni? Wafumana Yenaetempileni, exoxa iLizwi likaThixo kunye nababingeleli.Kwaye kanye phambi kwabo babingeleli, abo bantubahloniphekileyo, uMariya wathoba umdiya-diya. Wenzakanye le nto ngewayengayenzanga.

Page 31: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 31

Wazibiza, “UThixo; unina kaThixo”? Unina umelwekukuba nobulumko obuthe chatha kunonyana wakhe.

Waze wathi, “Uyihlo kunye nam besiKufunasineenyembezi imini nobusuku.” Hee! “Uyihlo kunye nam,”ebanga ukuba olo zalo yayingelulo olwamandla angaphezukwendalo, esithi uYosefu wayenguyise kaYesu. Wakhanyelauzalo lwamandla angaphezu kwendalo.

Inkonzo kaMoya yathatha ukuthetha ngeelwimi.Balukhanyela uZalo lweLizwi. Nantso kanye into eyayenzayo.Iyakuthabatha okungaka kwaLo, kodwa ayisayi kuLithathalilonke. Yakhanyela uZalo lweLizwi, kanye njengokubawenzayo uMariya. Kodwa, khangela, akusayi kuba sabakhomibutho iyeminye emva kwale Nto.145 Khangela iLizwi ngokwaLo, kodwa, eneminyaka elishumielinesibini, eyinto nje encinane kakhulu isesemva ekhasini,Wathi, “Anazi na ukuba ndimelwe ukuba semcimbini kaBawowaM?” ILizwi lalungisa ibandla, kanye kuloo ndawo.146 “Wenza ntoni ngazo zonke ezi zinto? Uyazi ukubaawunakukwenza oku. Sizakuzivala iingcango zethu; asisayikukuvumela ungene.”147 “Kuba anazi ukuba ndimelwe kukuba semcimbinikaBawo?” ’Yabona? Ngokuqinisekileyo, ngokuqinisekileyo,okwamandla angaphezu kwendalo kwenyaniso!148 Ethabathekile, wayebanga nje ukuba Yena wayengunyanakaYosefu, indoda nje eqhelekileyo. Okanye, into eyayenzayoiPentekoste, kukuMbanga ukuba u “ngomnye kwabathathu.”Whowu! Ndiyazi ukuba oko kuyakhubekisa, “omnyewabathathu.” Kodwa Wayesiso sonke eso sithathu, sikoMnye.Kodwa abeyakwaMoya, “Owu, ewe, Yena unguNyana kaYise,kaMoya oyiNgcwele, ngoko^Owu, bethu!

Kodwa elenene, iLizwi lenyaniso lithetha nje likhuphe,lathi, “Abangabathathu babo. Mnye kubo.” [Yindawoesisikhewu le ekhasethini_Mhl.] Amen. Niyalazi iLizwilikaThixo? Lenza bangabi bathathu; koko abeMnye.149 Qaphela, akusayi kubakho ziphatho kwakhona, zinkonzozingoomama, amahlelo, emva kwesi siphatho sekhasi.150 Ngokuba, emva kwekhasi, akusekho nto, akukho ntoishiyekileyo ngoko koko luKhozo kuphela. Ingaba kunjalo?Kumelwe ukuba ibe luKhozo. Lumelwe kukuba ibe kwaluhlobo olunye noluya lwangena emhlabeni. UYesu Kristuisekwanguye izolo, namhlanje, nangonaphakade, uMoya uhlaphezu koMtshakazi ukuze wenze kwa izinto ezinye nezoWazenzayo. ’Yabona? Kukuvelisa kwakhona koKhozo.151 ILizwi, nakuba laliselula, laZithethela, “Kwaye anazi naukuba ndimelwe kukuba semcimbini kaBawo waM?” Hee!

Page 32: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

32 ILIZWI ELITHETHIWEYO

152 Nantso ke imfihlelo yoMyalezo ngoku, ngokuchanekekanye, “imicimbi kaBawo.” Yayiyintoni imicimbi kaBawo?

Ungacinga ukuba yayiyintoni na imicimbi kaBawo, kuYe?Kukuzalisekisa oko wakuthethayo u-Isaya, “Intombiiyakumitha.” Kukuzalisekisa u-Isaya, owathi kwakhona,“Isiqhwala siyakuxhuma ngokwexhama,” nazo zonke ezi zintoziyakwenzeka. Njengokuba uMoses wathi, “INkosi uThixoiyakunivelisela uMprofeti, phakathi kwenu, onjengam nje.”Yayiyimicimbi kaBawo leyo, ukuzalisekisa ela Lizwi.

Ke, ukuba oko kwehla kwaphumela kwindiza, zabo bafazibasenyameni; kuyakwenzeka ntoni ngezi ndiza zokukwasemoyeni, abafazi abalibandla? Amabandla athethaabafazi, abafazi bathetha “amabandla,” gxebe. Ingabakunjalo?

Ngoko kuyintoni ngoku? “Simelwe kukuba semicimbinikaBawo,” INgqolowa imelwe kukukhwaza, uKhozo. Ewe,mhlekazi. Imelwe kukwenza ntoni? Kukungqinela uMalaki 4,ukungqinela uLuka 17:30, ukungqinela amaHebhere 13:8,ukungqinela uYohane oNgcwele 14:12, ukungqinela lonkeiLizwi laKhe. Ukungqinela amaHebhere, ndithetha^IZityhilelo, isahluko se-10, sokuvulwa kwaMatywinwaaSixhenxe, neemfihlelo zikaThixo; nkqu imbewu yenyoka, nakokonke, iyakubonakalaliswa; umtshato noqhawulo-mtshato nazozonke ezinye ezi mfihlelo ebezihleli zifihlwe phantsi kweentsikayonke le minyaka, kwizifundiswa zezakwalizwi nokunjalo,kodwa lingoku ilixa. Nanko umcimbi kaBawo.

Ucinga ukuba babenokuLamnkela? Bafuna ukubanesidima, bathi, “Ihlelo lethu alisifundisi loo Nto.” KodwaiBhayibhile iyanifundisa. Injalo loo nto.153 UThixo uyaYingqinela ukuba iyinyaniso.Ngokuqinisekileyo, iYiyo izalisekisa esi sigaba sexesha, aphokukho aMatywina aSixhenxe khona. Okanye, iqondakalisa njeukuba amahlelo ebeziziphatho nje, ngomnye umcimbi kaBawolowo, ukuqondakalisa. Kwaye imicimbi kaBawo ngokukukunibonisa ukuba loo mahlelo akangowaKhe. Azinkquboezenziwe ngabantu ezikhanyela iLizwi. Kulungile. Qaphela.

Uthi, “Ke, uMariya, into^intombi engazananga nandodaebalulekileyo!”154 Emnqamlezweni, Akazange ambize ngokuthi, “mama.”Wambiza ngokuthi, “mfazi,” isiphatho, hayi mama. ’Yabona?Ngenyaniso, wayesisiphatho seLizwi, kodwa wayengeliloiLizwi. Yayinguye iLizwi. Owu, ewe.155 Qaphela, kananjalo, akazange abandakanyeke eluvukwenikunye naYe. Wafa wabuya wavuka, kuba Yena wayeliLizwi.Umfazi yena wayesisiphatho nje. Wafa, kwayeusesengcwabeni. Injalo loo nto. Ngoko yena wayesisiphatho

Page 33: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 33

nje, hayi unina waKhe, hayi uThixo. Wayesisiphatho njenjengokuba enjalo amabandla. Injalo loo nto. Okokubonakalisa ukuba wayesisiphatho nje, hayi iLizwi.156 Masivale ngokuthetha oku. Owu, bookhetsha bakwaMoya,abaxhuma-xhuma bejikeleza ngokwamaxhalanga, bethabathainxaxheba kwizinto zehlabathi kanye njengokuba bonkebesenza, “benokumila kokuhlonela uthixo, okwanele ukudekulahlekise nabaNyuliweyo ukuba bekunokwenzeka, kodwabewakhanyela aMandla ako,” njengokuba esitsho umprofetiapha. Umzekelo ogqibeleleyo ngoko lathi iLizwi likaThixokuyakubakho ngemihla yokugqibela, kwisigaba sebandlalaseLawodike, “uze, uyimfama, ulusizana, ulihlwempu,uludwayinge, ube ungakwazi oko; libanga ukuba likhululisisityebi, ‘andiswele nto.’” Libe lingazi ukuba litshintshileekubeni ngukhetsha, umntakwabo ofana nomprofeti, ukuzeligcine iLizwi likaThixo lithe ngqo; lijikele ekubeni lixhalanga,laze londla abantu balo ngemivundla efileyo yeemfundisozamaziko emfundo yezakwalizwi. Ngokuchanekileyo kunjalo.Vukani! Bethu, ningathini ukulindela ukubandakanywa,okanye ukuba zindlalifa kunye namakhozi, xa kukho izintoezinjengezo ngeli lixa libalulekileyo ngethuba uXwilolusondele.157 Owu, Mkristu, owu, kholwa ukuba ubulikholwangokuyinxenye, qhubela phambili usiza ezinkonzweniokwethutyana (awunakwenza njalo?), sinento ethile aphaendikholelwa ukuba iNkosi ifuna ukuba uyazi.

Limnkile ixesha; andisenakuqhubela phambili. Ndimelwekukuba ndivale, ukuze mhlawumbi ndigqibezele ngomsongokuhlwa. Kodwa, khangela, masigobe iintloko zethuokomzuzwana.158 Andifuni ukuba uqaphele ukuba ndisebenzisa oluphi naubizo-magama, kodwa ndifuna ukuba uqaphele ujonge njeumzuzu koko ndikuthethileyo. Kucace ngokwaneleyo ngokuude ube nokukuqonda, ndiqinisekile, ukuba unqwenelaukwenza njalo. Ukuba ulapha ngokuhlwanje, ube ungenawo lamava^

Anditsho^Wena uthi, “Ndikhe ndaxhentsha kuMoya,ndaxhuma ndajikeleza konke.” Ewe, ookhetsha benza kwalooinye, kanye njengoonomyayi nezangxa. Andiyibuzi loo nto.

Udla ntoni? Ukufumana phi ukudla kwakho kwemihlangemihla? Wondliwa phi, ngokusuka kwiLizwi likaThixookanye kwinyama ebolileyo endala ethile eyayisetyenziswephaya ngaphesheya, kwiminyaka ngeminyaka eyadlulayo?Ingaba amava akho, nangokuhlwanje, anento ethileowayichola kwiminyaka emininzi eyadlulayo; okanye ingabaisentsha ibe intsha ngokuhlwanje, iMana entshaesandul’ukuwa eZulwini, ube wondla umphefumlo wakho

Page 34: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

34 ILIZWI ELITHETHIWEYO

ngaYo, ukhangele enye into elungileyo nengcono ngomso?Ukuba awululo olo hlobo, ngoku iintloko zenu zigotyiwenamehlo enu evaliwe, neentliziyo zenu zithotyiwe, zibuze loombuzo unyanisekileyo. Ube ungabhekisi kum, koko kuThixo,ungasiphakamisa isandla sakho njengobungqina, bokuthi,“Thixo, wulungise umphefumlo wam noMoya wam, ukuzendibe nokudla kuphela kwiLizwi likaThixo.”Ungasiphakamisa nje isandla sakho, uthi^UThixoakusikelele. UThixo akusikelele.159 Andazi nje ngokuchanekileyo ukuba bangaphi na abalaphangaphakathi abakhoyo, ngokuhlwanje. Andikwazi mpelaukuqikelela isihlwele, kodwa ndingathi ubuncinane sisinyekwisithathu, okanye nangaphezulu, abaphakamise izandlazabo, kuba bafuna ukulungiselwa imiphefumlo.Masibakhumbule emthandazweni ngoku sisagoba iintlokozethu.160 Thixo Othandekayo, ndinoxanduva kuphela lokuthethaiLizwi. Kwaye ngale mizekeliswana ilula, imizekeloemincinane, abantu bayabona ukuba umntu akasayi kubayindlalifa nomnye. Kwaye siyazi ukuba ngemihla yokugqibelakuyakubakho abayakuxwilelwa eMazulwini, kwaye abanyebabo bayakuba lapha ekubuyeni kukaYesu. Kwaye sikhangelekuYe ukuba angabuya nangokuhlwanje.161 Ndicinga ngamashumi amathathu, malunga namashumiamathathu anesithathu eminyaka eyadlulayo, ndiguqe aphamhlawumbi ngeli xesha ebusuku, ukuya malunga necalaleyesithoba okanye intsimbi yeshumi entloko, ndithandazelautata owayelahlekile. Ngokuhlwanje, Nkosi, ndithandazelaabaninzi ootata, oomama abaninzi, abazalwana noodade.Awungekhe Ube nenceba, Thixo Othandekayo? Limnkekakhulu ixesha ngoku lokuba utata wam enze nantoni nangaloo nto; udlule ngaphaya kwemida yobu bomi. Kwayekwakutsha, Nkosi, siyakube sihamba sonke sidlula ngaloondlela. Nam, kananjalo, ndimelwe kukuhamba ngaloo ndlelayonke indoda nomfazi, inkwenkwe okanye intombazana,elapha, imelwe kukuhamba ngaloo ndlela. Kwayesiyakumelwa kukuphendula ngoko sikwenzayo ngeLizwilikaThixo.162 Yakhangeleka incinane njani laa ndoda, ebuswenibukaDavide, yakuba itshicela kuye! Bayakucinga kancinanekanjani abo bantu, bade batshicela uYesu iLizwi xa Ebuyakwakhona nabo baMhlabayo. Bayakuziva bebancinane njaniabantu abathi banokuhamba besuka apha bazebabonane^kungekuko ukuphela kumagama athile amakhuluesiGrike, njalo njalo, kodwa kwimvelo ecacileyo esifundisauThixo umdali; sibe nokuzibona iziphatho zeLizwi, size siboneiLizwi ngokwaLo, sazi neyure esiphila kuyo, nelixa lesivunoukuba lifikile.

Page 35: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 35

163 Thixo Othandekayo, masingaLinikeli umva, ngenxayobudenge obuthile behlabathi, koko masithi ngokuhlwanjesimaMnkele ngayo yonke intliziyo yethu. Nkosi, dalangaphakathi kum umoya olungileyo, uMoya woBomi, ukuzendibe nokukholwa konke aMazwi aKho, ndamnkele uYesuiLizwi, isekwanguye izolo, namhlanje, nangonaphakade, ndizendikholwe namhlanje kuloo nxalenye yabelwe esi sigabasexesha. Ndiphe oko, Nkosi. Ndikucela eGameni likaYesu.164 Ke ngoku ndizakubuza umntu ngamnye kuni, njengokubanilapha nicinga ngale nto, ngokunyaniseke ngenene. Asinaloibandla omelwe kukulijoyina. Sinalo iqula phaya ezantsiesibhaptiza kulo, “Bonke abakholwayo babhaptizwa,” ukubaawukabhaptizwa ngobhaptizo loBukristu. Oko akuthethikutshizwa, ukugalelwa; oko kuthetha ukuntywiliselwa. Hayikwizihlonipho uYise, Nyana, Moya oyiNgcwele, kokoeGameni lika “Yesu Kristu,” njengokuba ibandla liphelalabhaptizwayo, lade ibandla lobuKatolika ngowe-303langenisa oothixo abathathu nenkqubo ezintathu zobhaptizo,kwizihlonipho zobuTriniti. Ukuba awukayifumani loo nto,kusasa ngomso ngentsimbi yeshumi kuyakubakho iingubonezinto ezinjalo ezikulindeleyo phaya ezantsi.165 Awunakuza ujoyine kuYesu Kristu, hayi thina.Asinabandla nalapha elinokukukhathalela. Yiya nakuliphi naibandla ofuna ukuya kulo, nokuba uvela phi na, kodwa,uncede, ukholwe kweli Lizwi. Niyakholwa lilo? Yithani,“Amen.” [Ibandla, “Amen.”_Mhl.] UThixo anisikelele.Ningangenza^166 Ukuba kukho nantoni na esinokukunceda ngayo sikhoukuze siyenze.167 Ngoku, ndiyazi ukuba kukho abagulayo. Ixesha lethulisishiyile, ngokuhlwanje, lomgca wokuthandazela.Mhlawumbi siyakulifumana, phofu. Ndifuna ukuba mntungamnye kuni andenzele into ethile. Uhleli kufutshanenomntu othile; beka izandla ngaphaya kuloo mntu.

Uze ungathandabuzi ubeke isandla sakho phezu kokhozi,mhlawumbi ukhozi ebelisidla ukudla okuthile kwesangxakwindawo ethile; laza laguliswa kuko. Abasakufunikwakhona. Bafuna ukuphuma kuko. Bayagula bediniwe kuko.Bahleli apha ngokuhlwanje bebona oko eneneni amakhoziamelwe kukukudla, iLizwi, benoKristu ophilileyo ephilaphakathi kwabo, eZibonakalisa ephilile, isekwanguye izolo,namhlanje, nangonaphakade. Abafuni kuba ziindlalifandawonye namakhasi; wona azakutshiswa. Zonke iingwitshinezinto ezinjalo ziyakutshiswa. Umanyano luyeza ukuzakubhula iNgqolowa iphume. Ufuna ukuba yingqolowa.

168 Kukho kubo abathile abagulayo, abanye babo bagulangokwasemzimbeni. Ndifuna ukuba uthandaze, khozi.

Page 36: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

36 ILIZWI ELITHETHIWEYO

Thandazela umzalwana wakho, udade lowo ulukhozi,njengokuba ndinithandazela apha. Wanga uMoya kaThixoungehla phezu kwenu.169 Khumbulani, ndininika uKudla koKhozi, idinga likaThixo.Ubabiza abaprofeti baKhe ngokuba, “ngamakhozi.” YenauZibiza ngokuba uluKhozi, UnguYehova uKhozi. Kwaye ngelithuba nibekene izandla, bathandazeleni.170 Bawo wethu waseZulwini, iLizwi laKho lithe, umyalelowokugqibela Owawunika iBandla laKho, wawukukuthi,“Hambani niye kulo lonke ihlabathi nishumayele iVangeli,“imithetho kawonke-wonke,” lowo ukholiweyo wabhaptizwauyakusindiswa; lowo ungakholwayo uyakugwetywa. Nantsiimiqondiso eyakulandelana nabo bakholiweyo; eGameni laMbayakukhupha iidemoni; bayakuthetha ngeelwimi ezintsha;ukuba bathe basela into ebulalayo, ayisayi kubenzakalisa;ukuba bathe baphatha iinyoka, azisayi kubenzakalisa; kwayeukuba bathe babeka izandla phezu kwabagulayo, bayakuphila.”

Owu Yehova Khozi, yondla amantshontsho aKhongokuhlwanje ngelo Lizwi, Nkosi. Aswele. Nalo udidi lokudlaaswele lona. Nantso into abayisweleyo, kukwazi ukuba kuyinina uKudla, ukuba uyintoni na uITSHO INKOSI.171 Wathembisa, ukuba ukuba babeke izandla zabo omnyekomnye, bayakuphila. Owu Nkosi Thixo, thabatha ususe onkeamathandabuzo neembono zesangxa zimnke kuthi ngoku.Kwaye sidla ngokundilisekileyo uKudla koKhozi, kweLizwilikaThixo.172 Mawuthi wonke umoya ongcolileyo okwaba bantu, wonkeumoya wentandabuzo, wonke umoya woloyiko, wonke umoyawokubambelela kubuhlelo, wonke umkhwa, sonke isifo, zonkeizifo eziphakathi kwaba bantu, zimke. EGameni likaYesu, zangazingaphuma kweli qela labantu. Banga bangakhululekaukusukela ngelilixa ukuya phambili, ukuze babe nokudlauKudla koKhozi esikholelwa ukuba Usithumela kona kuyoyonke le veki, Nkosi, uqhaqha kuvuleke loo Matywinwausibonisa ezo mfihlelo bezifihliwe ukusukela ekusekwenikwehlabathi, njengokuba Wathembisayo. Bangabakho, Bawo.EGameni likaYesu Kristu. Amen.173 Bonke abakholwayo, bamnkele, yimani ngeenyawo zenu,nithi, “Ndiyakholwa. Ndiyamnkela. Oko uThixo wandibekelakona ngedinga, ndiyakwamnkela.” [Ibandla liyaphakamangezwi lokwamnkela_Mhl.]

INkosi inisikelele. Kuyamangalisa oko. Wonke umntu umile!Intle loo nto.

Isingqi, NdiyaMthanda. MasiMculele eli culo ngoko,“NdiyaMthanda, ndiyaMthanda ngokuba Wandithandakuqala.” Sonke ngoku.NdiyaMthanda, (ukuba uyamthanda,masiphakamise izandla zethu)

Page 37: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 37

NdiyaMthanda kuba Wandithanda kuqalaWathenga usindiso lwamEKalvari emthini.

174 Owu, Akamangalisi? [Ibandla lithi, “Amen.”_Mhl.]Masibambane izandla omnye nomnye. Mzalwana, Khozi, jika,dade, bamba isandla, njengokuba sicula.

NdiyaMthanda,^Mzalwana, khozi! Mzalwana, khozi! Mzalwana, khozi,

elilungiselela iLizwi! Charlie, unjani? UThixo akusikelele,mzalwana. Ndiyavuya ukukubona! UThixo akusikelele,mzalwana. UThixo akusikelele, mzalwana, khozi. UThixoakusikelele.

EKalvari emthini.

Masiziphakamisele kuYe izandla zethu kwaKhona.

NdiyaMthanda, NdiyaMthandaNgokuba Wandithanda kuqala^(kwaye

Wakwenza ukhozi)Wathenga usindiso lwamEKalvari emthini.

175 Uyakwazi njani, liyakwazi njani ihlabathi ukubauyamthanda uYesu? Xa sithi sithandane. Nantso indlelaihlabathi^’Yabona, uThixo uyalubona ukholo lwakho;ihlabathi libona isenzo sakho. Thandanani ngoku. Yibaninobubele omnye komnye. Thethani omnye nomnye.Nyamezelanani.

Nemiyalelo ethe chatha esinokuyinika, ubhaptizo, ukufunauMoya oyiNgcwele^Asisenamagumbi apha esinokwenzelaloo nto, niyaqonda. Ukubizela ngaphambili, ukuba uThixouthe wathetha nawe ukuba le Nto iyinyaniso, yokuba uYesuKristu isekwanguye izolo, namhlanje, nangonaphakade, ubeufuna ukuhlangana naYe, yiya uye kubhaptizwa eGamenilaKhe, ngomso. Kuyakubakho amadoda apho ayakukuyalela.Nantoni na esinokuyenza ukukunceda, siyakuyenza.

NdiyaMthanda, ndiyaMthanda

Nina bakwiimfono-mfono ngoku, eTucson, ngaphayaeCalifornia, ukunyuka ukuya eMpuma, phakamisani izandlazenu, phaya kude e^?^Mdumiseni!

Wathenga usindiso lwam

Ngubani ozakusindulula? [UMzalwana Branham uthethanomntu othile eqongeni_Mhl.] Ngoku, kude kube ngokuhlwangomso, ndizakuninikezela kuMzalwana uNeville,umlungiseleli wethu. `

Page 38: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi, Umq. 8 Inani 4(The Seed Is Not Heir With The Shuck, Vol. 6 No. 4R)

Lo Myalezo kaMzalwana uWilliam Marrion Branham owawushunyayelweekuqaleni ngesiNgesi ngeCawe kusasa umhla we-18 kuFebhali, ngowe-1965,eholweni eParkview Junior High, eJeffersonville, e-Indiana, eMelika,wathatyathwa kwisishicileli-mazwi washicilelwa ungafinyezwangangesiNgesi. Le nguqulelo yesiXhosa ipapashwe ngowe-1999 ngabe:

VOICE OF GOD RECORDINGSP.O. Box 950, Jeffersonville, Indiana 47131 U.S.A.

Page 39: XHO65-0218 IMbewu AyiyoNdlalifa Ndawonye NeKhasi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0218 The Seed Is Not Heir With The... · IMBEWU AYIYONDLALIFA NDAWONYE NEKHASI 3 NangoNaphakade,

Ilungelo lombhali elilelakhe lokushicilela

Onke amalungelo agciniwe. Le ncwadi ingaprintwa kwiprinta yasendlini ukwenzela ukuba isentyenziswe okanye kunikezwe ngayo, ngaphandle kwentlawulo, njengesixhobo sokukhawulezisa iVangelli kaYesu Kristu. Le ncwadi ayinakuthengiswa, yenziwe kwakhona ngesixa esikhulu, ifakwe kwi website, igcinwe kwindawo apho inokukhutshwa khona, itolikelwe kwezinye iilwimi, okanye isetyenziselwe ukurhwebesha imali ngaphandle kwemvume echaziweyo ngombalo ephuma eVoice Of God Recordings®.

Ngeechukacha ezithe vetshe okanye malunga nezinye izinto eziphathekayo, nceda qhagamshela:

VOICE OF GOD RECORDINGSP.O. BOX 950, JEFFERSONVILLE, INDIANA 47131 U.S.A.

www.branham.org