pula imvula - grain sa home · pula imvula >> growing food >> growing people >>...

12
08 EYEKHALA 2015 PULA PULA IMVULA IMVULA >> GROWING FOOD >> GROWING PEOPLE >> GROWING PROSPERITY >> 06 10 Ligugu iNAMPO ka-2015 04 Oojongilanga okanye iimbotyi zesoya…zilinywe okanye zingalinywa 10 IGrain SA kudliwano- ndlebe…noHenry March 12 Ukufakwa kwekalika – ukutya kwengqondo U kufakwa kwekalika kukholisa ukuba se- sona senzo solondolozo lomhlaba si- ngahoywayo emsebenzini wokufama. Sinento yokungawunonopheli lo mba obaluleke kangaka wokwandisa isakhono sesivuno so- mhlaba wethu kangangoko kunokwenzeka. Kodwa oku akukho malunga nezivuno kunye nenzuzo yethuba elifutshane kuphela. Umhlaba nguwo wodwa umthombo wobutyebi be- ndalo onika uzinzo kumlimi ngoko ke ufanele ukulondolozwa. Kunjalo nje awunakuze ubuyise- leke. Ukuba uphethwe kakubi, oko kunokubange- la iindleko eziphezulu kakhulu zokuphinda ulungiswe, kwaye xa sowonakele kakhulu oko kunokukhokelela kwiimeko ezingenakulungiseka – ukhukuliseko lomhlaba kunye nokujika kwawo ube ngumqwebedu onjengentlango. Injongo yeli nqaku kukunika wena ukutya kwamathambo engqondo ngokwentetho yesiNtu. Iinkcukacha ezintsonkothileyo zobuchule bobu- gcisa kunye neefomula zenzululwazi zinokufu- maneka xa umlimi ezidibanisa neengcaphephe – ngamacebiso ngohlalutyo lomhlaba nangezi- chumiso. Zidibanise nazo! Inqanaba lobuasidi/ubualkaline emhlabeni li- boniswa ngegama lenzululwazi elithi i-ph. Kaninzi eli gama siliva xa sixoxa ngeesampulu zomhlaba njalo njalo. I-ph ephezulu ithetha ukuba umhlaba une- asidi ephantsi (kubhetele ibe phezulu). I-ph engu-5,5 okanye ngaphezu koko emhlabeni ongaphe- zulu, nengu-4, 8 emhlabeni ongaphantsi yeyona enqweneleka malunga nenkoliso yezityalo. (Umhla- ba one-ph engu-4 uneasidi engaphezulu ngokuphi- nda-phindwe kali-100 kunomhlaba one-ph engu-6). Imagazini yakwaGrain SA yophuhliso lwabavelisi Bala Moteng:

Upload: lenhi

Post on 06-Sep-2018

247 views

Category:

Documents


0 download

TRANSCRIPT

Page 1: PULA IMVULA - Grain SA Home · PULA IMVULA >> GROWING FOOD >> GROWING PEOPLE >> GROWING PROSPERITY >> 06 10 Ligugu iNAMPO ka-2015 04 ... ama xabiso aphucukileyo. Intengiso ngumnumzana

08

EYEKHALA2015

PULAPULAIMVULAIMVULA>> GROWING FOOD >> GROWING PEOPLE >> GROWING PROSPERITY >>

06

10

Ligugu iNAMPO ka-201504

Oojongilanga okanye iimbotyi zesoya…zilinywe okanye zingalinywa

10

IGrain SA kudliwano-ndlebe…noHenry March12

Ukufakwa kwekalika – ukutya kwengqondoU

kufakwa kwekalika kukholisa ukuba se-

sona senzo solondolozo lomhlaba si-

ngahoywayo emsebenzini wokufama.

Sinento yokungawunonopheli lo mba obaluleke

kangaka wokwandisa isakhono sesivuno so-

mhlaba wethu kangangoko kunokwenzeka.

Ko dwa oku akukho malunga nezivuno kunye

nenzuzo yethuba elifutshane kuphela. Umhlaba nguwo wodwa umthombo wobutyebi be-ndalo onika uzinzo kumlimi ngoko ke ufanele ukulondolozwa. Kunjalo nje awunakuze ubuyise-

leke. Ukuba uphe thwe kakubi, oko kunokubange-

la iindleko eziphezulu kakhulu zokuphinda

ulungiswe, kwaye xa sowonakele kakhulu oko

kunokukhokelela kwiimeko ezingenakulungiseka

– ukhukuliseko lo mhlaba kunye nokujika kwawo

ube ngumqwebedu onje ngentlango.

Injongo yeli nqaku kukunika wena ukutya

kwamatha mbo engqondo ngokwentetho yesiNtu.

Iinkcukacha ezintsonkothileyo zobuchule bobu-

gcisa kunye neefomula zenzululwazi zinokufu-

maneka xa umlimi ezidibanisa neengcaphephe

– ngamacebiso ngohlalutyo lomhlaba nangezi-

chumiso. Zidibanise nazo!

Inqanaba lobuasidi/ubualkaline emhlabeni li-

boniswa ngegama lenzululwazi elithi i-ph. Kaninzi eli

gama siliva xa sixoxa ngeesampulu zomhlaba njalo

njalo. I-ph ephezulu ithetha ukuba umhlaba une -

asidi ephantsi (kubhetele ibe phezulu). I-ph engu-5,5

okanye ngaphezu koko emhlabeni ongaphe-

zulu, nengu-4, 8 emhlabeni ongaphantsi yeyona

enqweneleka malunga nenkoliso yezityalo. (Umhla-

ba one-ph engu-4 uneasidi engaphezulu ngokuphi-

nda-phindwe kali-100 kunomhlaba one-ph engu-6).

Imagazini yakwaGrain SA yophuhliso lwabavelisi

Bala Moteng:

Page 2: PULA IMVULA - Grain SA Home · PULA IMVULA >> GROWING FOOD >> GROWING PEOPLE >> GROWING PROSPERITY >> 06 10 Ligugu iNAMPO ka-2015 04 ... ama xabiso aphucukileyo. Intengiso ngumnumzana

Kwixesha elithile ebomini bethu, sikhe sapha-

thwa sisitshisa okanye isilungulela. Sikholisa

ukubangelwa yiasidi egqithisileyo esesiswini,

ebangelwa luhlobo okanye ngumdibaniso wo-

kutya esikutyileyo. Xa kusenzeka oku, siziva

sithukuthezelwa. Silahlekelwa ngumdla wo-

kutya nangamandla ethu. Asikwazi kusebenza

kakuhle. Ngoko ke senza ntoni? Sisela okanye

simungunya into efana neRennie elwa iasidi.

Kuthi kwakuphela oko kuthukuthezelwa sisitshi-

sa, kube kungona siphinda sisebenze kakuhle

kwakhona.

Umhlaba uphantse wafana nezisu zethu

– usebenzisa amanzi ukuze uqhekeze (ucole

ukutya), zonke izinto ebeziphila kunye nezichu-

miso. Oku kwenza ukuba isityalo sifunxe izondlo.

Ukuba kukho iasidi egqithisileyo emhlabeni, isi-

tyalo asi kwazi okanye asikulangazeleli ukufunxa

izondlo (ii-phosphate).

Ethubeni, ukufakwa kwezichumiso zeekhe-

mikhali, kunye nokufunxwa kweentlobo ngee-

ntlobo zezondlo sisityalo kunyusa inqanaba leasidi.

Nangu umzekelo wobuchule bobugcisa: iNitro-

gen ijikwa ibe zii-ayoni zee-nitrate neze-hydrogen

emhlabeni. Xa iingcambu zesityalo zingakwazi

ukufunxa ii-nitrate ngenxa yeasidi ephezulu,

ukuze zibe kwindawo yofikelelo lweengcambu, ii-

nitrate zigqibela ngokukhukuliseka. Oku kushiya

iiayoni ze-hydrogen kuphela – nezisuka ziqhube

ngo kwandisa iasidi.

Izenzo zokuhlakula nazo zinendima kuma-

nqanaba e-ph. Xa uphethulwa umhlaba njengaxa

kuhlakulwa iinkqubo eziyindalo zeziqalelo ze zinto

eziphilayo emhlabeni ziyaphazamiseka. Oku

kuchaphazela ukuqhekeka okuyindalo ukuze oko

kujike kuchaphazele inqanaba lobuasidi. Eminye

imibandela enokuba nefuthe kwi-ph yile: yimvula

enkulu, izivuno eziphezulu iintlobo zemihlaba,

isichumiso esinganelanga/esigqithisileyo okanye

isichumiso esingachanekanga kunye nohlobo

lwesityalo esilinyiweyo.

Ngoko ke, njengezisu zethu, xa kukho imfu-

neko kufuneka sinyange loo meko ngokunjalo

nomhla ba sifanele ukuwunika unyango olulwa

neasidi esemhlabeni – ikalika.

Zimbini iintlobo ezahluka-hlukileyo zekalika

– ikalika yezolimo, ekusetyenziswa yona

ubukhulu becala, kuphinde kubekho ikalika yedolomitic efa kwa emhlabeni ononqongopha-

lo lwe-ma gnesium. Iingcaphephe zohlalutyo

lomhlaba ziya kukwazi ukukucebisa ngokuthi

usebenzise ntoni kwaye kangakanani entsimini

nganye. Oku kunoshiya-shiyana ukusuka kwi-

500 kg ngehektare nganye ukuya kwiitoni ezi-2,5

ngehektare nganye okanye ngaphezulu.

Ikalika isebenza ngokucotha xa kuthele-

kiswa nesichumiso kwaye ifanele ukufakwa

phambi kokuphethula – ifanele ukungenelela

emhlabeni. Ikalika ingafakwa nokuba kunini en-

yakeni kodwa kukhethwa ukuba oko kwenziwe

kuselithuba elide phambi kokutyala ukuze ikalika

inikwe ithuba lokusebenza emhlabeni. Nangona

kunjalo, iinzuzo ezizezona ziphezulu zezethuba

elide nezikholisa ukubonakala kumaxesha okuli-

ma alandelayo.

Ixabiso lekalika yona ngokwayo alikho

phezulu kodwa iindleko zothutho ukusuka

emigodini ukuya kwiifama ziphezulu kakhulu.

Iindleko zothutho zahluka ngokuxhomekeke

kumgama wefama ukusuka emigodini. Abalimi

abaninzi abanazixhobo zokuyisasaza ukuze oko

ku khokelele ekubeni ba bhenele kwiikhontraktha.

Abalimi abaninzi basuka babone ezi nkcitho,

nomnye umsebenzi owenziwayo, njengento

enge yomfuneko neyingxaki.

Nangona kunjalo, i-ph echanekileyo yomhla-

ba, KUFUNEKA ibe yintsusa yawo nawuphi

umse benzi wokufama – ISISISEKO ekwakhelwa

kuso izityalo. Isiseko esibuthathaka yiresiphi yentlekele ethu beni elide. Ngaphandle kwe-

siseko esomeleleyo sifana nabantu abalahla

imali yabo – ngo buninzi bayo, okanye sisilahla

sonke isichumiso esifaki weyo, oko kufane

nokusilahla nokusimosha.

Isityalo esingafumani manzi siyafa kodwa

akukho nto ephila ngamanzi kuphela – kuba

xa isiseko iseseasidi eninzi isityalo asikwazi ku-

funxa izondlo nokuba selemaninzi kangakanani

amanzi!

Inye kuphela indlela yokufumanisa inqanaba

leasidi kunye nonyango olufunekayo kukwenza

uhlalutyo lomhlaba. Ukuba kufuneka ikalika eni-

nzi kakhulu kwityeli elinye, mhlawumbi kungayi-

mfuneko ukugalela ikalika yethuba leminyaka

emibini. Kwakuba kufikelelwe kwi-ph efunekayo,

kubalulekile ukuqinisekisa ukuba loo manqana-

ba ekweyona ndawo iphezulu, ukuze umlimi abe

nethuba lokuvavanya umhlaba qho ngonyaka

wesibini okanye emva kwesivuno esingaqhele-

kanga nokuba kusemva kwexesha lemvula.

Khumbula, ukufakwa kwekalika asiyondlela

yokulungisa ekhawulezayo. Iinzuzo zibonakala

emva kwethuba elide kakhulu, ngaphandle koku-

ba amanqanaba e-ph agcinwa kwinqanaba eli-

lelona lifanelekileyo ngexesha lokulima ngalinye.

Elokuqoshelisa, – naku ukutya kwamatha-

mbo engqondo – phatha umhlaba ngentlonelo

efana naleyo yesisu sakho. Qinisekisa ukuba

uwondla ngokutya okuchanekileyo, kwaye

nceda, qinisekisa ukuba awupathwa sisitshisa

NANINI!

Ukufakwa kwekalika – ukutya kwengqondo

Inqaku linikelwe nguRaymond Boardman, uMlimi, iSisele samacebiso uMcebisi wase-Ventersdorp, kwiPhondo laseMntla Ntshona. Ngolwazi oluthe vetshe, thumela i-imeyili apha: [email protected].

UM J …

U

msebenzi wokuvuna uza kugqitywa

kule nyanga kwaye ndiyakholelwa

ekubeni baninzi kuni abaya kwanelise-

ka zizivuno abazifumeneyo. Siyavelana

nabo basebenze nzima kodwa abakwazi kufumana

sityalo kulo nyaka ngenxa yembalela. Sinethemba

lokuba niya kuphinda nilime kwakhona kweli xesha

lizayo lokulima.

Asingabo bonke abantu belizwe lethu abakwaziyo

ukufikelela kubukhulu obuthile bomhlaba – kukho

abantu abafikelela kwihektare e-1 okanye ezi-2

logama abanye befikelela kumakhulu eehektare.

Oko kuyinyaniso kweli lizwe lethu nakwamanye

amazwe. Nangona kunjalo, yinto enako ukwe-

nzeka ukuba ingulowo nalowo kuthi awusebenzise

kakuhle umhlaba esinawo – akukhathaliseki uku-

ba unomhlaba ongakanani, okusentloko kukuba

uwusebenzisa njani na.

Kulo nyaka, ngokusebenzisa inkqubo yethu

yolondolozo lwabalimi esiyiphumeze ngoncedo

lweARC, iMonsanto neOmnia, sikwazile uku-

ncedisa abalimi abayi-855 ukuba ingulowo alime

ihektare yakhe e-1 ngokusebenzisa ezona ndlela

zanamhla zokusebenza nezamalungiselelo. Umli-

mi ngamnye obekwiprojekthi uvune ngaphezu

kwezivuno zangaphambili ngokuphinda-phindwe

ngaphezu kwakabini. Asikokubaxa izinto ukuthi

umlimi ngamnye ufumene iitoni ezi-4 zombona.

Ngokwamanani esizwe eemveliso, sikhulu eso

sivuno. Kaloku xa loo mlimi ebevuna iitoni ezi-2

kuphela kwixesha elidlulileyo aze ngoku afumane

iitoni ezi-4, siphucuke kakhulu isivuno sakhe. Oko

kuthetha ukuba loo mlimi unokutya kwekhaya

lakhe okwaneleyo, unako ukondla imfuyo yakhe

aphinde akwazi ukubonelela abamelwane okanye

ummandla wentengiso okufutshane kuye. Le

yinkqubela ephinda ikhokelele kumsebenzi wo-

kufama wokurhweba.

Ndicela wonke umfundi wePula Imvula

– ukuba asebenzise umhlaba anawo kulo nyaka

ngesona sakhono sakhe siphezulu – thatha iisa-

mpulu zakho zomhlaba, sifake ngokuchanekileyo

isichumiso sakho, sebenzisa eyona mbewu intle

onokuyifumana uze ukhumbule ukutshabalalisa

ukhula kuba lona lulutshaba lwakho. Ukuba sonke

sizimisela kangangoko ukwenza okona kulungi-

leyo ngaloo nto sinayo, inzuzo iya kufunyanwa sisi-

zwe ngokuphelela kwaso.

2

AMALUNGISELELO

Page 3: PULA IMVULA - Grain SA Home · PULA IMVULA >> GROWING FOOD >> GROWING PEOPLE >> GROWING PROSPERITY >> 06 10 Ligugu iNAMPO ka-2015 04 ... ama xabiso aphucukileyo. Intengiso ngumnumzana

Ishishini lokufama lelokukhupha iimveliso ezi-

dingwa ngabantu ukuze kufumaneke inzuzo

ngokudibanisa nokuguqula izinto ezine ezi-

nokusetyenziselwa ukwenza imveliso, ezizezi,

umhlaba, imali yeshishini, abasebenzi kunye no-

lawulo ukuba zibe ziimveliso ezisebenzisekayo

ezifana nokutya kunye/okanye usinga.

Khumbula ukuba kulo lonke uthotho lwethu lwa-

manqaku amalunga nolawulo, omnye wemithetho-

siseko esiwugxininisileyo kukuba yonke into kwaye

wonke ubani onenxaxheba emsebenzini woku-

fama, umnini/umphathi okanye abasebenzi, aye-

nzayo okanye angayenziyo xa kukho imfuneko,

ichaphazela inzuzo/ilahleko yeshishini.

Umgangatho uchazwa njengeqondo loku-

balasela kwento xa ithelekiswa nezinto eziyelele

kuyo. Malunga neemveliso zolimo umgangatho

uthetha ukubonakala okungaphandle kwemveliso

– ngaba ikhangeleka kakuhle, ilungile, intsha, ine-

mpilo kwaye inomtsalane? Ngaphakathi, inempilo,

inexabiso elilungileyo lezondlo kwaye inesongo

esilungileyo? Okwangoku iimveliso zilinganiselwa

ngokwenkangeleko yazo – yangaphandle. Nangona

kunjalo, ngenxa yokuphuhla kobuchwepheshe ba-

namhla seyiyinto eya ngokwenzeka ukulinganisela

iimpawu zangaphakathi kwiimveliso ezifana nobu-

switi, ukuthamba, iziqulatho zeswekile, njalo njalo.

Umgangatho weemveliso uchatshazelwa liqe-

la lemibandela efana nemozulu, umhlaba, indlela

yokulima, ukuvuna, ukupakisha nothutho. Ifuthe

lemozulo lelona kunzima kakhulu ukulilawula.

Nangona kunjalo, inkqubo yokulima iyalawuleka.

Umzekelo: Ukutshabalalisa ukhula kwakho kuse-

benza kakuhle kangakanani? Uyazilawula na

izidalwa nezifo ezonakalisa izityalo? Injani inkqubo

yokuvuna? Inkqubo yokuthengisa yona? Ngama-

nye amazwi, ngaba yonke into efanele ukwenziwa

yenziwe ngexesha layo kwaye ngokuchanekileyo

ukuze kwenziwe kwaye kunikelwe ngemveliso

ese mgangathweni?

Nangu umbuzo ofanele ukubuzwa – “Ndizifu-

mana njani iimveliso ezisemgangathweni?” Impe-

ndulo iqala ngolwazi.

Okokuqala, yazi ifama yakho nezinto onoku-

zisebenzisa. Ntlobo zini zemihlaba ezikwifama

yakho? Injani imo yezondlo zemihlaba? Ma-

ngakanani amanzi ingawaphi akhoyo? Ngaba

amanzi aku fanele ukulinywa kwezityalo? Okanye

mhlawumbi ngaba ifama yam ingumhlaba owo-

mileyo? Ingakanani imvula kwaye ungakanani

umyinge wemvula ofikelelayo kwithuba elide? Izi-

nto ezinokusetye nziswa eziphathekayo zizalathisi

eziphambili ze mveliso/zeemveliso eziza kukhu-

tshwa efama kunye nomgangatho wazo.

Okwesibini, ufanele ukufumana ulwazi oluninzi

kangangoko unako malunga nemveliso/iimveliso

ozikhuphayo – ukususela ekulungiseni umandla-

lo wezithole ukuya ekuvuneni, kwiimeko ezi-

nokubakho malunga nentengiso nokufakelwa

kwexabiso. Yiya kwiintsuku zabalimi, ungaphoswa

ngamathuba ezifundo, fumana uncedo kumcebisi,

njalo njalo. Nceda khumbula ukuba le yinkqubo

yobomi bonke. Ushihino lwethu lusoloko luguqu-

guquka, luqhubela phambili kwaye ludlamkile

yiloo nto nawe ufanele ukusoloko uzigcine ngo-

lwazi oluphangaleleyo ngezinto ezivelayo ezintsha

– umlimi ngumfundi kubo bonke ubomi bakhe.Kananjalo kufuneka ufumane izakhono zobu-

chule eziyimfuneko zokukhupha i/iimveliso. Iza-

khono zokulungisa umandlalo wezithole ngendlela

efanelekileyo, ukuseka isixhobo sokutyala, ukuse-

benzisa nokulungelelanisa izixhobo zokusebenza,

ukuvuna imveliso, ukupakisha nokuthutha kunye

nokusa imveliso.

Uza kudinga futhi izixhobo ezifanelekileyo,

kanti oko kusenokuba yingxaki enkulu ngenxa ye-

mali enokufuneka. Kodwa khumbula oku: “’n Boer maak ‘n plan.”

Njengoko sekutshiwo, yonke into ixhasa

ukuba wena, njengomlimi, ufanele ukwenza

into ofanele ukuyenza ngexesha elilungileyo

ngendlela elungileyo. Ukuba kukho into onga-

yenziyo oko kuya kuchaphazela umgangatho

we/weemveliso ozikhuphayo ngokunjalo inzuzo/

ilahleko yeshishini lakho.

Ziliqela iindlela zokuthengisa i/iimveliso yakho

– iintengiso zasesangweni lefama, kwiintengiso

zendawo ohlala kuyo, kwiikhontrakthi zemizi-mve-

liso, kwiindawo zokuthengisa ukutya okutsha, kwi-

intengiso ezingqalileyo (ezifana nokusa imveliso

kubhaza-bhaza wevenkile), ukongezwa kwexabi-

so nokuthengisa kwamanye amazwe. Indawo ye-

ntengiso ifuna iimveliso ezisemgangathweni kanti

iimveliso zomgangatho ophezulu zifumana ama xabiso aphucukileyo.

Intengiso ngumnumzana onzima. Akabuzi

ukuba zivela phi iimveliso. Ufuna iimveliso ezi-

semgangathweni ukuze kubonelelwe abaxumi/

abathengi bakhe. Ukuba umthengisela iimveliso

zodidi oluphezulu uya kukuphendula ngamaxabi-

so aphucukileyo. Khumbula ukuba lo mnumzana

Inqaku linikelwe nguMarius Greyling, umbhali kwiPula Imvula. Ngolwazi oluthe vetshe, thumela i-imeyili apha: [email protected].

Sebenzisa ulwazi ukuzuza iimveliso zomgangatho ophezulu

Umgangatho uchazwa njengeqondo lokubalasela kwento xa ithelekiswa nezinto eziyelele kuyo.

wendawo yentengiso uya ngokusiqinisa isandla

mihla le ngenxa yoxinzelelo lwabathengi malunga

neenkqubo zokulima ezivana nokusingqongileyo

nezinempilo entle. Isiphumo soku kukuba ukula-

nda umkhondo yinto eyenziwayo – ngaba ivelaphi

imveliso kwaye iveliswa njani – ngaba izele ziikhe-

mikhali? Nangoku kukho iimveliso ezilandelwa

zide zikhombe kumlimi wazo kanti iimveliso ezi-

ngaphucukanga zifunyanelwa isohlwayo.

Ndingalibelanga, kubaluleke kakhulu ukutyele-

la ummandla wentengiso rhoqo ukuze uqaphele

okwenzekayo (ngaba iphathwa kakuhle imveliso

yakho?), qwalasela okwenziwa ngabanye abalimi,

yiba nezinto ozifunda kwindawo yentengiso ukuze

ubuye usebenzise ezo zifundo. Akukho ndawo

unokufunda nzulu kuyo ngothutho ngaphezu

kwayo, ufikelelo kwindawo yentengiso, ukuhlela,

ukupakishwa, ukubekwa ngokobukhulu, imiboniso

ngaphezu koko umgangatho.

Elokuphetha, akukho mhloli womgangatho

ungco no kunomthengi kwindawo yentengiso.

Ukuze uphumelele kufuneka iimveliso zakho zibese mgangathweni ophezulu.

3

MADE POSSIBLE BY

THE MAIZE TRUSTULAWULO

Page 4: PULA IMVULA - Grain SA Home · PULA IMVULA >> GROWING FOOD >> GROWING PEOPLE >> GROWING PROSPERITY >> 06 10 Ligugu iNAMPO ka-2015 04 ... ama xabiso aphucukileyo. Intengiso ngumnumzana

Ukudityaniswa kobuchwepheshe bezolimi

okukokona kwanamhla, iyantlukwano

yeemveliso, usungulo lwezinto ezintsha,

iingxoxo, amathuba othungelwano, ukutenda

iindwendwe ngokwasefama kunye neemeko

zemozulu ezifanelekileyo konke kuqinisekise uku-

ba iNAMPO 2015, ebibanjwe eBothaville eFree

State kwiveki edlulileyo, iligcinile igama layo nje-

ngomboniso wezolimo waseMzantsi Afrika.

I-Grain SA, umququzeleli woSuku lwesiVuno lwe-

NAMPO, yanelisekile sisiphumo solu Suku lwesi-

Vuno lwe-49, kanti nengxelo esiyifumene ebantwini

ebebekwiindawo zemiboniso yempahla kulo nyaka

weendwendwe eziyi-69 584 ibonisa umdla omkhulu.

Bekufakelwe izinto ezintsha ezifana neeplothi

zembewu, ihotele yentente nesixokelelwano so-

thutho ngetrektara erhuqa inqwelo bezitsala umdla

kwaye zibe negalelo elincomekayo. Ngaphandle

kwiingxaki ezenziwe ngamalinge amatsha, inkqubo

yokungena ngamatikiti athengwa kwikhompyutha

isebenze kakuhle. Kulo nyaka ababonisi bempahla

neendwendwe baboniswe inkqubo yeNAMPO

kwaye ngoku iza kuphuhliswa ize ithengiswe banzi.

I-Grain SA iququzele nakwimijelo yonxibelelwano

lwentlalo ngeVeki yoSuku lwesiVuno kodwa lo

mjelo usetyenziselwe ukupapasha iifoto zexesha

lenene kunye neenkcukacha kananjalo nokuphe-

ndula imibuzo ngokubanzi.

"Ubunokulindela ukuba imbalela ekhoyo ngoku

ibe nendima ephambili kubalimi, kodwa ibithe

kratya imibuzo esiyifumene malunga nokubu-

yiselwa kwemihlaba ngaphezu kwaleyo emalunga

nembalela,” utshilo uJannie de Villiers, uMphathi

oyiNtloko wesiGqeba esiLawulayo waseGrain SA.

UMphathiswa wezoLimo, aMahlathi nokuLoba,

uSenzeni Zokwana ebeyile kwiNAMPO ka-2015

ukuze abe nenxaxheba kwingxoxo yeNcoko yeSizwe

ngobudlelwane babasebenzi. Ukubuyiselwa kwemi-

hlaba, iinkqubo zoncedo lwemali, ubukho bemitho-

mbo yobutyebi bendalo kunye nexabiso lomanyaniso

lwezobuchwepheshe zezinye zezihloko zeNcoko

Abathunywa babaLimi beNew Era yaseNtshona Koloni. Ukususela ekhohlo: nguJane McPherson (waseGrain SA), uJannie Jonas (waseRobertson), uRoderic Duminy (waseGenadendal), uAugustin Maarman (waseGoedverwacht), u-Ulrich Engelbrecht (waseGoedverwacht), uEwan Mathews (waseSaaron), uWhernit Dirks (wasePiketberg), uSamantha Smiles (wase-Elim), uHenry March (waseHopefield), uBelinda Collins (waseGoedverwaght), u-Urban Simons (waseBredasdorp), uLiana Stroebel (waseGrain SA), uByno Huffel (waseCeres) noWillie Job (waseRobertson).

Ligugu iNAMPO ka-2015

4

MADE POSSIBLE BY

THE MAIZE TRUSTINAMPO

Page 5: PULA IMVULA - Grain SA Home · PULA IMVULA >> GROWING FOOD >> GROWING PEOPLE >> GROWING PROSPERITY >> 06 10 Ligugu iNAMPO ka-2015 04 ... ama xabiso aphucukileyo. Intengiso ngumnumzana

Bamalunga nama-69 584 abantu abebeze kwiNAMPO kulo nyaka.

UJannie de Villiers, iCEO:Grain SA noSenzeni Zokwana, uMphathiswa wezolimo, aMahlathi nezokuLoba babelana ngomcimbi weNAMPO 2015.

Iindwendwe ezonwabileyo kwindawo yomboniso yeGrain SA.

5

MADE POSSIBLE BY

THE MAIZE TRUSTINAMPO

Page 6: PULA IMVULA - Grain SA Home · PULA IMVULA >> GROWING FOOD >> GROWING PEOPLE >> GROWING PROSPERITY >> 06 10 Ligugu iNAMPO ka-2015 04 ... ama xabiso aphucukileyo. Intengiso ngumnumzana

Ligugu iNAMPO ka-2015

Iindwendwe zithatha ixesha lazo zityhila iPula Imvula.

Ingxelo enikwe ijelo losasazo yiGrain SA. Ngolwazi oluthe vetshe, thumela i-imeyili apha: [email protected].

yeSizwe apho abaqulunqi bezimvo bebenenxa-

xheba khona ukuze kubunjwe umfanekiso wezimvo

ngezolimo abanokuxhotyiswa ngazo abantu.

"Ubukho bukaMphathiswa Zokwana bebu-

liqhayiya kwiGrain SA nakwezolimo ngokubanzi.

Ushishino lokutya okuziinkozo luyalwamkela ama-

linge akho asoloko eqhuba okuzidibanisa nezolimo

olurhwebayo. Kubonakala ngathi ungumphathiswa

wokuqala wezolimo ukususela ngo-1994 uku-

tyelela uSuku lwesiVuno. Oku kugxininisa ukuba

uSuku lwesiVuno lweNAMPO liqonga leengxoxo-

mpikiswano, nothungelwano eligunyaziweyo,”

wongeze watsho uDe Villiers.

I-Grain SA iphinde yabamba iingxoxo nee ntloko

zeebhanki ezirhwebayo, iLand Bank naboshishino

lweeinshorensi malunga nokwenziwa ngokutsha

kwezicwangciso zamatyala okulima zabalimi boku-

tya okuziinkozo, kanjalo noncedo lwemali yamalungi-

selelo abalimi abarhwebayo bethuba elitsha.

Lo mbutho uvuza amalungu awo ngenjongo

yokuwabulela ngenkxaso yawo engagungqiyo.

Iholo yamalungu – ehlaziywe kunyaka odlulileyo

– nekungenwa simahla kuyo kanti inayo nendawo

yokupaka iimoto, iphinde yasetyenziswa ngendlela

encomekayo ngamalungu aseGrain SA.

"Isiseko sezibonelelo saseNAMPO Park sase-

kwa saze saphuhliswa kwithuba leminyaka

ukuze sikwazi ukulingana iindwendwe ezininzi

lula kwaye sibe nazo nezibonelelo zokuqhuba

imiboniso zo mgangatho ophezulu oya kutha-

ndwa ngababukisi. Kanti nendawo yokugxi-

dikela inako ukuzamkela lula iinqwelo-moya

eziyi-365 neehelikoptha kwiintsuku ezine

zeNAMPO. I-Grain SA inebhongo lokusingatha

uSuku lwesiVuno lweNAMPO lwesi-50 kunyaka

ozayo,” utshilo uCobus van Coller, usihlalo wo-

Suku lwesiVuno lweNAMPO.

Lo mboniso worhwebo kwezolimo usoloko

uqhutywa ngeveki ye-20 yonyaka, oko kuthetha

ukuba uya kuba phakathi komhla we-17 nowe-20

kuMeyi ngo-2016.

6

MADE POSSIBLE BY

THE MAIZE TRUSTINAMPO

Page 7: PULA IMVULA - Grain SA Home · PULA IMVULA >> GROWING FOOD >> GROWING PEOPLE >> GROWING PROSPERITY >> 06 10 Ligugu iNAMPO ka-2015 04 ... ama xabiso aphucukileyo. Intengiso ngumnumzana

Besineqhayiya futhi lokwamkela iNkulumbuso yaseLesotho, uPakalitha Mosisili.

Aba balimi basebatsha babonisa umdla kwenye yeetrektara ezisetyenziselwa uqeqesho kwiNkqubo yethu yoPhuhliso lwabaLimi.

Abalimi beNew Era babuza ngesixhobo sokuvuna.

7

MADE POSSIBLE BY

THE MAIZE TRUSTINAMPO

Page 8: PULA IMVULA - Grain SA Home · PULA IMVULA >> GROWING FOOD >> GROWING PEOPLE >> GROWING PROSPERITY >> 06 10 Ligugu iNAMPO ka-2015 04 ... ama xabiso aphucukileyo. Intengiso ngumnumzana

ICANOLA – imibandela emayikhunjulwe ngoJuni - Septemba

Icanola sisityalo esibaluleke kakhulu kanti

sikhatshwa yimibandela yolawulo emininzi

efanele ukuthathelwa ingqalelo ukuze ku-

phumelele ukulinywa kwecanola.

Kukho izidalwa nezifo ezibalulekileyo eziyingxaki

ezifanele ukutshatyalaliswa, kuba ezi zifo nezi

zidalwa zinefuthe elikhulu kwisivuno secanola.

IzifoI-Blackleg (Leptosphaeria spp. / Phoma lingam)Esi sifo sibaluleke kakhulu, kuba sinefuthe elikhulu

kwisivuno. Kufuneka kusetyenziswe iindlela ezi-

lungileyo zolawulo ukuze kuncitshiswe isiphumo

esingalunganga sesi sifo.

Kwithuba langoku mibini imichiza ebulala isifo

somngundo ebhaliselwe icanola ukuze kutshatya-

laliswe iBlackleg. Le michiza elwa umngundo

mayitshizwe kwibanga lamagqabi lesi-4 ukuya

kwelesi-6 lesityalo.

Ukubola kwesikhondo (Sclerotinia sclerotiorum)Esi sifo siya ngokubaluleka kuba iihektare eku-

linywa icanola kuzo zandile kwiminyaka emba-

lwa edlulileyo.

I-Sclerotinia sinabamkeli boluhlu olubanzi

kwaye phakathi kwabanye sihlasela izityalo zemi-

dumba esicaba yee-ertyisi, iimbotyi zesoya kunye

nojongilanga. Imiqondiso ibonakala ngethuba

lokudubula kweentyatyambo okanye emva koko.

Iimeko ezilandelayo zizikhokelo ezifanele

ukubonakala xa kukho ugqabhuko lweSclero-

tinia. Iimeko zobumanzi kwiintsuku ezili-10 obona

buncinane kumphezulu womhlaba kwiinyanga

eziphakathi ukuya kwezamva zobusika, kubushu-

shu obuphakathi kwe10°C - 15°C ukuze iSclerotinia

sintshule kulandele ukukhutshwa kwembewu yezi-

pora. Iimeko ezifudumeleyo nezifumileyo zobushu-

shu obuphakathi kwe 20°C - 25°C obubangela

ukuphuhla kwemisikeko yesikhondo.

Eyona miqondiso eluphawu oluphambili

kakhulu lwesi sifo ibonakala emazantsi ezikhondo

zezityalo. Kubonakala amachokoza amhlotshana

aneendawo ezingwevu esizikithini kwizikhondo,

phantse kwindawo yokuhlonyelwa kwamagqabi

okanye amasebe akhula emacaleni.

Umngundo awubangeli zipora kwizityalo

ezichaphazelekileyo, kodwa kubakho umqulu oxi-

nene ziintongana ezimhlophe, apho iSclerotinia

sibonakala khona esikhondweni. Isclerotinia si-

yakwazi ukuphila kude kube yiminyaka esixhenxe

emhlabeni. Kubaluleke kakhulu ukusebenzisa uku-

jikelezisa izityalo kubekho nezityalo ezingengabo

abamkeli bayo ezifana nebhali, ingqolowa kunye

neowuthsi ukuze kwehle isiganeko sokuboliswa

kwezikhondo siSclerotinia.

IzinambuzaneIintwala zekhaphetshu (Brevicoryne brassicae)Iintwala zekhaphetshu ngoku ziluhlobo olupha mbili

lwezinambuzane ezizondla ngecanola. Icanola

ikuvela kakhulu ukuhlaselwa zezi ntwala ngethuba

lamabanga asekuqaleni okukhula. Ukuhlaselwa

okungamandla ngexesha lamabanga okudubula

kweentyatyambo nokubumbeka kwemidumba

kusenokuthintela ukubumbeka kweentyatyambo

kuphinde kudodobalalise kakhulu ukwandlaleka

nokuhlohleka kwemidumba. Oku kunefuthe elikhu-

lu kwisivuno. Ukuba kunqongophala ukufuma

kubalulekile ukukhusela icanola ezintwaleni. Ama-

xabiso omyinge: i-20% yezityalo isenokusuleleka.

Uvivingane olusabuDayimani (Plutella xylostella)Esi sisinambuzane esikholisa ukujongelwa phantsi

kanti umonakalo esiwenzayo ungaphezu koku-

cinga kwethu.

Ngokokuxhomekeka kubushushu obuthe lwale,

isinambuzane esesikhulile (uvivingane) lukholisa

ukuqwalaselwa kwibanga lokoluleka kwesikhondo.

Umbungu omncinane oluhlaza utya amagqabi we-

nze imigqobho. Imidumba nayo iyahlaselwa, kodwa

umonakalo ukholisa ukuba phezulu kanti imidumba

ayifane igqojozwe, nangona kunjalo, imidumba eyo-

nakeleyo ifa lula ngakumbi. Kubakho isizukulwana

esinye ngexesha ngalinye lokulima.

Amaxabiso omyinge: Ukudubula kweentyatya-

mbo kwithuba elisesiphakathini ukuya kweliba-

mbezelekileyo: imibungu eyi-17 ukuya kweyi-23

ngezityalo ezili-10. Ukuhlohleka kwemidumba: imi-

bungu eyi-43 ukuya kweyi-57 ngezityalo ezili-10.

Kubaluleke kakhulu ukuthathwa kweesa-

mpulu ukuze kuchongwe esi sinambuzane

kwangoko size sitshatyalaliswe. Xa kushushu

kakhulu uVivingane olusabuDayimani lwanda

ngokukhawuleza okukhulu. Ukuhlola okwenziwa

rhoqo kubaluleke kakhulu ukuze kutshatyala-

liswe ezi zinambuzane ngokwenza njalo kunci-

tshiswe umonakalo kwisivuno.

Inqaku linikelwe nguJannie Bruwer, uMphathi kwiBayer Crop Sciences, eKoloni eseMzantsi. Ngolwazi oluthe vetshe, thumela i-imeyili apha: [email protected].

Umonakalo wemidumba owenziwe luvivingane olusabuDayimani.i 20% yezityalo isenokuba isulelwe ziintwala zekhaphetshu.

MADE POSSIBLE

BY OPOT

8

UKULINYWA KWECANOLA

Page 9: PULA IMVULA - Grain SA Home · PULA IMVULA >> GROWING FOOD >> GROWING PEOPLE >> GROWING PROSPERITY >> 06 10 Ligugu iNAMPO ka-2015 04 ... ama xabiso aphucukileyo. Intengiso ngumnumzana

Inqaku linikelwe nguGavin Mathews, oneMfundo yesiDanga kuLawulo loBume obusiNgqongileyo. Ngolwazi oluthe vetshe thumela i-imeyili apha: [email protected].

Quka oojongilanga kujikeleziso lwezityalo ukwenzela uzinzo

Ngenxa yobunzulu besixokelelwano see-

ngcambu zikajongilanga, uya kufumanisa

ukuba kwiminyaka yembalela enzima

njengalo usandul’ ukudlula bebeya kuqhuba

bhetele kunaso nesiphi esinye isityalo esi-

kwifama yakho. Bayinyamezela kakhulu imbalela

kanti basenokuba luncedo olukhulu ekuthatheni

indawo yamalungiselelo onyaka wesityalo esi-

ngaqhubanga kakuhle.

Nangona kunjalo, ngenxa yeengcambu zikajongi-

langa ezifikelela enzulwini kufuneka ukuthathele

ingqalelo ukufuma okufunxwe emhlabeni. Ula-

wulo lokujikeleziswa kwezityalo maluphunyezwe

ngendlela efanelekileyo.

Oojongilanga bakhula msinyane kakhulu

kunombona ngoko ke banokulinywa mva

kunombona. Kweli xesha lidlulileyo lokulima

siqaphele ukuba bandile abalimi abalima oojongi-

langa ngenxa yeemvula ezifika emva kwexesha.

Asilinywanga isityalo sombona esininzi ngenxa

yonqongophalo lwexesha. Mhlawumbi le ngxaki

ilithamsanqa elifihlekileyo kubalimi abaninzi nje-

ngoko ipesenti enkulu yombona obulinywe kulo

nyaka ungenasivuno singako. Kwelinye icala, oo-

jongilanga bebeya kuba nento abeza nayo. Noku-

ba bebengasayi kwenza mahluko ongako kodwa

umlimi ebeya kukwazi ukufaka umatshini woku-

bhula nokuvuna entsimini. Thina balimi sifanele

ukufunda lukhulu kwimeko yonyaka ofana nalo.

• Singafunda indlela yokulondoloza ukufuma.

• Singafunda indlela yokwenza ucwangciselo

leembalela zexesha elizayo.

• Singafunda ixabiso leeyantlukwano zezityalo.

• Singafunda ixabiso lentsimi elifusi.

• Singafunda ixabiso lolawulo lwemali, ngakumbi

ulawulo lwemali yethu ukuze sikwazi ukuhambi-

sana namaxesha afana nala.

Nangona uninzi lwabalimi, ngakumbi kwimi-

mandla esentshona yelizwe ngelubetheke

kakhulu kulo nyaka, kuninzi esinokukuzuza

kwimbalela. Ukuba unethamsanqa lokuqhuba

ngeshishini kwixesha lokulima elizayo, kufuneka

ukuba izinto ozifunde kwiinyanga ezidlulileyo,

ngoku uziphumeze ukuze zingene kwisicwa-

ngciso seshishini lakho sexesha elizayo.

Ngokufakela oojongilanga kujikeleziso lwakho

lwezityalo uya kuba ufakela uzinzo kunye ne-

ntwana yokhuseleko. Ngokuqinisekileyo anditsho

ukuba lima oojongilanga bodwa kwixesha elizayo

lokulima, hayi. Kodwa endikucebisayo kukulima

ipesenti yoojongilanga emasimini akho. Futhi

ndicebisa ukuba enye ipesenti yamasimi akho

mawabe lifusi. Zigcine zicocekile ngazo zonke

iinyanga zehlobo, uya kuqaphela ukuba kukho

umahluko omkhulu kwizivuno ozifumana kuloo

masimi kwixesha lokulima elizayo ngenxa yoku-

gcineka kokufuma. Lo mgaqo usebenza kakuhle

kakhulu kwimihlaba yesanti.

Ngoko ke ndifanele ukwenza ntoni ngoku? Isityalo sakho sikajongilanga sifanele ukuba

ngoku sesivuniwe sathengiswa. Ukuba unendlela

yokugcina isityalo sakho sikajongilanga, kungaba

luluvo olulungileyo ukusigcina kude kube ngu-

Disemba xa amaxabiso ethande ukuba kweyona

ndawo iphezulu. Kodwa ngokuqinisekileyo kunya-

ka ofana nalo kunzima ukwenza njalo kuba sonke

sifuna namalini esinokuyifumana.

Chitha iinyanga ezizolileyo ulungiselela amasi-

mini akho ixesha lokulima elizayo. Emva kokuba

iinkomo zitye konke okukhoyo okunokutyiwa

emasimini avuniweyo kajongilanga kusoloko ku-

luluvo olulungileyo ukugeca konke. Ngale ndlela

kuya kugecwa zonke izikhondwana eziseleyo

ukuze ufumane umandlalo wezithole ogudileyo

wesityalo esilandelayo.

Isakhono sakho sokwenza isicwangciso se-

minyaka yobunzima enokubakho kwixesha elizayo

siya kwalatha impumelelo yeshishini lakho lo-

kufama. Xa unokukhumbula izifundo ozifunde kulo

nyaka udlulileyo usenokukulungela ngokwaneleyo

ukusinda kunyaka wembalela olandelayo ono-

kubakho. Kwazi bani, ixesha lokulima elizayo lise-

nokoma nangaphezulu kunesiqhelo. Masithembe

ukuba akunjalo.

Ifoto 1: Amanani ezityalo alungileyo.

Ifoto 2: Izityalo zoojongilanga abahlumayo abasempilweni, bazizisulu kodwa bomelele.

Ifoto 3: Iziphumo zokwenza izinto ngokuchanekileyo.

2

3

1

MADE POSSIBLE

BY OPOT

9

UKULINYWA KUKAJONGILANGA

Page 10: PULA IMVULA - Grain SA Home · PULA IMVULA >> GROWING FOOD >> GROWING PEOPLE >> GROWING PROSPERITY >> 06 10 Ligugu iNAMPO ka-2015 04 ... ama xabiso aphucukileyo. Intengiso ngumnumzana

“ Occasionally ask: “What is the connection between what I want most in life and

anything I plan to do today?”~ Robert Brault

Pula Imvula’s Quote of the Month

Oojongilanga okanye iimbotyi zesoya… ZILINYWE OKANYE ZINGALINYWA

Ixesha lokulima lango-2014/2015 belinzima

kakhulu kwabanye abalimi abafumene amaxesha

emvula nawokubalela ebolekisana ngeendlela

ezingaqhelekanga. Iimeko zethuba ebelisekuqaleni

lokuhlwayela kwezinye iindawo belilungile nemi-

hlaba imanzi ikulungele ukuntshula okulungileyo

neendawo ezibukekayo zeembotyi zesoya.

Kwiindawo ezininzi, emva kokuntshula, kubekho

iintsuku zobushushu nezipholileyo zihamba kunye

neentsuku zobusuku obebubanda kakhulu esaqala

uNovemba ukuba esiphakathini sakhe. Ukubumbe-

ka kwamaqhuqhuva kuye kwabambezeleka saza isi-

tyalo asafumana bushushu baneleyo nobuzinzileyo

ngexesha elibalulekileyo leeveki zokuqala ezintathu

ukuya kwezintlanu emva kokutyalwa. Kananjalo

neembalela zasesiphakathini sexesha lokulima akhe

athi xha amasimi eembotyi zesoya aze aqalisa indle-

la ethile yokukhula. Phantsi kwezi meko izivuno ziye

zaxubana, obona buncinane, neenkozo ezincinane

kakhulu ezivunwa kwizityalo ezilinywe mva. Iinko-

zo ziye zalinganiswa esikalini zaba kumyinge we

0,7 gram. Nakwiminyaka engaphambili emibi beku-

kho ubunzima beenkozo obebungaphezu kwe

0,11 gram. Kwamanye amasimi kufunyenwe iitoni

eziyi 0,35 ngehektare kuphela phantsi kwezi meko.

Kwiindawo ezithile ebekulinywe kuzo izityalo zi-

buye umva kwithuba lembalela yasesiphakathini se-

hlobo kwaza konke kwadubula iintyatyambo esa qala

uMatshi. Eminye imihlanganisela idubule iintyatya-

mbo kwiintsuku eziyi-21 emva kwexesha ebelili-

ndelekile ngokobushushu bemihlanganisela okanye

ngokweentsuku zokukhula ebezilindelekile.

Iimeko zeendawo zeentengiso nemveliso eqikelelwayoNgokusebenzisa iinkcukacha ezinikwa yiSagis

nayikomiti yeengqikelelo zezityalo kubonakala

ukuba indawo ekulinywe kuyo iimbotyi zesoya

kwixesha lokulima lango-2014/2015 yande ngee-

hektare eziyi-184 000 ukuya kufika kwiihektare ezi-

yi-687 300 ukuze uqikelelo lwesivuno lube ziitoni

eziyi-942 850 ngesivuno esiqikelelwayo somyinge

we-1,37 weetoni ngehektare nganye. Igalelo kolu

lwandiso ngokwendawo elinyiweyo yephondo

ngalinye libe ziihektare eziyi-104 000 eFree State,

eMpumalanga zibe yi-42 000, eMntla Ntshona

ziyi-16 000, eGauteng ziyi-10 000 ukuze Kwazulu-

Natal iihektare zibe yi-7 000 kodwa amanye

amaphondo akatshintshanga.

Ngokoqwalaselo lweCommodity Derivatives

Market lweSafex kubonakala ukuba amaxabiso

ekamva eembotyi zesoya aphakathi kwe-R4 835

kuMeyi 2015 ukuya kwi-R5 113 ngoDisemba 2015.

Ukwanda kukhanyisa ikakhulu iindleko zolondolozo

nezokuphathwa ingengawo amandla okuthenga na-

wokuthengisa. Sebenzisa la maxesha exesha elizayo

kuthelekiso lwakho lwangoku lweengqikelelo.

Kwizithili ezininzi ukwanda kwenziwe ngaba-

limi abalima iimbotyi zesoya okokuqala. Njengakuwo

onke amalinge omntu, ilinge lokuqala alidli ngokuqhu-

ba ngokwesicwangciso. Ulawulo nokulinywa nga-

kumbi iimbotyi zesoya ezilinywa ngokuqaphela

okukhulu kufuna ucwangciselo ngononophelo.

Izifundo ezinokufundwa kweli xesha lokulima zinokusetyenziswa kwixesha lokulima lango-2015/2016 Izivuno ezifunyenwe kwintsimi nganye zifanele ukuba

zibe zibhaliwe ngokunjalo nesiphumo semihlanga-

nisela eyahluka-hlukileyo etyaliweyo. Baninzi abantu

abatsha ekulimeni iimbotyi zesoya, abacetyiswe

kakuhle, baze balima iintlobo eziliqela zorhwebo

kananjalo nembewu ethengwe kubahlobo babo na-

kubamelwane. Abanye abalimi, ngelinge elingathi

belingxamisekile lokulima iimbotyi zesoya, bagqibe

ukutyala phakathi kwe-20 ne-24 Disemba. Umntu

uyazibuza ukuba ngaba koku kuhlwayela kukhona

na kuko okunike isivuno esingaphezulu kwisiqingatha

setoni ngehektare.

Kubaluleke kakhulu ukukhetha umhlanganisela

ochanekileyo ngokwesakhono somhlaba nango-

kwemozulu ekhoyo kwindawo yakho. Kubonakala

ukuba ukulima emva komhla we-15 kuNovemba

Ukulungiswa kwentsimi yakho kuselithuba kwaye kakuhle kubalulekile ukuqinisekisa ukuntshula kwembewu ngokupheleleyo, ukukhula kwesityalo nezivuno.

MADE POSSIBLE

BY OPOT

10

UKULINYWA KWEMVELISO

Page 11: PULA IMVULA - Grain SA Home · PULA IMVULA >> GROWING FOOD >> GROWING PEOPLE >> GROWING PROSPERITY >> 06 10 Ligugu iNAMPO ka-2015 04 ... ama xabiso aphucukileyo. Intengiso ngumnumzana

Inqaku linikelwe ngumlimi othathe umhlala-phantsi.

nokuba yimihlanganisela yexesha elisesiphakathini

okanye elifutshane eFree State kukuzifaka emngci-

phekweni. Isityalo asinaxesha elinganelanga kuphela

lokukhula nangobude kodwa kwifektri yezityalo kuba

nzima ukujika amandla elanga ukuba abe sisivuno

sembewu enesakhono sokuba kurhwebo.

Ukuba unomdla, thatha enye yembewu ebitya-

lwe emva kwexesha ukuze ivavanyelwe isiqulatho

seoyile neprotheyini. Uya kufumanisa ukuba iziphu-

mo zibonisa iipesenti ezinganeno kakhulu zeoyile

kune 18% kunye nobalo oluphantsi lweprotheyini. Le

mibandela mayiqwalaselwe xa kuxutywa izixa ezithile

nembewu yezi mbotyi zesoya ebezicudiselwe ioyile

nekeyiki yeoyile yeembotyi zesoya.

IsiphethoKubalulekile ukwenza uhlalutyo oluneenkcukacha

ezibanzi malunga nazo zonke izityalo zasehlotyeni

uthathele ingqalelo imveliso yakho yenene yee-

mbotyi zesoya noojongilanga njengenye imveliso.

Oojongilanga abalinywe emva komhla we-15 kuNo-

vemba banike isivuno seetoni eziyi 1,5 ngehektare,

sinika ingeniso epheleleyo ye-R7 250 xa kutheleki-

swa ne-R1 680 nge 0,35 yetoni ngehektare yesityalo

seembotyi zesoya.

Thenga imbewu eyaneleyo yazo zombini ezi zi-

tyalo ukuze ukwazi ukutshintshela ekulimeni oojongi-

langa xa ithuba elilelona liphezulu lezityalo zakho

ebezicwangciselwe zeembotyi zesoya lingasafikele-

leki. Kufuneka ukwazi ukujika uziqhelanise neepateni

zeemvula ezingaqhelekanga neziguqu-guqukayo

zexesha lokulima ngalinye.

Imidumba yeembotyi zesoya.

Isityalo esiselula seembotyi zesoya entsimini ephethwe kakuhle kakhulu.

MADE POSSIBLE

BY OPOT

11

UKULINYWA KWEMVELISO

Page 12: PULA IMVULA - Grain SA Home · PULA IMVULA >> GROWING FOOD >> GROWING PEOPLE >> GROWING PROSPERITY >> 06 10 Ligugu iNAMPO ka-2015 04 ... ama xabiso aphucukileyo. Intengiso ngumnumzana

Dibana noHenry March. UHenry ngu mlimi

osaphuhlayo oqhuba ifama ngokutya

okuziinkozo nangemfuyo kwifama iThee-

watersvlei, eHopefield eNtshona Koloni. Lo mlimi

ozinikele shushu ukholelwa ekubeni xa ukhulele

efama intliziyo yakho iya kuhlala isefama.

Uwuqhuba phi umsebenzi wokufama kwaye ngeehektare ezingaphi? Ulima ntoni?Ifama iTheewatervlei iziihektare eziyi-1 176 kwaye

yathengwa ngemali-mboleko yaseLand Bank ngo-

1994. I-Theewatersvlei iqhutywa liqela lamalungu

amane amele iintsapho ezine. Mabini amashishini

aphambili kule fama, kukulinywa kokutya okuziinkozo

(ingqolowa, ibhali, ii-ertyisi ezisicaba kunye neowuthsi)

kunye nokugcinwa kwemfuyo (iigusha neenkomo).

Zinto zini ezikukhuthazayo? Xa ukhulele efama, intliziyo yakho iya kuhlala

isefama. Kanti nokuvula amathuba emisebenzi

oluntu lwaseHopefield kuyandikhuthaza. Ndi-

kwafuna ukusebenzisa umhlaba kangangoko

kunokwenzeka kananjalo nemithombo yobutyebi

bendalo obukhoyo. Ndinawo nomnqweno woku-

fikelela kumgangatho wokurhweba.

Chaza imiba onamandla kuyo nobuthathaka kuyoAmandla am asemdleni wokukhanda, ukulungele-

lanisa nakwizinto ezisebenza ngombane kanti ndi-

yazama nokuba ngumanejala olungileyo. Ndibona

ngathi ubuthathaka beshishini lethu kukuba asikabi

nazo zonke izixhobo zokusebenza ezifuneka ekuli-

meni ukutya okuziinkozo kanti enye into kukuba siya-

cothisisa ukukhula naxa sikhula phofu siza kuqalisa

ukufumana izixhobo ezizezethu kungekudala.

Sasisingakanani isivuno sesityalo sakho ngoko wawuqalisa ukufama? Singakanani ngoku kwezo zityalo?Izivuno zam ngoko ndandisaqalisa ukufama sasi-

phantsi kakhulu, malunga neetoni eziyi-0,5 nge-

hektare nganye. Ngoku isiqhelo sezivuno zam

ziitoni ezi-2,2 ngehektare.

Ucinga ukuba yintoni eyona nto ebinegalelo kwinkqubela nakwimpumelelo yakho?Ndicinga ukuba inkqubela nempumelelo yama

zenziwa kukusebenza nzima nokufunda kwi-

impazamo zam. Kanti kutshanje siqale ukuse-

benza nomcebisi olunge kakhulu kwaye indlela

ebheka phambili indenzela imincili.

Hlobo luni loqeqesho osowulufumene kude kube ngoku iloluphi uqeqesho osalunqwenelayo?Kude kube ngoku ndifumene uqeqesho olubanzi

ngokufuya iihagu, iinkomo neegusha. Ndisanqwenela

ukufunda kangangoko ngokulinywa kwengqolowa

nangendlela yokulungisa umhlaba. Lukhona uqeqe-

sho oselucwangciselwe ukugcinwa kweencwadi

nokulinywa kokutya okuziinkozo (ingqolowa).

Uzibona undawoni kwiminyaka emihlanu ezayo? Ngaba unqwenela ukuzuza ntoni?Kwiminyaka emihlanu ezayo ndifuna ukulima

ngokuzimela ngokwam, kwaye ndandise imveliso

yezityalo ezingenisa imali esesandleni ndikhulise

necandelo lemveliso yezilwanyana kangangoko.

Ungabacebisa uthini abalimi abasaqalayo abanomnqweno wempumelelo?Okokuqala, intliziyo yakho mayibe semsebenzini

wokufama kuba ufuna umntu osebenza nzima,

kwenziwe izicwangciso ezilungileyo nomonde ufu-

neka kakhulu. Okwesibini, kubalulekile ukukhumbu-

la ukuba akusayi kuba sisityebi ngenyanga enye!

Inqaku linikelwe nguLiana Stroebel, uMququzeleli wePhondo, (eNtshona Koloni) kwiNkqubo yaseGrain SA yoPhuhliso lwabaLimi. Ngolwazi oluthe vetshe, thumela i-imeyili apha: [email protected].

noHenry MarchIGrain SA kudliwano-ndlebe…

IMVULAIMVULA

THIS PUBLICATION IS MADE POSSIBLE BY THE

CONTRIBUTION OF THE MAIZE TRUST

Iqela labahleli

GRAIN SA: BLOEMFONTEINSuite 3, Private Bag X11, Brandhof, 93247 Collins Street, ArboretumBloemfontein08600 47246 Fax: 051 430 7574 www.grainsa.co.za

UMHLELI OYINTLOKOJane McPherson 082 854 7171 [email protected]

UKUMISELWA KWABAHLELILiana Stroebel 084 264 1422 [email protected]

UYILO, UBUME NOSHICILELOInfoworks 018 468 2716 www.infoworks.biz

IPULA IMVULA IFUMANEKA NGEELWIMI EZILANDELAYO:isiXhosa,IsiNgesi, IsiBhulu, iSeTswana, iSesotho, iSesotho sa Leboa nesi IsiZulu.

INkqubo yeGrain SA yoPhuhliso lwabaLimi

ABAQUQUZELELI BOPHUHLISODanie van den BergFree State (Bloemfontein) 071 675 5497 [email protected]

Johan KrielFree State (Ladybrand) 079 497 4294 [email protected] e-Ofisini: 051 924 1099 Dimakatso Nyambose

Jerry MthombothiMpumalanga (Nelspruit) 084 604 0549 [email protected] e-Ofisini: 013 755 4575 Nonhlanhla Sithole

VacantMpumalanga (Belfast)

Jurie MentzKwaZulu-Natal (Louwsburg) 082 354 5749 [email protected] e-Ofisini: 034 980 1455 Sydwell Nkosi

Ian HousehamEMpuma-Koloni (Kokstad) 078 791 1004 [email protected] e-Ofisini: 039 727 5749 Luthando Diko

Lawrence LuthangoEMpuma-Koloni (Mthatha) 076 674 0915 [email protected] e-Ofisini: 047 531 0619 Cwayita Mpotyi

Liana StroebelENtshona-Koloni (Paarl) 084 264 1422 [email protected] e-Ofisini: 012 816 8057

Du Toit van der WesthuizenNorth West (Lichtenburg) 082 877 6749 [email protected] e-Ofisini: 012 816 8038 Lebo Mogatlanyane

Vusi NgesiEMpuma-Koloni (Maclear) 079 034 4843 [email protected] e-Ofisini: 012 816 8070 Sally Constable

Articles written by independent writers are the views of the writer and not of Grain SA.

12

INKCAZO EMFUTSHANE